IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • si iphe. 270-278
  • Isifundo 1—Ukutyelela KwiLizwe Ledinga

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Isifundo 1—Ukutyelela KwiLizwe Ledinga
  • “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • UBUKHULU BALO
  • IMIMANDLA YEMVELO
  • A. UNXWEME LOLWANDLE OLUKHULU
  • B-1 ITHAFA LAKWA-ASHERE
  • B-2 ISIQWENGA ESISELUNXWEMENI SASEDORE
  • B-3 AMADLELO ASESHARON
  • B-4 ITHAFA LAMAFILISTI
  • B-5 INTLAMBO EKUMBINDI WEMPUMA-NTSHONA
  • C-1 IINDULI ZASEGALILI
  • C-2 IINDULI ZEKARMELE
  • C-3 IINDULI ZAKWASAMARI
  • C-4 EZIHLANJENI (ESHEFELA, NW)
  • C-5 ILIZWE LEENTABA LAKWAYUDA
  • C-6 INTLANGO YAKWAYUDA (IYESHIMON)
  • C-7 ELASEZANTSI (INEGEBHI, NW)
  • C-8 INTLANGO YASEPARAN
  • D. IARABHA ENKULU (INTLAMBO ENGUMWONYO)
  • D-1 INGINGQI IHULA
  • D-2 UMMANDLA OJIKELEZE ULWANDLE LWASEGALILI
  • D-3 ISITHILI SENTLAMBO YASEYORDAN (IGHOR)
  • D-4 ULWANDLE LWETYUWA (OLUFILEYO)
  • D-5 IARABHA (EMAZANTSI UKUSUKA KULWANDLE LWETYUWA)
  • E. IINTABA NAMAHEWU KWIMPUMA YORDAN
  • F. IINTABA ZASELEBHANON
  • ‘Ilizwe Elihle Neliphangaleleyo’
    “Khawubone Eli Lizwe Lihle”
  • Izifundo Eziluncedo Ezifumaneka KwiLizwe Ledinga
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
  • Indlela IBhayibhile Ekuchaza Ngayo Ukuma Komhlaba—Ngaba Ichanile?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • “Lihambahambe Ilizwe”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
“Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
si iphe. 270-278

Izifundo Ezisekelwe KwiZibhalo Eziphefumlelweyo Nemvelaphi Yazo

Isifundo 1—Ukutyelela KwiLizwe Ledinga

Apha kuchazwa imimandla yeli lizwe, imbonakalo yalo, iintaba neentlambo ezikulo, imilambo namadike alo nemozulu yalo, umhlaba neentlobo-ntlobo zohlaza.

1. (a) Kutheni igama elithi “iLizwe Ledinga” lilelona lifanelekileyo nje? (b) Liliphi ithemba elizukileyo esinokucinga ngalo njengoko sihlolisisa ubume beli lizwe?

IMIDA yeLizwe Ledinga lamandulo yamiswa nguYehova uThixo. (Eks. 23:31; Num. 34:1-12; Yosh. 1:4) Kangangeenkulungwane ezininzi abanye bebethetha ngalo mmandla njengelizwe lasePalestina, gama elo elithatyathwe kwelesiLatini elithi Palaestina nakwelesiGrike elithi Pa·lai·stiʹne. Eli gama likhankanywe mva lithatyathwe kwelesiHebhere elithi Peleʹsheth. KwiZibhalo zesiHebhere, igama elithi Peleʹsheth liguqulelwe ngokuthi “Filisti,” ibe libhekisela nje kummandla wamaFilisti, awayeziintshaba zabantu bakaThixo. (Eks. 15:14) Noko ke, ekubeni uYehova wayethembise ukulinika uAbraham othembekileyo nenzala yakhe eli lizwe, ukulibiza ngokuthi “iLizwe Ledinga,” okanye “iLizwe Lesithembiso,” kukokona kufanelekileyo. (Gen. 15:18; Dut. 9:27, 28; Heb. 11:9) Eli lizwe lileliphawulekayo ngeendlela ezahlukahlukeneyo ome ngazo umhlaba walapho, ezenza lo mmandla mncinane ube neendawo ezahlukileyo nezinto ezimangalisa ngokuphawulekayo ezininzi ezinokufunyanwa kuwo wonke umhlaba. Ukuba uYehova wayenokuwanika njengelifa amangqina akhe amandulo ilizwe lesithembiso elinjalo elinabo bonke obu buhle bezinto ezahlukahlukeneyo, ngoko ngokuqinisekileyo useza kubanika abanquli bakhe abazinikeleyo iparadisi ezukileyo yomhlaba omtsha enabela kumhlaba wonke, eneentaba, iintlambo, imilambo namachibi, ukuze ibazisele uvuyo. Ngoku makhe sitsalel’ ingqalelo yethu ngokukhethekileyo kwizinto eziphawulekayo zeLizwe Ledinga, njengoko sinomfanekiso-ngqondweni wokukhenketha apho.a

UBUKHULU BALO

2. AmaYuda ayehlala kummandla ongakanani weLizwe Ledinga, ibe nakuwuphi omnye ummandla ongakumbi?

2 Ngokwemida yalo eyamiswa nguThixo njengoko iboniswe kwiNumeri 34:1-12, ilizwe elalithenjiswe uSirayeli laliza kuba sisiqwenga esingumbholompo somhlaba. Laliza kuba ngummandla omalunga neekhilomitha ezingama-480 ukusuka emntla ukusa emzantsi lize libe malunga nama-56 eekhilomitha ububanzi, ngokwesilinganiso. Kwakusebudeni bokulawula kukaKumkani uDavide noSolomon ekwathi lo mmandla uphela othenjisiweyo waqalisa ukuba nomkhosi, owawulawula abantu abaninzi njengabalawulwa bawo. Noko ke, owona mmandla wawumiwe ngamaYuda udla ngokuchazwa njengalowo ugubungela elakwaDan ukusa eBher-shebha, ndawo leyo eyayingumgama omalunga nama-240 eekhilomitha ukusuka entla ukusa ezantsi. (1 Kum. 4:25) Umgama onqumla kweli lizwe ukusuka kwiNtaba iKarmele ukusa kuLwandle lwaseGalili umalunga nama-51 eekhilomitha, ibe emazantsi apho unxweme lweMeditera lujika kuhle lusenza igophe ngakumzantsi-ntshona, ungaphezu kwama-80 eekhilomitha ukusuka eGaza ukuya kuLwandle Olufileyo. Lo mmandla umiweyo kwimpuma yoMlambo iYordan wawunobude nobubanzi obulinganayo obumalunga neekhilomitha ezili-15 000 kuphela. Noko ke, amanye amaSirayeli ayehlala kumazwe akwimpuma Yordan (mazwe lawo ayengaqukwanga kwimida yelizwe elalithenjiswe ntlandlolo), nto leyo eyila isilinganiso esipheleleyo sommandla awayehlala kuwo ongaphantsi nje kancinane kobude nobubanzi obulinganayo beekhilomitha ezingama-26 000.

IMIMANDLA YEMVELO

3. Usebenzisa imaphu ethi “IMimandla Yemvelo YeLizwe Ledinga” kunye nesiqendu, khawuchaze ngokufutshane amazwe aqukiweyo kule mimandla yahlulahlulwe ngokulandelayo: (a) amathafa akwintshona Yordan, (b) imimandla yeentaba ekwintshona Yordan, (c) iintaba namahewu kwimpuma Yordan.

