Isahluko 12
Umnqophiso Omtsha KaThixo Sele Uza Kuwufeza Umsebenzi Wawo
1. (a) Bekuya kwenzeka ntoni kumhlaba wethu ukuba uThixo wayengabambelelanga kumnqophiso wakhe ongemini nalowo ungobusuku? (b) Ekubeni uThixo enamathela ngokunyanisekileyo kwiminqophiso yakhe, singaqinisekiswa ngantoni?
BESIYA kwenza ntoni ukuba uThixo ebenganyanisekanga kumnqophiso wakhe ongemini nalowo ungobusuku? Endaweni yokuba nemini nobusuku ezitshintshanayo, umhlaba wethu ubuya kukhanyiswa kukukhanya okungapheliyo okanye ugutyungelwe bubumnyama obungapheliyo. (Genesis 1:1, 2, 14-19) Kodwa uThixo unamathela ngokunyanisekileyo kwiminqophiso yakhe. Ngoko sinokuqiniseka ngokupheleleyo ukuba inyanga, ilanga kwanamakroza amazulu akayi kuze atshatyalaliswe; noMhlaba wethu awuyi kutshatyalaliswa.
2. UYehova wawaxelela ntoni amaYuda ngokunxibelelene nomnqophiso wakhe wemini nalowo wobusuku?
2 Ethetha ngomnqophiso wakhe wemini nalowo wobusuku, uThixo wathi kumaYuda awayephantsi kobukumkani bendlu yasebukhosini kaDavide: “Ukuba nithe nawaphula umnqophiso wam wemini, nomnqophiso wam wobusuku, ukuze kungabikho mini nabusuku ngexesha elililo: woba uya kwaphulwa nawo umnqophiso wam noDavide umkhonzi wam, ukuba angabi nanyana ungukumkani etroneni yakhe.”—Yeremiya 33:20, 21.
3. La mazwi abonisa ntoni ngomnqophiso wakhe noDavide ongoBukumkani obungunaphakade?
3 Kuloo mazwi sinobungqina obungangqalanga bokuba umhlaba wethu, ukunye nelanga nenyanga, ziya kuhlala ngonaphakade. (INtshumayeli 1:4) Umhlaba wethu uya kusoloko umiwe ngabemi abangabantu, ukuze banandiphe ubuhle bemini nobobusuku phantsi koThixo ogcina umnqophiso, uMdali womntu. Ibe kanye njengokuba uYehova eye wabambelela ngokuqinileyo kumnqophiso wakhe wemini nalowo wobusuku, ngokukwanjalo uye wahlala enyanisekile kumnqophiso wakhe noKumkani wamandulo onguDavide wokumiselwa koBukumkani obungunaphakade kumnombo wentsapho kaDavide. Oku kuyinyaniso nakubeni isihlalo soBukumkani kuye kwafuneka sifuduswe emhlabeni sisiwe kumazulu angabonakaliyo.—INdumiso 110:1-3.
4. (a) Umnqophiso kaThixo noDavide ongoBukumkani obungunaphakade unxulunyaniswa nawuphi omnye umnqophiso? (b) Wathini uYesu Kristu ngawo, ibe phantsi kwaziphi iimeko?
4 Umnqophiso kaThixo woBukumkani obungunaphakade kumnombo wenzala kaDavide unxulunyaniswa nomnye umnqophiso, “umnqophiso omtsha.” Lo mnqophiso owawuza kuthabathel’ indawo umnqophiso omdala wakhankanywa nguYesu. Oku wakuthetha emva kokwenza kwakhe iPasika yamaYuda nabafundi bakhe abathembekileyo ngobusuku bukaNisan 14 ngowama-33 C.E. Wamisela oko kwaye kwabizwa ngokuba ‘sisidlo seNkosi sangokuhlwa.’ Wayesazi ukuba, kwangaloo mini yePasika, wayeza kuliphalaza igazi lakhe njengedini. Ngenxa yoko, wathabatha indebe yewayini ebomvu, kodwa ngaphambi kokuyidlulisela kubapostile bakhe abathembekileyo, wathi: “Le ndebe ingumnqophiso omtsha osegazini lam.”—Luka 22:20; 1 Korinte 11:20, 23-26.
