Ngaba Kwadalwa?
Umjelo Ongena Ubisi
◼ Ukuba wakha wayibona igusha, ibhokhwe okanye inkomo xa izala, mhlawumbi yakumangalisa into yokuba itakane lithi ligqitywa kuzalwa libe lisima ngamanqina lize lincance. Zonke izilwanyana ezanyisayo zincancisa amatakane okanye amathole azo ubisi. Kodwa kukho nomnye ummangaliso owenzeka kumatakane etyisayo, njengawegusha, awebhokhwe namathole eenkomo.
Khawucinge ngoku: Isisu senkomo sahlulahlulwe kane ukuze ikwazi ukwetyisa ingca nolunye uhlaza olutyiwa ziinkomo. Kodwa amathole ancanca ubisi kuphela yaye akukho mfuneko yokuba etyise. Ngoko xa encanca, kuvuleka umjelo oya ngqo esiswini.
Ukuba ubisi belungena kwindawo yometyiso, ithole belinokugula kuba xa isilwanyana sisetyisa kubakho intsholongwane elungiselelwe ukubilisa ukutya. Ubisi oluvuthiweyo lwenza umoya yaye ithole alinakukwazi ukuwukhupha. Noko ke, xa ithole lincanca ubisi enoba lincanca kunina okanye lisela e-emeleni, ngokuzenzekelayo umetyiso walo uyavaleka.
Okubangel’ umdla kukuba, xa ithole lisela amanzi kwenzeka into eyahlukileyo. Kufuneka libe namanzi amaninzi kumetyiso ukuze kubekho iintsholongwane ezininzi apho, eziya kulinceda xa sele lisitya ingca. Nangona ubisi lusiya ngqo esiswini, amanzi wona angena kumetyiso. Lubisi kuphela oluya ngqo esiswini!
Ucinga ntoni? Ngaba umjelo ongena ubisi wazenzekela? Okanye ngaba wadalwa nguMdali okrelekrele?
[Umzobo/Umfanekiso okwiphepha 13]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
Ubisi luya ngqo kwisisu sethole
[Umzobo]
Umjelo ongena ubisi
1 Umetyiso
2 Ireticulum
3 Iomasum
4 Iabomasum (isisu)