ISAHLUKO 64
Ukubaluleka Kokuxolela
- UMELE UXOLELE KASIXHENXE? 
- UMZEKELO WEKHOBOKA ELINGENANCEBA 
UPetros umvile uYesu ethetha ngokulungisa ingxaki phakathi kwabazalwana, esithi mabayilungise bebobabini. Kodwa usafuna ukwazi ukuba umntu umele ayenze kangaphi le nto.
Uyabuza athi: “Nkosi, kufuneka ndimxolele kangaphi umzalwana wam xa endonile? Kude kube kasixhenxe?” Ezinye iinkokheli zamaYuda zithi umntu kufuneka axolele kude kube kathathu. Ngenxa yaloo nto inoba uPetros ucinga ukuba unenceba kakhulu xa esithi “kube kasixhenxe.”—Mateyu 18:21.
Kodwa ukubala amaxesha umntu oniwe ngawo ngomnye umntu akudibani nezinto ezifundiswa nguYesu. Ngenxa yaloo nto uyamlungisa uPetros, athi: “Ndithi kuwe, sukumxolela kasixhenxe, kodwa mxolele kude kube kayi-77.” (Mateyu 18:22) Loo nto ithetha ukuba umntu akufuneki ayeke ukuxolela umzalwana wakhe. Akufuneki uPetros abale amaxesha anokumxolela ngawo umzalwana wakhe.
Emva koko uYesu wenzela uPetros kunye nabanye umzekelo obanceda babone ukubaluleka kokuba baxolele. Ubalisa ngekhoboka elingafuni ukubonisa inceba njengenkosi yalo. Ukumkani ufuna amakhoboka akhe ambhatale amatyala awo. Uphathelwa ikhoboka elimtyala imali eninzi, iitalente eziyi-10 000 [iidenariyo eziyi-60 000 000]. Eli khoboka soze likwazi ukuyibhatala le mali. Ngenxa yaloo nto, ukumkani uthi makuthengiswe lona, umfazi walo nabantwana balo ukuze kubhatalwe eli tyala. Xa lisiva le nto, eli khoboka liwa phantsi ezinyaweni zenkosi yalo, lize liyicenge lisithi: “Ndicela undinyamezele, ndiza kukunika yonke imali yakho.”—Mateyu 18:26.
Ukumkani uba nosizi nenceba aze alicime eli tyala likhulu leli khoboka. Emva kokuba ukumkani elicimile ityala lalo, eli khoboka liyaphuma liyokukhangela elinye ikhoboka elilityala iidenariyo eziyi-100. Lilithi nqaku lize lilikrwitshe, lisithi: “Bhatala lonke ityala lakho.” Kodwa eli khoboka liwa phantsi ezinyaweni zeli lixolelwe ngukumkani, lilicenge lithi: “Ndicela undinyamezele, ndiza kukunika yonke imali yakho.” (Mateyu 18:28, 29) Lona eli khoboka lixolelwe ngukumkani aliyilinganisi inceba yenkosi yalo. Lenza ukuba eli khoboka lilityala imali livalelwe ejele de lilibhatale ityala lalo.
UYesu uthi xa amanye amakhoboka ebona oku kungabi nanceba axelela inkosi yawo ize yona ibe nomsindo ithi malibizwe eli khoboka. Ithi kulo: “Khobokandini elingalunganga, ndalicima lonke ityala lakho xa wawundicenga. Ubungamelanga ukuba uye wanenceba na kwela khoboka, njengokuba nam ndikwenzele inceba?” Lo kumkani unomsindo aze athi eli khoboka malivalelwe ejele lide lilibhatale lonke ityala lalo. UYesu ugqibelisa ngala mazwi: “UTata osemazulwini uza kwenza loo nto nakuni ukuba anibaxoleli ngentliziyo yenu yonke abazalwana benu.”—Mateyu 18:32-35.
Lo mzekelo usifundisa nyhani ngokuxolela! UThixo usixolele ityala elikhulu elisisono. Neyiphi na into esiyenziwa ngumzalwana wethu ayithathi nto kwityala esilixolelwe nguThixo. UYehova akasixoleli nje kube kanye kodwa usixolela izihlandlo ezingamawaka-waka. Yintoni ke esenza thina singabaxoleli abazalwana bethu nokuba ikhona into abasenze yona? Njengokuba uYesu watsho kwiNtshumayelo yaseNtabeni, uThixo uza ‘kusixolela amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolele abanamatyala kuthi.’—Mateyu 6:12.