Isahluko 24
Ngaba Kwenzeke Ngamandla Abantu? Okanye Ngomoya KaThixo?
ISABELO uYesu Kristu awasinika abalandeli bakhe sasibonakala sisikhulu gqitha ukuba bangasiphumeza. Nangona babembalwa, babemele bavakalise iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo kwelimiweyo liphela. (Mat. 24:14; IZe. 1:8) Esi sabelo sasingekho sikhulu nje kuphela kodwa sasiza kuphunyezwa nangona kwakubonakala kungenakwenzeka oko kuba, njengoko uYesu wabaxelela ngokuphandle abafundi bakhe, babeya kuthiywa baze batshutshiswe ziintlanga zonke.—Mat. 24:9; Yoh. 15:19, 20.
Ejamelene nokuchaswa ehlabathini lonke, amaNgqina kaYehova aye azibhokoxa ekuphumezeni umsebenzi uYesu awawuxela kwangaphambili. Umkhamo obusele bunikelwe ngawo ubungqina ubalasele, yaye ungophawulekayo ngokwenyaniso. Kodwa yintoni eyenze aphumelela? Ngaba ibingamandla okanye ubulumko babantu? Okanye ngaba ibikukusebenza komoya kaThixo?
Ingxelo yeBhayibhile ephathelele ukubuyiselwa konqulo lokwenyaniso eYerusalem ngenkulungwane yesithandathu Ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo isikhumbuza ukuba indima kaThixo ekuphumezeni ukuthanda kwakhe ayimele ilityalwe. Abahlalutyi behlabathi basenokufuna enye indlela yokuchaza oko kwenzekayo. Noko ke, xa wayecacisa indlela injongo yakhe eyayiya kuphunyezwa ngayo, uThixo wenza ukuba umprofeti wakhe uZekariya avakalise oku: “Akungabukroti, akungamandla; kungoMoya wam; utsho uYehova wemikhosi.” (Zek. 4:6) AmaNgqina kaYehova akakuthandabuzi ukutsho ukuba le yindlela ekuphunyezwa ngayo ukushunyayelwa kwesigidimi soBukumkani namhlanje—kungekhona ngokubhenela kumandla omkhosi, okanye ngenxa yamandla omntu okanye impembelelo yalo naliphi na iqela lamadoda abalulekileyo, kodwa kungenxa yokusebenza komoya kaYehova. Ngaba ubungqina buyaluxhasa ulweyiseko analo?
“Azizininzi Izilumko Ngokwenyama”
Xa wayebhalela amaKristu okuqala eGrisi, umpostile uPawulos wathi: “Kuba luboneni ubizo lwenu, bazalwana, ukuba azizininzi izilumko ngokwenyama, ababaninzi abanamandla, akamaninzi amanene. UThixo usuke wanyula izinto ezibubudenge zehlabathi, ukuze azidanise izilumko; nezinto ezingenamandla zehlabathi usuke uThixo wazinyula, ukuze azidanise izinto ezomeleleyo; nezinto zehlabathi ezingenabuntu, nezingento yanto, wazinyula uThixo, nezingathi azikho, ukuze aziphuthise izinto ezikhoyo; ukuze kungaqhayisi namnye umntu emehlweni akhe.”—1 Kor. 1:26-29.
Abapostile bakaYesu babengabantu ababekudidi lwabasebenzi. Abane babekwishishini lokuloba iintlanzi. Omnye wayengumbuthi werhafu, umsebenzi owawucekiswa ngamaYuda. Aba bapostile yayingamadoda awayegqalwa ngabefundisi bamaYuda ‘njengabangenamfundo nabangenakwazi,’ nto leyo ebonisa ukuba imfundo yabo yayingeyomfundo ababeyifumene kwizikolo zemfundo ephakamileyo. (IZe. 4:13) Oku akuthethi ukuba abekho ababenemfundo yehlabathi okanye yonqulo ababa ngamaKristu. Umpostile uPawulos wayefundele ezinyaweni zikaGamaliyeli ofundileyo, ilungu leNtlanganiso Yamatyala yamaYuda. (IZe. 22:3) Kodwa, njengoko esi sibhalo sisitsho, ‘babengebaninzi’ abanjalo.
Imbali inikela ubungqina bokuba uCelsus, isithandi sobulumko saseRoma senkulungwane yesibini yeXesha Eliqhelekileyo, uyenza intlekisa into yokuba “abasebenzi, abenzi bezihlangu, abalimi, awona madoda angenalwazi nayintlekisa, abe ngabashumayeli abanenzondelelo beVangeli.” (The History of the Christian Religion and Church, During the Three First Centuries, nguAugustus Neander) Ekubeni ayejamelene nokugculelwa nentshutshiso yogonyamelo awayeyifumana kuBukhosi baseRoma, yintoni eyomeleza amaKristu okwenyaniso ukuba aqhubeke engabavakalisi beendaba ezilungileyo? UYesu wayethe yayiya kuba ngumoya oyingcwele kaThixo.—IZe. 1:8.
