Isahluko 10
Isiprofeto SeBhayibhile Osibone Sizaliseka
Ngaba wakha wazibuza isizathu sokuba izinto zahluke kangaka namhlanje xa zithelekiswa nendlela ezaziyiyo kwiminyaka elikhulu eyadlulayo? Ezinye izinto zilunge ngakumbi. Kumazwe amaninzi, izifo ezazikade zibulala kwixa elidluleyo ngoku sekusisiqhelo ukunyangwa kwazo, yaye umntu nje oqhelekileyo unandipha umgangatho wokuphila abangazange baphuphe nokuphupha ngawo ooyisemkhulu. Kwelinye icala, inkulungwane yethu iye yanezona mfazwe zimbi neentlekele ezithile ezizezona zimanyumnyezi kwezakha zakho embalini. Ukuchuma koluntu—kwanokuqhubeka kwalo lukho—kusongelwa kukwanda ngokugqithiseleyo kwabemi, yingxaki yongcoliso, nokufunjwa okukhulu kwezixhobo zenyukliya, kwezixhobo ezisasaza iintsholongwane nezibulala ngetyhefu zezizwe ngezizwe. Kutheni le nto inkulungwane yama-20 yahluke kangaka kwiinkulungwane ezidluleyo?
1. (Quka intshayelelo.) (a) Inkulungwane yama-20 iye yahluka njani kwezinye iinkulungwane ezidluleyo? (b) Yintoni eya kusinceda siqonde isizathu sokuba amaxesha ethu ahluke kangaka?
IMPENDULO yalo mbuzo inokuthanani nesiprofeto esiphawulekayo seBhayibhile osibone sizaliseka. Sisiprofeto esavakaliswa nguYesu ngokwakhe nesithi, ngaphandle kokunikela ubungqina bokuba iBhayibhile iphefumlelwe, sibonise ukuba siphila ngokusondele gqitha kwiinguqulelo ezikhwankqisa ngokwenene eziza kwenzeka ehlabathini. Sithini esi siprofeto? Yaye sazi njani ukuba siyazaliseka?
Isiprofeto Esikhulu SikaYesu
2, 3. Abafundi bakaYesu bambuza wuphi umbuzo, yaye impendulo yakhe siyifumana phi?
2 IBhayibhile isixelela ukuba kungethuba lingakanani ngaphambi kokufa kukaYesu, abafundi bakhe babexubusha ngezakhiwo ezikhulu zetempile eyayiseYerusalem; babechukumisekile bubukhulu bazo nokubonakala kwazo ngathi azinakuze zidilizwe nto. Kodwa uYesu wathi: “Niyazibona na zonke ezi zinto? Inene, ndithi kuni, Akusayi kusala apha ilitye phezu kwelitye, elingayi kuchithwa.”—Mateyu 24:1, 2.
3 Abafundi bakaYesu bamele ukuba bamangaliswa ngamazwi akhe baza beza kuye kamva bezokufuna inkcazelo engakumbi, besithi: “Sixelele ukuba ziya kubakho nini na ezo zinto; uya kuba yini na umqondiso wokufika kwakho, nowokupheliswa kwephakade eli?” (Mateyu 24:3) Impendulo kaYesu ifumaneka kwinxalenye eseleyo yesahluko sama-24 nesama-25 sikaMateyu. Kwakhona, amazwi akhe abhalwe kuMarko isahluko 13 nakuLuka isahluko 21. Ngelicacileyo esi yayisesona siprofeto sibalulekileyo savakaliswa nguYesu ngoxa wayesemhlabeni.
4. Abafundi bakaYesu babebuza ngaziphi izinto ezahlukahlukeneyo?
4 Eneneni, abafundi bakaYesu babengabuzi nje into enye. Okokuqala, baphakamisa lo mbuzo: “Ziya kubakho nini na ezo zinto?” oko kukuthi, Iya kutshatyalaliswa nini na iYerusalem netempile yayo? Ngokubhekele phaya, babefuna ukwazi umqondiso owawuya kubonisa ukuba babuqalisile ubukho bukaYesu njengoKumkani woBukumkani bukaThixo basezulwini nowokuba isiphelo sale nkqubo yezinto sasisondele.
5. (a) Kwabakho yiphi inzaliseko yokuqala yesiprofeto sikaYesu, kodwa amazwi akhe ayeya kuzaliseka ngokupheleleyo nini? (b) UYesu wayiqalisa njani impendulo yakhe kumbuzo wabafundi bakhe?
