Imbono YeBhayibhile
Ngaba Ukuthandana Kuyakuthethelela Ukuba Neentlobano Zesini Ngaphambi Komtshato?
KOLUNYE uhlolisiso, phantse ama-90 ekhulwini abaselula bavakalelwa kukuba, ukuba neentlobano zesini ngaphambi komtshato kuyinto eyamkelekileyo ukuba nje abo babini bayathandana. Le ndlela yokucinga iqhwatyelw’ izandla ngamaziko eendaba. Ngokuphindaphindiweyo umabonwakude neefilimu zikubonisa ukuba neentlobano zesini njengento eqhelekileyo kubantu abathandanayo.
Kakade ke, abo bafuna ukukholisa uThixo, abafuni ukwalathiswa leli hlabathi. Bayazi ukuba ihlabathi libonisa indlela yokucinga yomlawuli walo, uMtyholi. (1 Yohane 5:19) Kwakhona, abafuni ukulawulwa kuphela ziimvakalelo zabo, bayazi ukuba “intliziyo inenkohliso kunayo nantoni na yaye iyatyhudisa.” (Yeremiya 17:9, 10) Kunoko, abo balumke ngokwenene bakhangela kuMdali nakwiLizwi lakhe eliphefumlelweyo ukuze bafumane ukhokelo.—IMizekeliso 3:5, 6; 2 Timoti 3:16.
Ukuba Neentlobano Zesini Sisipho Esivela KuThixo
Incwadi kaYakobi 1:17 ithi: “Sonke isipho esilungileyo naso sonke isipho esigqibeleleyo sivela phezulu, kuba sihla sivela kuYise wezikhanyiso zesibhakabhaka.” Ukuba neentlobano zesini yindlela yokubonisa uthando emtshatweni yaye kuyenye yezona zipho zixabisekileyo. (Rute 1:9; 1 Korinte 7:2, 7) Kwenza abantu bakwazi ukuzala ize indoda nomfazi babe nolwalamano olusondeleyo ngokweemvakalelo nangokwasemzimbeni ngothando nangendlela eyolisayo. UKumkani uSolomon wamandulo wabhala wathi: “Ube nemihlali ngumfazi wobutsha bakho.” Walek’ umsundulu esithi: “Amabele akhe makakuyobe ngamaxesha onke.”—IMizekeliso 5:18, 19.
Ngokwemvelo, uYehova ufuna sizuze size siyoliswe zizipho ezivela kuye. Ngenxa yoko, uye wasinika imithetho nemilinganiselo ephakamileyo ukuze siphile ngokuvisisana nayo. (INdumiso 19:7, 8) UYehova “ukufundisa okuyingenelo kuwe, ukubangela unyathele endleleni ofanele uhambe ngayo.” (Isaya 48:17) Ngaba uBawo wethu osezulwini—oyena mzekelo wothando—angasalela eyona nto iyinzuzo kuthi?—INdumiso 34:10; 37:4; 84:11; 1 Yohane 4:8.
Ukuba Neentlobano Zesini Ngaphambi Komtshato Kukuswela Uthando
Xa indoda nomfazi betshata baba “nyama-nye.” Xa abantu ababini abangatshatanga besiba neentlobano zesini, okanye behenyuza, nabo baba “mzimba mnye”—kodwa umzimba ongacocekanga phambi kwamehlo kaThixo. Okubi nangakumbi kukuba, olo manyano alunaluthando.a Kutheni sinokutsho nje?—Marko 10:7-9; 1 Korinte 6:9, 10, 16.
Enye into, uhenyuzo kukuba neentlobano zesini ngaphandle kokuzibophelela ngokupheleleyo. Ngaphezu koko, kusirhuqa phantsi isidima sikabani, kunokuphumela kwizifo, ekukhulelweni okungafunwayo neziva ezingokweemvakalelo. Ukongezelela, ukuba neentlobano zesini ngaphambi komtshato, kuhlambela imilinganiselo kaThixo yobulungisa. Ngoko ke, ukuhenyuza kubonisa ukungabi namsebenzi nentlalo-ntle nolonwabo lomnye umntu ngoku nakwixa elizayo.
