Ngaba Unembono Yobuthixo Ngeziselo Ezinxilisayo?
KWIMINYAKA emalunga nama-20 eyadlulayo, abembi bezinto zakudala bemba kwisakhiwo sakudala sezitena zodaka kude kufuphi nedolophu yaseUrmia, eIran. Ngaphakathi kuso bafumana ingqayi yomdongwe, ngokutsho kwezazinzulu, enamawaka eminyaka ubudala, neyayisetyenziswa ngabantu bamandulo ababehlala apho. Kutshanje, kuye kwasetyenziswa ubugcisa bale mihla ukuze kuhlolisiswe le ngqayi. Izazinzulu zamangaliswa zakufumanisa ukuba iqulethe obona bungqina budala bokuba iwayini yayisenziwa ngoko.
NeBhayibhile ibonisa ngokucacileyo ukuba ukususela kumaxesha amandulo iwayini, ibhiya nezinye iziselo ezinxilisayo zaziselwa. (Genesis 27:25; INtshumayeli 9:7; Nahum 1:10) Ngokufanayo nokunye ukutya, uYehova uyekela kumntu ngamnye ukuba azikhethele—enoba uyazisela iziselo ezinxilisayo okanye akenjinjalo. UYesu ngokufuthi wayesela iwayini kwizidlo zakhe. UYohane uMbhaptizi wazikhwebula etywaleni.—Mateyu 11:18, 19.
IBhayibhile iyakwalela ukusela ngokugqithisileyo. Ukunxila kusisono kuThixo. (1 Korinte 6:9-11) Ngokuvisisana noku, amaNgqina kaYehova akabavumeli nabaphi na abangamanxila angaguqukiyo ukuba bahlale kwibandla lamaKristu. Amalungu ebandla akhetha ukusela iziselo ezinxilisayo amele akwenze ngobungcathu oko.—Tito 2:2, 3.
Imbono Engeyoyabuthixo
Namhlanje abantu abanambono yobuthixo ngeziselo ezinxilisayo. Kulula ukubona ukuba uSathana ukhuthaza ukusetyenziswa kakubi kwale mveliso yamandulo. Ngokomzekelo, kuMzantsi Pasifiki, kuyinto eqhelekileyo ukuba amadoda ahlanganisane ukuze asele iziselo ezininzi ezinegwele ezenziwe ekhaya. Ezo zihlandlo zisenokuthabatha iiyure eziliqela yaye zibakho rhoqo—amadoda amaninzi akwenza mihla le oko. Amanye azigqala njengenxalenye yesithethe. Ngamanye amaxesha asela ibhiya notywala besilungu endaweni—okanye ukongezelela—kutywala basekuhlaleni obenziwe ekhaya. Ngokufuthi umphumo uba kukunxila.
Kwelinye ilizwe lePasifiki, ukusela utywala ngobungcathu emadodeni yinto engaziwayo. Ngokuqhelekileyo, xa esela aselela ukunxila. Ngosuku lokwamkela, iqela lamadoda lidla ngokuhlanganisana ndawonye lize lithenge iikasi eziliqela zeebhiya, ikasi nganye ineebhotile ezingama-24. Ayeka ukusela kwakuphela iibhiya. Ngokomphumo, ukunxila esidlangalaleni kuyinto eqheleke gqitha.
Iziselo ezinegwele, ezinjengewayini eyenziwe ngamahlamvu nobunye utywala obudidiyelwa ekuhlaleni, ngokuqhelekileyo ziyasetyenziswa kumazwe aseAfrika. Kuyinto eqhelekileyo kwezinye izizwe ukuba xa kusonwatyiswa iindwendwe kubekho utywala. Ngokuqhelekileyo loo mntu wamkele iindwendwe uzinika utywala obungaphezu kobo zinokubusela. Kwenye indawo kulisiko ukuba kubekwe iibhotile zeebhiya ezili-12 phambi kondwendwe ngalunye.
Iinkampani ezininzi zaseJapan zilungiselela abasebenzi bazo izihlandlo zokukhenketha ngeebhasi. Kuziwa neziselo ezinxilisayo ezininzi, yaye ukunxila akuchaswa. Ezinye zezi zihlandlo zokubethwa ngumoya zeenkampani zithabatha iintsuku ezimbini okanye ezintathu. Ngokutsho kwephephancwadi iAsiaweek, eJapan, “ukususela kumlimi werayisi ukuya kutsho kwabezobupolitika abazizigwili, ngokuqhelekileyo indoda izibonakalisa ubudoda bayo ngomkhamo wotywala enokuwusela.” Kwenziwa into efanayo nakwamanye amazwe aseAsia. IAsiaweek ithi “Ngoku umntu ngamnye waseMzantsi Korea usela utywala besilungu obuninzi ngaphezu kwabo nabaphi na abantu abaselayo ehlabathini.”
