IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • gt isahl. 64
  • Isifundo Esingokuxolela

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Isifundo Esingokuxolela
  • Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
  • Amanqaku Afanayo
  • Isifundo Esingokuxolela
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • Ukubaluleka Kokuxolela
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • Isizathu Sokuba Sifanele Sixolele
    Funda Kumfundisi Omkhulu
  • “Ngubani Ngokwenene Olikhoboka Elithembekileyo Neliyingqondi?”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
Khangela Okunye
Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
gt isahl. 64

Isahluko 64

Isifundo Esingokuxolela

UYESU kubonakala ukuba usesendlwini eKapernahum nabafundi bakhe. Ebexubusha nabo ngendlela yokusingatha iingxaki phakathi kwabazalwana, ngoko uPetros uyabuza: “Nkosi, koba futhi kangaphi na umzalwana wam endona, ndimxolela?” Njengoko abafundisi bonqulo lobuYuda bemisele ukuxolela kude kube kathathu, mhlawumbi uPetros ukugqala njengokuba nobubele gqitha ukuba athi “koda kube kasixhenxe na?”

Kodwa yonke le ngcamango yokugcina ingxelo enjalo iphosakele. UYesu uyamlungisa uPetros esithi: “Andithi kuwe koda kube kasixhenxe; ndithi, koda kube kamashumi asixhenxe aphindiweyo kasixhenxe.” Ubonisa ukuba akukho mda omele umiselwe kwinani lezihlandlo uPetros amxolela ngazo umzalwana wakhe.

Ukuze abethelele kubafundi imfanelo yokuba ngabaxolelayo, uYesu ubenzela umzekeliso. Ungokumkani ofuna ukuzinzisa amatyala nabakhonzi bakhe. Kuziswa kuye omnye umkhonzi onetyala elikhulu kakhulu lama-60 000 000 eedenariyo. Akukho ndlela yokuba angalihlawula eli tyala. Ngoko, njengokuba uYesu ecacisa, ukumkani uyalela ukuba yena nomfazi wakhe nabantwana bathengiswe ukuze lihlawulwe.

Akukuva oko lo mkhonzi uwa ezinyaweni zenkosi yakhe aze ayibongoze esithi: “Nkosi, khawundenze kuhle ndokuhlawula lonke.”

Isikwe yimfesane, le nkosi ithi ngenceba isicime esi simhokamhoka setyala lalo mkhonzi. UYesu uqhubeka ebonisa ukuba, kuthe nje emva koko lo mkhonzi wahamba waza wadibana nomkhonzi asebenza kunye naye omtyala i-100 leedenariyo kuphela. Le ndoda imthi nqaku ngobhongwana ize iqalise ukumkrwitsha, isithi kuye: “Ndihlawule ityala onalo.”

Kodwa lo mkhonzi unguwayo akanamali. Ngoko uwa ezinyaweni zomkhonzi anetyala kuye, embongoza esithi: “Khawundenze kuhle, ndokuhlawula lonke.” Ngokwahlukileyo enkosini yakhe, lo mkhonzi akananceba, yaye lo mkhonzi unguwabo umnikela ukuba aphoswe entolongweni.

UYesu uqhubeka ebonisa ukuba bathi ke abanye abakhonzi abakubonileyo okwenzekileyo bahambe baze kuyixelela inkosi. Yona ke icaphukile iyalela ukuba kubizwe loo mkhonzi. Ithi kuye: “Mkhonzindini ungendawo, ndakuxolela lonke elaa tyala, ekubeni wandibongozayo; ubungamelwe na kukuba ube nenceba nawe kokhonza kunye nawe, njengokuba nam bendinenceba kuwe?” Itshawuz’ umlilo ngumsindo le nkosi imnikela loo mkhonzi ungenanceba kubagcini-ntolongo ade alihlawule lonke ityala lakhe.

Ngoko uYesu uqukumbela ngelithi: “Wothi noBawo wasemazulwini enjenjalo kuni, ukuba anithanga nonke ngabanye nabaxolela abazalwana benu iziphoso zabo ngeentliziyo zenu.”

Esinjani sona ukuba sihle isifundo esingokuxolela! Xa sithelekisa netyala elikhulu lesono athe uThixo wasixolela lona, nakuphi na ukoniwa kwethu ngumzalwana ongumKristu kuncinane ngenene. Ngaphezu koko, uYehova uThixo usixolele kangangezihlandlo ezininzi gqitha. Ngokufuthi, asiziqondi nokuziqonda iindlela ezininzi esimona ngazo. Ngoko, asingemxoleli na umzalwana wethu izihlandlo ezimbalwa, kwanokuba sinezizathu ezivakalayo zokukhalaza? Khumbula, njengoko uYesu wafundisayo kwiNtshumayelo yaseNtabeni, uThixo uya ‘kusixolela amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolela abo banamatyala kuthi.’ Mateyu 18:21-35; 6:12; Kolose 3:13.

▪ Yintoni eshukumisela uPetros ukuba abuze malunga nokuxolela umzalwana wakhe, yaye kutheni elijonga icebiso lakhe lokuxolela kasixhenxe ilelobubele nje?

▪ Indlela esabela ngayo iNkosi kwisibongozo esenziwa ngumkhonzi wayo yahluka njani kwindlela asabela ngayo umkhonzi wayo kwisibongozo esenziwa ngulowo asebenza naye?

▪ Yintoni esiyifundayo kumzekeliso kaYesu?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share