KumKristu, ukuhenyuza kukulixovula ngeenyawo ezinodaka ilungelo labazalwana noodade bokomoya. (1 Tesalonika 4:3-6) Ngokomzekelo, umntu ozingomb’ isifuba ngokuba ngumkhonzi kaThixo kodwa esiba neentlobano zesini ngaphambi komtshato, ungcolisa ibandla lamaKristu. (Hebhere 12:15, 16) Eny’ into, ubandeza loo mntu ahenyuza naye ilungelo lokuba ngoziphethe kakuhle yaye, ukuba akatshatanga loo mntu, umbandeza nethuba lokutshata enyulu. Urhuq’ edakeni igama elihle lentsapho yakhe kunye nentsapho yalowo ahenyuza naye. Okokugqibela, babonisa ukungamkhathaleli uThixo, ngokwaphula imilinganiselo nemithetho yakhe yobulungisa. (INdumiso 78:40, 41) Kwelinye icala, uYehova ‘uya kubohlwaya’ bonke abenzi bobubi abangaguqukiyo. (1 Tesalonika 4:6) Akothusi ke ngoko, xa iBhayibhile isixelela ukuba ‘sisabe kulo uhenyuzo.’—1 Korinte 6:18.
Ngaba sele uphandliwe okanye uceba ukutshata? Kutheni ungasebenzisi ithuba lokuthandana kwenu ngaphambi komtshato ukuze wakhe isiseko esihle sokuhlonelana nokuthembana? Ucinga ukuba umfazi unokuyihlonela njani indoda engakhange ibonakalise ukuzeyisa? Ngaba indoda inokuba neqhayiya ize ihlonele umfazi ongawukhathalelanga umthetho kaThixo ukuze nje anelise iimvakalelo zakhe zothando nokwanelisa indoda?
Khumbula ukuba abo bangayikhathalelanga imigaqo kaThixo yothando baya kuvuna abakuhlwayeleyo. (Galati 6:7) IBhayibhile ithi: “Lowo uqhelisela uhenyuzo wona nxamnye nomzimba wakhe.” (1 Korinte 6:18; IMizekeliso 7:5-27) Eneneni, ukuba abantu baye baziphatha kakubi ngokwesini ngaphambi komtshato, baguquka ngokunyanisekileyo, baze bazibhokoxe ekubuyiseleni ulwalamano lwabo noThixo, baze bahlakulela ukuthembana, umvandedwa abanawo usenokuphela. Noko ke, oko bakwenzileyo kudla ngokushiya isiva. Abanye abantu abatshatileyo ngoku abakhe bahenyuza ngaphambi kokuba batshate bayazisola ngenyathelo labo. Ngamanye amaxesha umyeni uyazibuza, ‘Ngaba ukungavisisani emtshatweni wethu kwenziwa sisiseko sethu esingacocekanga?’
Uthando Lokwenene Aluzingci
Nakuba luqhutywa ziimvakalelo, uthando lokwenene “aluziphathi ngokungandilisekanga” okanye ‘lufune ezalo izilangazelelo.’ (1 Korinte 13:4, 5) Kunoko, lusebenzela impilontle yomnye umntu nolonwabo lwakhe lukanaphakade. Uthando olunjalo lwenza indoda nomfazi bahlonelane baze iintlobano zesini bazibeke kwindawo uThixo azilungiselele yona—kwisilili somtshato.—Hebhere 13:4.
Ukuthembana nokunqabiseka okubakho emtshatweni owonwabisayo kubaluleke ngokukhethekileyo xa kuzalwa abantwana, kuba injongo kaThixo yayikukuba abantwana bakhule kumakhaya anothando, azinzileyo nanqabisekileyo. (Efese 6:1-4) Kusemtshatweni kuphela apho abantu bazibophelela ngokwenene omnye komnye. Ezintliziyweni zabo, ngamaxesha amaninzi nangamazwi, bafunga ukuba baya kumkhathalela baze bamxhase omnye nokuba sekumnyam’ entla ubomi babo bonke.—Roma 7:2, 3.
Iintlobano zesini phakathi kwendoda nomfazi zinokomeleza ulwalamano lwabo. Kumtshato owonwabisayo iintlobano zesini ziba nenjongo kwaye ziba myoli—kungakhange kujongelwe phantsi umtshato nokucinezela isazela okanye ukwaphulwa komthetho kaThixo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “uhenyuzo” lisetyenziswa kuzo zonke indlela zokuba neentlobano zesini nomnye umntu ngaphandle komtshato okuquka ukusetyenziswa kwamalungu esini nokufakwa kwawo emlonyeni.—Funda uVukani! ka-Agasti 8, 2004, iphepha 12 neMboniselo kaFebruwari 15, 2004, iphepha 13, nazo zipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
NGABA WAKHA WAZIBUZA?
◼ Iyintoni imbono kaThixo ngokuba neentlobano zesini ngaphambi komtshato?—1 Korinte 6:9, 10.
◼ Kutheni ukuhenyuza kuyingozi?—1 Korinte 6:18.
◼ Yiyiphi indlela abantu abathandanayo abanokubonakalisa ngayo uthando omnye komnye?—1 Korinte 13:4, 5.