5 Kwimpendulo yakhe, uYesu wanikela ingqalelo kuzo zombini ezo ngongoma. Amazwi akhe amaninzi azaliseka ngokoqobo emva phayaa kwinkulungwane yokuqala, ebudeni beminyaka eyakhokelela kwintshabalaliso eyintlekele yeYerusalem ngowama-70 C.E. (Mateyu 24:4-22) Kodwa, inyaniso yeyokuba, isiprofeto sakhe sasiza kuba nentsingiselo enkulu ngakumbi kamva, kwimihla yethu. Ngoko, wathini uYesu? Waqala ngokuthetha amazwi abhalwe kwindinyana 7 neye-8: “Uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani; kuya kubakho iindlala, neendyikitya zokufa, nezinyikimo zomhlaba kwiindawo ngeendawo. Zonke ke ezo zinto zikukuqaleka kwenimba.”
6. Amazwi kaYesu akuMateyu 24:7, 8 asikhumbuza siphi esinye isiprofeto esihambisana neso?
6 Ngelicacileyo, ubukho bukaYesu njengoKumkani wasezulwini babuya kuphawulwa sisiphendu esikhulu emhlabeni. Oku kungqinelwa sisiprofeto esihambisana neso esifunyanwa kwincwadi yeSityhilelo: umbono wabakhweli bamahashe abane beSityhilelo. (ISityhilelo 6:1-8) Owokuqala kwaba bakhweli bamahashe ufanekisela uYesu ngokwakhe njengoKumkani owoyisayo. Abanye abakhweli namahashe abo aphalayo bafanekisela iziganeko ezenzeka ehlabathini eziphawula ukuqalisa kolawulo lukaYesu: imfazwe, indlala nokufa ngequbuliso okubangelwa ngoothunywashe abahlukahlukeneyo. Ngaba siyazibona zozibini ezi ziprofeto zizaliseka namhlanje?
Imfazwe!
7. Yintoni efuziselwa ngokubuprofeti kukukhwela komkhweli wehashe wesibini weSityhilelo?
7 Makhe sizondele ngenyameko ezi ziganeko. Okokuqala, uYesu wathi: “Uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani.” Esi yayisisiprofeto semfazwe. Ngokufanayo, umkhweli wehashe wesibini kwabaya bane beSityhilelo wayefuzisela imfazwe. Siyafunda: “Kwaphuma elinye ihashe, libomvu; lowo ke wayehleli phezu kwalo wanikwa igunya lokulususa uxolo emhlabeni, nokuze basikane, wanikwa ikrele elikhulu.” (ISityhilelo 6:4) Ngoku, uluntu belusilwa iimfazwe kangangamawaka eminyaka. Ngoko, kutheni le nto la mazwi amele abe nentsingiselo ekhethekileyo kumhla wethu?
8. Kutheni le nto besinokulindela imfazwe ibe yimbalasane ebalaseleyo yomqondiso?
8 Khumbula ukuba imfazwe iyodwa nje ayingomqondiso wobukho bukaYesu. Umqondiso ubunjwa zizo zonke iinkcukacha zesiprofeto sikaYesu ezenzeka kwithuba lexesha elinye. Kodwa imfazwe iyimbalasane yokuqala ekhankanyiweyo, ngoko besinokulindela ukuba le mbalasane izaliseke ngendlela ebalaseleyo ebiya kutsala ingqalelo yethu. Yaye wonke ubani umele avume ukuba iimfazwe zale nkulungwane yama-20 azinakulinganiswa nazo naziphi na ezinye ezakha zaliwa kwimbali yexa elidluleyo.
9, 10. Zaqala njani ukuzaliseka iziprofeto eziphathelele imfazwe?
9 Ngokomzekelo, akukho zimfazwe zangaphambilana—nangona ezininzi zazo zazizezenkohlakalo nezitshabalalisayo—ezatshabalalisa ngendlela ezazitshabalalisa ngayo iimfazwe ezimbini zehlabathi zale nkulungwane yama-20. Kaloku, ekugqibeleni imfazwe yehlabathi yokuqala yaqengq’ ugodo kubantu abamalunga ne-14 lezigidi, bantu abo abangaphezulu kunabemi bephela bamazwe amaninzi. Ngokwenyaniso, lo mkhweli wehashe “wanikwa igunya lokulususa uxolo emhlabeni, nokuze basikane.”
