IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g05 11/8 iphe. 28-29
  • Ngaba Amabhinqa Ajongelwa Phantsi EBhayibhileni?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Amabhinqa Ajongelwa Phantsi EBhayibhileni?
  • Vukani!—2005
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Indlela Amabhinqa Ajongwa Ngayo KwiZibhalo ZesiHebhere
  • Ngaba Ukuthobela Kuthetha Ukuba Ungumntu Ophantsi?
  • Ngaba Ngokwenene UThixo Uwakhathalele Amabhinqa?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • UThixo Uwaphatha Ngembeko Nangesidima Amabhinqa
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Indoda Nomfazi—Ngamnye Unendima Yakhe Ebalulekileyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • “Abafazi Ababulalekayo ENkosini”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
Khangela Okunye
Vukani!—2005
g05 11/8 iphe. 28-29

Imbono YeBhayibhile

Ngaba Amabhinqa Ajongelwa Phantsi EBhayibhileni?

UTERTULLIAN, umfundi wezakwalizwi wenkulungwane yesithathu, wakhe wawachaza amabhinqa ‘njengesango ezingena ngalo iidemon.’ Abanye baye basebenzisa iBhayibhile bechaza amabhinqa njengangabalulekanga kunamadoda. Oko kuye kwaphumela ekubeni abantu abaninzi bacinge ukuba iBhayibhile iwajongela phantsi amabhinqa.

UElizabeth Cady Stanton, wenkulungwane ye-19 olwela amalungelo amabhinqa eUnited States, ucinga ukuba “iBhayibhile neCawa iwabandeza inkululeko amabhinqa.” UStanton wakha wathi ngencwadi ezintlanu zokuqala zeBhayibhile: “Zezinye zeencwadi ezifundisa amabhinqa ukuba athobele kwaye zithoba isidima sawo.”

Nangona abanye abantu becinga ngolo hlobo namhlanje, kodwa uninzi lusacinga ukuba ezinye iindinyana zeBhayibhile zifundisa ukuba amadoda afanele awajongele phantsi amabhinqa. Ngaba injalo loo nto?

Indlela Amabhinqa Ajongwa Ngayo KwiZibhalo ZesiHebhere

“Inkanuko yakho ibe sendodeni yakho, yona ikulawule.” (Genesis 3:16) Abagxeki bathi apha uEva wayesohlwaywa nguThixo yaye uThixo uyakwamkela ukucinezelwa kwamabhinqa ngamadoda. Noko ke, le ngxelo asiyonjongo kaThixo, kunoko yingxelo echanileyo ngemiphumo emibi yesono nokungamkelwa kolongamo lukaThixo. Ukuxhatshazwa kwamabhinqa yimiphumo yokungafezeki komntu, kungekhona ukuthanda kukaThixo. Kwiindawo ezininzi abafazi balawulwa ngamadoda abo, amaxesha amaninzi ebaphatha ngqwabalala. Kodwa le yayingeyonjongo kaThixo.

Bobabini uAdam noEva babenziwe ngomfanekiso kaThixo. Ukongezelela, uThixo wabanika umyalelo ofanayo wokuba baqhame bande bawuzalise umhlaba, bawoyise. Babemele basebenze kunye njengeqela. (Genesis 1:27, 28) Kuyacaca ukuba ngelo xesha kwakungekho mntu wayelawula omnye ngenkohlakalo. IGenesis 1:31 ithi: “UThixo wazibona zonke izinto awayezenzile, khangela! zilunge gqitha.”

Maxa wambi iingxelo zeBhayibhile aziyichazi imbono kaThixo ngeminye imibandela. Zisenokuba yimbali nje. Ingxelo kaLote yokunikela ngeentombi zakhe kubantu baseSodom ayikuthetheleli okanye ikugxeke oko kwenziwa nguLote.a—Genesis 19:6-8.

