‘Ukuliphatha Ngokufanelekileyo Ilizwi Lenyaniso’
ILIZWI likaThixo linguvimba wemigaqo eyimfuneko ukuze ubomi buphumelele. Linokumnceda umlungiseleli afundise, ohlwaye aze aqeqeshe. (2 Timoti 3:16, 17) Noko ke, ukuze singenelwe ngokuzeleyo kolu lwalathiso lobuthixo silunikiweyo, simele silandele isiluleko sompostile uPawulos kuTimoti: “Yenza unako-nako ukuba uzinikele ukholekile kuThixo, ungumsébenzi ongenanto anokuba neentloni ngayo, uliphatha ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso.”—2 Timoti 2:15, NW.
Phakathi kwezinye izinto, iLizwi likaThixo lifaniswa nobisi olondlayo, ukudla okuqinileyo, amanzi ahlaziyayo nacocayo, isipili kunye nekrele elibukhali. Ukukuqonda oko kuthethwa ngala magama kuyamnceda umlungiseleli ukuba ayisebenzise ngobuchule iBhayibhile.
Ukudlulisela Ubisi LweLizwi LikaThixo
Ubisi kukudla okufunwa ziintsana ezisandul’ ukuzalwa. Njengoko usana lukhula, ngokuthe ngcembe lufundiswa ukudla okuqinileyo, kodwa ekuqaleni, lunokwetyisa ubisi kuphela. Kwiinkalo ezininzi, abo banolwazi oluncinane ngeLizwi likaThixo banjengeentsana. Enoba umntu usandul’ ukuba nomdla kwiLizwi likaThixo okanye ebeqhelene nalo kangangethuba elithile, ukuba unolwazi oluncinane kuphela ngoko iBhayibhile ikutshoyo, ulusana lokomoya kwaye ufuna isondlo ekulula ukusetyisa—“ubisi” lokomoya. Akakakwazi ukwetyisa “ukudla okuqinileyo,” izinto ezinzulu zeLizwi likaThixo.—Hebhere 5:12, NW.
Kwakunjalo kwibandla elalisandul’ ukusekwa eKorinte xa uPawulos walibhalela esithi: “Ndaniseza ubisi, andaninika kudla kuqinileyo; kuba beningekomeleli ngokwaneleyo.” (1 Korinte 3:2, NW) AmaKorinte kwakufuneka kuqala afunde “iziqalelo zokuqala zezihlabo zikaThixo.” (Hebhere 5:12) Ngoxa ayesakhula, ayengenakuzetyisa ‘iinzulu zikaThixo.’—1 Korinte 2:10.
NjengoPawulos, abalungiseleli abangamaKristu namhlanje babonisa inkathalo abanayo ngeentsana zokomoya ngokuzinika “ubisi,” oko kukuthi, ngokuzinceda zibe neziseko eziqinileyo zemfundiso esisiseko yobuKristu. Bakhuthaza aba basebatsha okanye abangekaqoli ukuba ‘balangazelele ubisi lwelizwi.’ (1 Petros 2:2, NW) Umpostile uPawulos wabonisa ukuba wayeyiqonda ingqalelo ekhethekileyo efunwa ngabasebatsha xa wabhala wathi: “Bonke abasasezwa ubisi abanamava elizwi lobulungisa, kuba beziintsana.” (Hebhere 5:13, NW) Umonde, ulwazelelelo, ukuqonda nokuthantamisa zizinto eziyimfuneko kubalungiseleli bakaThixo njengoko besabelana ngobisi olusulungekileyo lweLizwi naba basebatsha nabangekabi namava ngezifundo zeBhayibhile zamakhaya kwanasebandleni.
Ukuphatha Ukudla Okuqinileyo KweLizwi LikaThixo
Ukuze akhulele elusindisweni, umKristu ufuna okungakumbi “kunobisi.” Xa iinyaniso ezisisiseko zeBhayibhile eziqonde ngokucacileyo waza wazamkela, ukulungele ukudlulela ‘ekudleni okuqinileyo kwabantu abakhulileyo.’ (Hebhere 5:14) Unokukwenza njani oku? Ngokusisiseko, ngofundisiso lobuqu oluthe rhoqo nonxulumano olufumaneka kwiintlanganiso zamaKristu. Imikhwa emihle ngolo hlobo iya kunceda ekwenzeni umKristu omelele ngokomoya, aqole, aze abe ngophumelelayo kubulungiseleli. (2 Petros 1:8) Simele singalibali ukuba ukongezelela elwazini, ukwenza ukuthanda kukaThixo ikwakukudla kokomoya.—Yohane 4:34.