10 Ngokutsho kwesiprofeto, lo mkhweli wehashe wesibini unguphuma-silwe weSityhilelo “wanikwa ikrele elikhulu.” Oku kusebenza njani? Ngolu hlobo: Izixhobo zemfazwe zaba zezibulala ngakumbi. Exhobe ngeenqwelo ezinkulu zemfazwe ezimumathe izixhobo, iinqwelo-moya, iigesi ezinetyhefu ebulalayo, iinkwili nangeenkanunu ezinokudubula iziqhushumbisi kwimigama engangeekhilomitha eziliqela, umntu waba ngonobuchule ngakumbi ekubulaleni ummelwane wakhe. Ibe ukususela kwimfazwe yehlabathi yokuqala “ikrele elikhulu” liye lalelitshabalalisa ngokude kwangakumbi—ngenxa yokusetyenziswa kwezinto ezinjengoqhagamshelwano ngonomathotholo, iradar, ombaxa bemipu abantsonkothileyo, izixhobo ezibulala ngokusasazwa kweentsholongwane nezirhaxa ngetyhefu, izixhobo ezitsaza amadangatye, iibhombu zenapalm, iintlobo ezintsha zeebhombu, iintolo zomlilo ezinqumla amazwekazi, iinkwili ezithwele izixhobo zenyukliya, iinqwelo-moya ezikudidi oluphambili neengadluma zeenqanawa zomkhosi.
“Ukuqaleka Kwenimba”
11, 12. Imfazwe yehlabathi yokuqala yaba ‘kukuqaleka nje kwenimba’ ngayiphi indlela?
11 Iindinyana zokuqala zesiprofeto sikaYesu ziqukumbela ngala mazwi: “Zonke ke ezo zinto zikukuqaleka kwenimba.” Ngokuqinisekileyo oku kwaba yinyaniso ngemfazwe yehlabathi yokuqala. Ukuphela kwayo ngowe-1918 akuzange kuzise uxolo oluhlala ithuba elide. Ngokukhawuleza yalandelwa lungquzulwano lwemikhosi olungabhekele phi kodwa oluneengcwangu eTiyopiya, eLibhiya, eSpeyin, eRashiya, eIndiya nakwamanye amazwe. Kuthe kusenjalo kwafika imfazwe yehlabathi yesibini emanyumnyezi, eyasuba ubomi bamaxhoba ezomkhosi nobabemi ngokubanzi abangama-50 ezigidi.
12 Ukongezelela, phezu kwazo nje izivumelwano zoxolo zamathuba ngamathuba nenzolo emana ukubakho kumathafa amadabi, uluntu lusesemfazweni. Ngowe-1987 kwanikelwa ingxelo yokuba kwaye kwaliwa iimfazwe ezinkulu ezingama-81 ukususela ngowe-1960, ezibulele amadoda, abafazi nabantwana abali-12 555 000. Unyaka we-1987 ube neemfazwe ezingakumbi eziliweyo kunawo nawuphi na omnye unyaka odluleyo kwimbali ebhaliweyo.1 Ngokubhekele phaya, ukuxhobela iimfazwe neenkcitho ezenziwa kwezomkhosi, ngoku ezifikelela inani elipheleleyo elimalunga nezi-2 550 000 000 000 zeerandi ngonyaka, zonakalisa uqoqosho lwehlabathi.2 Ngokuqinisekileyo isiprofeto sikaYesu ‘sohlanga oluvukela olunye uhlanga nobukumkani obuvukela obunye ubukumkani’ siyazaliseka kanye ngoku. Ihashe elibomvu lemfazwe liyaqhubeka liphala ngokundlongozelayo ukutyhubela umhlaba. Kodwa kuthekani ngenkalo yesibini yomqondiso?
Ukunqongophala Kokutya!
13. Ziziphi iziganeko eziyintlekele awazixela kwangaphambili uYesu, yaye umbono womkhweli wehashe wesithathu weSityhilelo wasixhasa njani isiprofeto sakhe?
13 UYesu waxela kwangaphambili esithi: “Kuya kubakho iindlala [“ukunqongophala kokutya,” NW] . . . kwiindawo ngeendawo.” Phawula indlela oku okuvisisana ngayo nomkhweli wesithathu kubakhweli bamahashe abane beSityhilelo. Sifunda oku ngaye: “Ndabona, nalo ihashe elimnyama; lowo ke wayehleli phezu kwalo ubenesikali sokulinganisa esandleni sakhe. Ndeva izwi esazulwini sezinto eziphilileyo zone, lisithi, Ibhekile yengqolowa iya kudla idenariyo, neebhekile ezintathu zerhasi zidle idenariyo, ioli newayini uze ungayoni.” (ISityhilelo 6:5, 6) Ewe, le yindlala!