5. Idinga likaThixo elingomnqophiso omtsha lenziwa koobani, ibe ngaba iRiphabliki yakwaSirayeli izibanga ikulo mnqophiso?
5 Njengomnqophiso omdala, umnqophiso omtsha wenziwa nohlanga kodwa awenziwa kunye naluphi na uhlanga oluyinxalenye yeentlanga zeNgqobhoko. Nangona idinga lomnqophiso omtsha lenziwa ngomprofeti uYeremiya kuhlanga lwakwaSirayeli kwiminyaka engaphezu kwama-2 500 eyadlulayo, iRiphabliki yakwaSirayeli yanamhla ayizibangi njengekumnqophiso omtsha. Kunoko, iRiphabliki yakwaSirayeli yaba lilungu leZizwe Ezimanyeneyo.
6. Ngokutsho kukaYeremiya isahluko 31, kutheni le nto uThixo wakubona kuyimfuneko ukwenziwa komnqophiso omtsha, ibe wawuya kuphumela entwenini?
6 Kutheni le nto uThixo waye wafuna umnqophiso omtsha? UYeremiya 31:31-34 ucacisa ngokuthi: “Yabona, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kwenza umnqophiso omtsha nendlu kaSirayeli nendlu kaYuda; ungabi njengomnqophiso endawenza nooyise ngomhla endababambayo ngesandla, ukuba ndibakhuphe ezweni leYiputa; umnqophiso wam abasuka bawaphula bona, nangani bendiyindoda yabo; utsho uYehova. Nguwo ke lo umnqophiso, endiya kuwenza nendlu kaSirayeli emva kwaloo mihla, utsho uYehova: ndiya kuwubeka umyalelo wam embilinini wabo, ndiwubhale ezintliziyweni zabo, ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam; bangabi safundisa elowo ummelwane wakhe, elowo umzalwana wakhe, besithi, Mazini uYehova; ngokuba bonke bephela baya kundazi, kuthabathela kwabancinane kuse kwabakhulu, utsho uYehova; ngokuba ndiya kubuxolela ubungwenxa babo, ndingabi sasikhumbula isono sabo.”
Umnqophiso Olunge Ngakumbi NoMlamli Olunge Ngakumbi
7. Ngaba umnqophiso omtsha kukuhlaziywa komnqophiso owaphulwa ngamaSirayeli, ibe kungani ulunge ngakumbi nje kunomnqophiso woMthetho?
7 Umnqophiso omtsha asikokuhlaziywa nje komnqophiso wangaphambili owaphulwa ngamaSirayeli. Ngokwenene, akunjalo! Kuba umpostile uPawulos ubhalela amaKristu aseRoma, esithi: “Aniphantsi komthetho, niphantsi kobabalo.” (Roma 6:14) Ngokwenene ngumnqophiso omtsha ibe kwakulindelwe ukuba wawuza kuba ngolunge ngakumbi, kuba uThixo uSomandla onguYehova uyakwazi ukuyiphucula imicimbi ngokubhekisele kwabo abamkelela kumnqophiso omtsha. Phakathi kwezinye izinto, wavelisa uMlamli olunge ngakumbi, ekusekeni umnqophiso omtsha. Lo Mlamli wayengenguye umntu ongafezekanga, umntu owasulelwe ngesono njengomprofeti uMoses.
8. (a) Umnqophiso omtsha unantoni le iwenza ube ngolunge ngakumbi kunomnqophiso woMthetho? (b) Ungubani uMlamli womnqophiso omtsha olunge ngakumbi? (c) Athini amaHebhere 8:6, 13 ngomnqophiso omtsha nokongama koMlamli wawo, nto leyo enawuphi umphumo kumnqophiso wangaphambili?
8 Umnqophiso woMthetho owawunomlamli ongumprofeti uMoses wawulungile ngokwawo. Phofu ke, loo mnqophiso wawunelungiselelo lokwenziwa idini kwezilwanyana ezigazi lazo lalingenakuze lizishenxise ngokupheleleyo izono zabantu. Ngoko ukuze uYehova uThixo aseke umnqophiso olunge ngakumbi, kwakuya kufuneka kubekho uMlamli olunge ngakumbi onedini elilunge ngakumbi. Lo Mlamli owayeyimfuneko ngokupheleleyo wangqineka enguYesu Kristu. Ibonisa ukongama kwalo Mlamli, xa ethelekiswa nomprofeti uMoses, iBhayibhile isinika ingcaciso elandelayo: “Kodwa kungoku, [uYesu] uzuze umbuso ogqithiseleyo kulowo, kangangokuba engumlamleli womnqophiso olungileyo ngakumbi, wona usekwe phezu kwawona madinga alungileyo. . . . Ngokuthi oku, Omtsha, uwaluphalisile owokuqala.”—Hebhere 8:6, 13.
