Imbono YeBhayibhile
Ngaba Kuphosakele Ukusela Utywala?
“INGUMGCULELI iwayini, singumxokozelisi isiselo esinxilisayo, yaye wonk’ ubani ohamba ebhaduliswa yiyo akalumkanga.” Ngaba la mazwi akwincwadi yeBhayibhile, IMizekeliso 20:1, abonisa ukuba kuphosakele ukusela utywala? Abanye bacinga ngolo hlobo. Bongezelela ngokubonisa ubungqina obuvela eBhayibhileni bezenzo ezigwenxa ezenzeka ngenxa yokusetyenziswa kakubi kotywala.—Genesis 9:20-25.
Kukwakho nemiphumo yokusela utywala ngokugqithiseleyo—izifo ezifana nokuqina kwesibindi, iingozi ezimasikizi, ukutyumpantyumpeka ematyaleni, ukuxhatshazwa kwentsapho nokwenzakaliswa kwabantwana abangekazalwa. Ihlomla ngalo mba, iThe World Book Encyclopedia ithi, mhlawumbi ke, ngenxa yaloo miphumo mibi, “ezinye iimvaba zonqulo zifundisa ukuba ukusela utywala akufanelekanga.” Kodwa ngaba kuphosakele ukusela utywala? Ngaba iBhayibhile ikugatya ngokwenene ukusela lonke uhlobo lotywala nangawuphi na umlinganiselo?
Ithini IBhayibhile?
IBhayibhile iyalumkisa ngemiphumo emibi yokusela utywala ngokugqithiseleyo. Incwadi yabase-Efese 5:18 inesi sibongozo: “Kanjalo, musani ukunxila yiwayini, ekukho kuko uburheletyo.” Kwakhona, IMizekeliso 23:20, 21 ithi: “Musa ukuba phakathi kwabasela iwayini kakhulu, phakathi kwabadli benyama abangamadla-kudla. Kuba inxila nedla-kudla baya kuhlwempuzeka, yaye ukozela kuya kumambesa amadlavu ubani.” Incwadi kaIsaya 5:11 ithi: “Yeha ke abo bavuka ekuseni ukuze bafune nje isiselo esinxilisayo, abazilazila kude kuhlwe ekutshoneni kwelanga ukuze batshiswe yiwayini!”
Kwakhona iBhayibhile ichaza iinzuzo nolonwabo lokusela utywala ngomlinganiselo ofanelekileyo. Ngokomzekelo, INdumiso 104:15 ichaza ukuba esinye sezona zipho zivela kuThixo “yiwayini eyenza intliziyo yomntu ofayo ibe nemihlali.” INtshumayeli 9:7 ithi umvuzo wokwenza imisebenzi elungileyo kukuba “utye ukutya kwakho unemihlali uze usele iwayini yakho unentliziyo elungileyo.” Ezazi iinzuzo zotywala empilweni, uPawulos waxelela uTimoti ukuba angabi sasela ‘manzi, kodwa asebenzise iwayini encinane ngenxa yesisu sakhe nokukhathazwa kwakhe yimpilo.’ IBhayibhile ikwathi utywala bunokusinceda sinyamezele iinzingo.—IMizekeliso 31:6, 7.
Licacile elokuba iBhayibhile ayikugatyi ukusela utywala. Eyona nto iyigatyayo, kukusela ngokugqithiseleyo nobunxila. Ngoko ke, uPawulos wabongoza abaveleli abangamaKristu, izicaka zolungiselelo nabafazi abakhulu ukuba bangazinikeli “kwiwayini eninzi,” yaye wacebisa uTimoti ukuba asebenzise “iwayini encinane.” (1 Timoti 3:2, 3, 8; Tito 2:2, 3) Onke amaKristu akhunjuzwa ukuba “amanxila” ‘akayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.’—1 Korinte 6:9, 10.
