Isahluko 72
UYesu Uthuma Abangama-70
KUSEKWINDLA lowama-32 C.E., iminyaka emithathu ezeleyo ukususela ekubhaptizweni kukaYesu. Yena nabafundi bakhe bebesandul’ ukuya kuMthendeleko weMinquba eYerusalem, yaye kubonakala ukuba baselapho kufutshane. Enyanisweni, uYesu ixesha lakhe elininzi kwiinyanga ezintandathu eziseleyo zobulungiseleli bakhe ulichithela kwelakwaYuda okanye ngaphaya nje koMlambo iYordan kwisithili sasePereya. Nawo lo mmandla kufuneka ugutyungelwe.
Kuyinyaniso ukuba, emva kwePasika yowama-30 C.E., uYesu wachitha malunga neenyanga ezisibhozo eshumayela kwelakwaYuda. Kodwa emva kokuba amaYuda azama ukumbulala ngePasika yowama-31 C.E., wachitha unyaka olandelayo onesiqingatha efundisa phantse kwelaseGalili kuphela. Ebudeni belo xesha, wayila intlangano enkulu neqeqeshwe kakuhle yabashumayeli, into awayengenayo ngaphambili. Ngoko, ngoku uqalisa iphulo lokugqibela lokunikela ubungqina ngokubanzi kwelakwaYuda.
UYesu uqalisa eli phulo ngokukhetha abafundi abangama-70 ebathuma ngababini. Ngaloo ndlela, xa bebonke benza amaqela angababini angama-35 abashumayeli boBukumkani asebenza lo mmandla. Aba baya kusengaphambili kuyo yonke imizi neendawo ekubonakala ukuba uYesu, ephelekwe ngabapostile bakhe, uceba ukuya kuzo.
Endaweni yokwalathisela abangama-70 ukuba baye kwizindlu zesikhungu, uYesu ubaxelela ukuba bangene emakhayeni, echaza esithi: “Nendlu enisukuba ningene kuyo, yithini kuqala, Uxolo malube kule ndlu. Ukuba angaba ulapho owoxolo, uxolo lwenu lohlala phezu kwakhe.” Siza kuthini isigidimi sabo? UYesu uthi, “Nithi kubo, Busondele kuni ubukumkani bukaThixo.” Ngokuphathelele umsebenzi waba bangama-70, iMatthew Henry’s Commentary inikela le ngxelo: “NjengeNkosi yabo, naphi na apho babetyelela khona, babeshumayela kwindlu ngendlu.”
Imiyalelo kaYesu kwabangama-70 iyafana naleyo wayinika abali-12 xa wayebathuma kwiphulo lokushumayela eGalili malunga nonyaka ngaphambilana. Aba bangama-70 akabalumkisi nje kuphela ngenkcaso abaza kujamelana nayo, ebalungiselela ukuba badlulisele isigidimi kubaninimzi, kodwa ubanika namandla okuphilisa abagulayo. Ngaloo ndlela, xa uYesu efika kungethuba lingakanani emva koko, abaninzi baya kuba nomnqweno wokudibana neNkosi ebafundi bayo bakwaziyo ukwenza izinto ezingummangaliso ngolu hlobo.
Ukushumayela kwabangama-70 nomsebenzi kaYesu wokulandela emva kwako awuzange uqhube ixesha elide. Ngokukhawuleza amaqela angama-35 abashumayeli boBukumkani aqalisa ukubuyela kuYesu. Bevuyile bathi: “Nkosi, needemon ezi zisithobele egameni lakho.” Ingxelo yenkonzo entle kangako ngokuqinisekileyo iyamvuyisa uYesu, kuba uphendula athi: “Bendimbona uSathana njengombane esiwa ezulwini. Niyabona, ndininika igunya lokunyathela phezu kweenyoka noonomadudwane.”
UYesu uyazi ukuba emva kokuzalwa koBukumkani bukaThixo ngexesha lesiphelo, uSathana needemon zakhe babeza kukhutshelwa ngaphandle kwamazulu. Kodwa ngoku oku kukhutshelwa ngaphandle kweedemon ezingabonakaliyo ngabantu nje abaneenyawo ezimbini kusebenza njengesiqinisekiso esingakumbi seso siganeko sizayo. Ngoko ke, uYesu uthetha ngokuwa okuzayo kukaSathana njengento eqiniseke ngokupheleleyo. Ngenxa yoko, kungokufuziselayo ukuba abangama-70 banikwe igunya lokunyathela phezu kweenyoka noonomadudwane. Kanti, uYesu uthi: “Maningakuvuyeli oku, kokuba oomoya benithobele; vuyelani ke kanye okokuba amagama enu ebhaliwe emazulwini.”
UYesu uvuya kakhulu yaye umdumisa ekuhleni uYise ngokusebenzisa aba bakhonzi bakhe bathobekileyo ngendlela enamandla kangako. Ephethukela kubafundi bakhe, uthi: “Anethamsanqa wona amehlo abona izinto enizibonayo. Kuba ndithi kuni, Baninzi abaprofeti nookumkani ababethande ukubona izinto enizibonayo nina, abazibona; nokuva izinto enizivayo, abaziva.” Luka 10:1-24; Mateyu 10:1-42; ISityhilelo 12:7-12.
▪ Washumayela phi uYesu ebudeni beminyaka emithathu yokuqala yobulungiseleli bakhe, yaye nguwuphi ummandla awugubungelayo kwiinyanga ezintandathu zokugqibela?
▪ UYesu ubathuma phi abangama-70 ukuya kufumana abantu?
▪ Kwakutheni ukuze uYesu athi wayembona uSathana ewile ezulwini?
▪ Kungayiphi ingqiqo abanokuthi abangama-70 banyathele phezu kweenyoka noonomadudwane?