Ukuthatyathelw’ Indawo Komnqophiso Omdala ‘Owalupheleyo’
9. (a) Umnqophiso omdala wadlula nini? (b) Kwenzeka ntoni ngaloo ntsasa, ibe oku kungqinela ntoni?
9 Loo mnqophiso ‘waluphalisiweyo,’ okanye ophelelwe lixesha, waphela kwimihla engama-50 emva kokuvuka koMlamli womnqophiso omtsha. Oku kwenzeka ngomhla wePentekoste. Ngentsasa yaloo mini, uMthendeleko wamaYuda Wokuhlanganisa nongowokomfuziselo waqalisa. Njani? Kaloku, abafundi abathembekileyo abali-120 boMlamli womnqophiso omtsha bahlanganisana kwigumbi eliphezulu eYerusalem baza bafumana umoya oyingcwele othenjisiweyo, ukuzalisekisa isiprofeto sikaYoweli 2:28-32. Oku kwangqina ukuqalisa komnqophiso omtsha ngokunikelwa kobungqina obeviwayo nobabubonakala kubo bonke ababebukele.
10. Ngaloo mhla wePentekoste, kwabonakaliswa njani ukuba abafundi bakaYesu babethanjiswe ngomoya oyingcwele?
10 Xa uYesu waphumayo kumanzi awabhaptizwa kuwo naxa kwathululwa umoya oyingcwele phezu kwakhe, umoya ngokungummangaliso wafuziselwa ngumfanekiso wehobe elalindanda phezu kwentloko yakhe. Kodwa kubafundi abangamaHebhere ababeli-120 ngomhla wePentekoste, kwabonakaliswa njani ukuthanjiswa kwabo ngomoya oyingcwele? Ngokubonakala kweelwimi ezingathi zezomlilo phezu kweentloko zabo nangokuphiwa ubuchule bokuvakalisa iLizwi likaThixo ngeelwimi zasemzini ababengazange bazifunda.—Mateyu 3:16; IZenzo 2:1-36.
11. (a) Yintoni efanele ibonakale kumaYuda, yaye ngoba? (b) Sazi njani ukuba amaYuda akathi omnye komnye, ‘Mazi uYehova!’ ibe luluphi ulonwabo angenalo?
11 Kufanele kubonakale kumaYuda nakubefundisi bawo ukuba umnqophiso woMthetho kaMoses awusasebenzi. Ukususela ekutshatyalalisweni kweYerusalem yimikhosi yamaRoma ngowama-70 C.E., awakhange abe natempile. Ngelo xesha, iingxelo zawo zomnombo wokuzalwa zalahleka okanye zatshatyalaliswa. Ngaloo ndlela namhlanje akazi ukuba ngoobani na abangabesizwe sikaLevi ibe bengoobani na abayinzala ka-Aron ukuze bakhonze kwisigxina sombingeleli omkhulu kuhlanga lwamaYuda. Endaweni yokuba athi omnye komnye, ‘Mazi uYehova!’ ukubiza igama likaThixo akugqala kungafanelekanga. Ngoko awalufumani ulonwabo olufunyanwa ngamaNgqina kaYehova ngenxa yokuba umnqophiso omdala ‘owaluphalisiweyo’ uye wathatyathelw’ indawo ngomnqophiso omtsha.
‘Umnqophiso Ongunaphakade’
12. (a) AmaNgqina kaYehova anokuthelela kuwuphi umthandazo ngokusuka ezintliziyweni? (b) UYesu wavuswa kwelabafileyo enantoni?
