Sisifo Sini Ivitiligo?
Ngumbhali kaVukani! eMzantsi Afrika
◼ Maxa wambi uSibongile uba noburharha xa ethetha ngolusu lwakhe. Encumile uthi: “Ndandimnyama ukuzalwa kwam, kodwa ndajika ndangumlungu, ngoku andizazi nokuba ndingowaluphi na uhlanga.” Unesifo ivitiligo.
Ivitiligo, ekwabizwa ngokuba yileukoderma ibangelwa kukuphela kweeseli ezenza ibala lolusu. Oku kubangela umntu aphume amabala amhlophe kulusu lwakhe. Kwabanye kuphuma nje ibala elinye. Kodwa kwabanye inwenwa ngokukhawuleza igqibe umzimba wonke. Ukanti kwabanye ivitiligo ithabatha iminyaka ithe ngcembe ukuvela. Ivitiligo ayikho buhlungu yaye ayasuleli.
Abantu abanevitiligo abasoloko bebonakala lula njengoSibongile kuba ngabantu abanebala elimnyama ecaca kakhulu kubo. Kodwa baninzi abantu abanayo ngomlinganiselo othile. Ubalo lubonisa ukuba ngumntu om-1 okanye aba-2 ekhulwini abanayo. Ivitiligo ayikhethi luhlanga luthile ihlasela kwanto, amadoda namabhinqa ngokufanayo. Akakaziwa nangoku unobangela wayo.
Nakuba kungekho yeza lililo lokunyanga ivitiligo, zininzi iindlela ezisetyenziswayo zokuyinyanga. Ngokomzekelo, kwizigulana ezinolusu olukhanyayo, idla ngokubonakala kakuhle xa umzimba utshiswe lilanga. Ngoko, ukukuphepha ukutshiswa lilanga kunokwenza esi sifo singabonakali. Bona abanebala elintsundu banokuncedwa zizinto ezithile zokuthambisa ezikhethekileyo ezifihla amabala. Ezinye izigulana ziye zancedwa lunyango lokuvuselela ibala lomntu. Olu nyango luthabatha iqela leenyanga kusetyenziswa nezixhobo ezikhethekileyo ezikhupha imitha yelanga. Maxa wambi olu nyango lunceda ezo ndawo zichaphazekileyo zibuyele kwibala lesiqhelo laloo mntu. Ezinye izigulana zikhetha ukulisusa ngokupheleleyo ibala lazo. Injongo kukwenza ibala lomzimba lifane lonke ngokususwa kwazo zonke iiseli ezenza ibala eziseleyo.
Ivitiligo inokubanxunguphalisa abantu abanayo, ngakumbi xa isebusweni. USibongile uthi: “Kutshanje, kukho abantwana ababini abanele nje ukundibona bathi ngqee ukubaleka bekhala. Abanye baba mathidala ukuthetha nam, bacinga ukuba ndinesifo esasulelayo okanye ndaqalekiswa. Into endinokubaxelela yona abantu kukuba, akukho mfuneko yokuboyika abantu abanesi sifo. Abanakwasulelwa yivitiligo ngokuphatha nje umntu onayo okanye bayisezele emoyeni.”
USibongile akavumeli le meko imtyhafise kumsebenzi awuthanda gqitha wokufundisa ngeBhayibhile njengeNgqina likaYehova. Lo msebenzi uquka ukutyelela abantu kumakhaya abo uthethe nabo ubuso ngobuso. Uthi: “Ndiye ndayamkela indlela endikhangeleka ngayo. Ndanelisekile yinto endiyiyo yaye ndikhangele phambili apho liya kubuyiselwa ngokupheleleyo ibala lam lokuzalwa, kwiParadesi esemhlabeni ethenjiswe nguYehova uThixo.”—ISityhilelo 21:3-5.
[Umfanekiso okwiphepha 28]
Ngowe-1967, ngaphambi kokuhlaselwa sesi sifo