IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w93 12/1 iphe. 4-10
  • Iintlekele Zokwemvelo—Ngaba UThixo Ubekek’ Ityala?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iintlekele Zokwemvelo—Ngaba UThixo Ubekek’ Ityala?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Yintoni “Intlekele Yokwemvelo”?
  • Ngubani Obekek’ Ityala?
  • Ziyintoni Izicombululo?
  • Izenzo ZikaThixo Ezisondeleyo
  • Ithini IBhayibhile Ngeentlekele Zemvelo?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Kutheni Zixhaphake Kangaka Iintlekele Zemvelo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Ngaba UThixo Usebenzisa Iintlekele Zemvelo Ukohlwaya Abantu Namhlanje?
    Vukani!—2012
  • Xa Kusihla Iintlekele Zemvelo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
w93 12/1 iphe. 4-10

Iintlekele Zokwemvelo—Ngaba UThixo Ubekek’ Ityala?

“THIXO, yintoni le usenze yona?”

Leyo yindlela ekuthiwa owasindayo wasabela ngayo xa wayehlola intlekele ebangelwe lugqabhuko-dubulo lweNevado del Ruiz eyayigqunywe likhephu eColombia ngoNovemba 13, 1985. Udaka olwaphuma apho lwagqumelela sonke isixeko saseArmero lwaza lwabulala abantu abangaphezu kwama-20 000 ngobusuku obunye.

Siyaqondakala isizathu sokuba lowo usindileyo wasabela ngaloo ndlela. Bengenakuzinceda xa bejamelene namandla endalo oyikekayo, abantu kususela kumaxesha akudala babesithi nguThixo obangela ezo ntlekele. Abantu bamandulo babesenza amadini, kwanamadini abantu, ngenjongo yokuxolisa oothixo babo bolwandle, besibhakabhaka, bomhlaba, beentaba, beentaba-mlilo nabeminye imithombo yengozi. Nanamhlanje, ngokulula bambi bayawamkela umphumo weziganeko zeentlekele zokwemvelo njengelishwa okanye njengesenzo sikaThixo.

Ngaba ngokwenene uThixo ubangela ukuba kubekho iintlekele ezibangela ukubandezeleka nokulahlekelwa okungaka kwabantu ehlabathini lonke? Ngaba ubekek’ ityala? Ukuze sifumane iimpendulo, kufuneka siqwalasele oko kubandakanyekileyo kwiintlekele ezinjalo. Enyanisweni, kufuneka siphinde sihlolisise izibakala ezaziwayo.

Yintoni “Intlekele Yokwemvelo”?

Xa inyikima yagungqisa elaseTangshan, eTshayina, yaye ngokutsho kweengxelo zabasemagunyeni eTshayina yabulala abantu abangama-242 000, yaye xa iNkanyamba uAndrew yenza isivondoviya eMzantsi Florida naseLouisiana kwelaseUnited States yaza yabangela umonakalo ongamawaka ezigidi zeerandi, iintlekele ezinjalo zokwemvelo zaba ngundaba-mlonyeni ehlabathini lonke. Kanti, kuthekani ukuba loo nyikima yayigungqise iNtlango iGobi engenabemi, ekwiikhilomitha ezili-1 100 kumntla-ntshona weTangshan, okanye kuthekani ukuba iNkanyamba uAndrew yayithabathe ndlela yimbi yaza yenza eso sivondoviya elwandle, ingayi nokuya emhlabeni? Ngezilityelwe shici ngoku.

Ngoko, licacile elokuba, xa sithetha ngeentlekele zokwemvelo, asithethi nje ngokubonakaliswa kwamandla emvelo angaqhelekanga. Nyaka ngamnye kukho iinyikima ezingamawaka, ezincinane nezinkulu, nenani elikhulu lezichotho, izitshingitshane, iinkanyamba, ugqabhuko-dubulo lweentaba-mlilo, nezinye iziganeko eziyingozi ekuphelelwa nje ngokugcinwa kweengxelo zazo. Noko ke, xa iziganeko ezinjalo zibangela ukufa kwabaninzi nomonakalo wezinto zabantu nokuphazamiseka kwendlela eqhelekileyo yobomi, ziba ziintlekele.

