Abahlambi Beempahla Abangamadoda BaseAbidjan
UMBHALI KAVUKANI! ECÔTE D’IVOIRE
XA SASIHAMBA ngakwintshona ukusuka eAbidjan, eCôte d’Ivoire, sasivuyela ukubona ubuhle nokuva izandi zesi sixeko sikhulu saseNtshona Afrika. Sathi sisajonge leyo, sabona into ethile eyathimb’ ingqalelo yethu. Kwindawo enengca nethe gabalala, kwakondlalwe iimpahla ezinemibalabala ezinye zixhonyiwe. Kwakusenzeka ntoni? Abahlobo bethu baseCôte d’Ivoire bakuvuyela ukusichazela. Yayingumsebenzi weefanico.
Ifanico liqela labahlambi bempahla abakhutheleyo. Ngenj’ ixukuxa ukuya kutsho ngongcwalazi, amadoda amaninzi namabhinqa ambalwa akhutheleyo aphila ngokuhlamba iimpahla ngezandla kuMlambo iBanco. Igama elithi fanico nabazibiza ngalo aba bantu livela kwigama lesiDyula okanye isiJula elithi fani elithetha “ilaphu” okanye “impahla,” nelithi ko elithetha “ukuhlamba.” Igama lesiDyula elithi fanico lithetha “umntu ohlamba impahla.”
Umsebenzi Womntu Ohlamba Impahla
Ngeny’ intseni satyelela iifanico kwindawo ezisebenzela kuyo ukuze sibone indlela ebangel’ umdla eziziphilisa ngayo. Hayi indlela ekuphithizela ngayo! Safika sele kusetyenzwa. UMlambo iBanco onamanzi amdaka wawugqunywe ngamavili amakhulu yaye phezu kwawo kwakukho amatye. Ivili ngalinye lalikhulu kangangokuba lalifikelela esinqeni, umhlambi wempahla wayexakekile esenza ugwebu, eyixova ngamanqindi yaye eyicikica.
Ngenj’ ixukuxa umhlambi wempahla oyifanico uhamb’ eqokelele iimpahla ezimdaka ezindlwini. Abanye abantu abamxumayo bahlala malunga neekhilomitha ezi-3 ukusuka kule ndawo kuhlanjelwa kuyo. Zonke ezi mpahla uzithutha ngenqwelwana yamaplanga okanye azithwale entloko azise kuMlambo iBanco. Xa efika wamkelwa ngokubuliswa ngeelwimi ezahlukahlukeneyo, kuba aba bantu basuka kumazwe ngamazwe aseAfrika. Abanye sele beneminyaka emininzi besenza lo msebenzi, njengoMnu. Brama, umhlambi wempahla onezoso, ngoku oneminyaka engaphezu kwama-60 ubudala. Kusetyenzwa unyaka wonke, ngaphandle nje kweentsuku ezintathu.
Ukuhlamba impahla akuyondlwan’ iyanetha. Sasibukele njengokuba omnye umntu wayebeka phantsi umthwalo wempahla aza kuyihlamba, mkhulu kunalowo wenkosikazi engaphangeliyo. Uqhal’ umthwalo wakhe aze aqale ngokufaka nto nganye emanzini anesepha kangangexesha elithile. Emva koko uqaba isitena esikhulu sesepha eyenziwe ngesundu aze acikice le mpahla phezu kwelitye. Ngamany’ amaxesha usebenzisa ibrashi yokukhuhla ukususa amabala angasuki msinya. Yimalini ukuhlanjelwa impahla? Ihempe ziisenti ezingama-50 yaye ishiti lona yirandi. Yiloo nto ebangela ukuba iifanico zihlambe iimpahla ezininzi.
Ukuba unokubon’ indlela eninzi ngayo impahla ehlanjwayo uye uzibuze, ‘Bakhumbula njani ukuba impahla ethile yekabani?’ Sasizibuza enoba benza uphawu empahleni kusini na njengokuba besenza abahlambi bempahla baseIndiya. Indlela abenza ngayo yahlukile kuleyo yabahlambi bempahla baseIndiya kodwa ke phofu nayo iyasebenza.