14. Ziziphi iindlala ezinkulu ukususela ngowe-1914 eziye zazalisekisa isiprofeto sikaYesu?
14 Ngaba kunokwenzeka ukuba esi siprofeto sibe siyazaliseka namhlanje xa amazwe athile eye afikelela imilinganiselo ephakame kakhulu yokuphila? Ukukrwaqula nje ehlabathini liphela kusishiya singenamathandabuzo ngempendulo. Ngokutsho kwembali, iindlala bezibangelwa ziimfazwe naziintlekele zokwemvelo. Ngoko, akunto imangalisayo ukuba inkulungwane yethu, eye yantlithwa kanobom ziintlekele naziimfazwe, ibe ibithwaxwa ngokuphindaphindiweyo ziindlala. Iindawo ezininzi zomhlaba ziye zeva ubunzima beentlekele ezinjalo ukususela ngowe-1914. Enye ingxelo idwelisa ngaphezu kwama-60 eendlala ezinkulu ukususela ngowe-1914, kumazwe aqelelene kakhulu anjengeGrisi, iNetherlands, iRashiya, iNigeria, iChad, iChile, iPeru, IBangladesh, iBengal, iKampuchea, iTiyopiya neJapan.3 Zimbi zezi ndlala ziye zagquba kangangeminyaka eliqela zaza zabangela ukufa kwabantu abazizigidi ngezigidi.
15, 16. Ziziphi ezinye iziganeko zokunqongophala kokutya ezitshabalalisa ngokwenene namhlanje?
15 Nangona ngokuqhelekileyo iindlala ezinkulu ziye zibhengezwe ngokubanzi, emva kwethuba ziyadlula baze abo basindileyo ngokuthe ngcembe babuyele kubomi obuphantse ukuba bobesiqhelo. Phofu ke, kuye kwavela olunye uhlobo oloyikekayo lokunqongophala kokutya ebudeni benkulungwane yama-20. Olu hlobo aludli ngokubonakala ngendlela exhomis’ amehlo yaye ke ngoko ludla ngokungananzwa. Kodwa luyazingisa minyaka le. Esi sisibetho esikrakra sokungondleki emzimbeni esichaphazela ukusa kwisinye esihlanwini sabemi besi sijikelezi-langa sethu yaye sibulala abantu abaphakathi kwe-13 ne-18 lezigidi nyaka ngamnye.4
16 Ngamanye amazwi, olu hlobo lokunqongophala kokutya ngokuthe rhoqo lubulala ngeentsuku ezimbini abantu abaninzi njengabo babulawa eHiroshima yibhombu yeathom. Ngokwenene, ngayo yonke iminyaka emibini, kukho abantu abangakumbi ababulawa yimiphumo yendlala ngaphezu kwamajoni awabulawa kwiMfazwe Yehlabathi I nakwiMfazwe Yehlabathi II zihlanganisiwe. Ngaba bekukho “iindlala . . . kwiindawo ngeendawo” ukususela ngowe-1914? Ewe, bekunjalo ngokwenene!
Iinyikima Zomhlaba
17. Yiyiphi inyikima eyaba yetshabalalisayo eyabakho kungekudala emva kowe-1914?
17 NgoJanuwari 13, 1915, xa imfazwe yehlabathi yokuqala yayisandul’ ukuqalisa nje kangangeenyanga ezimbalwa, inyikima yagungqisa iAbruzzi, eItali, yaza yasuba ubomi babantu abangama-32 610. Le ntlekele inkulu isikhumbuza ukuba iimfazwe neendlala ngethuba lobukho bukaYesu zaziya kuphelekwa yenye into: “Kuya kubakho . . . nezinyikimo zomhlaba kwiindawo ngeendawo.” Njengokuba kunjalo ngemfazwe nendlala, inyikima eyayiseAbruzzi ‘yayikukuqaleka nje kwenimba.’a
18. Sizaliseke njani isiprofeto sikaYesu esiphathelele iinyikima zomhlaba?
18 Inkulungwane yama-20 ibiyinkulungwane yeenyikima zomhlaba, yaye ngenxa yenkqubela eyenziwe ngamaziko eendaba, lonke uluntu lukuphaphele ngakumbi ukutshabalalisa okuye kwazibangela. Xa sikhankanya nje iziganeko ezimbalwa, ngowe-1920 kwafa abantu abangama-200 000 kwinyikima eyayiseTshayina; ngowe-1923, kwafa abanokuba ngama-99 300 kwinyikima eyayiseJapan; ngowe-1935, enye inyikima yabulala abantu abangama-25 000 kwelo lizwe ngoku laziwa njengePakistan, ngoxa eTurkey kwafa abangama-32 700 ngowe-1939. Kwabakho ama-66 800 awafayo kwinyikima eyayisePeru ngowe-1970. Yaye ngowe-1976, abanokuba ngama-240 000 (okanye, ngokokutsho kweminye imithombo, abangama-800 000) bafa eTangshan, eTshayina. Kutshanje, ngowe-1988, ngabangama-25 000 abafayo kwinyikima enamandla eyayiseArmenia.b Ngokuqinisekileyo, ezo ‘zizinyikimo zomhlaba kwiindawo ngeendawo’!6
“Isifo Esibulalayo”
19. Yiyiphi inkalo engakumbi yomqondiso eyaxelwa kwangaphambili nguYesu neyayifuziselwa ngukhweli wehashe wesine weSityhilelo?