Kufanele kuphawulwe ukuba umonakalo nokulahlekelwa okuba ngumphumo akusoloko kungumlinganiselo wamandla okwemvelo abandakanyekileyo. Eyona ntlekele inkulu ayibangelwa ngokusisiseko yeyona mbonakaliso yamandla abalaseleyo emvelo. Ngokomzekelo, ngowe-1971 inyikima elinganiselwa kwisi-6,6 ngokwesikali sikaRichter yagungqisa elaseSan Fernando, eKhalifoniya, eUnited States, yaza yabulala abantu abangama-65. Kunyaka kamva inyikima elinganiselwa kwisi-6,2 eManagua, kwelaseNicaragua, yabulala abantu abangama-5 000!

Ngaloo ndlela, xa kusiziwa kwintshabalalo eyandayo ebangelwa ziintlekele zokwemvelo, simele sibuze oku, Ngaba oonobangela bokwemvelo bayingozi ngakumbi? Okanye ngaba oothunywashe babantu baye bafak’ isandla kule ngxaki?

Ngubani Obekek’ Ityala?

IBhayibhile ichaza uYehova uThixo njengoMdali Ozukileyo wezinto zonke, kuquka namandla emvelo alo mhlaba. (Genesis 1:1; Nehemiya 9:6; Hebhere 3:4; ISityhilelo 4:11) Oku akuthethi ukuba nguye olawula konke ukuvuthuza komoya okanye konke ukuna kwemvula. Kunoko, uye wamisela imigaqo ethile elawula ihlabathi nemeko-bume yalo. Ngokomzekelo, kwiNtshumayeli 1:5-7, sifunda ngemisebenzi eyintloko emithathu eyenza kuqhubeke kukho ubomi emhlabeni—ukuphuma nokutshona kwelanga suku ngalunye, indlela engaguquguqukiyo yomoya nomjikelo wamanzi. Enoba uluntu luyakwazi oko okanye alukwazi, kangangeminyaka engamawaka ezi nkqubo zokwemvelo, nezinye ezifana nazo, eziquka imozulu, ukwakhiwa komhlaba nolungelelwano phakathi kwezinto eziphilayo zasemhlabeni bezisebenza. Enyanisweni, umbhali weNtshumayeli wayetsalel’ ingqalelo kumahluko omkhulu ophakathi kweendlela ezingaguquguqukiyo nezingapheliyo zendalo neendlela ezidlulayo nezokwexeshana zobomi bomntu.

UYehova akangoMdali wamandla emvelo nje kuphela kodwa ukwanamandla okuwalawula. Kuyo yonke iBhayibhile sifumana iingxelo zokulawula okanye zokusebenzisa kukaYehova amandla anjalo ukuze aphumeze iinjongo zakhe. Ezi ziquka ukwahlukana koLwandle Olubomvu ngomhla kaMoses nokumiswa kwelanga nenyanga kwindlela yazo emazulwini ngexesha likaYoshuwa. (Eksodus 14:21-28; Yoshuwa 10:12, 13) UYesu Kristu, uNyana kaThixo nonguMesiya othenjisiweyo, naye wawabonisa amandla akhe phezu kwamandla emvelo njengaxa, ngokomzekelo, wazolisa uqhwithela kuLwandle lwaseGalili. (Marko 4:37-39) Iingxelo ezifana nezi zisishiya singenamathandabuzo ngelokuba uYehova uThixo noNyana wakhe, uYesu Kristu, banokukulawula ngokupheleleyo konke okuchaphazela ubomi apha emhlabeni.—2 Kronike 20:6; Yeremiya 32:17; Mateyu 19:26.

Ekubeni oko kuyinyaniso, ngaba sinokumbek’ ityala uThixo ngomonakalo nentshabalaliso eyandayo eye yangumphumo weentlekele zokwemvelo kumaxesha akutshanje? Ukuze siphendule lo mbuzo, simele kuqala siqwalasele enoba kukho ubungqina bokuba amandla emvelo aye kutshanje ayingozi ngokuphawulekayo ngakumbi, mhlawumbi ade angalawuleki.