3 Ukutyelela kwethu kwiLizwe Ledinga kuza kusikhenkethisa le mimandla ilandelayo neyiyeyemvelo yeli lizwe. Umbandela ongasezantsi unikela iinkcukacha ngemaphu elapha, ebonisa imida eqikelelwayo yemimandla ekuxutyushwa ngayo.

Imimandla Yelizwe

A. Unxweme Lolwandle Olukhulu.—Yosh. 15:12.

B. Amathafa AkwiNtshona Yordan

1. Ithafa Lakwa-Ashere.—ABagwe. 5:17.

2. Isiqwenga Esiselunxwemeni SaseDore.—Yosh. 12:23.

3. Amadlelo AseSharon.—1 Kron. 5:16.

4. Ithafa LamaFilisti.—Gen. 21:32; Eks. 13:17.

5. Intlambo Ekumbindi WeMpuma–Ntshona

a. Ithafa LaseMegido (IEsdraelon).—2 Kron. 35:22.

b. Intili YaseYizereli.—ABagwe. 6:33.

C. Imimandla Yeentaba EkwiNtshona Yordan

1. Iinduli ZaseGalili.—Yosh. 20:7; Isa. 9:1.

2. Iinduli ZeKarmele.—1 Kum. 18:19, 20, 42.

3. Iinduli ZelakwaSamari.—Yer. 31:5; Amosi 3:9.

4. Ezihlanjeni (EShefela, NW).—Yosh. 11:2; ABagwe. 1:9.

5. Ilizwe Leentaba LakwaYuda.—Yosh. 11:21.

6. Intlango YakwaYuda (IYeshimon).—ABagwe. 1:16; 1 Sam. 23:19.

7. Elasezantsi (INegebhi, NW).—Gen. 12:9; Num. 21:1.

8. Intlango YaseParan.—Gen. 21:20; Num. 13:1-3.

D. IArabha Enkulu (Intlambo enguMwonyo).—2 Sam 2:29; Yer. 52:7.

1. Ingingqi IHula

2. Ummandla Ojikeleze Ulwandle LwaseGalili.—Mat. 14:34; Yoh. 6:1.

3. Isithili Sentlambo YaseYordan (IGhor).—1 Kum. 7:46; 2 Kron. 4:17; Luka 3:3.

4. Ulwandle Lwetyuwa (Olufileyo) (Ulwandle LweArabha).—Num. 34:3; Dut. 4:49; Yosh. 3:16.

5. IArabha (emazantsi ukusuka kuLwandle Lwetyuwa).—Dut. 2:8.

E. Iintaba Namahewu Kwimpuma Yordan.—Yosh. 13:9, 16, 17, 21; 20:8.

1. Ilizwe LaseBhashan.—1 Kron. 5:11; INdu. 68:15.

2. Ilizwe LaseGiliyadi.—Yosh. 22:9.

3. Ilizwe Lakwa-Amon NelakwaMowabhi.—Yosh. 13:25; 1 Kron. 19:2; Dut. 1:5.

4. Ihewu Elikwintaba YakwaEdom.—Num. 21:4; ABagwe. 11:18.

F. Iintaba ZaseLebhanon.—Yosh. 13:5.

A. UNXWEME LOLWANDLE OLUKHULU

4. Ziintoni eziphawula unxweme lolwandle ibe injani imozulu yalo?

4 Xa siqalisa uhambo lwethu ukusuka entshona, kuqala sibona unxweme lolwandle olugudle kuhle iMeditera ebukekayo nenamanzi aluhlaza. Ngenxa yobuninzi beendawo ezineendulana zentlabathi, ekuphela kwezibuko elinobuhle bemvelo kumazantsi eNtaba yeKarmele liseYopa; kodwa kumantla eKarmele kukho amazibuko aliqela anobuhle bemvelo. AmaKanan (amaFenike, NW), awayehlala kweli lizwe ngakulo mmandla wonxweme, aba ngoomatiloshe abadumileyo. Umlinganiselo wobushushu obupholileyo ngonyaka kolu nxweme lugqatswa lilanga buli-19° ngokukaCelsius, nangona kuba shushu gqitha ehlotyeni, ekuthi ebudeni bemini umlinganiselo wobushushu ube malunga nama-34° ngokukaCelsius eGaza.

B-1 ITHAFA LAKWA-ASHERE

5, 6. Khawuchaze ngokufutshane (a) iThafa lakwa-Ashere, (b) isiqwenga esiselunxwemeni saseDore.

5 Eli thafa lingaselunxwemeni lifikelela emntla ukusuka kwiNtaba yeKarmele ngomgama omalunga nama-40 eekhilomitha. Obona bubanzi balo bukhulu bumalunga ne-13 leekhilomitha, ibe liyinxalenye yomhlaba owabelwa isizwe sakwa-Ashere. (Yosh. 19:24-30) Lalisisiqwenga sethafa elichumileyo nelinemveliso eninzi, kufumaneka kulo ukutya okwakutyiwa komkhulu kubukhosi bukaSolomon.—Gen. 49:20; 1 Kum. 4:7, 16.

B-2 ISIQWENGA ESISELUNXWEMENI SASEDORE

6 Esi siqwenga somhlaba sifikelela umda waso kwiNtaba yeKarmele kumgama omalunga nama-32 eekhilomitha. Sinobubanzi obumalunga neekhilomitha ezine kuphela. Sisiqwenga somhlaba esiselunxwemeni esiphakathi kweKarmele neMeditera. Kwinxalenye yaso esemazantsi, kukho isixeko esikwalizibuko saseDore, yaye kumzantsi wesi siqwenga, kulapho iindulana zentlabathi ziqala khona. Iinduli ezingasemva kweDore zazivelisa ukutya okuphambili okwakutyiwa kwizidlo zikaSolomon. Enye yeentombi zikaSolomon yatshatela kwelinye isekela lakhe elalihlala kule ngingqi.—1 Kum. 4:7, 11.

B-3 AMADLELO ASESHARON

7. (a) Kuthethwa njani ngeSharon kwisiprofeto, ibe ngoba? (b) Ngamaxesha axa kwakuhlala amaHebhere wawusetyenziselwa ntoni lo mmandla?

7 Ngenxa yobuhle beentyatyambo zayo ekusoloko kusenziwa imizekelo ngabo, kufanelekile ukuba iSharon ikhankanywe kumbono kaIsaya ongesiprofeto selizwe lakwaSirayeli elibuyiselweyo. (Isa. 35:2) Eli lilizwe lendyebo nelinamanzi awaneleyo. Lithafa elinobubanzi obususela kwiikhilomitha ezili-16 ukusa kwezili-19, unabela malunga neekhilomitha ezingama-64 ukuya emazantsi ukusuka kwisiqwenga saseDore esiselunxwemeni. Ngamaxesha axa kwakuhlala amaHebhere kwakulinywa amahlathi om-oki kummandla osemantla weSharon. Imihlambi emininzi yayisitya apho emva kokuba kuvunwe ukutya okuziinkozo. Kungenxa yesi sizathu le nto lo mmandla wabizwa ngokuba ngamadlelo aseSharon. Ngexesha likaKumkani uDavide, imihlambi yakomkhulu yayigcinwa eSharon. (1 Kron. 27:29) Namhlanje kukho imiyezo emikhulu yemithi yeziqhamo zesitrasi kulo mmandla.