Ukuzingxala ngotywala kuluqheliselo olwandileyo kwiikholeji zaseUnited States. Ngokutsho kweThe Journal of the American Medical Association, “inkoliso yabo bazingxala ngotywala ayizigqali njengabantu abanengxaki yokusela.”a Oku akumele kusimangalise kuba kumazwe amaninzi amajelo eendaba akhuthaza ukusela njengento ebangel’ umdla, esexesheni nephucukileyo. Obu buxoki ngokufuthi bujoliswa ngokukhethekileyo kwabaselula.
EBritani, ukuselwa kwebhiya kuye kwaphindaphindeka kabini ebudeni bexesha leminyaka engama-20, ibe ukuselwa kotywala besilungu kuye kwaphindaphindeka kathathu. Abo baselayo baqalisa besebancinane, ibe maninzi ngakumbi amabhinqa aselayo. Kunjalo nakumazwe aseMpuma Yurophu nakuMzantsi nakuMbindi Merika. Oku kuboniswa ngamanani andayo amakhoboka otywala nabantu abafa kwiingozi zeenqwelo-mafutha ngenxa yotywala. Kuyacaca ukuba kukho ulwando oluqhubekayo lokusebenzisa kakubi utywala ehlabathini lonke.
Kuxa Usele Kangakanani Xa Ugqithisile?
Imbono yeBhayibhile ngeziselo ezinxilisayo ilungelelene. Ngokomzekelo, iZibhalo zithi iwayini sisipho esivela kuYehova uThixo ‘esivuyisa intliziyo yomntu.’ (INdumiso 104:1, 15) Ukanti, xa igxeka ukusela ngokugqithisileyo iBhayibhile isebenzisa amabinzana anjengathi ‘ukusela kakhulu,’ ‘ukuzinkcinkca ngewayini, iziyunguma, iindywala,’ ‘ukuzinikela kwiwayini eninzi,’ ‘nokukhotyokiswa yiwayini eninzi.’ (Luka 21:34; 1 Petros 4:3; 1 Timoti 3:8; Tito 2:3) Kodwa ingakanani ‘iwayini eninzi’? UmKristu unokuyazi njani imbono yobuthixo ngeziselo ezinxilisayo?
Kulula ukubuqonda ubunxila. Imiphumo yabo ichazwa eBhayibhileni ngala mazwi: “Ungokabani na uYeha? Ungokabani na uYoo? Zinabani na iingxabano? Inabani na inkalazo? Anabani na amanxeba angenasizathu? Anabani na amehlo anozizi? Anabo balibala ewayinini, abangena bayiminyele iwayini ephithikeziweyo. . . . Amehlo akho aya kubona izinto zasemzini, intliziyo yakho ithethe impenduka.”—IMizekeliso 23:29-33.
Ukusela utywala ngokugqithisileyo kunokubangela ukudideka, ukuba nemibono, ukungabikho zingqondweni nezinye izigulo zengqondo nezomzimba. Xa ephantsi kwempembelelo yotywala, umntu usenokungakwazi ukulawula isimilo sakhe, aze azenzakalise okanye enzakalise abanye. Iindlamanzi zaziwa ngokuziphatha ngendlela elihlazo, ecaphukisayo okanye ngokuziphatha okubi.
Ngokuqinisekileyo ukusela ude unxile, kukhatshwa yimiphumo yako echazwe ngasentla, kukusela ngokugqithisileyo. Noko ke, ubani unokubuswela ubungcathu nangona esenokungabonakalisi iimpawu eziqhelekileyo zobunxila. Ngenxa yoko, umbandela wokuba ubani usele ngokugqithisileyo ngokufuthi usoloko uyimbambano. Nguwuphi umda ophakathi kobungcathu nokusela ngokugqithisileyo?
Khusela Amandla Akho Okucinga
IBhayibhile ayimiseli milinganiselo ngokusinika umkhamo wotywala omele ubekho egazini okanye ngenye indlela. Umlinganiselo wotywala ubani anokubusela ngaphandle kokunxila uyahluka kubantu ngabantu. Kodwa, imigaqo yeBhayibhile isebenza kuwo onke amaKristu ibe inokusinceda ukuze sihlakulele imbono yobuthixo ngeziselo ezinxilisayo.
UYesu wathi umthetho wokuqala ‘kukuthanda uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela nangomphefumlo wakho uphela nangengqondo yakho iphela.’ (Mateyu 22:37, 38) Utywala buyichaphazela ngokungqalileyo ingqondo, yaye ukubusela ngokugqithisileyo kuya kukuchaphazela ukuthobela kwakho lo mthetho ungowona mkhulu. Kusenokubudodobalisa ngokunzulu ubuchule bakho bokwenza izigqibo ezilungileyo, bokucombulula iingxaki, bokuqhelisela ukuzeyisa neminye imisebenzi ebalulekileyo yengqondo. IZibhalo ziyasibongoza: “Londoloza ubulumko obusebenzisekayo namandla okucinga, zoba bubomi emphefumlweni wakho nesacholo esinomtsalane emqaleni wakho.”—IMizekeliso 3:21, 22, NW.
Umpostile uPawulos ubongoza amaKristu esithi: “Niyinikele imizimba yenu ibe yimibingelelo ephilayo, engcwele, eyamkelekileyo kuThixo, inkonzo ke leyo engcwele ngokwamandla enu engqiqo.” (Roma 12:1) Ngaba umKristu ‘angamkeleka kuThixo’ ukuba usela utywala ukusa kumlinganiselo wokulahlekelwa ‘ngamandla akhe engqiqo’? Ngokuqhelekileyo, umntu osela ngaphandle kobungcathu amandla akhe okumelana notywala aya ekhula ngokuthe ngcembe. Usenokuvakalelwa kukuba ukusela kwakhe kakhulu—kuye—akukabi kukunxila. Kodwa, usenokuba uya exhomekeka ngokungekho mpilweni etywaleni. Ngaba umntu onjalo unokunikela ngomzimba wakhe ‘njengombingelelo ophilayo, ongcwele’?
Nawuphi na umkhamo wotywala okuhlutha “ubulumko obusebenzisekayo namandla okucinga” njengomKristu bugqithisile kuwe.
Yintoni Ephembelela Imbono Yakho Ngotywala?
UmKristu umele ahlole enoba isimo sakhe sengqondo ngotywala siphenjelelwa lutyekelo olukhoyo okanye zizithethe kusini na. Ngokuphathelele iziselo ezinxilisayo, ngokuqinisekileyo akufanele wenze ukhetho olusekelwe kwisithethe okanye kubuxoki bamajelo eendaba. Xa uhlola isimo sakho sengqondo, zibuze, ‘Ngaba siphenjelelwa koko kwamkelekileyo kwibutho labantu? Okanye ngaba ukusela kwam kulawulwa yimigaqo yeBhayibhile?’
Nangona amaNgqina kaYehova engazichasanga izithethe, ayaqonda ukuba uYehova uyaluchasa uqheliselo oluninzi olwamkeleke ngokubanzi namhlanje. Kwezinye iindawo ukuqhomfa, utofelo-gazi, ubufanasini okanye isithembu zamkelekile. Noko ke, amaKristu enza ngokuvisisana nembono kaThixo kwezi zinto. Ewe, ukuba nembono yobuthixo kuya kushukumisela umKristu ukuba aluthiye uqheliselo olunjalo kungakhathaliseki ukuba lwamkelekile kwibutho labantu okanye akunjalo.—INdumiso 97:10.
IBhayibhile ithetha ‘ngokuthanda kweentlanga,’ okuquka ‘ukuzinkcinkca ngewayini’ ‘neendywala.’ Igama elithi ‘iindywala’ lidlulisela ingcamango yeembutho ezenziwe ngenjongo yokuzinkcinkca ngotywala. Kubonakala ukuba ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile bambi ababeqhayisa ngokukwazi ukusela utywala obuninzi kodwa banganxili babezama ukukhuphisana nabanye ngokusela, okanye babezama ukubona ukuba ngubani na owayenokusela obona tywala buninzi. Umpostile uPetros ubhekisela kolu hlobo lwehambo ‘njengomgxobhozo woburheletyo’ angasenasabelo kuwo amaKristu aguqukileyo.—1 Petros 4:3, 4.
Ngaba bekunokuba sengqiqweni ngomKristu ukwamkela imvo yokuba, lo gama nje enganxili, ayinamsebenzi into yokuba usela phi, nini okanye kangakanani? Sisenokubuza, Ngaba leyo yimbono yobuthixo? IBhayibhile ithi: “Enoba niyadla okanye niyasela okanye nenza nantoni na engenye, zonke izinto zenzeleni uzuko lukaThixo.” (1 Korinte 10:31) Iqela lamadoda elihlanganisene ukuze lisele utywala obuninzi lisenokunganxili lonke, kodwa ngaba ihambo yalo inokuzisa uzuko kuYehova? IBhayibhile iyabongoza: “Yekani ukumilisa okwale nkqubo yezinto, kodwa guqukani ngokutshintsha ingqondo yenu, ukuze nikungqine ngokwenu ukulunga nokwamkeleka nokugqibelela kokuthanda kukaThixo.”—Roma 12:2.
Kuphephe Ukukhubekisa Abanye
Okubangel’ umdla kukuba ngokufuthi kwiindawo ezikuvumelayo ukusela ngokugqithisileyo ziyakuchasa oko xa kusenziwa ngumntu othi ungumnquli kaThixo. Kwenye indawo ekuMzantsi Pasifiki, umakhi mkhanya othile wathi: “Ndiyanithanda nina. Nishumayela inyaniso. Kodwa ingxaki esiyibonayo kukuba amadoda enu asela gqitha.” Ngokutsho kwengxelo, abo bantu abazange banxile, kodwa abantu abaninzi balapho babengayazi loo nto. Kulula ukuba abakhi mkhanya bagqibe kwelokuba njengenkoliso yamanye amadoda aselayo, namaNgqina ayanxila. Ngaba umlungiseleli ongumKristu obandakanyeka ekuseleni ngokugqithisileyo unokuba nodumo oluhle aze aphumeze ubulungiseleli basesidlangalaleni enenkululeko yokuthetha?—IZenzo 28:31.
Ingxelo evela kwelinye ilizwe laseYurophu ibonisa ukuba maxa wambi abanye abazalwana noodade baya kwiHolo yoBukumkani benuka utywala. Oku kuye kwaziphazamisa izazela zabanye. IBhayibhile iyabongoza: “Kuhle ukuba ungadli nyama okanye ungaseli wayini okanye ungenzi nantoni na akhubeka yiyo umzalwana wakho.” (Roma 14:21) Ukuba nembono yobuthixo ngeziselo ezinxilisayo kuya kushukumisela umKristu oqolileyo ukuba acingele izazela zabanye, kwanokuba oko kuthetha ukuba angabuphathi utywala phantsi kweemeko ezithile.
AmaKristu Ahluke Ngokucacileyo
Okulusizi kukuba eli hlabathi liye lenza izinto ezininzi ezimenza buhlungu uYehova ngokusebenzisa kakubi izinto ezilungileyo azinike uluntu, kuquka iziselo ezinxilisayo. UmKristu ngamnye ozahluleleyo ufanele azabalazele ukuziphepha ezi mbono zikhoyo ezingezozabuthixo. Ngaloo ndlela abantu baya kukwazi ‘ukubona umahluko phakathi kwelungisa nongendawo, phakathi komkhonzayo uThixo nongamkhonziyo.’—Malaki 3:18.
Xa kufikelelwa kwiziselo ezinxilisayo, “umahluko” phakathi kwamaNgqina kaYehova nehlabathi umele ucace. Ukusela iziselo ezinxilisayo akuyonto ibalulekileyo kubomi bamaKristu okwenyaniso. Akafuni kubona ukuba anokusela umkhamo wotywala ongakanani ukuze anxile, ade asondele gqitha ekunxileni; engavumeli nokuba iziselo ezinxilisayo ziwahluthe okanye nangayiphi na indlela zichaphazele ukukhonza kwawo uThixo ngomphefumlo uphela nangengqondo ethe qwa.
Njengeqela, amaNgqina kaYehova anembono yobuthixo ngeziselo ezinxilisayo. Kuthekani ngawe? Ngamnye wethu unokuqiniseka ngokufumana iintsikelelo zikaYehova njengoko silandela umyalelo weBhayibhile wokuba “sizilumle kuko ukungabi nabuthixo nakwiminqweno yehlabathi size siphile ngengqondo ephilileyo nangobulungisa nangozinikelo lobuthixo phakathi kwale nkqubo yezinto yangoku.”—Tito 2:12.
[Umbhalo osemazantsi]
a “Ukuzingxala ngotywala kwachazwa njengokusela iziselo ezintlanu okanye ngaphezulu ngokulandelelanayo emadodeni nezine okanye ngaphezulu kumabhinqa.”—The Journal of the American Medical Association.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 28]
Phulaphula Abantu Abakuthandayo
Ngokufuthi umntu osela ngokugqith’ emgceni akaqondi ukuba unengxaki. Izalamane, abahlobo nabadala abangamaKristu bafanele bangaphozisi maseko ekunikeleni uncedo kwabo babathandayo abangenabungcathu. Kwelinye icala, ukuba abo bakuthandayo bavakalisa ukungakuthandi ukusela kwakho utywala, basenokuba banezizathu ezilungileyo zokwenjenjalo. Khawucinge ngoko bakuthethayo.—IMizekeliso 19:20; 27:6.