Imbono YeBhayibhile
Ngaba UThixo Usebenzisa Iintlekele Zemvelo Ukohlwaya Abantu Namhlanje?
KUKHO abantu abakholelwa ukuba uThixo usebenzisa iintlekele zemvelo ukohlwaya abantu. Abanye abavumelani naloo ngcamango. Kuphinda ke kubekho nabo bangaziyo ukuba bakholelwe yiphi. Omnye unjingalwazi wezifundo zonqulo uthi: “Iicawa ezininzi zifundisa ukuba akakho umntu onokuqiniseka ukuba kukuthanda kukaThixo kusini na ukwehla kweentlekele zemvelo.”
IBhayibhile inazo iimpendulo ezanelisayo kulo mba. Isinceda sazi enoba uThixo uyazisebenzisa kusini na iintlekele zemvelo ukohlwaya abantu namhlanje. Iphinda isincede siqonde oyena nobangela wezi zinto zibuhlungu kangaka zehlela abantu.
IZibhalo Zisinika Imizekelo
IBhayibhile isityhilela izinto ezimbini ezibalulekileyo neziyinyaniso ngoThixo, ogama linguYehova. Okokuqala, unguMdali ngoko unawo amandla negunya lokulawula amandla endalo asemhlabeni. (ISityhilelo 4:11) Okwesibini, izenzo zakhe zisoloko zivisisana nobuntu bakhe, iimpawu, nemigaqo yakhe. KuMalaki 3:6 uthi: “NdinguYehova, anditshintshanga.” Ngoxa ucinga ngoko, khumbula iziganeko ezibini ezakha zenzeka, esinye siquka umkhukula esinye imbalela. Uya kuphawula ukuba kwiintlekele zemvelo ezichazwa yiBhayibhile nezasetyenziswa nguThixo ukugweba abantu wayesoloko ebanika (1) isilumkiso, (2) isizathu, (3) nendlela yokukhusela abanquli bakhe abathobelayo.
UMkhukula Womhla KaNowa
Isilumkiso.
Kumashumi eminyaka ngaphambi koMkhukula, uYehova wathi kuNowa: “Uyabona, ndizisa unogumbe wamanzi emhlabeni ukuze onakalise yonke inyama.” (Genesis 6:17) UNowa, “umshumayeli wobulungisa,” walumkisa abantu, kodwa “abazange banikele ngqalelo.”—2 Petros 2:5; Mateyu 24:39.
Isizathu.
UYehova wathi: “Isiphelo senyama yonke sifikile phambi kwam, kuba umhlaba uzele lugonyamelo oluphuma kubo.”—Genesis 6:13.
Indlela yokukhusela abanquli abathobelayo.
UYehova wanika uNowa imiyalelo engqalileyo yokwakha umkhombe ukuze asinde kuloo Mkhukula. “Kwasinda uNowa kunye nabo babekunye naye emkhombeni.”—Genesis 7:23.
Imbalela KwaSirayeli
Isilumkiso.
Ngaphambi kokuba uYehova uThixo azise imbalela kwaSirayeli, umprofeti wakhe uEliya wathi: “Ebudeni bale minyaka akuyi kubakho mbethe namvula, ngaphandle komyalelo welizwi [likaThixo]!”—1 Kumkani 17:1.
Isizathu.
UYehova wenza oko ngenxa yokunqula kukaSirayeli uthixo wobuxoki uBhahali. Ecacisa oko, uEliya wathi: “Niye nayishiya imiyalelo kaYehova, naza nalandela ooBhahali.”—1 Kumkani 18:18.
Indlela yokukhusela abanquli abathobelayo.
UYehova wabalungiselela ukutya abanquli abathobelayo ebudeni baloo mbalela.—1 Kumkani 17:6, 14; 18:4; 19:18.
Oko Kutyhilwa Yile Mizekelo
Namhlanje abukho ubungqina bokuba uThixo usebenzisa iintlekele zemvelo ukohlwaya abantu ngezizathu ezingaziwayo. NjengoThixo othanda okusesikweni, uYehova akakaze ‘atshayele ilungisa kunye nongendawo.’ (Genesis 18:23, 25) Wayebalungiselela indlela yokusinda abamthobelayo. Iintlekele zemvelo zanamhlanje zibetha kwanto, amadoda, abafazi, nabantwana.
UThixo akangonobangela weentlungu ezehlela abantu
Kucacile ukuba, iintlekele zemvelo zangoku zahlukile kwezo zingumzekelo wokungenelela kukaThixo ziseZibhalweni. Kwainto yokuba zivele zihle nakanjani na ezi ziganeko ayidibani nobuntu bukaThixo. UYakobi 1:13 uthi uThixo akalingi bantu ngezinto ezimbi, ibe eyoku-1 kaYohane 4:8 ibuchaza kakuhle ubuntu bukaThixo xa isithi: “UThixo uluthando.” Akanakuze abe ngunobangela wentlungu eyehlela abantu abangenatyala ngenxa yezaqhwithi, iinyikima, nezinye iintlekele ezingakhethiyo. Ngaba ezi ntlekele ziya kuze ziphele?
Ukubandezeleka Kuza Kuphela
UYehova uThixo zange abe nenjongo yokuba abantu bathwaxwe ziintlekele zemvelo. Ukuthanda kwakhe kukuba sihlale ngoxolo nangonaphakade kulo mhlaba. Njengakumhla kaNowa, uza kulungisa imicimbi yomhlaba atshayele ububi. Njengokuba wenzayo ngaphambili, uYehova uThixo uqala akhuphe isilumkiso ehlabathini lonke, esenzela ukuba abantu bazilungiselele ukusinda.—INdumiso 37:9, 11, 29; Mateyu 24:14.