Okuphawulekayo kukuba iBhayibhile inxulumanisa ubunxila nobudla-kudla yaye iyalela ukuba zombini ezo zinto zifanele ziphetshwe. (Duteronomi 21:20) Ukuba lo myalelo ububonisa ukuba asifanele sibuchukumise nakancinane utywala, ngaba oko bekuya kuthetha ukuba ukutya sifanele singakuchukumisi? Kunoko, kukusela ngokugqithiseleyo kunye nobudla-kudla iBhayibhile ethi buphosakele—kungekhona ukutya nokusela ngomlinganiselo ofanelekileyo.
Yintoni Eyenziwa NguYesu?
Umpostile uPetros wathi, uKristu wasishiya “nomzekelo ukuba siwulandele ngokusondeleyo. Akazange enze sono.” (1 Petros 2:21, 22) UYesu wayenasiphi isimo sengqondo ngotywala? Kaloku, ummangaliso wakhe wokuqala yayikukujika amanzi abe yiwayini. Yiwayini enjani uYesu awayenzayo ngokujika amanzi? “Umalathisi wetheko” wamncoma umyeni ngale wayini yayenziwe ngokungummangaliso. Wathi: “Wonke omnye umntu ukhupha iwayini entle kuqala, aze xa abantu beyotyiwe, ibe yenganeno. Wena uye wayibeka iwayini entle de kwangoku.”—Yohane 2:9, 10.
Ukusela iwayini kwakuyinxalenye yokubhiyozelwa kwePasika yaye uYesu wasebenzisa iwayini xa wasungula Isidlo SeNkosi Sangokuhlwa. Enika abafundi bakhe indebe yewayini wathi: “Selani kuyo nonke.” Esazi ukuba ukufa kwakhe kwakusemnyango, wongezelela wathi: “Andisayi kuyisela le mveliso yomdiliya, ukususela ngoku, kude kube yiloo mini ndiyisela nani intsha ebukumkanini bukaBawo.” (Mateyu 26:27, 29) Eneneni, abantu babesazi ukuba uYesu wayeyisela iwayini.—Luka 7:34.
Yintoni Esifanele Siyenze?
Nakuba iBhayibhile ingakugatyi ukuselwa kotywala, oku akusikhuthazi ukuba sisele. Zininzi izizathu zokungabuseli utywala. Ngokomzekelo, umntu owakhe wanengxaki yokusela ngokugqithiseleyo uyayazi ingozi anokuzichanaba kuyo ngokusela ithamo nje elinye. Ibhinqa elikhulelweyo linokungabuseli ngenxa yokukhusela usana olungekazalwa. Ngenxa yokwazi ukuba utywala budodobalisa amandla okusebenzisa ingqondo, umqhubi wemoto uya kuphepha nantoni na enokubulala yena nabanye abantu.
UmKristu akayi kufuna ukuba sisikhubekiso nakubani na onesazela esingamvumeliyo ukuba asele. (Roma 14:21) Kububulumko ukungabuseli utywala ukuba siza kuya kwinkonzo yasentsimini. Kuyaphawuleka ukuba uMthetho kaThixo kuSirayeli wamandulo, wawubalela ababingeleli ukuba ‘basele iwayini neziselo ezinxilisayo’ xa babesenza imisebenzi yabo. (Levitikus 10:9) Kwakhona, kumazwe apho ukusela utywala kungavumelekanga okanye kunomlinganiselo othile, umKristu ufanele athobele umthetho.—Roma 13:1.
Nakuba ukusela okanye ukungaseli kuquka nobungakanani botywala umntu abuselayo isisigqibo sobuqu, yona iBhayibhile ikhuthaza ubungcathu. Ithi: “Enoba niyatya okanye niyasela okanye nenza nantoni na eyenye, zonke izinto zenzeleni uzuko lukaThixo.”—1 Korinte 10:31.
NGABA WAKHA WAZIBUZA?
◼ Sisiphi isilumkiso esiseBhayibhileni malunga nokusebenzisa utywala?—1 Korinte 6:9, 10.
◼ Ngaba uYesu Kristu wayebusela utywala?—Luka 7:34.
◼ Yintoni ekhokela amaKristu kumbandela wokutya nokusela?—1 Korinte 10:31.