Isahluko 13
“UMthetheli Woxolo” Uphethukela Kwabangekho Kumnqophiso Omtsha
1. Kutheni le nto amaYuda namhlanje engenakukhanyela nje ukuba umnqophiso kaMoses owenziwa nookhokho bawo wawuza kufikelela esiphelweni?
NAMHLANJE amaYuda okwemvelo, abo bayinzala yokwenyama yosolusapho uAbraham, akanakukhanyela ukuba umnqophiso omdala woMthetho kaMoses wawumele uthatyathelw’ indawo ngumnqophiso omtsha nolunge ngakumbi. Akanakuwashenxisa kwimibhalo-ngqangi yawo yeZibhalo zesiHebhere amazwi kaThixo akuYeremiya 31:31: “Yabona, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kwenza umnqophiso omtsha nendlu kaSirayeli nendlu kaYuda.”
2. Wazinziswa njani ekugqibeleni umbuzo ongokuba ngubani na owayeza kuba nguMlamli womnqophiso omtsha?
2 Ukuba yayiza kuba ngubani na umlamli waloo mnqophiso mtsha akuzange kuxelwe kwangaphambili nguYeremiya. Kodwa ngobusuku bukaNisan 14, ngowama-33 C.E., xa uYesu Kristu wahambisa indebe yewayini yePasika kubafundi bakhe, wabonisa ukuba wayeza kuba ngulo Mlamli. (Luka 22:20) KumaHebhere 7:22 (NW) sixelelwa ukuba “ungumqondiso oqinisekisayo,” okanye isiqinisekiso saloo ‘mnqophiso ungowona ulungileyo’ nomtsha.
3. Sisiphi esinye isikhundla uYesu Kristu anaso kuThixo, ibe ngaba wasifumana ngokuba eyinzala yomnombo?
3 Ngedini lakhe awalenzela umnqophiso omtsha, uYesu waba nguMbingeleli Omkhulu kaYehova. Akazange abe nguye ngenxa yokuba yinzala yokwemvelo ka-Aron, umbingeleli omkhulu wokuqala wakwaSirayeli. Wafungiswa kwisikhundla sokuba nguMbingeleli Omkhulu nguThixo Osenyangweni, uYehova, uMenzi woMbingeleli. Amazwi eNdumiso 110:4 asebenza kuYesu: “Ufungile uYehova, akayi kuzohlwaya; uthe, Ungumbingeleli ngonaphakade wena ngokohlobo lukaMelkitsedeke.”—Hebhere 7:20, 21.
4. (a) UYehova wenza umnqophiso omtsha othenjisiweyo ‘noSirayeli’ oluhlobo luni, ibe ngoba? (b) Abo bathatyathelwa kumnqophiso omtsha bangoonyana babaphi abazali?
4 Ngaphandle kwentsalela encinane, uhlanga lukaSirayeli wokwemvelo lwamchasa uYesu Kristu njengoMlamli womnqophiso omtsha. Ngaloo ndlela ‘indlu kaSirayeli’ uThixo awenza nayo umnqophiso omtsha owaxelwa kwangaphambili yangqineka inguSirayeli wokomoya, ‘uSirayeli kaThixo.’ (Galati 6:16) Loo Sirayeli wokomoya wabakho ngomhla wePentekoste, ngowama-33 C.E. Ekubeni engowokomoya, wayenokwamkela abantu abakholwayo abangengomaYuda, okanye iiNtlanga. (IZenzo 15:14) UPetros wambiza ngokuthi “sisizukulwana esinyuliweyo, isibingeleli esibukumkani, uhlanga olungcwele, abantu abayinqobo.” (1 Petros 2:9) Olu ‘hlanga lungcwele’ lubunjwe ngoonyana bokomoya baka-Abraham Omkhulu, uYehova, uMenzi noMzalisekisi womnqophiso ka-Abraham. Ngenxa yoko, kwangaxeshanye ‘bangoonyana’ bentlangano kaYehova ebumfazi yasezulwini, eyafanekiselwa nguSara, umfazi ka-Abraham. Ngokungaphephekiyo, umnqophiso omtsha ka-Abraham Omkhulu uyigqala loo ntlangano yasezulwini njengomama ‘wembewu’ ethenjisiweyo, eyafanekiselwa nguIsake.
Ukuqukwa ‘Kwezinye Izimvu’ Kumhlambi Omnye
5. Umnqophiso omtsha wawufuna ntoni apha emhlabeni?
5 Loo mnqophiso mtsha wawufuna abalungiseleli abakhutheleyo apha emhlabeni, ibe amalungu entsalela ethanjisiweyo aye akhonza ‘njengabalungiseleli abafaneleke kunene bomnqophiso omtsha’ oye wathabathel’ indawo umnqophiso omdala woMthetho kaMoses. (2 Korinte 3:6) Abangabo abalungiseleli abangabefundisi abakumahlelo onqulo lweNgqobhoko angamakhulukhulu, inxalenye ebalaseleyo yeBhabhiloni Enkulu yanamhla. Baye baluthobela ubizo oluyalelayo lweSityhilelo 18:4 ibe baphumile kobo bukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki.