B-4 ITHAFA LAMAFILISTI

8. Lindawoni iThafa lamaFilisti, ibe ziintoni eziyimbalasane kulo?

8 Lo mmandla uthe tyaba ngasezantsi kwamadlelo aseSharon, ugudla unxweme kangangomgama onokuba ngama-80 eekhilomitha uze uthabathe umgama omalunga neekhilomitha ezingama-24 ukushiya unxweme olo ungena kumhlaba owomileyo. (1 Kum. 4:21) Maxa wambi iindulana zentlabathi ezingaselunxwemeni zifumaneka emhlabeni owomileyo kumgama oziikhilomitha ezintandathu ukusuka elunxwemeni. Eli lithafa elinamahla-ndinyuka, elinjengomhlaba obharhileyo onobubanzi obususela kuma-30 eemitha ukuya kuma-200 eemitha ngasemva kweGaza ezantsi. Lo mhlaba uchumile; kodwa imvula inqongophele, ibe kusoloko kukho isisongelo sembalela.

B-5 INTLAMBO EKUMBINDI WEMPUMA-NTSHONA

9. (a) Ziziphi iinxalenye ezimbini eziyila intlambo ekwimpuma-ntshona, ibe yayixabiseke ngokukhethekileyo njani? (b) Usebenzisa imizobo ekwelithi “Umzekelo Wokwahlulwahlulwa KweLizwe Ledinga,” chaza ngokubanzi umphandle walo mmandla.

9 Eneneni le ntlambo ekumbindi wempuma-ntshona iyilwa ziinxalenye ezimbini, iThafa eliseNtlanjeni yaseMegido, okanye iEsdraelon, ngasentshona, neNtili yaseYizereli ngasempuma. (2 Kron. 35:22; ABagwe. 6:33) Le ntlambo isembindini xa iyonke yayisenza kube lula ukunqumla ilizwe phakathi ukusuka kwintlambo engumwonyo yaseYordan ukusa kuNxweme lweMeditera, ibe yaba yindlela ebalulekileyo kwezorhwebo. IThafa laseMegido likhuphela amanzi kwintlambo eyingxangxasi yaseKishon, eyila umlanjana oqukuqela ngengxingwa ephakathi kweNtaba yeKarmele neenduli zaseGalili nodlula kwiThafa lakwa-Ashere uze uye kungenela iMeditera. Lo mlanjana ungazaliyo utsha uthi khonkqo ebudeni beenyanga zasehlotyeni, kodwa ngamanye amaxesha uzala ube yingxangxasi.—ABagwe. 5:21.

10. (a) Chaza iNtili yaseYizereli. (b) Lo mmandla unxulunyaniswa naziphi iziganeko ezichazwe eBhayibhileni?

10 INtili yaseYizereli ikhuphela amanzi ayo kumzantsimpuma ngaseYordan. Esi siqwenga siyintlambo, iNtili yaseYizereli, sinobubanzi obumalunga nesi-3,2 seekhilomitha yaye sigubungela umgama ophantse ube ziikhilomitha ezili-19. Ukuphakama kwaso kuqalisa ngaphezu kweemitha ezingama-90, kuze ke kuye kuthambeka de kufikelele malunga neemitha ezili-120 ngaphantsi komphakamo wolwandle kufutshane neBete-sheyan. Intlambo iphela esembindini ichume kakhulu, ekubeni ummandla waseYizereli ungomnye weyona mimandla ichumileyo yeli lizwe liphela. Igama elithi Yizereli lithetha ukuthi “UThixo Uya Kutyala Imbewu.” (Hos. 2:22, NW) IZibhalo zithetha ngobumnandi nobuhle besi sixeko. (Gen. 49:15) IMegido neYizereli zasetyenziswa njengamathafa amadabi awaliwa ngamaSirayeli neentlanga ezaziwangqongile, ibe wayesilwela apho uBharaki, uGidiyon, uKumkani uSawule noYehu.—ABagwe. 5:19-21; 7:12; 1 Sam. 29:1; 31:1, 7; 2 Kum. 9:27.

C-1 IINDULI ZASEGALILI

11, 12. (a) ElaseGalili libalasela ukusa kuwuphi umkhamo kubulungiseleli bukaYesu, ibe ngoobani ababengabale ngingqi? (b) Chaza umahluko phakathi kweGalili eseZantsi neGalili ePhezulu.

11 Kwakukummandla osemazantsi weenduli zaseGalili (nakojikeleze uLwandle lwaseGalili) awathi uYesu wafeza indima enkudlwana yomsebenzi wakhe wokunikel’ ubungqina ngegama likaYehova nangoBukumkani. (Mat. 4:15-17; Marko 3:7) Inkoliso yabalandeli bakaYesu, kuquka bonke abapostile bakhe abali-11 abathembekileyo, babengabaseGalili. (IZe. 2:7) Kwesi sixeko, maxa wambi esibizwa ngokuba yiGalili eseZantsi, eli lizwe libukeka ngokwenene, iinduli zakhona zingaphantsi kwama-600 eemitha ukuphakama. Ukususela ekwindla kuye entwasahlobo, imvula ayinqabanga kweli lizwe lihle, yaye ngenxa yoko asingommandla oyintlango. Entwasahlobo zonke iinduli zambeswe ziintyatyambo eziyimibalabala, ibe zonke iingingqi ezikule ntlambo zinokutya okuziinkonzo okuchumileyo. Kumahewu amancinane, kukho umhlaba ochumileyo onokusetyenziselwa ezolimo, yaye ezi nduli zikufanelekele kakuhle ukuba kulinywe kuzo imithi yeminquma nemidiliya. Kulo mmandla iidolophu ezazidumile ekuthethwe ngazo eBhayibhileni yiNazarete, yiKana neNayin. (Mat. 2:22, 23; Yoh. 2:1; Luka 7:11) Kulo mmandla uYesu wafumana izinto ezininzi anokuzicaphula ekwenzeni imizekeliso yakhe.—Mat. 6:25-32; 9:37, 38.

12 Kummandla osemantla, okanye iGalili ePhezulu, iinduli ziphakama kuhle zifikelela kwiimitha ezili-1 100, ngokungathi kunjalo, zisiba sisinabelo seeNtaba zaseLebhanon. IGalili ePhezulu yindawo etenxileyo nekwanti, yaye ithandwa zizandyondyo zemvula. Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile amathambeka ayo angasentshona ayenamahlathi ashinyeneyo. Lo mmandla wabelwa isizwe sakwaNafetali.—Yosh. 20:7.

C-2 IINDULI ZEKARMELE

13. (a) Iyintoni ngokwenene iKarmele? (b) Ikhankanywa ngasiphi isiganeko eBhayibhileni?

13 Isiphongo seNtaba yeKarmele siphumele kuhle ngakuLwandle lweMeditera. IKarmele ludederhu lweenduli, ezingama-48 eekhilomitha ubude, ezinokuphakama okuqalela kwiimitha ezingama-545 ngaphezu komphakamo wolwandle. Isuka kwiinduli zakwaSamari iye kufikelela kwiMeditera, ibe incam yayo ephumele emanzini, eyila owona mmango mkhulu kwicala elikumntlampuma ekupheleni kolu dederhu, inobuhle obungenakulibaleka. (INgoma 7:5) Igama elithi Karmele lithetha “UMyezo,” gama elo elisifanela kakuhle esi siphongo sichumileyo, sambeswe kuhle zizidiliya zaso ezidumileyo nayimithi yeziqhamo neyeminquma. UIsaya 35:2 uyisebenzisa njengomfuziselo wokuchuma okunik’ isiqhamo kwelizwe lakwaSirayeli elibuyiselweyo: ‘Linikwe ubungangamela beKarmele.’ Kwakulapha apho uElisha wacel’ umngeni ababingeleli bakaBhahali nalapho wathi khona “wawa ke umlilo kaYehova” njengobungqina bokongama Kwakhe, ibe kwakusencotsheni yeKarmele awathi uElisha watsalel’ ingqalelo kwilifana elabangela isandyondyo semvulakazi, ngaloo ndlela liphelisa ngokungummangaliso imbalela kwaSirayeli.—1 Kum. 18:17-46.