19 Enye inkalo engesiprofeto sikaYesu inokuthanani nezifo. Umvangeli uLuka, kwingxelo yakhe, ubhala ukuba uYesu waxela kwangaphambili ukuba kobakho ‘iindyikitya zokufa kwiindawo ngeendawo.’ (Luka 21:11) Noku kuyavisisana nombono obuprofeti wabakhweli bamahashe abane beSityhilelo. Umkhweli wehashe wesine ubizwa ngokuba nguKufa. Ufanekisela ukufa kwangaphambi kwexesha okubangelwa zizinto eziliqela, kuquka “isifo esibulalayo . . . namarhamncwa omhlaba.”—ISityhilelo 6:8, NW.
20. Sisiphi isifo esibalaseleyo esasizalisekisa ngokuyinxenye isiprofeto sikaYesu esingeendyikitya zokufa?
20 Emva phayaa ngowe-1918 nowe-1919, abantu abangaphezu kwe-1 000 000 000 baguliswa sisifo soMbathalala, yaye abangaphezu kwama-20 000 000 bafa. Eso sifo sasuba ubomi babantu abaninzi kunokuba yenzayo imfazwe enkulu.7 Yaye “isifo esibulalayo,” okanye ‘indyikitya yokufa,’ sisaqhubeka sisithwaxa esi sizukulwana, phezu kwalo nje uhambelo-phambili oluninzi oluphawulekayo kwezamayeza. Kutheni oku kunjalo nje? Phakathi kwezinye izinto, amazwe ahlwempuzeke ngakumbi awasoloko ezinandipha iingenelo zohambelo-phambili ngokwezenzululwazi. Abantu abangamahlwempu bathwaxwa baze babulawe zizifo ebezinokunyangeka ukuba nje imali engakumbi ibinokwenziwa ifumaneke kubo.
21, 22. Abantu abaphila kumazwe anobutyebi nakumazwe ahlwempuzekileyo baye bathwaxwa njani ‘sisifo esibulalayo’?
21 Ngaloo ndlela, abantu abali-150 lezigidi ehlabathini lonke bathwaxwa sisifo semalaria. Abangama-200 ezigidi banesifo sohlobo oluthile lwecesina ebangelwa ziintshulube ezimfimfitha igazi. Isifo esafunyaniswa nguChagas sithwaxa abantu abamalunga neshumi lezigidi. Abamalunga nama-40 ezigidi bagula sisifo sokungaboni ngenxa yokusela amanzi emilambo aneentsholongwane. Izifo ezirhudisayo zibulala izigidi ngezigidi zabantwana nyaka ngamnye.8 Isifo sephepha neqhenqa ziseyingxaki ephawulekayo kwezempilo. Okubalaseleyo kukuba, amahlwempu eli hlabathi athwaxwa ‘ziindyikitya zokufa kwiindawo ngeendawo.’
22 Kodwa kukwanjalo nangezityebi. Ngokomzekelo, umkhuhlane uthwaxa abazizityebi nabangamahlwempu ngokufanayo. Ngowe-1957 uhlobo oluthile lomkhuhlane onamandla lwabulala abantu abangama-70 000 kwelaseUnited States kuphela. EJamani kuqikelelwa ukuba ekugqibeleni umntu omnye kwabathandathu uya kuhlaselwa ngumhlaza.9 Izifo ezidluliselwa ngeentlobano zesini zikwagqebha abazizityebi nabangamahlwempu. Ubhobhozo lwangaphantsi, esona sifo kunikelwa ingxelo ngaso ngokuthe rhoqo esidluliselwa ngeentlobano zesini kwelaseUnited States, sithwaxa abantu abaninzi kangange-18,9 ekhulwini kubemi beendawo ezithile zaseAfrika.10 Igcushuwa, izifo ezichaphazela amalungu okuzala eziphumela kubumfama, namadyungudyungu akumalungu esini zizezinye zezo zifo ‘ziziindyikitya zokufa’ zigubungele ihlabathi lonke ezidluliselwa ngeentlobano zesini.