Mayela noku, phawula oko incwadi ethi Natural Disasters—Acts of God or Acts of Man? ikutshoyo: “Akukho bungqina bokuba izinto ezinokuthanani nemozulu ezibangela iimbalela, izikhukula nezitshingitshane ziyaguquka. Yaye akukho sazinzulu ngokwakhiwa komhlaba esithi ukushukuma komhlaba okunxulunyaniswa neenyikima, iintaba-mlilo neetsunami (amaza amakhulu abangelwa yinyikima elwandle) ziya zisiba yingozi ngakumbi.” Ngokufanayo, incwadi ethi Earthshock ithi: “Amatye elizwekazi ngalinye abonisa ukuba kuye kwenzeka iziganeko ezininzi ezinkulu nezincinane kulo mhlaba, ngasinye esinokuba yintlekele enkulu kuluntu ukuba sinokwenzeka namhlanje—yaye kuqinisekiwe ngokwenzululwazi ukuba iziganeko ezinjalo ziya kuphinda zenzeke ngokuphindaphindiweyo kwikamva.” Ngamanye amazwi, umhlaba namandla awo amakhulu phantse awukhange uguquke ukutyhubela iminyaka. Ngenxa yoko, enokuba ezinye iingxelo ezingobalo lwamanani zibonisa ulwando kwiintshukumo ezithile zomhlaba okanye akunjalo, umhlaba awukhange ube yingozi ngokungalawulekiyo kumaxesha akutshanje.

Ngoko, yintoni ebangela ukuxhaphaka nokonakalisa kweentlekele zokwemvelo esifunda ngazo? Ukuba amandla emvelo akabekek’ ityala, kubonakala ingabantu ababekek’ ityala. Yaye, eneneni, abasemagunyeni bayaqonda ukuba izinto ezenziwa ngabantu ziye zenza imeko-bume yethu yatyekela yaza yachanabeka ngakumbi kwiintlekele zokwemvelo. Kumazwe asakhasayo, imfuneko eyandayo yokutya inyanzelela abalimi ukuba balime bagqithise kuloo mhlaba banawo okanye balungiselele umhlaba abaza kuwusebenzisela ukulima ngokugeca isigqubuthelo esibalulekileyo samahlathi. Oku kukhokelela kukhukuliso lomhlaba olukhulu. Abemi abandayo kwakhona bakhawulezisa ukwanda kwamabobosi namatyotyombe akhiwe buphuthuphuthu kwimimandla engakhuselekanga. Kwanakumazwe ahambele phambili, abantu, njengezigidi ezihlala ngakwiSan Andreas Fault eKhalifoniya, baye bazichanaba engozini phezu kwazo nje izilumkiso ezicacileyo. Kwiimeko ezinjalo, xa kunokwenzeka isiganeko esingaqhelekanga—isichotho, isikhukula, okanye inyikima—ngaba umphumo oyintlekele ngokwenene kunokuthiwa “ngowokwemvelo”?

Umzekelo ocacileyo ngowembalela kwiSahel yaseAfrika. Ngokuqhelekileyo sicinga ngembalela njengebangelwa kukunqongophala kwemvula okanye amanzi, okukhokelela kwindlala, ukunqongophala kokutya nokufa. Kodwa ngaba indlala nokunqongophala kokutya okukhulu kuloo mmandla kubangelwa kukunqongophala kwamanzi kuphela? Incwadi ethi Nature on the Rampage ithi: “Ubungqina obuhlanganiswe yimibutho yezenzululwazi nenikela uncedo bubonisa ukuba indlala yanamhlanje ayibangelwa yimbalela eqhubekayo ngaphezu kokuba ibangelwa kukusetyenziswa kakubi ngokuqhubekayo kwezinto ezifumaneka emhlabeni kunye namanzi. . . . Ukuqhubeka kweSahel isiba yintlango ubukhulu becala kubangelwa ngabantu.” Iphephandaba laseMzantsi Afrika, iThe Natal Witness, lithi: “Indlala ayibangelwa kukunqongophala kokutya; ibangelwa kukungafikeleli ekutyeni. Ngamanye amazwi, bubuhlwempu.”

