ISAHLUKO 15
Kuyasinceda Ukuzithoba Kwilungiselelo LikaThixo Lobuntloko
UKUZITHOBA kuThixo, uMongami Wendalo Iphela, kubalulekile ukuze senze ukuthanda kwakhe ngolungelelwano. Siyaqonda ukuba uNyana wakhe uyiNtloko yebandla lamaKristu kwaye siyawuthobela umgaqo wobuntloko nakwezinye iinkalo zobomi. Ukuzithoba okunjalo kwilungiselelo likaThixo kunceda wonke umntu.
2 Abantu baqala ukuchazelwa ngomgaqo wokuzithoba kwigunya elimiselweyo kumyezo wase-Eden. Lo mgaqo ukwimiyalelo kaThixo efumaneka kwiGenesis 1:28 nakwisahluko 2:16, 17. Izilwanyana kwakufuneka zithobele abantu, ibe uAdam noEva kwakufuneka bazithobe kuThixo nakwigunya lakhe. Ukuthobela eli gunya likaThixo kwakuza kuphumela ekubeni kubekho uxolo nocwangco. Kamva umgaqo wobuntloko waye wavela kweyoku-1 kwabaseKorinte 11:3. Umpostile uPawulos wathi: “Ndifuna nazi ukuba intloko yendoda nguKristu, intloko yomfazi yindoda, ize intloko kaKristu ibe nguThixo.” La mazwi abonisa ukuba kweli lungiselelo, wonke umntu, ngaphandle kukaYehova, ufanele azithobe kwintloko yakhe.
3 Inkoliso yabantu namhlanje ayiwamkeli okanye ayiwuthobeli umgaqo wobuntloko. Kutheni? Ingxaki yaqala e-Eden, xa abazali bethu bakhetha ukuzikhupha phantsi kolongamo lukaThixo lobuntloko. (Gen. 3:4, 5) Noko ke, abazange bafumane inkululeko engakumbi. Kunoko, balawulwa sisidalwa somoya esingendawo, uSathana uMtyholi. Imvukelo yokuqala yabahlukanisa noThixo abantu. (Kol. 1:21) Ngenxa yoko, namhlanje uninzi lwabantu lulawula nguSathana.—1 Yoh. 5:19.
4 Xa sifunda inyaniso yeLizwi LikaThixo kwaye sikwenza oko sikufundayo, siyaphuma kwimpembelelo kaSathana. NjengamaNgqina azinikeleyo aza abhaptizwa, siyamamkela uYehova njengoMongami kubomi bethu. Siyavumelana namazwi kaKumkani uDavide, owavumayo ukuba uYehova ‘yintloko yezinto zonke.’ (1 Kron. 29:11) Ngokuzithoba sithi: “UYehova nguThixo. Nguye owasidalayo, yaye singabakhe. Thina singabantu bakhe neegusha zedlelo lakhe.” (INdu. 100:3) Siyazi ukuba uYehova mkhulu kwaye sifanele sizithobe ngokupheleleyo kuye, kuba nguye odale zonke izinto. (ISityhi. 4:11) Njengabakhonzi boThixo oyinyaniso, silandela uYesu Kristu, omisela umzekelo ogqibeleleyo wendlela yokuzithoba kuThixo.
5 Yintoni uYesu awayifundayo kwizinto ezibuhlungu ezamehlelayo xa wayesemhlabeni? AmaHebhere 5:8 athi: “Nangona wayengunyana, wafunda ukuthobela kwizinto ezibuhlungu ezamehlelayo.” UYesu waqhubeka emthobela ngokuthembeka kuTata wakhe osezulwini kwanaxa kwakunzima. Ukongezelela koko, uYesu akazange enze nayiphi na into ngokuthanda kwakhe. Akazange athethe izinto ezisuka kuye; engazange azifunele uzuko. (Yoh. 5:19, 30; 6:38; 7:16-18) Xa wayeshumayela apha emhlabeni, wavuyiswa kukwenza ukuthanda kukaTata wakhe, nangona ukwenza loo nto kwakumzisela inkcaso nentshutshiso. (Yoh. 15:20) Sekunjalo, uYesu wamthobela uThixo. “Wazithoba” kwada kwasa ‘ekufeni kwisibonda sokungcungcutheka.’ Ukuzithoba kwakhe kuYehova kuncede ngeendlela ezininzi, kwenze abantu basindiswa ngonaphakade, waza yena waphakanyiswa, noTata wakhe wazukiswa.—Fil. 2:5-11; Heb. 5:9.
SIMELE SITHOBELE BANI?
6 Xa sithobela uThixo ngokwenza ukuthanda kwakhe, siphepha iingxaki ezininzi ezehlela abo bangafuniyo ukuzithoba kulongamo lukaYehova. Utshaba lwethu, uMtyholi, lusoloko lufuna ukusiqwenga. Siza kusindiswa kuSathana ukuba siyaxhathisa size sithobele uYehova.—Mat. 6:10, 13; 1 Pet. 5:6-9.
7 Kwibandla lamaKristu, siyabamkela ubuntloko bukaKristu negunya alinike ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ Loo nto ichaphazela indlela esicinga ngayo kunye nendlela esiphathana ngayo. Ukuzithoba kwilungiselelo likaThixo ebandleni kuza kusenza silithobele iLizwi lakhe kuyo yonke iindlela esikhonza ngayo. Oku kuquka intsimi, ukubakho nokuba negalelo kwiintlanganiso, ukusebenzisana kwethu nabadala namanye amalungiselelo entlangano.—Mat. 24:45-47; 28:19, 20; Heb. 10:24, 25; 13:7, 17.
8 Ukuthobela kwethu kuThixo kwenza sikhuseleke, kubekho uxolo nocwangco kwibandla lamaKristu. Iimpawu zikaYehova ziyabonakala kubantu bakhe. (1 Kor. 14:33, 40) Amava esinawo ngentlangano kaYehova asenza sizive njengoKumkani uDavide. Emva kokuba ebone umahluko phakathi kwabakhonzi bakaYehova nabangendawo, uDavide evuya wathi: “Bonwabile abantu abanoThixo onguYehova!”—INdu. 144:15.
9 Emtshatweni nasentsatsheni, “intloko yomfazi yindoda.” Kwangaxeshanye, amadoda amele athobele uKristu, ibe intloko kaKristu nguThixo. (1 Kor. 11:3) Abafazi bafanele bawathobele amadoda abo, yaye abantwana bamele bathobele abazali babo. (Efe. 5:22-24; 6:1) Kubakho uxolo xa ilungu lentsapho ngalinye liwuthobela umgaqo wobuntloko.
10 Indoda ifanele ibusebenzise ngothando ubuntloko bayo, ixelisa uKristu. (Efe. 5:25-29) Xa indoda ingalawuli ngegqudu yaye iyidlala indima yayo yobuntloko, umfazi nabantwana bayithobela bevuya. Indima yomfazi kukuba ngumncedi, okanye umphelelisi. (Gen. 2:18) Xa eyixhasa ngomonde indoda yakhe yaye eyihlonipha, iye imthande kwaye loo nto iyamdumisa uThixo. (1 Pet. 3:1-4) Xa amadoda nabafazi belandela isiluleko seBhayibhile sobuntloko, bamisela abantwana babo umzekelo wokuthobela uThixo.
Ukuzithoba kwilungiselelo likaThixo kungena kuzo zonke iinkalo zobomi
11 Ukuthobela kwethu kuThixo kukwachaphazela nendlela esibajonga ngayo “abasemagunyeni,” kuba ‘babekwe nguThixo kwiindawo zabo.’ (Roma 13:1-7) Njengabemi abathobela umthetho, amaKristu ayazihlawula iirhafu, abuyisele “izinto zikaKesare kuKesare, kodwa izinto zikaThixo kuThixo.” (Mat. 22:21) Kwakhona, indlela ekucetywa ukusetyenzwa ngayo intsimi ifanele ilandele imiqathango ebekiweyo yelizwe ephathelele indlela yokusebenzisa inkcazelo yabanye abantu. Kuzo zonke izinto ezingangqubaniyo nomthetho kaYehova, simele siwathobele amagunya amiselwe kakuhle. Loo nto iza kusenza sikwazi ukusebenzisa amandla ethu kumsebenzi obalulekileyo wokushumayela iindaba ezilungileyo.—Marko 13:10; IZe. 5:29.
12 Ukuzithoba kwilungiselelo likaThixo kungena kuzo zonke iinkalo zobomi. Ngamehlo ethu okholo siyayibona loo mini abaza kuthi ngayo bonke abantu bazithobe kuYehova uThixo. (1 Kor. 15:27, 28) Baza kusikelelwa ngokwenene abo balwamkela ngovuyo ulongamo lukaYehova njengoko beqhubeka bemthobela ngonaphakade!