23. Sisiphi “isifo esibulalayo” esiye sangundaba-mlonyeni kutshanje?
23 Kwiminyaka yakutshanje, “isifo esibulalayo” esinguGawulayo (iAIDS) naso siye sathelela uludwe ‘lweendyikitya zokufa.’ UGawulayo usisifo esoyikekayo kuba, ngeli thuba lokubhalwa kwale nkcazelo, akukabonakali ndlela yakusinyanga, yaye inani lamaxhoba aso liqhubeka lisanda. UGqr. Jonathan Mann, umalathisi Wenkqubo Ekhethekileyo ngoGawulayo kwiWHO (iNtlangano Yempilo Yehlabathi), wathi: “Sikwaqikelela ukuba kukho izigidi ezihlanu ukusa kwezili-10 zabantu ehlabathini namhlanje ezosulelwe yile ntsholongwane ibulala amandla okuzikhusela komzimba womntu (iHIV).”11 Ngokolunye uqikelelo olupapashiweyo, intsholongwane kaGawulayo ihlasela ixhoba elitsha mzuzu ngamnye. Ngokwenene esi ‘sisifo esibulalayo’! Kodwa kuthekani ngesiprofeto esingokufa okubangelwa ngamarhamncwa asendle?
“Amarhamncwa Omhlaba”
24, 25. (a) Umprofeti uHezekile wayebhekisela koluphi uhlobo ‘lwerhamncwa lasendle’? (b) Wathini uYesu ngokusebenza ‘kwamarhamncwa asendle’ emhlabeni ngethuba lobukho bakhe?
24 Liyinene elokuba, nanini na kukhankanywa amarhamncwa asendle kule mihla kumaphephandaba, sukuba iintlobo ezithile zawo zisengozini okanye ziphantse ukuba zezibuleweyo zaphela. “Amarhamncwa omhlaba” asongelwa ngakumbi ngabantu kunokuba abantu besongelwa ngawo. Phezu kwako nje oku, kumazwe athile izilwanyana zasendle ezinjengezingwe zaseIndiya, zisabusuba ngokuthe ngcembe ubomi babantu.
25 Noko ke, iBhayibhile itsalela ingqalelo yethu kolunye uhlobo lwerhamncwa eliye labangela uloyiko lokwenene kwiminyaka yakutshanje. Umprofeti uHezekile wawathelekisa nezilwanyana zasendle amadoda anobundlobongela xa wathi: “Abathetheli balo esazulwini salo banjengeengcuka eziqwenga ixhoba, ukuba baphalaze igazi, batshabalalise imiphefumlo, ukuze bazuze inzuzo embi.” (Hezekile 22:27) Xa waprofeta ‘ngokwanda kokuchasa umthetho,’ uYesu, ngokungathi kunjalo, wayesithi “amarhamncwa” anjalo ayeya kuba ngasebenza ngamandla emhlabeni ngethuba lobukho bakhe. (Mateyu 24:12) Umbhali weBhayibhile uPawulos wongezelela esithi ebudeni ‘bemihla yokugqibela’ abantu bebeya kuba ‘ngabathandi bemali, abangenakuzeyisa, izibhoja, abangenakuthanda kulunga.’ (2 Timoti 3:1-3) Ngaba oko bekunjalo ukususela ngowe-1914?
26-28. Ziziphi iingxelo ezivela ehlabathini lonke ezibonisa ukuba ‘amarhamncwa asendle’ azizaphuli-mthetho aphumele ukuqwenga emhlabeni?
26 Ngokuqinisekileyo bekunjalo. Ukuba uhlala phantse nakwesiphi na isixeko esikhulu emhlabeni, sele ukwazi oku. Kodwa ukuba uyakuthandabuza, khawuqwalasele nje ezi ngxelo zilandelayo zakutshanje ezicatshulwe kumaphephandaba. Ezivela eColombia zithi: “Kunyaka odluleyo amapolisa anikela ingxelo yokuba kubekho . . . abantu abamalunga ne-10 000 ababuleweyo nokuphangwa kuxhotyiwe okwenzeke izihlandlo ezingama-25 000.” Ezivela eVictoria, eOstreliya, zithi: “Ulwaphulo-mthetho Olunobundlobongela Luxhomise Amehlo.” Ezivela eUnited States zithi: “Ukugwintwa Kwabantu ENew York Kungxamele Ukwaphula Izikeyi.” “Isixeko saseDetroit sisigqwesile esaseGary, eInd., kunyaka odluleyo ngokuthi sibe sesona sixeko sikhulu sinowona mlinganiselo uphakamileyo wokubulawa kwabantu—abangama-58 kubemi abali-100 000.”