Kunokuthethwa okufanayo ngomonakalo omkhulu oba ngumphumo wezinye iintlekele. Uhlolisiso luye lwabonisa ukuba amazwe ahlwempuzeke ngakumbi aba nomlinganiselo wokufa ophakame ngakumbi ngenxa yeentlekele zokwemvelo kunamazwe ehlabathi afumileyo. Ngokomzekelo, ngokolunye uhlolisiso, ukususela ngowe-1960 ukusa kowe-1981, iJapan yaba neenyikima nezinye iintlekele ezingama-43 kwaza kwafa abangama-2 700, umlinganiselo wabantu abangama-63 kwintlekele nganye. Kwelo xesha likwalinye, iPeru yaba neentlekele ezingama-31 kwaza kwafa abangama-91 000, okanye abangama-2 900 kwintlekele nganye. Kutheni kukho umahluko nje? Ngamandla emvelo asenokuba aye abangela iintlekele, kodwa koko kwenziwa ngabantu—entlalweni, kwezoqoqosho, kwezobupolitika—okumelwe kubekek’ ityala ngomahluko omkhulu kwinani labantu abafileyo nokutshatyalaliswa kwezinto zabantu okuye kwangumphumo woko.

Ziyintoni Izicombululo?

Izazinzulu neengcali ziye kangangeminyaka emininzi zazama ukwenza amacebo okuhlangabezana neentlekele zokwemvelo. Ziye zawuhlolisisa ngokunzulu umhlaba zifuna ukuqonda unobangela weenyikima nogqabhuko-dubulo lwentaba-mlilo. Ngeziphekepheke zasemajukujukwini ziye zahlolisisa imozulu ukuze zilandele umkhondo wezitshingitshane neenkanyamba okanye zixele kwangaphambili izikhukula nembalela. Lonke olu phando luye lwazinika inkcazelo ezinethemba lokuba iya kuzinceda zinciphise imiphumo eyintlekele yala mandla emvelo.

Ngaba imigudu enjalo iye yanemiphumo emihle? Ngokuphathelele olu hlobo lwenkqubo ebiza intywenka yemali, ehambele phambili ngobugcisa, enye intlangano ejongene nemeko-bume yokwemvelo ithi: “Zonke ezi nkqubo zinendawo yazo. Kodwa ukuba zisebenzisa umlinganiselo ongekho ngqiqweni wemali kunye nomgudu—ukuba zisisingxengxezo sokugatya iingozi achanabeke kuzo amaxhoba ezenza iintlekele zibe mbi ngakumbi—ngoko zinokwenza umonakalo ongakumbi kunokuba zilungise.” Ngokomzekelo, ngoxa kuluncedo ukwazi ukuba intlambo eselunxwemeni lwaseBangladesh ngamaxesha onke isongelwa zizikhukula nangamaza amakhulu abakho emva kwenyikima, olo lwazi aluzithinteli izigidi zabemi baseBangladesh ekubeni zinyanzeleke ukuba zihlale apho. Umphumo uba ziintlekele eziphindaphindiweyo nenani labafayo lifikelela kumakhulu amawaka.

Ngokucacileyo, inkcazelo yezobugcisa inokuba luncedo kuphela ukusa kumlinganiselo othile. Enye into efunekayo ngamandla okunciphisa iingcinezelo ezishiya abantu benyanzelekile ukuba bahlale kwimimandla echanabeke ngokukodwa kwiingozi okanye baphile ngeendlela ezitshabalalisa imeko-bume. Ngamanye amazwi, ukuze kuncitshiswe umonakalo owenziwa zezi zinto bekuya kufuneka iguqulwe ngokucokisekileyo inkqubo yasentlalweni, yezoqoqosho neyezobupolitika esiphila phantsi kwayo. Ngubani onokuphumeza loo msebenzi? Kuphela nguLowo onokulawula kwanamandla abangela iintlekele zokwemvelo.

Izenzo ZikaThixo Ezisondeleyo

UYehova uThixo akasayi kuqhubana nemiqondiso nje kuphela kodwa uya kufikelela kwingcambu yokunxunguphala kwabantu. Uya kuphelisa iinkqubo ezibawayo nezicinezelayo zobupolitika, zorhwebo nezonqulo eziye ‘zagunyazela umntu kwaba kubi kuye.’ (INtshumayeli 8:9) Nabani na oqheleneyo neBhayibhile akasayi kusilela ukuphawula ukuba izaliswe ziziprofeto ezininzi ezalatha kwixesha laxa uThixo eya kwenza okuthile ukususa ubungendawo nokubandezeleka kulo mhlaba aze abuyisele umhlaba oyiparadisi onoxolo nobulungisa.—INdumiso 37:9-11, 29; Isaya 13:9; 65:17, 20-25; Yeremiya 25:31-33; 2 Petros 3:7; ISityhilelo 11:18.