Namhlanje, kuye kwamiselwa “umkhonzi othembekileyo noqondayo” ukuze anike abakhonzi bakaThixo ukudla ngexesha elifanelekileyo nokuze abancede baqonde “ubulumko bukaThixo, obuziintlobo ezininzi.” UYehova, ngomoya wakhe, utyhila iinyaniso ezinzulu zeZibhalo esebenzisa lo mkhonzi unyanisekileyo, othi ngokuthembeka apapashe ‘ukudla kokomoya ngexesha elifanelekileyo.’ (Mateyu 24:45-47; Efese 3:10, 11; thelekisa ISityhilelo 1:1, 2.)UmKristu ngamnye unembopheleleko yokuwasebenzisa ngokuzeleyo loo malungiselelo apapashiweyo.—ISityhilelo 1:3.
Kambe ke, ezinye izinto eBhayibhileni “ziqiqeka nzima,” nakumaKristu asele eqolile. (2 Petros 3:16) Kukho amazwi adidayo, iziprofeto nemizekelo efuna ufundisiso olungakumbi nokucamngca. Ngenxa yoko, ufundisiso lobuqu luquka ukumba kwiLizwi likaThixo. (IMizekeliso 1:5, 6; 2:1-5) Ingakumbi abadala banembopheleleko kule nkalo xa befundisa ebandleni. Enoba baqhuba iSifundo Sencwadi Sebandla okanye iSifundo seMboniselo, banikela iintetho zesidlangalala, okanye bakhonza kuso nasiphi na isikhundla sokufundisa, abadala bafanele bawazi kakuhle umbandela abathetha ngawo kwaye balungele ukunikela ingqalelo ‘ekufundiseni’ kwabo njengoko bedlulisela ukudla okuqinileyo kokomoya ebandleni.—2 Timoti 4:2.
Amanzi Ahlaziyayo Nacocayo
UYesu waxelela umSamariyakazi owayesequleni ukuba wayeya kumnika amanzi awayeya ‘kuba ngumthombo kuye wamanzi ampompozela ebomini obungunaphakade.’ (Yohane 4:13, 14; 17:3) La manzi anika ubomi aquka onke amalungiselelo kaThixo okuzuza ubomi ngeMvana kaThixo, kwaye la malungiselelo achaziwe eBhayibhileni. Njengabantu ngabanye abanxanelwe loo “manzi,” siyasamkela isimemo esivela kumoya nakumtshakazi kaKristu ‘sokuthabatha amanzi obomi ngesisa.’ (ISityhilelo 22:17) Ukusela la manzi kunokuthetha ubomi obungunaphakade.
Ngokubhekele phaya, iBhayibhile ibekela amaKristu okwenyaniso imilinganiselo yokuziphatha neyokomoya. Njengoko silandela le milinganiselo imiselwe ngokobuthixo, sicocwa liLizwi likaYehova, ‘sihlanjululwe’ kuzo zonke izenzo azithiyileyo uYehova uThixo. (1 Korinte 6:9-11) Ngesi sizathu, inyaniso equlethwe eLizwini eliphefumlelweyo kuthiwa ‘ikukuhlamba kwamanzi.’ (Efese 5:26) Ukuba asiyivumeli inyaniso kaThixo isicoce ngale ndlela, unqulo lwethu alunakwamkeleka kuye.
Okubangel’ umdla kukuba, abadala ‘abaliphatha ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso’ nabo bafaniswa namanzi. UIsaya uthi ‘banjengemijelo yamanzi emqwebedwini.’ (Isaya 32:1, 2) Abadala abanothando bazalisekisa le ndlela bachazwa ngayo xa betyelela abazalwana babo njengabalusi bokomoya, besebenzisa iLizwi likaThixo elihlaziyayo ukuze badlulisele inkcazelo eyakhayo, ethuthuzelayo neyokomoya eyomelezayo neqinisayo.—Thelekisa uMateyu 11:28, 29.a
Amalungu ebandla akhangela phambili kumatyelelo abadala. UBonnie uthi: “Ndiyayazi indlela abadala abanokuba yintuthuzelo ngayo, kwaye ndilivuyela gqitha eli lungiselelo alenzileyo uYehova.” ULynda, ongumama ongatshatanga, ubhala athi: “Ngokhuthazo olungokweZibhalo, abadala bandinceda ekuhlangabezaneni nemeko yam. Baphulaphula baza babonakalisa uvelwano.” UMichael uthi: “Bandenza ndaziva ndiyinxalenye yentlangano enenkathalo.” Omnye uthi: “Amatyelelo abadala andinceda ndoyisa amaxesha odandatheko olunzulu.” Utyelelo lomdala olunika amava okomoya lufana namanzi apholileyo nahlaziyayo. Abanjengezimvu bayathuthuzeleka njengoko abadala abanothando bebanceda babone indlela imigaqo yeZibhalo esebenza ngayo kwimeko yabo.—Roma 1:11, 12; Yakobi 5:14.