6. (a) Inani labalungiseleli bomnqophiso omtsha lipheleliselwe kwabangaphi? (b) Sazi njani ukuba uMalusi Olungileyo wayeya kuphethulela ingqalelo yakhe kwabo bangekho kumnqophiso omtsha?
6 Inani labalungiseleli baloo mnqophiso mtsha laliza kulinganiselwa kwabali-144 000. (ISityhilelo 7:1-8; 14:1-5) Ngoko lalifanele lifike ixesha laxa uMalusi Olungileyo wayeya kuphethulela ingqalelo yakhe ingafikeleli nje kuphela kubalungiseleli bomnqophiso omtsha. INkulumbuso kaYehova yakubona kwangaphambili oku yaza yabhekisela koku xa yathi, kuYohane 10:16, ‘yayinezinye izimvu’ ezazingeyonxalenye ‘yomhlambi omncinane’ we-144 000.—Luka 12:32.
7. (a) Kutheni le nto amalungu odidi ‘lwezinye izimvu’ engengawo abalungiseleli bomnqophiso omtsha? (b) Intsalela yabo bakumnqophiso omtsha sele iyintsikelelo njani kwiintsapho nakwiintlanga zomhlaba?
7 Ngoxa “ezinye izimvu” zazingayi kuba yinxalenye ‘yomhlambi omncinane,’ zaziya kuba ngabalungiseleli bakaThixo, kodwa ingengabo abalungiseleli bomnqophiso omtsha. Ibe isibakala sokuba ezo ‘zimvu zizezinye’ zaziya kuba ‘ngumhlambi omnye’ nentsalela yabo “balungiseleli bomnqophiso omtsha” sasiya kubonisa into ezukileyo. Yintoni leyo? Oku: Ngaphambi kokuzukiswa kuBukumkani basezulwini, intsalela yayiya kunxulumana ngokobuqu “nezinye izimvu” emhlabeni. Ngale ndlela intsalela yembewu yokomoya ka-Abraham yayiya kuqalisa ukusikelela zonke iintsapho neentlanga ngaphambi ‘kwemfazwe yaloo mini inkulu kaThixo uSomandla’ eArmagedon nangaphambi kokuqalisa kweWaka Leminyaka.—Galati 3:29; ISityhilelo 16:14, 16.
8. UMalusi Olungileyo wayiphethulela nini ingqalelo yakhe kwabo bangekho kumnqophiso omtsha, ibe liliphi inyathelo lokuqala ezi ‘zimvu zizezinye’ eziye zalithabatha?
8 Oku ngokwenene kungqineke kunjalo, ingakumbi ukususela ngowe-1935. Ukususela ngoko, izigidi zabo ‘bezinye izimvu’ ziye zanxulumana namawakawaka amabandla amaNgqina kaYehova jikelele emhlabeni ibe ziye zazahlulela kuMalusi Owongamileyo, uYehova uThixo. Ngaloo ndlela ziye zamkelwa ‘kumhlambi omnye’ woMalusi Olungileyo, uYesu Kristu.
9. Ngaba ukwandiswa kwengqalelo yoMlamli womnqophiso omtsha kwakuthetha ukuba ubulungiseleli bomnqophiso omtsha babuphelile emhlabeni?
9 Ngaba isibakala sokuba uMlamli womnqophiso omtsha wathi, ukususela ngoko ukubhekisa phambili, wayinabisa ingqalelo yakhe ukuze aquke ‘kwanezinye izimvu’ sasithetha ukuba ubulungiseleli bomnqophiso omtsha baphela ngowe-1935? Akunjalo, kuba kusekho intsalela yabalungiseleli bomnqophiso omtsha emhlabeni, ibe kusafuneka igqibe obo bulungiseleli.
10. Ngoobani namhlanje abangenelwayo kubulungiseleli bomnqophiso omtsha njengoko banikelwa ngababhali abasibhozo beZibhalo zamaKristu zesiGrike?
10 Namhlanje, intsalela ‘yomhlambi omncinane’ ‘nesihlwele esikhulu’ esandayo ‘sezinye izimvu’ zoMalusi Olungileyo bonke bayangenelwa bubulungiseleli babanye abahamba phambi kwabo, abanjengompostile uPawulos. Ekuphumezeni ubulungiseleli bakhe bomnqophiso omtsha ngokuthembekileyo de kwasekufeni kwakhe eRoma ngaxa lithile ngaphambi kokutshatyalaliswa kweYerusalem ngowama-70 C.E., uPawulos waphefumlelwa ukuba abhale iincwadi ezili-14 kwezingama-27 zeZibhalo zamaKristu zesiGrike. Hayi indlela enokuba nombulelo ngayo intsalela ethanjisiweyo ‘nesihlwele esikhulu’ ‘sezinye izimvu’ kuba abantu abathembekileyo benkulungwane yokuqala, abanjengompostile uPawulos nabanye ababhali abasixhenxe beZibhalo zamaKristu zesiGrike, bathi baphumeza ubulungiseleli babo bomnqophiso omtsha de kwaba kukufa kwabo emhlabeni! Ibe kwixesha lethu, izigidi ‘zezinye izimvu’ sezingenelwa kubulungiseleli bomnqophiso omtsha, njengoko banikelwa yintsalel’ ethanjisiweyo phantsi koMlamli uYesu Kristu. “UMthetheli Woxolo” ngoku uphethulele ingqalelo yakhe kwezi ‘zimvu zizezinye’ zithandekayo, ezinani lazo liye lakhula ngokuphindaphindiweyo.