12 Ngokwahluke ngokupheleleyo kwimeko yamaYuda yanamhlanje, amaNgqina kaYehova anoMbingeleli Omkhulu okhutheleyo nophumeza umsebenzi wakhe kwisandla sokunene sikaThixo emazulwini. UnguMlamli womnqophiso omtsha, umlamli omkhulu ngokugqithiseleyo kunoMoses. Ngokusuka entliziyweni, la mangqina kaYehova anokuthelela kumthandazo wombhali okumaHebhere 13:20, 21: “Ke kaloku uThixo woxolo, lowo wamvusayo kwabafileyo uMalusi oMkhulu wezimvu, ngegazi lomnqophiso ongunaphakade, iNkosi yethu uYesu, wanga anganilungisa, nigqibelele emisebenzini yonke elungileyo, ukuze nikwenze ukuthanda kwakhe.” Ekubeni “uMalusi oMkhulu” wabuncamela ‘izimvu’ ubomi bakhe bobuntu, wayenokuvuswa kwelabafileyo ekumzimba womoya ongenakufa nongenagazi kodwa unexabiso legazi lomnqophiso omtsha ogcinwa ngokuthembekileyo nongunaphakade kwimiphumo elungileyo yawo.
13. (a) Ukufa koMlamli womnqophiso omtsha kukhunjulwa njani nyaka ngamnye ngamaNgqina kaYehova? (b) Ifanekisela ntoni imifuziselo?
13 Ukufa okulidini koMlamli womnqophiso omtsha, uYesu Kristu, kukhunjulwa minyaka le ngamaNgqina kaYehova kwisikhumbuzo ‘sesidlo seNkosi sangokuhlwa.’ Isonka esingenagwele esidliwa ngabo bakumnqophiso omtsha ebudeni beso ‘sidlo sangokuhlwa’ sifuzisela umzimba ofezekileyo woMlamli, newayini ifuzisela igazi elinyulu nelicocekileyo nelathi, ngokutsho kweZibhalo laba nexabiso lobomi boMlamli.—1 Korinte 11:20-26; Levitikus 17:11.
14. Xa abo bakumnqophiso omtsha bethabatha kwimifuziselo yeSikhumbuzo, benza ntoni, ngokufuziselayo?
14 Xa abo bakumnqophiso omtsha besela kwindebe yewayini yeSikhumbuzo ‘kwisidlo seNkosi sangokuhlwa,’ balisela ngokufuziselayo igazi, elo loMlamli womnqophiso omtsha. Bakwayidla ngokomfuziselo nenyama yakhe xa bethabatha kwisonka esingenagwele seSikhumbuzo. Ngokwenjenjalo, ngokufuziselayo, babonakalisa ukholo lwabo kwidini lentlawulelo loNyana kaThixo, uMhlawuleli walo lonk’ uluntu.
15. (a) Unethuba elingakanani umnqophiso omtsha ukho, ibe eneneni ungqineke njani ungumnqophiso olunge ngakumbi? (b) Kutheni le nto kunokubhekiselwa kumnqophiso omtsha ‘njengomnqophiso ongunaphakade’?
15 Umnqophiso omtsha, ngoku oneminyaka engaphezu kweli-1 950 ukho, sele iza kufezwa injongo yawo. Sele uneenkulungwane ezininzi ukho kunomnqophiso woMthetho kaMoses. Ekubeni usekelwe kumadinga alunge ngakumbi nakwidini elilunge ngakumbi elinoMlamli olunge ngakumbi, eneneni uye wangqineka ungumnqophiso olunge ngakumbi. Ngenxa yokuba ungakufuni ukulahlwa okanye ukuthatyathelw’ indawo ngumnqophiso omtsha nolunge ngakumbi, lo mnqophiso mtsha uphumelelayo kubhekiselwe kuwo ‘njengomnqophiso ongunaphakade.’—Hebhere 13:20.
16. Simele sibe nombulelo ngenxa yayiphi into kuYehova uThixo?
16 Siyambulela uThixo uSomandla, uYehova, kuba eye wavelisa uMlamli olunge ngakumbi kunoMoses, awathi ngaye Wawushenxisa ngokusemthethweni umnqophiso woMthetho kaMoses ngokuwubethelela kumthi wentuthumbo nangokulungiselela igazi lomnqophiso omtsha ongunaphakade!
[Imifanekiso ekwiphepha 105]
Umnqophiso omtsha owawunomlamli onguYesu uwudlula lee umnqophiso omdala owawunomlamli onguMoses