Inyaniso ikukuba, uThixo ukuthiyile konke ukuphathwa kakubi nokuxhatshazwa kwabantu. (Eksodus 22:22; Duteronomi 27:19; Isaya 10:1, 2) UMthetho kaMoses wawukuchasile ukudlwengulwa kwamabhinqa nokuba ngunongogo. (Levitikus 19:29; Duteronomi 22:23-29) Ukukrexeza kwakungavumelekanga, yaye babesohlwaywa ngokubulawa abantu ababhaqwe bekrexeza. (Levitikus 20:10) Kunokuba uwajongele phantsi amabhinqa, lo Mthetho wawuwakhusela ekuphathweni kakubi ziintlanga ezaziwangqongile. Umfazi onesidima ongumYuda wayehlonelwa kakhulu yaye wayexabisekile. (IMizekeliso 31:10, 28-30) Ukusilela kwamaSirayeli ukuthobela umthetho kaThixo wokuhlonela amabhinqa yayisisiphoso sawo kungekhona ukuthanda kukaThixo. (Duteronomi 32:5) Ekugqibeleni, uThixo waligweba waza walohlwaya olo hlanga ngenxa yokuqaqadeka kwalo.

Ngaba Ukuthobela Kuthetha Ukuba Ungumntu Ophantsi?

Izinto zinokuhamba kakuhle kwibutho labantu, kuphela ukuba zenziwa ngolungelelwano. Oku kufuna ukuba kubekho umntu olawulayo. Ukuba akukho mntu ulawulayo iba sisiphithiphithi nje. “UThixo unguThixo, kungekhona owesidubedube, kodwa owoxolo.”—1 Korinte 14:33.

Umpostile uPawulos uchaza ilungiselelo lobuntloko entsatsheni: “Intloko yayo yonke indoda nguKristu; intloko yomfazi yindoda; intloko kaKristu nguThixo.” (1 Korinte 11:3) Wonke umntu ngaphandle kukaThixo unegunya amele azithobe kulo. Ngaba isibakala sokuba uYesu kufuneka ethobele sithetha ukuba ujongelwa phantsi? Akunjalo! Isibakala sokuba iZibhalo zinike amadoda imbopheleleko yokukhokela ibandla nentsapho asithethi kuthi amabhinqa ajongelwa phantsi. Ukuze izinto zihambe kakuhle entsatsheni nasebandleni amadoda namabhinqa afanele aphumeze indima yawo ngothando nangentlonelo.—Efese 5:21-25, 28, 29, 33.

UYesu wayesoloko ewaphatha ngentlonelo amabhinqa. Wala ukulandela izithethe nemimiselo eyayiwajongela phantsi amabhinqa eyayifundiswa ngabaFarisi. Wayethetha namabhinqa angengawo amaYuda. (Mateyu 15:22-28; Yohane 4:7-9) Wawafundisa amabhinqa. (Luka 10:38-42) Wawakhusela amabhinqa ukuba angalahlwa ngamadoda. (Marko 10:11, 12) Mhlawumbi eyona nto ingaqhelekanga uYesu awayenzayo ngexesha lakhe kukuba namabhinqa phakathi kwabahlobo bakhe. (Luka 8:1-3) Exelisa iimpawu zikaYise, uYesu wabonisa ukuba amadoda namabhinqa axabiseke ngendlela efanayo emehlweni kaThixo. Phakathi kwamaKristu okuqala, amadoda namabhinqa afumana isipho somoya oyingcwele. (IZenzo 2:1-4, 17, 18) Emva kokuba abathanjiswa bevuselwe ezulwini, enoba bangamadoda okanye bangamabhinqa, baza kuba ngookumkani nababingeleli kunye noKristu. (Galati 3:28) UMbhali weBhayibhile, uYehova, akawajongeli phantsi amabhinqa.

[Umbhalo osemazantsi]

a Bona IMboniselo, kaFebruwari 1, 2005, iphepha 25-6.

[Umfanekiso okwiphepha 28]

Ngokungafaniyo nabantu bexesha lakhe, uYesu wawaphatha ngentlonelo amabhinqa

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share