11. (a) Unethuba elingakanani umnqophiso omtsha usebenza, ibe oku kubonisa ntoni? (b) Intsalela yabalungiseleli bomnqophiso omtsha ikhonza kwesiphi isigxina namhlanje?
11 Noko ke, ixesha limele ukuba liyaphela ngoku! Umnqophiso omtsha ubusebenza iminyaka eli-1 953, mdala kangangeminyaka engama-407 kunomnqophiso woMthetho kaMoses owathatyathelw’ indawo nguwo, ibe inani labalungiseleli bomnqophiso omtsha liyancipha njengoko amalungu ephela emhlabeni ngokufa. Kodwa intsalela yanamhla yabo balungiseleli iyaqhubeka ikhonza ‘njengomkhonzi othembekileyo noqondayo’ iNkosi, uYesu Kristu, ammisele ‘phezu kwayo yonke impahla yakhe.’—Mateyu 24:45-47.
Ukuvakalisa Isimemo Esithi: “Yiza”!
12. Ngokutsho kweSityhilelo 22:17, sisiphi isimemo esivakaliswa ludidi ‘lomtshakazi,’ ibe sivakaliswa koobani?
12 Hayi indlela ethandeka ngayo inkonzo enikelwa ngabo balungiseleli bomnqophiso omtsha! Ngokomzekelo, kwiSityhilelo 22:17 sifunda oku: “UMoya nomtshakazi bathi, Yiza. Lowo uvayo makathi, Yiza. Lowo unxaniweyo makeze; lowo uthandayo, makawathabathe amanzi obomi ngesisa.” Udidi ‘lomtshakazi,’ lukunye namandla okanye umoya kaThixo osebenzayo, luvakalisa eso simemo kwabo bangekho kumnqophiso omtsha. Esi simemo sihanjiswa, kungekhona kwabo bafileyo ngoku emangcwabeni abaza kusikelelwa ngovuko lwabafileyo, kodwa sihanjiswa ebantwini abaphilayo ngoku abakwingozi yokutshatyalaliswa eArmagedon kodwa abaneendlebe zokuva.
13. (a) Ngaba isimemo esivakaliswa ludidi ‘lomtshakazi’ besililize? Cacisa. (b) Benza ntoni abo sele besamkele esi simemo ngokuthobela ISityhilelo 22:17? (c) Lingakanani ixesha eliseleyo lokuvakaliswa kwesi simemo?
13 Esi simemo sithandekayo asihanjiswanga ngokulilize zwenibanzi ingakumbi ukususela ngowe-1935. Abantu abangaphezu kwezigidi ezithathu sele besabele kwisimemo senceba sokuza nokusela. Njengabo baye baphulaphula ngoxabiso, ngokuthobekileyo bathetha oku kwezinye izigidi ezininzi ezisalangazelela ubomi obungenasiphelo kumhlaba oyiparadisi, “Yiza”! Kodwa ixesha lokudlulisa esi simemo senceba ‘kwezinye izimvu’ lilinganiselwe. Emva kokudluliswa kwaso kwithuba elingaphezu kwesiqingatha senkulungwane, ixesha eliseleyo ngoku lifutshane gqitha, njengoko imfazwe kaThixo eArmagedon isondela ngendlela esongelayo ‘kwesi sizukulwana’ soluntu.—Mateyu 24:34.
14. UYehova simele simbulele size simdumise ngenxa yantoni?
14 Ke ngoko, siyambulela uYehova kuba elungiselele uMlamli ofanelekileyo oyiphumeza ngempumelelo injongo yomnqophiso omtsha ekuveliseni abantu, abali-144 000, abangabegama Lakhe! Kwakhona, siyamdumisa uYehova kuba uMlamli wakhe njengoMalusi Olungileyo sele engenisa “ezinye izimvu” ezizizigidi ezandayo ‘kumhlambi omnye,’ apho sezifumene iingenelo zokuqala ezizuzwa luluntu kumnqophiso omtsha!
[Umfanekiso okwiphepha 111]
Izigidi ‘zezinye izimvu’ ziye zangena kwintlangano kaYehova ebonakalayo kule mihla yokugqibela