27 Ezivela eZimbabwe zithi: “Ukubulawa kweentsana kuye kwafikelela kweyona milinganiselo yoyikekayo.” Eziphuma eBrazil zithi: “Kangangokuba luluninzi ulwaphulo-mthetho apha, nokuphathwa kwezixhobo, iindaba ezingolwaphulo-mthetho azisasothusi kangako.” Zimpompoze zisithi ezivela eNew Zealand: “Ukudlwengulwa kwabantu nolwaphulo-mthetho olunogonyamelo luyaqhubeka luwaxhalabisa ngokunzulu amapolisa.” “Ugonyamelo olwenziwa ngabemi baseNew Zealand lunokuchazwa nje kuphela njengolobundladiya.” Ezivela eSpeyin zithi: “ElaseSpeyin lijamelene nengxaki yokwanda kolwaphulo-mthetho.” Nazi ezivela eItali: “Umbutho weMafia yaseSicily, emva kokuba ubukhe wabetheka, uphinde wavuka yaye unyathelela phezulu kwiphulo lawo lokubulala.”
28 La ngamavandlakanya nje ambalwa eengxelo ezikumaphephandaba ezivele kungethuba lide ngaphambi kokupapashwa kwale ncwadi. Ngokuqinisekileyo, “amarhamncwa asendle” ayazulazula kuwo wonke umhlaba efuna ukuqwenga, ebangela ukuba abantu batyhwatyhwe luloyiko kuba bengakhuselekanga.
Ukushunyayelwa Kweendaba Ezilungileyo
29, 30. Injani imeko engokonqulo kwiNgqobhoko, nto leyo ezalisekisa isiprofeto sikaYesu?
29 Beluya kuqhuba njani unqulo ngeli thuba lenkathazo lobukho bukaYesu? Kweli cala, uYesu waprofeta esithi kwakuya kubakho ukwanda kumsebenzi ongokonqulo: “Kuya kuvela abaprofeti ababuxoki babe baninzi balahlekise abantu abaninzi.” (Mateyu 24:11) Kwelinye icala, waxela kwangaphambili ukuba kwiNgqobhoko iyonke, abantu babeya kuba nomdla omncinane gqitha kuThixo. “Luya kuphola uthando lwabaninzi.”—Mateyu 24:12.
30 Ngokwenyaniso oku kuchaza oko kwenzekayo namhlanje kwiNgqobhoko. Kweli cala, iicawa eziphambili naphi na ziyawohloka ngenxa yokungabi nabantu bazixhasayo. Kumazwe awayekhe anamandla kakhulu kubuProtestanti asemntla Yurophu naseNgilani, phantse ukuba unqulo lubhangile. Kwangaxeshanye, iCawa yamaKatolika ithwaxwa kukungabi nabefundisi nakukuncipha kwamarhamente ayo. Kwelinye icala, kuye kwakho ulwando olukhwankqisayo kwabanye oothunywashe bonqulo. Izithethe ezisekelwe kwiinkonzo zonqulo zaseMpuma zanda ngokukhawuleza, ngoxa abashumayeli ababawayo abavela koomabonwakude bephanga ngobuqhetseba izigidi ngezigidi zeerandi.
31. Yintoni awayixela kwangaphambili uYesu esincedayo ukufanisa amaKristu okwenyaniso namhlanje?
31 Phofu ke, kuthekani ngobuKristu bokwenyaniso, unqulo olwaqaliswa nguYesu lwaza lwashunyayelwa ngabapostile bakhe? Bebuya kuba busekho ngethuba lobukho bukaYesu, kodwa bebuya kuqondwa njani? Kukho izinto eziliqela ezifanisa ubuKristu bokwenyaniso, yaye enye yazo ikhankanywe kwisiprofeto esikhulu sikaYesu. AmaKristu okwenyaniso ayeya kuxakeka kumsebenzi wazwenibanzi wokushumayela. UYesu waprofeta esithi: “Zaye ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke ukufika ukuphela.”—Mateyu 24:14.