Kumaxesha akutshanje, amaNgqina kaYehova ngokufanayo aye agculelwa ngenxa yokuba, ubukhulu becala, angabantu abaqhelekileyo, abangenazikhundla kwibutho labantu ezibangela ukuba ihlabathi lithembele kubo. Phakathi kwabakhonzi bakaYehova bokuqala bala maxesha ukunikela isigidimi soBukumkani kubantu baseDenmark yayingumenzi wezihlangu. ESwitzerland naseFransi, yayingumlungisi wezitiya. Kwimimandla emininzi yaseAfrika, isigidimi sasithwalwa ngabasebenzi abahambahambayo. EBrazil, oomatiloshe baba nesabelo. AmaNgqina amaninzi asePoland awayekumntla weFransi ayesebenza kwimigodi yamalahle.
Beshukunyiswe ngokunzulu koko babekufunda kwiLizwi likaThixo ngoncedo lweempapasho zeWatch Tower, babefuna ukubonakalisa uthando lwabo ngoYehova ngokumthobela, ngoko benza umsebenzi iLizwi likaThixo elithi amaKristu okwenyaniso ayeya kuwenza. Ukususela ngoko, izigidi ezingakumbi eziphuma kuzo zonke iinkalo zobomi ziye zathelela kulo msebenzi. Bonke bangabahambisi bevangeli.
AmaNgqina kaYehova abumba ekuphela kwentlangano yonqulo ehlabathini elithi ilungu ngalinye ngokobuqu linikele ubungqina kwabangakholwayo, lizabalazele ukuphendula imibuzo yabo ngokuphuma eBhayibhileni, lize libabongoze ukuba babe nokholo kwiLizwi likaThixo. Ezinye iintlangano zonqulo ziyavuma ukuba lo ngumsebenzi omele wenziwe ngawo onke amaKristu. Zimbi ziye zazama ukukhuthaza amarhamente azo ukuba awenze. Kodwa ngamaNgqina kaYehova kuphela awenza ngokuqhubekayo. Lulwalathiso lukabani, sisiluleko sikabani, sisiqinisekiso sokuxhaswa ngokunothando sikabani, yaye ngamadinga kabani awashukumisela ukuba enze lo msebenzi abanye abangawenziyo? Wabuze ngokwakho. Kungakhathaliseki ilizwe ahlala kulo, aya kuphendula ngokuthi: “NgakaYehova.” Ngoko, ngubani ofanele azukiswe?
Indima Yezithunywa ZikaThixo Eyaxelwa Kwangaphambili
Echaza iziganeko ezaziya kwenzeka ebudeni bokuqosheliswa kwale nkqubo yezinto, uYesu wabonisa ukuba yayingayi kuba ngabalandeli bakhe abasemhlabeni kuphela ababeya kuba nesabelo ekuhlanganiseni abathandi bobulungisa. KuMateyu isahluko 13, xa wayexubusha ngokuhlanganiswa kwabokugqibela ababeya kuba nesabelo kunye naye ebukumkanini bamazulu, uYesu wathi: “Abavuni ke zizithunywa zezulu.” Yaye inkulu kangakanani intsimi ababeya kubahlanganisa kuyo aba “nyana bobukumkani”? UYesu wacacisa: “Intsimi ke lihlabathi.” Ngaloo ndlela, abo bahlanganiswayo babeya kuphuma kwiimbombo zonke zomhlaba. Ngaba oku kwenzekile ngokwenene?—Mat. 13:24-30, 36-43.
Ngokwenene kuye kwenzeka! Nangona aBafundi beBhayibhile babengamawaka ambalwa kuphela ngoxa ihlabathi lalingena kwimihla yalo yokugqibela ngowe-1914, isigidimi soBukumkani ababesishumayela ngokukhawuleza sawugubungela wonke umhlaba. Kumazwe aseMpuma, aseYurophu, aseAfrika, nawaseMerika, naseziqithini, abantu balixhakamfula ithuba lokukhonza izilangazelelo zoBukumkani bukaThixo baza bahlanganiswa kwintlangano enye emanyeneyo.