C-3 IINDULI ZAKWASAMARI

14. Ziziphi izizwe ezazihlala kwiinduli zakwaSamari, ibe ziziphi izityalo ezichumayo kulo mmandla?

14 Ubukhulu becala inxalenye esemazantsi yalo mmandla ineenduli, ezinokuphakama okuziimitha ezingama-900 empuma. (1 Sam. 1:1) Kulo mmandla, iimvula ezinkulu zixhaphake ngakumbi kunokuba zinjalo kwaYuda emazantsi. Lo mmandla wamiwa yinzala kaEfrayim, unyana omncinane kaYosefu. Inxalenye esemantla yalo mmandla, eyabelwa isiqingatha sesizwe sakwaManase, unyana omkhulu kaYosefu, igubungela iingingqi ezisezintlanjeni namathafa amancinane ajikelezwe ziinduli. Lo mhlaba uneenduli awuchumanga kangako, nangona kukho kuwo izidiliya nemiyezo yemithi yomnquma, ekunokwenzeka ukuba zibekho ngenxa yobukho bamathafa aphangaleleyo kumacala asemazantsi eenduli. (Yer. 31:5) Noko ke, iingingqi ezinkudlwana ezikwezi ntlambo zilungele kanye ukuba kulinywe kuzo ukudla okuziinkozo kuze kufuywe naluphi na uhlobo lwezilwanyana. Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile kwakukho izixeko ezininzi kuloo mmandla. Ebudeni bexesha lobukumkani basentla, kwelakwaManase kwamiselwa ngokulandelelanayo iidolophu ezintathu njengamakomkhulu—elakwaShekem, elaseTirtsa nelakwaSamari— waza ke wonke lo mmandla kwathiwa kukwaSamari, uthiywa ngegama lale dolophu ilikomkhulu.—1 Kum. 12:25; 15:33; 16:24.

15. (a) Ukumsikelela kukaMoses uYosefu kwazaliseka njani kummandla wakwaSamari? (b) Eli lizwe lasikelelwa njani ngokubhekele phaya ebudeni bexesha likaYesu?

15 Ukusikelelwa kukaYosefu nguMoses ngokuphathelele eli lizwe kwazaliseka ngokwenyaniso. “NgoYosefu wathi, Malisikelelwe nguYehova ilizwe lakhe ngezinto ezinconywayo zezulu; ngombethe . . . nangezinconywayo eziveliswa lilanga, nangezinconywayo ezihlunyiswa ziinyanga, nangeencopho zeentaba zamandulo, nangezinconywayo zeenduli ezingunaphakade.” (Dut. 33:13-15) Ewe, eli lizwe laliyintombazana. Iintaba zalo zazinamahlathi amakhulu, iintlambo zalo zazichumile, ibe lazaliswa zizixeko ezinenkcubeko nezinabemi abaneleyo. (1 Kum. 12:25; 2 Kron. 15:8) Kamva uYesu washumayela kweli lizwe lakwaSamari, njengoko benjenjalo nabafundi bakhe, baza ubuKristu baxhaswa ngabaninzi apho.—Yoh. 4:4-10; IZe. 1:8; 8:1, 14.

C-4 EZIHLANJENI (ESHEFELA, NW)

16. (a) Iphawuleka ngantoni iShefela? (b) Sasibaluleke ngantoni esi sithili kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile?

16 Ngoxa igama elithi Shefela lithetha “uMmandla Osezantsi,” enyanisweni lo ngummandla oneenduli ezinokuphakama okufikelela iimitha ezimalunga nama-450 kwinxalenye esemazantsi ibe ziman’ ukwahlulahlulwa ziintlambo ukusuka empuma ukuya entshona. (2 Kron. 26:10) Uqalisa kanye kwicala elingasempuma lethafa elingaselunxwemeni lamaFilisti ibe umele ugqalwe njengommandla osezantsi kuba nje uthelekiswa neenduli eziphakamileyo zakwaYuda ezikude empuma phayaa. (Yosh. 12:8) Kwiinduli zawo, ezazambeswe yimithi yemithombe, ngoku kukho izidiliya nemiyezo yemithi yeminquma. (1 Kum. 10:27) Wawunezixeko eziliqela. Kwimbali yeBhayibhile wawungummandla owahlulayo phakathi kwamaSirayeli namaFilisti okanye nayiphi na eminye imikhosi eyayizama ukungenela uYuda isiza ngendlela yethafa eliselunxwemeni.—2 Kum. 12:17; Obha. 19.

C-5 ILIZWE LEENTABA LAKWAYUDA

17. (a) Lalinemveliso kangakanani ilizwe elineenduli lakwaYuda kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile, ibe linjani namhlanje? (b) ElakwaYuda laligqalwa njengendawo entle ngenxa yantoni?

17 Lo ngummandla oneentaba eziphakamileyo ezinobude obungama-80 eekhilomitha nobubanzi obungaphantsi kwama-32 eekhilomitha, zinokuphakama okungaphezu kwama-600 ukuya kwi-1 000 leekhilomitha ngaphezu komphakamo wolwandle. Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile lo mmandla wawambeswe yimithi ekwenziwa ngayo amaplanga, ibe ngokukodwa kwicala elingasentshona, iinduli neentlambo zazinamasimi achumileyo okutya okuziinkozo, imithi yeminquma nezidiliya. Esi yayisisithili esasinemveliso eninzi gqitha yokutya okuziinkozo, yeoyile neyewayini, zinto ezo ezazisetyenziswa ngamaSirayeli. Ngokukodwa ummandla ojikeleze iYerusalem uye waphelelwa kanobom ngamahlathi awo ukususela kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile ibe ngenxa yoko ubonakala uyinkqantosi xa uthelekiswa noko wawukhe wakuko. Ebusika, maxa wambi ikhephu liwela kwiindawo eziphakame ngakumbi embindini, njengaseBhetelehem. Kumaxesha amandulo elakwaYuda laligqalwa njengendawo efanelekileyo yokwakha izixeko neenqaba, ibe ngamaxesha kaxakeka abantu babesabela kwezi ntaba ukuze basinde.—2 Kron. 27:4.

18. (a) IYerusalem yaba lilo nini ikomkhulu lakwaSirayeli nelakwaYuda? (b) Ziziphi ezinye iimbalasane ezibangel’ umdla zesi sixeko?

18 Into eyimbalasane kwimbali kaYuda nekaSirayeli yiYerusalem, ekwabizwa ngokuba yiZiyon, ethiywe ngenqaba eyayilapho. (INdu. 48:1, 2) Ekuqaleni yayisisixeko samaKanan iYebhusi, ethe zinzi kumhlaba ophakamileyo ongasentla ekudibaneni kweNtlambo yakwaHinom neNtlambo yaseKidron. Emva kokuba uDavide eyithimbile waza wayenza ikomkhulu, yandiswa ukuya kumntla-mpuma, ibe ekugqibeleni yagubungela kwaneNtlambo yaseTyropoeon. Ekuhambeni kwexesha le Ntlambo yakwaHinom yabizwa ngokuba yiGehena. Ngenxa yokuba amaYuda ayebingelela kwizithixo kuyo, kwathiwa ingcolile yaza yenziwa indawo yokulahla amabibi nezidumbu zezaphuli-mthetho eziziinjubaqa. (2 Kum. 23:10; Yer. 7:31-33) Ngaloo ndlela, umlilo wayo waba ngumfuziselo wokutshatyalaliswa ngokupheleleyo. (Mat. 10:28; Marko 9:47, 48) IYerusalem yayifumana nje kuphela amanzi alinganiselweyo kwiChibi laseSilowa, kwintshona yeNtlambo iKidron, ibe uHezekiya walikhusela ngokwakha udonga olungaphandle ukuze lona libe ngaphakathi esixekweni.—Isa. 22:11; 2 Kron. 32:2-5.

C-6 INTLANGO YAKWAYUDA (IYESHIMON)

19. (a) IYeshimon iyifanela njani intsingiselo yegama layo? (b) Ziziphi iziganeko eziseBhayibhileni ezehla kulo mmandla?

19 Igama elithi Yeshimon lisetyenziswe eBhayibhileni ukubhekisela kwiNtlango yakwaYuda. Lithetha “iNkangala.” (1 Sam. 23:19, umbhalo osemazantsi we-NW) Hayi indlela eliyichaza kakuhle neliyifanele ngayo eli gama! Kwicala elisempuma le ntlango inamathambeka angamagqagala enze iinduli zakwaYuda eziyimiqwebedu zelitye lekalika, okuthi ukuphakama kwazo okungama-24 eekhilomitha kuhle ngaphezu kwama-900 eemitha kwicala elisondele kuLwandle Olubomvu, apho ziphela khona ngoqoqo lwamawa. Akukho zixeko yaye kukho nje imizi embalwa eYeshimon. Kwakukule ntlango yakwaYuda apho uDavide wasabela khona xa wayebaleka uKumkani uSawule, kwakuphakathi kwale ntlango neYordan awathi uYohane uMbhaptizi washumayela khona, ibe kwakukulo mmandla awaphumla kuwo uYesu xa wayezile ukudla kangangeentsuku ezingama-40.b—1 Sam. 23:14; Mat. 3:1; Luka 4:1.

C-7 ELASEZANTSI (INEGEBHI, NW)

20. Khawutyatyadule ngeNegebhi.

20 Kumazantsi eenduli zakwaYuda kukho iNegebhi, apho usolusapho uAbraham noIsake babehlala khona kangangeminyaka emininzi. (Gen. 13:1-3; 24:62) Kwakhona iBhayibhile ibhekisela kwinxalenye esemazantsi yalo mmandla ngokuthi ‘intlango yeTsin.’ (Yosh. 15:1) INegebhi efumana imvula encinane ithabathela kwisithili saseBher-shebha emntla ise eKadeshe-bharneha emzantsi. (Gen. 21:31; Num. 13:1-3, 26; 32:8) Ukusuka kwiinduli zakwaYuda lo mmandla uba lungcelele lwemimango, esuka empuma iye kuqhina ngasentshona, eyileke ngendlela yokuba kungabi nakuhamba nto apho okanye kungangeni nto kweli lizwe evela ngasemzantsi. Ukuthabathela kwiinduli ezingasempuma zeNegebhi lo mmandla unabela ngakwithafa eliyintlango elingasentshona, eligudle unxweme lolwandle. Nasehlotyeni lo mmandla uba ngumqwebedu njengentlango, ngaphandle kweendawo ezithile ezikufutshane neentlambo ezineengxangxasi. Phofu ke, amanzi anokufumaneka ngokuthi kumbiwe iqula. (Gen. 21:30, 31) ILizwe lakwaSirayeli lale mihla livelisa iinkqubo zonkcenkcesho nezokuphucula imimandla ethile yeNegebhi. ‘Umlambo waseYiputa’ wawusebenza njengomda kumzantsi-ntshona weNegebhi yaye ukwayinxalenye yomda osemazantsi weLizwe Ledinga.—Gen. 15:18.

C-8 INTLANGO YASEPARAN

21. Iphi iParan, ibe yaba nayiphi indima kwimbali yeBhayibhile?

21 Kumzantsi weNegebhi naxa usithi thu ngeNtlango yeTsin kukho iNtlango yaseParan. Xa ayeshiya iSinayi, amaSirayeli anqumla le ntlango esinge kwiLizwe Ledinga, ibe kwakuseParan apho wathi uMoses wathuma iintlola ezili-12.—Num. 12:16–13:3.

D. IARABHA ENKULU (INTLAMBO ENGUMWONYO)

22. Usebenzisa imaphu ekwiphepha 272 nemizobo ekwiphepha 273, ndawonye nesi siqendu, chaza ngokufutshane ezona zinto zibalaseleyo kwiArabha (iNtlambo enguMwonyo) nendlela ezihlobene ngayo nommandla ozingqongileyo.

22 Enye yeendawo ezidaleke ngeyona ndlela ingaqhelekanga kulo mhlaba yiNtlambo enkulu enguMwonyo. EBhayibhileni, lo mmandla onqumla kwiLizwe Ledinga ukusuka emntla ukuya emzantsi kuthiwa ‘yiArabha.’ (Yosh. 18:18) Kweyesi-2 kaSamuweli 2:29 (NW) lo mfanta uvuleke kumphezulu womhlaba uchazwa ngokuba ngumsele obangelwe ngamanzi. EMantla awo kukho iNtaba yeHermon. (Yosh. 12:1) Ukuthabathela kanye kumazantsi eHermon, le Ntlambo inguMwonyo yehlela ngokukhawuleza ngasemazantsi ifikelela kuma-800 eemitha ngaphantsi komphakamo wolwandle kumazantsi oLwandle Olufileyo. Ukusuka kwicala elisezantsi ngasekupheleni koLwandle Olufileyo, iArabha iyaqhubeka, isiya iphakama kangangama-200 eemitha ngaphezu komphakamo wolwandle malunga nendlela ephakathi koLwandle Olufileyo neNyoba yeʽAqaba. Emva koko ihlela ngokukhawuleza kumanzi adikidiki echweba elingasempuma yoLwandle Olubomvu. Icandelo elilapha leemaphu libonisa indlela le Ntlambo inguMwonyo edibana ngayo nelizwe eliyingqongileyo.

D-1 INGINGQI IHULA

23. Ummandla weHula wawunxulunyaniswa nantoni ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile?

23 Emazantsi apho iqala khona iNtaba yeHermon, ukuphakama kweNtlambo enguMwonyo kuhla ngomlinganiselo weemitha ezingama-490 ukuya kuthi ga ngengingqi iHula, ephantse ilingane nomphakamo wolwandle. Esi sithili sifumana amanzi awaneleyo ibe sihlala siluhlaza yaka kwanasebudeni beenyanga ezishushu zasehlotyeni. Kwakukulo mmandla apho amaDan ahlala khona kwisixeko sawo sakwaDan, esenziwa isazulu sonqulo-zithixo ukususela kwixesha labagwebi ukusa kwixesha lobukumkani bezizwe ezilishumi zakwaSirayeli. (ABagwe. 18:29-31; 2 Kum. 10:29) KwakuseKhesareya yaseFilipi, idolophu ekufutshane nendawo esasikuyo isixeko samandulo sakwaDan, apho wathi uYesu waqinisekisa abafundi bakhe ukuba wayenguKristu, ibe abaninzi bakholelwa ekubeni ukwenziwa kumila kumbi kwakhe kwiintsuku ezintandathu kamva kwenzeka kwiNtaba yeHermon ekufutshane. Ukusuka kwiHula, iNtlambo enguMwonyo ihlela kuLwandle lwaseGalili, olumalunga neemitha ezingama-210 ngaphantsi komphakamo wolwandle.—Mat. 16:13-20; 17:1-9.

D-2 UMMANDLA OJIKELEZE ULWANDLE LWASEGALILI

24. (a) Ngawaphi amanye amagama elibizwa ngawo uLwandle lwaseGalili eBhayibhileni? (b) Yayinjani indawo olukuyo ngomhla kaYesu?

24 ULwandle lwaseGalili neendawo ezilujikelezileyo lubukeka gqitha.c Umdla womntu ngalo mmandla uvuseleleka ngamandla ngenxa yeziganeko ezininzi ezenzeka apho ngethuba lobulungiseleli bukaYesu. (Mat. 4:23) Olu lwandle lukwabizwa ngokuba liDike laseGenesarete, okanye laseKinerete nokuba luLwandle lwaseTibheriya. (Luka 5:1; Yosh. 13:27; Yoh. 21:1) Lidike elimilise okwentliziyo, elinobude obuphantse bube ngama-21 eekhilomitha nobubanzi obuphantse bube li-11 leekhilomitha kweyona ndawo yalo ibanzi, ibe eli lizwe lixhomekeke kulo ngokufumana amanzi. Phantse kuzo zone iimbombo zalo lijikelezwe ziinduli. Ukuphakama komgangatho weli dike kuziimitha ezingama-210 ngaphantsi komphakamo wolwandle, nto leyo ebangela ukuba ubusika buphole yaye bufudumale lize ihlobo liqhube iinyanga ezininzi yaye litshise. Ngemihla kaYesu, eli yayiliziko loshishino lokuloba elalihambele phambili kakhulu, ibe izixeko ezaziphumelela kolu shishino, iKorazin, iBhetesayida, iKapernahum neTibheriya zazakhiwe elunxwemeni lweli dike okanye kufutshane nalo. Ukuzola kolu nxweme kunokuphazanyiswa ngokulula luqhwithela. (Luka 8:23) Ithafa elincinane laseGenesarete, elimilise okukanxa-ntathu, lithe tyaba kumntla-mpuma weli dike. Umhlaba walo uchumile, uvelisa phantse lonke uhlobo lwezityalo ezaziwayo kwiLizwe Ledinga. Entwasahlobo amathambeka amibala iqaqambileyo akhazimla ngokuqaqamba okungagqweswa yiyo nayiphi na enye indawo kwilizwe lakwaSirayeli.d

D-3 ISITHILI SENTLAMBO YASEYORDAN (IGHOR)

25. Ziziphi ezona zinto zibalaseleyo kwiNtlambo yaseYordan?

25 Iyonke nje le ntlambo efana nomsele nemqengqelezi ikwabizwa ngokuba ‘yiArabha.’ (Dut. 3:17) Ama-Arabhu anamhlanje athi yiGhor, gama elo elithetha “uMfanta.” Le ntlambo iphuma kuLwandle lwaseGalili ibe ibanzi yonke—ekubeni imalunga neekhilomitha ezili-19 ububanzi kwezinye iindawo. UMlambo iYordan ukumgama ongangeemitha ezingama-46 emazantsi eli thafa lisentlanjeni, usenza amajikojiko ukulijikeleza ngomgama ongama-320 eekhilomitha ukugubungela umgama oziikhilomitha ezili-105 ukuya kuLwandle Olufileyo.e Utyhubela iingxangxasana ezingama-27 ezinamanzi anamandla, lo mlambo uya usihla ngokuhla de uthi ufika kuLwandle Olufileyo ube ukumgama weemitha ezili-180 ezantsi phayaa. IYordan esezantsi iphela ngodada lwemithi namatyholo, emininzi iyeyomtamariske, amatyholo eoleander nemingcunube, ezazithi iingonyama namathole azo zincathame phakathi kwayo ebudeni bamaxesha okubhalwa kweBhayibhile. Namhlanje le ndawo yaziwa ngokuba yiZor ibe ithanda ukuba nezikhukula entwasahlobo. (Yer. 49:19) Xa unyukela ngasentla ngalo naliphi na icala lesi siqwenga singumbholompo nesifana nentshinyela yehlathi ufika kwiQattara, umda ongabukekiyo ongumhlaba oyinkangala onamahewu amancinane namathambeka angamaxethuka nemixawuka akhokelela kanye kumathafa eGhor. Amathafa akwinxalenye esemantla yeGhor, okanye iArabha, alinywe kakuhle. Kwanakwinxalenye esemazantsi, ngakuLwandle Olufileyo, ihewu leArabha, elingumqwebedu kunamhlanje nje, kuthiwa ngaxa lithile lakha lavelisa iintlobo ngeentlobo zeedatilisi, kunye nezinye iziqhamo ezininzi zakwimimandla yeenjiko. IYeriko yayisesona sixeko sidumileyo kule Ntlambo yaseYordan ibe isenjalo nanamhlanje.—Yosh. 6:2, 20; Marko 10:46.

D-4 ULWANDLE LWETYUWA (OLUFILEYO)

26. (a) Ziziphi ezinye izinto eziphawulekayo ngoLwandle Olufileyo? (b) Bubuphi ubungqina obuchukumisayo obufumaneka kulo mmandla ngokuphathelele imigwebo kaYehova?

26 Le yenye yezona ntlanganisela zamanzi ziphawulekayo emhlabeni. Kuyafaneleka ukuba ibizwe ngokuba ifile, kuba akukho zintlanzi kolu lwandle ibe ufumana nje intwana yohlaza apha naphaya kunxweme lwalo. IBhayibhile ithi luLwandle Lwetyuwa, okanye uLwandle lweArabha, ekubeni lukwintlambo engumwonyo yeArabha. (Gen. 14:3; Yosh. 12:3) Olu lwandle luqikelelwa kuma-75 eekhilomitha ukusuka emntla ukuya emzantsi nakwi-15 leekhilomitha ukusuka kwelinye icala ukuya kwelinye. Umphakamo walo uziimitha ezingama-400 ngaphantsi kwalowo woLwandle lweMeditera, lusiba yeyona ndawo isezantsi emhlabeni. Kwinxalenye yalo esemantla, lunobunzulu obuziimitha ezimalunga nama-400. Kwicala ngalinye, olu lwandle luneenduli ezibharhileyo namawa amqengqelezi. Nangona uMlambo iYordan ungenisa kulo amanzi amatsha, akukho ndawo aphuma ngayo ngaphandle kokuba aguqukele ekubeni ngumphunga, nto leyo eyenzeka ngokukhawuleza ngokufanayo nokungena kwawo. La manzi avalelekileyo aqulethe malunga nama-25 ekhulwini ento ephathekayo enyibilikileyo, eyityuwa ubukhulu becala, ibe iyityhefu ezintlanzini kwaye ihlaba kabuhlungu emehlweni abantu. Abantu abatyelela eyona ndawo inkulu yommandla ojikeleze uLwandle Olufileyo ngokufuthi baba nombono wendawo eyinkangala nephanzisiweyo. Iyindawo yokufa. Nangona wonke lo mmandla wawukhe ‘wangummandla onamanzi, unjengomyezo kaYehova,’ ngoku ubukhulu becala ummandla woLwandle Olufileyo ‘uyinkangala’ ibe ubusoloko unjalo kangangeminyaka emalunga nama-4 000, njengobungqina obumangalisayo bemigwebo kaYehova engenakuguqulwa eyayihliselwe iSodom neGomora.—Gen. 13:10; 19:27-29; Zef. 2:9.

D-5 IARABHA (EMAZANTSI UKUSUKA KULWANDLE LWETYUWA)

27. Luhlobo luni lommandla elulo iArabha esemazantsi, ibe yayiphantsi kwaluphi ulawulo kumaxesha amandulo?

27 Le nxalenye isekugqibeleni yeNtlambo enguMwonyo igudla emazantsi umgama weekhilomitha ezili-160. Lo mmandla uphantse ube yintlango. Imvula inqabile, yaye ilanga ligqatsa ubhobhoyi. Kwakhona iBhayibhile iyibiza le ndawo ngokuba ‘yiArabha.’ (Dut. 2:8) Malunga nasembindini wayo, ifikelela eyona ncopho yayo iphakamileyo ngeemitha ezimalunga nezingama-200 ngaphezu komphakamo wolwandle ize ke ihlele ngasemazantsi kwakhona ngakwiNyoba yeʽAqaba, incam engasempuma yoLwandle Olubomvu. Kwakulapha, kwizibuko lase-Etsiyon-gebhere, apho uSolomon wenza khona iinqanawa. (1 Kum. 9:26) Kangangethuba elide lookumkani bakwaYuda, lo mmandla waseArabha wawuphantsi kolawulo lobukumkani bakwaEdom.

E. IINTABA NAMAHEWU KWIMPUMA YORDAN

28. Lixabiseke ngantoni ilizwe laseBhashan nelaseGiliyadi mayela nezolimo, ibe yayibandakanyeke njani le mimandla kwimbali yeBhayibhile?

28 ‘Ummango ophesheya eYordan ngasempumalanga’ unyuka ngamandla ukusuka kwiNtlambo enguMwonyo uze uyile ungcelele lwamahewu. (Yosh. 18:7; 13:9-12; 20:8) Emantla lilizwe laseBhashan (E-1), elathi lona, kunye nesiqingatha somhlaba waseGiliyadi, lanikelwa kwisizwe sakwaManase. (Yosh. 13:29-31) Eli yayililizwe elineenkomo ezininzi, ilizwe labalimi, ihewu elichumileyo elinomlinganiselo wokuphakama omalunga nama-600 eemitha ngaphezu komphakamo wolwandle. (INdu. 22:12; Hez. 39:18; Isa. 2:13; Zek. 11:2) Ngemihla kaYesu lo mmandla wawuthumela ingqolowa eninzi kwamanye amazwe, ibe namhlanje usenemveliso kwezolimo. Ngokulandelayo, emzantsi, kukho ilizwe laseGiliyadi (E-2), elisiqingatha salo esingasezantsi sabelwa isizwe sakwaGadi. (Yosh. 13:24, 25) Ekubeni ingummandla oneentaba eziphakame kangangeemitha ezili-1 000, onkcenkceshelwa ngumkhumezelo ebusika nangumbethe omninzi ehlotyeni, wawukwalilizwe elinemfuyo eninzi nelidume kunene ngamafutha alo aqholiweyo. Namhlanje liphawuleka ngeediliya zalo ezizezodidi oluphambili. (Num. 32:1; Gen. 37:25; Yer. 46:11) Kwakukulo mmandla waseGiliyadi apho uDavide wabalekela khona esaba kuAbhisalom, ibe kummandla ongasentshona, uYesu washumayela ‘kwimida yaseDekapoli.’—2 Sam. 17:26-29; Marko 7:31.

29. Kwimpuma Yordan, yiyiphi imimandla esezantsi, ibe yayiphawuleka ngantoni?

29 ‘Ilizwe loonyana baka-Amon’ (E-3) lithe zinzi nje kwindawo esemazantsi eGiliyadi, ibe isiqingatha salo sanikwa isizwe sakwaGadi. (Yosh. 13:24, 25; ABagwe. 11:12-28) Silihewu elinamahla-ndinyuka, elilidlelo elihle leegusha. (Hez. 25:5) Kanye emazantsi kukho ‘ilizwe lakwaMowabhi.’ (Dut. 1:5) AmaMowabhi ayenemihlambi emikhulu yeegusha, ibe ukuza kuthi ga kulo mhla ukufuywa kweegusha kuyeyona nto iphambili kuloo mmandla. (2 Kum. 3:4) Sandula ke, emzantsi-mpuma woLwandle Olufileyo, sifike kwihewu lentaba yakwaEdom (E-4). Amanxuwa eenqaba zalo zorhwebo oluphambili, njengePetra, asekho unanamhla.—Gen. 36:19-21; Obha. 1-4.

30. Yintoni evalele amahewu kwicala elingasempuma?

30 Kwimpuma yezi nduli namahewu kukho intlango enkulu engumwewe ebangela ukuba kungabikho ndlela konke konke enqumla phakathi kweLizwe Ledinga neMesopotami, nto leyo ebangela ukuba iindlela ehamba ngazo imikhoko ijikeleze kangangeekhilomitha ezininzi ngasemantla. Emzantsi wale ntlango kukho iindulana zentlabathi zentlango enkulu kwelaseArabhu.

F. IINTABA ZASELEBHANON

31. (a) Yintoni eyila iintaba zeLebhanon? (b) Ziziphi izinto ezibalaseleyo eLebhanon ezisaseleyo njengoko zazinjalo kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile?

31 Iintaba zaseLebhanon zithabatha eyona ndawo inkulu yeLizwe Ledinga. Eneneni ziludederhu lweentaba ezimbini ezinxuseneyo. Amazantsi oDederhu lweeNtaba zeLebhanon anabele ngakwiGalili ePhezulu. Kwiindawo ezininzi ezi nduli zifikelela kanye ezantsi elunxwemeni lolwandle. Eyona ncopho iphakamileyo kolu dederhu imalunga neemitha ezingama-3 000 ngaphezu komphakamo wolwandle. Eyona ncopho iphakamileyo kuDederhu olungaPhesheya lweeNtaba zeLebhanon yiNtaba iHermon ebukekayo, ephakame kangangeemitha ezingama-2 814 ngaphezu komphakamo wolwandle. Ikhephu layo elinyibilikayo lingowona mthombo uMlambo iYordan ofumana kuwo amanzi nowombethe ebudeni bexesha lembalela ekupheleni kwentwasahlobo. (INdu. 133:3) IiNtaba zaseLebhanon zaziphawulwa ngokukhethekileyo ngemisedare yazo emikhulukazi, uhlobo lomthi esasakhiwe ngawo ubukhulu becala isakhiwo setempile kaSolomon. (1 Kum. 5:6-10) Ngoxa namhlanje kusele nje amahlathana ambalwa omsedare, kumathambeka asezantsi kusekho izidiliya, amagcume eminquma nemiyezo yeziqhamo, kanye njengoko yayikho kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile.—Hos. 14:5-7.

32. UMoses walichaza ngokuchanileyo njani iLizwe Ledinga?

32 Njengoko ngokwenjenje siqukumbela utyelelo lwethu kwiLizwe likaYehova Lesithembiso, elihlohlwe njengoko linjalo phakathi kwentlango evalileyo empuma yoLwandle Olukhulu, sinokuba nomfanekiso-ngqondweni wobuqaqawuli elalikhe lanabo ngemihla kaSirayeli. Ngokwenyaniso ‘yayililizwe elihle kakhulu kunene, ilizwe elibaleka amasi nobusi.’ (Num. 14:7, 8; 13:23) UMoses wabhekisela kulo ngala mazwi: “UYehova uThixo wakho ukungenisa ezweni elihle; ezweni lemilanjana yamanzi, lemithombo namanzi enzonzobila, aphuma ezihlanjeni nasezintabeni; ezweni lengqolowa, nerhasi, neediliya, nemikhiwane, neerharnate; ezweni leminquma yeoli, nobusi; ezweni ongayi kudla sonka kulo uyimbedlenge, ongayi kuswela nanye into kulo; ezweni elimatye asinyithi, elintaba womba ubhedu kuzo; udle, uhluthe, umbonge uYehova uThixo wakho ngenxa yelizwe elihle akunike lona.” (Dut. 8:7-10) Ngoku ngamana bonke abo bathanda uYehova bangenjenjalo ukumbulela kuba enenjongo yokwenza lo mhlaba uphela ube yiparadisi ezukileyo, njengeLizwe lakhe Ledinga lamandulo.—INdu. 104:10-24.

[Imibhalo esemazantsi]

a I-Insight on the Scriptures, Umqu. 1, iphepha 332-3.

b I-Insight on the Scriptures, Umqu. 1, iphepha 335.

c I-Insight on the Scriptures, Umqu. 1, iphepha 336.

d I-Insight on the Scriptures, Umqu. 2, iphepha 37-40.

e I-Insight on the Scriptures, Umqu. 1, iphepha 334.

[Imaphu ekwiphepha 272]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

IMIMANDLA YEMVELO YELIZWE LEDINGA

(nomhlaba omelene nayo)

MI 0 10 20 30 40 50 60

KM 0 20 40 60 80

(Ukuze ubone ukwahlulwahlulwa kwecandelo V—V, W—W, X—X, Y—Y, no-Z—Z, bona iphepha elilandelayo)

OKUMELWA ZIINOMBOLO

ULWANDLE LWEMEDITERA

A Unxweme Lolwandle Olukhulu

IYopa

B-1 Ithafa Lakwa-Ashere

B-2 Isiqwenga Esiselunxwemeni SaseDore

IDore

B-3 Amadlelo AseSharon

B-4 Ithafa LamaFilisti

KwaAshdode

IAshkelon

IEkron

IGati

IGaza

B-5 Intlambo Ekumbindi WeMpuma–Ntshona (IThafa LaseMegido,

Intili YaseYizereli)

IBhete-shan

C-1 Iinduli ZaseGalili

Ikana

Nayin

INazarete

ITire

C-2 Iinduli ZeKarmele

C-3 Iinduli ZakwaSamari

IBheteli

IYeriko

ElakwaSamari

ITirtsa

KwaShekem

C-4 IShefela

KwaLakishe

C-5 Ilizwe Leentaba LakwaYuda

IBhetelehem

IGhebha

IHebron

IYerusalem

C-6 Intlango YakwaYuda (IYeshimon)

C-7 INegebhi

IBher-shebha

IKadeshe-bharneha

Umlambo waseYiputa

C-8 Intlango YaseParan

D-1 Ingingqi IHula

ElakwaDan

IKesareya yakwaFilipu

D-2 Ummandla Ojikeleze Ulwandle LwaseGalili

IBhetesayida

IKapernahum

IKapernahum

Ulwandle LwaseGalili

ITibheriyo

D-3 Ummandla Wentlambo YaseYordan (IGhor)

Umlambo IYordan

D-4 Ulwandle Lwetyuwa (Olufileyo) (Ulwandle LwaseArabha)

Ulwandle Lwetyuwa

D-5 IArabha (ngasemzantsi ukusuka kuLwandle lwetyuwa)

IEtsiyon-gebhere

Ulwandle Olubomvu

E-1 Ilizwe LaseBhashan

IDamasko

IEdreyi

E-2 Ilizwe LaseGiliyadi

IRabha

IRamoti-giliyadi

Intlambo IYabhoki

E-3 Ilizwe Lakwa-Amon NelakwaMowabhi

IHeshbhon

IKir-haresete

IMedebha

Intlambo YaseArnon

Intlambo YaseTserede

E-4 Ihewu Elisentabeni LakwaEdom

IPetra

Iintaba ZaseLebhanon

ITsidon

Iintaba ZaseLebhanon

Intaba IHermon

[Iimaphu ezikwiphepha 273]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

UMZEKELO WOKWAHLULWAHLULWA KWELIZWE LEDINGA

(Ukuze ubone indawo ekuyo, bona imaphu ekwiphepha elandulelayo)

Ukuphakama kuthelekelelwa kwinani lomlinganiselo wobude eliphindaphindwe kali-10

Icandelo LeNtshona-Mpuma Ngaphesheya KwelakwaEfrayim (V—V)

Ulwandle LweMeditera

B-3 Amadlelo AseSharon

C-3 Iinduli ZelakwaSamari

D-3 IArabha okanye Intlambo YaseYordan (IGhor)

IQattara

IZore

E-2 Umhlaba WaseGiliyadi

MI 0 5 10

KM 0 8 16

Amanani asekhohlo ZIIMITHA Amanani asekunene ZIINYAWO

+900 +3 000

+600 +2 000

+300 +1 000

0 (Umphakamo Wolwandle) 0

−300 −1 000

−600 −2 000

Icandelo LeNtshona-Mpuma Ngaphesheya KwelakwaYuda (W—W)

Ulwandle LweMeditera

B-4 Iindulana Zentlabathi

Ithafa LamaFilisti

C-4 IShefela

C-5 Ilizwe Elineentaba LakwaYuda

IYerusalem

C-6 Intlango YakwaYuda

D-4 Intlambo Engumwonyo

E-3 Umhlaba Wakwa-Amon NowakwaMowabhi

MI 0 5 10

KM 0 8 16

Amanani asekhohlo ZIIMITHA Amanani asekunene ZIINYAWO

+900 +3 000

+600 +2 000

+300 +1 000

0 (Umphakamo Wolwandle) 0

−300 −1 000

−600 −2 000

Icandelo LeNtshona-Mpuma Ngaphesheya KwelakwaYuda (X​—X)

Ulwandle LweMeditera

B-4 Iindulana Zentlabathi

Ithafa LamaFilisti

C-4 IShefela

C-5 Ilizwe Elineentaba LakwaYuda

C-6 Intlango YakwaYuda

D-4 Intlambo Engumwonyo

Ulwandle Lwetyuwa

E-3 Umhlaba Wakwa-Amon NowakwaMowabhi

MI 0 5 10

KM 0 8 16

Amanani asekhohlo ZIIMITHA Amanani asekunene ZIINYAWO

+900 +3 000

+600 +2 000

+300 +1 000

0 (Umphakamo Wolwandle) 0

−300 −1 000

−600 −2 000

−900 −3 000

Icandelo LoMzantsi-Mntla NgakwiArabha okanye Intlambo Engumwonyo (Z—Z)

D-5

D-4 Ulwandle Lwetyuwa

D-3 IArabha okanye Intlambo YaseYordan (IGhor)

D-2 Ulwandle LwaseGalili

D-1 Ingingqi IHula

F

MI 0 5 10 20

KM 0 8 16 32

Amanani asekhohlo ZIIMITHA Amanani asekunene ZIINYAWO

+900 +3 000

+600 +2 000

+300 +1 000

0 (Umphakamo Wolwandle) 0

−300 −1 000

−600 −2 000

−900 −3 000

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share