32. Liliphi ekuphela kweqela eliye lazalisekisa isiprofeto sikaYesu esibhalwe kuMateyu 24:14?
32 Ngoku oku kushumayela kuqhubeka ngomlinganiselo omkhulu kakhulu! Namhlanje, iqela lonqulo elibizwa ngokuba ngamaNgqina kaYehova lixakeke kowona msebenzi mkhulu wokushumayela wenziwayo kunanini na embalini yobuKristu. (Isaya 43:10, 12) Emva phayaa ngowe-1919, ngoxa iinkonzo zonqulo eziphambili zeNgqobhoko ezazityekele kwiipolitiki zazithethelela uManyano Lwezizwe olwalungasoze luphumelele, amaNgqina kaYehova ayelungiselela eli phulo lokushumayela emhlabeni wonke.
33, 34. Iindaba ezilungileyo zoBukumkani zishunyayelwe ukutyhubela ihlabathi ukusa kuwuphi umkhamo?
33 Emva apho kwakukho kuphela amaNgqina amalunga ne-10 000, kodwa ayewazi umsebenzi ekwakufuneka wenziwe. Ngenkalipho, aqalisa lo msebenzi wokushumayela. Ayeqonda ukuba inkqubo yokwahlulahlulelwa kwabantu kwisifundisi nakumarhamente yayichasene nemiyalelo yeBhayibhile nomzekelo wabapostile. Ngoko onke, ukusa nakumntu wokugqibela, afunda indlela yokuthetha nabamelwane bawo ngoBukumkani bukaThixo. Aba yintlangano yabashumayeli.
34 Njengokuba ixesha laliqhubeka, aba bashumayeli banyamezela inkcaso ekrakra. EYurophu, babechaswe ziindidi ezahlukahlukeneyo zoorhulumente bobuzwilakhe. KwelaseUnited States naseKhanada, babejamelene nocelomngeni olungokwasemthethweni nokuhlaselwa ngamahlokondiba. Kwamanye amazwe, kwafuneka boyise intiyo yempambano eyayibangelwa lunqulo nentshutshiso engenalusini eyayibangelwa ngoozwilakhe abaziingqwangangqwili. Kwiminyaka yakutshanje, kuye kwafuneka bajamelane nomoya wokuthandabuza yonke into nowokuzifica ngokugqith’ emgceni oye wavela. Kodwa baye bazingisa ukusa kwinqanaba apho, namhlanje, kukho abangaphezu kwezigidi ezithathu ezinesiqingatha zabo kumazwe angama-212. Azizange nanini na ngaphambili iindaba ezilungileyo zoBukumkani zishunyayelwe ngokubanzi kangaka—nto leyo eyizalisekisa ngokukhwankqisayo inkalo yomqondiso!
Kuthetha Ntoni Konke Oku?
35. (a) Ukuzaliseka kwesiprofeto namhlanje kunceda njani ekuboniseni ukuba iBhayibhile iphefumlelwe nguThixo? (b) Kuthetha ntoni kuthi namhlanje ukuzaliseka komqondiso owanikelwa nguYesu?
35 Ngokungathandabuzekiyo siyakubona ukuzaliseka komqondiso omkhulu owanikelwa nguYesu. Esi sibakala songezelela kubungqina bokuba ngokwenene iBhayibhile iphefumlelwe nguThixo. Akukho mntu wayenokukwazi ukuxela kwangaphambili kuselithuba elide kakhulu iziganeko ezaziya kwenzeka ebudeni bale nkulungwane yama-20. Ngaphezu koko, ukuzaliseka komqondiso kuthetha ukuba siphila kwixesha lobukho bukaYesu nelokupheliswa kwale nkqubo yezinto. (Mateyu 24:3) Iyintoni intsingiselo yoku? Kubandakanyeke ntoni kubukho bukaYesu? Yaye iyintoni inkqubo yezinto ephelayo? Ukuze siyiphendule le mibuzo, kufuneka siqwalasele obunye ubungqina obunamandla bokuphefumlelwa kweBhayibhile: ukuvisisana okumangalisayo koko kubhalwe kuyo. Siya kukuxubusha oku ngokulandelayo size sibone indlela umxholo oyintloko weBhayibhile osondela ngayo kwanangoku kwincopho yawo eyoyikekayo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ubuncinane kwabakho iinyikima ezintlanu phakathi kowe-1914 nowe-1918 ezaba nobukhulu besi-8 okanye ngaphezulu ngokwesikali sikaRichter—ezazinamandla ngakumbi kunenyikima eyayiseAbruzzi. Kambe ke, ezi nyikima zazikwimimandla ethe qelele yomhlaba, yaye ngaloo ndlela azizange zitsale ngqalelo kangako njengenyikima yaseItali.5
b Kuye kwanikelwa ingxelo yamanani awahlukahlukeneyo ngenani lamaxhoba awafela kwezinye zezi ntlekele. Phofu ke, zizonke bezitshabalalisa ngokugqithiseleyo.