Ngokomzekelo, eNtshona Ostreliya, isigidimi soBukumkani safikelela kuBert Horton. Wayengenamdla kuhlobo lonqulo awayeqhelene nalo; wayebandakanyeke kwezobupolitika nakwimisebenzi yombutho wabasebenzi. Kodwa xa unina wamnika impapasho yeWatch Tower ethi The Divine Plan of the Ages waza waqalisa ukuyifunda neBhayibhile, waqonda ukuba wayeyifumene inyaniso. Ngokuzenzekelayo wabelana ngayo nabantu awayesebenza nabo. Xa wathi wafumana aBafundi beBhayibhile, ngovuyo wanxulumana nabo, wabhaptizwa ngowe-1922, wangenela ubulungiseleli bexesha elizeleyo, waza wazinikela ukukhonza kuyo nayiphi na indawo eyayimalathisa kuyo intlangano kaYehova.
Kwelinye icala lomhlaba, uW. R. Brown, owayesele eshumayela kwiziqithi zeCaribbean, waya eAfrika ngowe-1923 ukuze asasaze isigidimi soBukumkani apho. Wayengengomshumayeli uzimeleyo okuthumo lobuqu. Naye wayesebenza nabantu bakaYehova abalungeleleneyo. Wayezinikele ukuba akhonze apho wayefuneka khona, yaye waya esabelweni eNtshona Afrika esabela kulwalathiso olwaluvela kwiofisi elikomkhulu. Kwakhona abo bangenelwa ngokobuqu kubulungiseleli bakhe bancedwa ukuba baqonde ukubaluleka kokusebenza ngokusondeleyo nentlangano kaYehova.
Kwakhona ukuvakaliswa koBukumkani kwafikelela eMzantsi Merika. UHermán Seegelken eMendoza, eArgentina, kwakukudala eluqonda uhanahaniso kwiicawa zamaKatolika nezamaProtestanti. Kodwa ngowe-1929 naye wasiva isigidimi soBukumkani, wasamkela ngolangazelelo, yaye waqalisa ukwabelana ngaso nabanye, esebenza ngokumanyeneyo nabakhonzi bakaYehova ehlabathini lonke. Kwabakho amava afana nalawo emhlabeni wonke. Abantu ‘abaphuma kuzo zonke izizwe, neelwimi, nabantu, neentlanga,’ nangona babehlala kwiindawo eziqeleleneyo yaye bephila ngeendlela ezahlukahlukeneyo, abazange baphulaphule kuphela kodwa baye bazinikela kwinkonzo kaThixo. Bahlanganiselwa kwintlangano emanyeneyo ukuze benze umsebenzi uYesu awayewuxele kwangaphambili ukuba uya kwenziwa ngeli xesha. (ISityhi. 5:9, 10) Oku kwenziwa yintoni?
IBhayibhile ithi izithunywa zikaThixo ziya kuba nendima ebalulekileyo kuwo. Ngenxa yoku, ukuvakaliswa koBukumkani kwakuya kuhlokoma emhlabeni wonke njengesandi sexilongo esivela kumthombo onamandla angaphezu kwawomntu. Enyanisweni, ngowe-1935 kwakusele kufikelele amazwe ali-149—asentla, ezantsi, empuma nasentshona, ukusuka kwelinye icala lomhlaba ukusa kwelinye.
Ekuqaleni, ‘yayingumhlambi omncinane’ kuphela owawubonakalisa uxabiso lokwenene ngoBukumkani bukaThixo yaye ukulungele ukukhonza izilangazelelo zabo. Oko koko iBhayibhile yayikuxele kwangaphambili. Ngoku “isihlwele esikhulu” esanda ngokukhawuleza, esizizigidi eziphuma kuzo zonke izizwe, siye sanxulumana nawo. Kwakhona, noko kwakuxelwe kwangaphambili kwiLizwi likaThixo. (Luka 12:32; Yoh. 10:16; ISityhi. 7:9, 10) Aba asingobantu nje abazibanga bekunqulo olunye kodwa, eneneni abahlulahlulwe ziimbono naziintanda-bulumko eziyinxalenye yehlabathi elibangqongileyo. AmaNgqina kaYehova akathethi nje ngoBukumkani bukaThixo ngoxa eneneni ethembele kulawulo lwabantu. Nokuba ubomi bawo busengozini, athobela uThixo njengomlawuli. IBhayibhile ngokucacileyo ithi ukuhlanganiselwa ndawonye kwabantu abanjalo ‘aboyika uThixo baze bamzukise’ kwakuya kwenziwa phantsi kolwalathiso lwezithunywa zezulu. (ISityhi. 14:6, 7; Mat. 25:31-46) AmaNgqina eyiseke ngokupheleleyo ukuba oku kuye kwenzeka ngokwenene.