Eneneni, oko koko uYesu Kristu wakufundisa bonke abalandeli bakhe ukuba bakuthandazele, okukoku, “Mabufike ubukumkani bakho. Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini.” (Mateyu 6:10) UBukumkani obungoMesiya buya kususa buze bume endaweni yalo lonke ulawulo lomntu olungafezekanga, njengokuba umprofeti uDaniyeli waxela kwangaphambili: “Ngemihla yabo kumkani, uThixo wamazulu uya kumisa ubukumkani obungayi konakala naphakade. Obo bukumkani abuyi kusala nabantu bambi; buya kuzicola buzigqibe zonke ezo zikumkani, bona bume ngonaphakade.”—Daniyeli 2:44.

Yintoni eya kufezwa buBukumkani bukaThixo iintlanga ezingakwazi ukuyifeza namhlanje? IBhayibhile isithela thsuphe ngokuchulumancisayo ngoko kuzayo. Kuneemeko eziboniswe kula maphepha njengendlala nokuhlwempuzeka, ‘kuya kubakho intabalala yengqolowa ezweni, ise encotsheni yeentaba,’ yaye “umthi wasendle wonika isiqhamo sawo, ilizwe linike indyebo yalo, banqabe emhlabeni wabo.” (INdumiso 72:16; Hezekile 34:27) Ngokuphathelele imeko-bume yokwemvelo, iBhayibhile isixelela oku: “Inemihlali intlango nomqwebedu; iyagcoba inkqantosi, iyadubula njengomfiyo. . . . Ngokuba kuya kugqobhoka amanzi entlango, nemilambo enkqantosini; isanga sibe lidike, neendawo ezinxaniweyo zimpompoze amanzi.” (Isaya 35:1, 6, 7) Ibe azisayi kubakho iimfazwe.—INdumiso 46:9.

Indlela uYehova uThixo aya kukufeza ngayo konke oko, nendlela aya kuqhubana ngayo nawo onke amandla emvelo ukuze angaphindi abe yingozi, iBhayibhile ayiyichazi. Noko ke, into eqinisekileyo kukuba, bonke abaphila phantsi kwaloo rhulumente wobulungisa “abayi kuzixhamla ngokulambathayo, bazalele ukhwankqiso; ngokuba bayimbewu ayisikeleleyo uYehova, nabaphume ezibilinini zabo banabo.”—Isaya 65:23.

Kweli phephancwadi, kwanakwezinye iimpapasho zeWatch Tower Society, amaNgqina kaYehova aye ngokuphindaphindiweyo abonisa ukuba uBukumkani bukaThixo bamiselwa emazulwini ngonyaka we-1914. Ngaphantsi kolwalathiso lobo Bukumkani, kuye kwanikelwa ubungqina emhlabeni wonke phantse kangangeminyaka engama-80, yaye namhlanje sisemgubasini ‘wamazulu amatsha nomhlaba omtsha’ othenjisiweyo. Uluntu luya kukhululwa kungekuphela nje kumonakalo weentlekele zokwemvelo kodwa nakwiintlungu nokubandezeleka okuye kwathwaxa uluntu kwiminyaka engamawaka amathandathu edluleyo. Ngeloo xesha, ngokwenene kunokuthethwa oku, “izinto zokuqala zigqithile.”—2 Petros 3:13; ISityhilelo 21:4.

Noko ke, kuthekani ngeli xesha? Ngaba uThixo ubebanceda abo basembandezelweni ngenxa yeemeko zokwemvelo okanye ezinye? Ngokuqinisekileyo uye wenjenjalo kodwa kungekhona ngendlela abantu abaninzi abasenokulindela ngayo.

[Imifanekiso ekwiphepha 8, 9]

Izinto ezenziwa ngabantu ziye zenza imeko-bume yethu yatyekela ngakumbi kwiintlekele zokwemvelo

[Inkcazelo]

Laif/Sipa Press

Chamussy/Sipa Press

Wesley Bocxe/Sipa Press

Jose Nicolas/Sipa Press

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share