Lisebenzise Njengesipili ILizwi LikaThixo
Xa ubani esitya ukudla okuqinileyo, injongo asikokunandipha nje incasa. Kunoko, ulindele ukufumana isondlo esiya kumenza akwazi ukusebenza. Ukuba ungumntwana, ulindele ukuba oko kutya kumncede akhulele ebuntwini obukhulu. Kunjalo nangokudla kokomoya. Ufundisiso lweBhayibhile lobuqu lunokuba yinto enandiphekayo, kodwa eso asikokuphela kwesizathu sokulwenza. Ukudla kokomoya kumele kusiguqule. Kusinceda sazi size sivelise isiqhamo somoya yaye kusincedisa ekwambatheni ‘ubuntu obutsha, obuhlaziyelwe ekwazini okuhle, ngokomfanekiselo walowo wabudalayo.’ (Kolose 3:10; Galati 5:22-24) Kwakhona ukudla kokomoya kusinceda sikhulele ekuqoleni, kusenza sikwazi ngokulunge ngakumbi ukusebenzisa imigaqo yeZibhalo ekuhlangabezaneni neengxaki zethu nasekuncedeni abanye bahlangabezane nezabo.
Sinokwazi njani enoba iBhayibhile isebenza ngolo hlobo kuthi? IBhayibhile siyisebenzisa njengesipili. UYakobi wathi: “Yibani ngabenzi belizwi, ningabi ngabaphulaphuli kodwa . . . Ngokuba umntu, ukuba ungumphulaphuli nje welizwi, engemenzi walo, lowo ufana nendoda eqiqa ubuso bayo bobuntu esipilini; kuba iyaziqiqa, imke, ilibale kwaoko ukuba ibinjani na. Ke yena oqondela emthethweni ogqibeleleyo wayo inkululeko, ahlale ehleli kuwo, lowo, ethe nje akaba ngumphulaphuli olibalayo, esuke waba ngumenzi womsebenzi: yena uya kuba noyolo ekwenzeni kwakhe.”—Yakobi 1:22-25.
‘Siqondela’ eLizwini likaThixo xa silihlolisisa ngokusondeleyo size sithelekise oko sikuko kunye noko simele sibe kuko ngokuvisisana nemilinganiselo kaThixo. Xa sisenza oku, siya kuba ‘ngabenzi belizwi, singabi ngabaphulaphuli nje kodwa.’ IBhayibhile iya kuba nomphumo omhle kuthi.
ILizwi LikaThixo Njengekrele
Okokugqibela, umpostile uPawulos usinceda sibone indlela esinokulisebenzisa ngayo iLizwi likaThixo njengekrele. Xa esilumkisa nxamnye “nazo izilawuli, nawo amagunya, nazo iziphatha-hlabathi zobumnyama balo eli phakade, nayo imikhosi yomoya abakhohlakeleyo kwezasezulwini iindawo,” uyasibongoza ukuba ‘samkele . . . ikrele loMoya, elililizwi likaThixo.’ (Efese 6:12, 17) ILizwi likaThixo lisisixhobo esiyimfuneko nesinokusisebenzisa ekususeni naziphi na iingcamango ‘zokuziphakamisa nxamnye nolwazi lukaThixo.’—2 Korinte 10:3-5.
Ngokungathandabuzekiyo, ‘ilizwi likaThixo liphilile, kwaye liyasebenza.’ (Hebhere 4:12) UYehova uthetha noluntu ngeLizwi lakhe eliphefumlelweyo. Lisebenzise kakuhle ekufundiseni abanye nasekubhenceni iimfundiso zobuxoki. Livumele ukuba likuncede ukuze ukwazi ukukhuthaza, ukwakha, ukuhlaziya, ukuthuthuzela, ukushukumisela nokomeleza abanye ngokomoya. Kwaye ngamana uYehova ‘angakulungisa, ugqibelele emisebenzini yonke elungileyo, ukuze ukwenze ukuthanda kwakhe,’ ukuze usoloko usenza “oko kukholekileyo emehlweni akhe.”—Hebhere 13:21.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona inqaku leMboniselo elinomxholo othi “Bazalusa Ngentumekelelo Izimvu Ezincinane,” Septemba 15, 1993, iphepha 20-3.
[Umfanekiso okwiphepha 31]
Abadala bakhuthaza abanye, ‘beliphatha ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso’