‘Ilizwe Elihle Neliphangaleleyo’
KWITYHOLO elivuthayo, uThixo waxelela uMoses ukuba wayeza ‘kubahlangula abantu Bakhe esandleni samaYiputa aze abase ezweni elihle neliphangaleleyo, ilizwe eliqukuqela ubisi nobusi.’—Eks 3:8.
Le mifanekiso mibini nezotywe ngekhompyutha, inokukunceda ubone iindawo eyayikuzo imimandla eyahlukahlukeneyo yeLizwe Lesithembiso. (Ukuphakama kwale mimandla kuye kwabaxwa ukuze ubonakale kakuhle umahluko.) Jonga kwigrafu emibalabala ukuze ubone ukuphakama kwale mimandla ukusuka elwandle.
Kwisicangca esilapha kudweliswe imimandla yemvelo yeli lizwe. Inkcazelo kwaneembekiselo zeBhayibhile zale mimandla unokuzifumana kwincwadi ethi “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo” (Isifundo 1, iphepha 270-8) nakwi-Insight on the Scriptures (Umqulu 2, iphepha 568-71).a
[Umbhalo osemazantsi]
a Zipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Isicangca/Iimaphu ezikwiphepha 12, 13]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
Ukuma KweLizwe Lesithembiso
Isicangca Semimandla Yemvelo
A. Unxweme Lolwandle Olukhulu
B. Amathafa Akwintshona YeYordan
1. Ithafa LaseAshere
2. Unxweme LwaseDore
3. Amadlelo AseSharon
4. Ithafa LaseFilisti
5. Phakathi KweMpuma NeNtshona YeNtlambo
a. Ithafa LaseMegido
b. Intili YaseYizereli
C. Iintaba Ezikwintshona YeYordana
1. Iinduli ZaseGalili
2. Iinduli ZaseKarmel
3. Iinduli ZaseSamariya
4. IShefela (iindulana)
5. Ilizwe Elineenduli LwakwaYuda
6. Intlango YakwaYuda
7. INegebhi
8. Intlango YaseParan
D. IArabha (Umwonyo)
1. IChibi IHula
2. Ummandla WoLwandle LwaseGalili
3. Intlambo YaseYordan
4. Ulwandle LweTyuwa (Ulwandle Olufileyo)
5. IArabha (kumazantsi oLwandle lweTyuwa)
E. Iintaba/Amahewu Akwimpuma YeYordan
1. IBhashan
2. Giliyadi
3. Kwa-Amoni NakwaMowabhi
4. Ihewu LakwaEdom
F. Iintaba ZaseLebhanon
[Imaphu]
INtaba IHermon
KwaDan
IYerusalem
IBher-shebha
Ukuma KweLizwe Lesithembiso
meters feet
2 500 7 500
2 000 6 000
1 500 4 500
1 000 3 000 Ilizwe Elineenduli Ilizwe
LakwaYuda LakwaMowabhi
500 1 500
IShefela Intlango
Ithafa YakwaYuda
LaseFilisti Umwonyo
0 0 (Umphakamo Wolwandle) Ulwandle
LweTyuwa
-500 -1 500
[Umfanekiso okwiphepha 13]
Intaba iHermon (2 814 m; 9 232 ft)
[Umfanekiso okwiphepha 13]
Unxweme loLwandle lweTyuwa; owona mmandla usezantsi emhlabeni (malunga nee-400 m, i-1 300 ft, ngaphantsi komphakamo wolwandle)