Umkhenkethisi onolwazi oluphangaleleyo ngalo msebenzi wazama ukusichazela indlela iifanico ezenza ngayo. Okokuqala nje, xa umhlambi wempahla eqokelela impahla emdaka uphawula ubungakanani bomzimba belungu lentsapho ngalinye yaye xa ezibuyisa uyakhumbula umninizo. Wenza iqhina kwindawo enye, kwimpahla yentsapho nganye—ngokomzekelo, ulenza kumkhono wasekhohlo, kumkhono wasekunene, kwikhola okanye ebhantini. Xa ezihlamba uye aqiniseke ukuba ezentsapho ethile azahlukani. Kubonakala kunzima kuthi ukukhumbula ukuba impahla ezithile zezikabani. Ngoko ke, sabuza omnye wabo enoba wakha wenz’ impazamo yokubhidanisa iimpahla. Emangalisiwe waphendula wathi, ‘Hayi. Ayikho ifanico eyakhe yabhidanisa iimpahla!’
Ngaba nabani na unokusuka nje aye kuMlambo iBanco aye kuhlamba iimpahla? Akunjalo! Kukho inkqubo ofanele uyilandele. Ukuba ufuna ukuba ngomnye weefanico uqeqeshwa ligqala kangangeenyanga ezintathu. Ebudeni beli xesha ufundiswa indlela ekhethekileyo yokukhumbula iimpahla xa uzibuyisa. Ukuba uyalibala, kuye kufuneke uye kukhangela omnye umsebenzi. Noko ke, ukuba ilungu elitsha lefanico liyawazi umsebenzi walo, lihlawula imalana encinane lize linikwe indawo eliza kubeka kulo ivili lalo yaye ayisetyenziswa ngomnye umntu.
Isepha Eyenziwe Ngeoli Yesundu
Isepha ibalulekile kumhlambi wempahla. Kwakhona umntu osaqeqeshwayo uboniswa indlela yokusebenzisa isepha eyenziwe ngeoli yesundu. Kusetyenziswa iintlobo ezintathu zesepha, yaye zahlulwa ngemibala. Isepha emhlophe nemthubi isetyenziswa kwimpahla ezingekho mdaka kangako, ize emnyama isetyenziswe kwezimdaka kakhulu. Umbala wayo umdaka ngenxa yeoli yesundu, ibe yeyona nto iphambili eyenziwe ngayo. Ekubeni ilungu ngalinye lefanico lisebenzisa izitena ezilishumi ngosuku, abenzi besepha abakufuphi bahlala benazo.
Satyelela iindawo yokwenza isepha ekufuphi nendawo yokuhlamba iimpahla. Iisepha zenziwa ukususela ngentsimbi yesithandathu kusasa. Abantu abasebenza apho badla ngokuba sele bezithengile izinto ezisetyenziswayo ukwenza isepha kwiivenkile zasekuhlaleni—njengeoli yesundu ejiyileyo, ipotassium, ityuwa, incindi yomthi isoursop, ioli yekhokhonathi necacao butter, zonke ezi zinto ziyabola. Ezi zinto zibiliswa ngegogogo elikhulu kumlilo weenkuni. Emva kokuphekwa kwesepha kangangeeyure ezintandathu, igalelwa ezitreyini nasezityeni ize ilindwe yome. Emva kweeyure eziliqela isepha isikwa ibe zizitena ezikhulu.
Umenzi wesepha uthwala iemele ezele zizitena zesepha entloko ezisa kwiifanico. Uyisa njani isepha kubahlambi bempahla xa besemlanjeni? Ungena nayo emanzini, ayinike nabani na oyifunayo.
Usuku Lomsebenzi Luyaphela
Xa iifanico zigqibile ukuhlamba impahla, ziya kwithambeka elikufuphi zize ziyaneke engceni okanye ezinye zixhonywe ecingweni. Ubona loo mibalabala mihle eyathimb’ ingqalelo yethu. Kwakhon’ abahlambi bempahla bafuman’ ithuba lokuphumla. Ngenjikalanga, emva kokuba iimpahla sele zomile umhlambi wempahla uyazisonga aze ezinye azolule ngeayini yamalahle. Njengokuba usuku sele luza kuphela, uqokelela zonk’ iimpahla ezicocekileyo nezoluliweyo aze azise kubantu bazo.
Xa sasibona iimpahla zixhonyiwe sasingazi ukuba kwenziwa umsebenzi ongaka. Ngoko ke, siyavuya kuba siye satyelela iifanico zaseAbidjan, kuba ngoku siyayiqonda into ebandakanyekileyo yaye siyawuxabisa umsebenzi wabahlambi beempahla ehlabathini lonke.
[Imaphu ekwiphepha 10]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
ECÔTE D’VOIRE
[Umfanekiso okwiphepha 12]
Umenzi wesepha uthengisa izitena zesepha
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 10]
PhotriMicroStock™/C. Cecil