Kwizihlandlo ezingenakubaleka, njengoko ebeba nesabelo kubulungiseleli bawo, aye abona ubungqina obeyisayo bolwalathiso oluvela ezulwini. Ngokomzekelo, eRio de Janeiro, eBrazil, iqela lamaNgqina laligqibezela umsebenzi walo wendlu ngendlu ngenye imini yangeCawa xa omnye okweli qela wathi: “Ndifuna ukuqhubeka ndisebenza okwexeshana. Kukho into ebangela ukuba ndifune ukuya kula ndlu.” Lowo wayekhokela eli qela wacebisa ukuba bayiyeke baze babuyele kuyo ngenye imini, kodwa lo mvakalisi wazingisa. Kuloo ndlu eli Ngqina lafumana ibhinqa, elalilila, elathi belisandul’ ukuthandaza licela uncedo. Lathi lalikhe ladibana namaNgqina ngaphambili kodwa alizange libonakalise mdla kwisigidimi seBhayibhile. Noko ke, ukufa komyeni walo ngequbuliso kwalenza laqonda ukuba kwakufuneka lifumane uncedo lokomoya. Lalikhangele iHolo yoBukumkani, kodwa alizange liyifumane. Ngokunyanisekileyo lalithandaza kuThixo licela uncedo, yaye ngoku lwalufikile endlwini yalo. Kungekudala emva koko labhaptizwa. Laleyisekile ukuba uThixo wayewuvile umthandazo walo waza wenza oko kuyimfuneko ukulungiselela impendulo.—INdu. 65:2.
Elinye iNgqina likaYehova laseJamani ngaphambili elalihlala eNew York lalisoloko lithandazela ulwalathiso lukaThixo xa lisiba nenxaxheba kubulungiseleli. Kwakukho ibhinqa elinomdla elalililifuna ezitratweni iiveki ngeeveki, kuba lalingalazi apho eli bhinqa lalihlala khona. Kwandula ke, ngenye imini ngowe-1987, njengoko eli Ngqina laliqalisa kubulungiseleli, lathandaza: “Yehova, uyalazi ukuba liphi na. Ndincede ndilifumane.” Kwimizuzu embalwa kamva, lalibona elo bhinqa lihleli kwivenkile yokutyela.
Ngaba oko kwenzeka ngamabona-ndenzile? IBhayibhile ithi amaKristu okwenyaniso ‘asebenza noThixo’ yaye izithunywa zezulu ziyathunyelwa “ukuba zilungiselele abo baza kuba ziindlalifa zalo usindiso.” (1 Kor. 3:9, NW; Heb. 1:14) Emva kokuba eli Ngqina lilixelele eli bhinqa indlela elilifumene ngayo, eli bhinqa lasamkela isimemo sokuhlala phantsi lize lihlolisise iBhayibhile ngakumbi ngolo suku.
Ukufikelela ‘Kwimimandla Engenakufikelelwa Ngokulula’ Ngeendaba Ezilungileyo
AmaNgqina kaYehova ebesoloko ethe gqolo kwimigudu yawo yokufikelela onke amazwe ngesigidimi soBukumkani. Kodwa ezi ayizozizathu eziphambili ezibangele ukuba kubekho oko kuye kwaphunyezwa. Aye abona isigidimi soBukumkani sisasazwa kwimimandla apho yonke imigudu yawo ecetywe ngenyameko ingakhange iphumelele.
Ngokomzekelo, kangangezihlandlo eziliqela ebudeni beminyaka yee-1920 neyee-1930, kwenziwa izicelo kumagosa karhulumente kummandla owawusakuba yiSoviet Union ukuze kufunyanwe imvume yokuthumela uncwadi lweBhayibhile kwelo lizwe okanye yokuba lushicilelwe apho. Ngelo xesha iimpendulo zazilandula. Kwakukho amaNgqina kaYehova ambalwa eSoviet Union, kodwa kwakufuneka uncedo olungakumbi ukuze kuphunyezwe umsebenzi wokushumayela elathi iLizwi likaThixo umele wenziwe. Ngaba kukho into eyayinokwenziwa ukuze kunikelwe olo ncedo?
Okubangel’ umdla kukuba ekupheleni kweMfazwe Yehlabathi II, ekunye nabanye abantu abaninzi, amaNgqina kaYehova angaphezu kwewaka awayevela kummandla owawusakuba yimpuma Poland azifumanisa eseSoviet Union. Kwinkampu yoxinaniso yaseRavensbrück, amabhinqa aselula aseRashiya angamakhulu aqhelana namanye amabanjwa awayevalelwe nawo awayengamaNgqina kaYehova. Amanye ala mabhinqa azahlulela kuYehova ebudeni belo thuba, yaye kamva abuyiselwa kwimimandla eyahlukahlukeneyo yaseSoviet Union. Amanye angamakhulu aba ngabemi baseSoviet Union xa yathi imida yamazwe yaguquka ebudeni bemfazwe. Umphumo awuzange ube koko urhulumente waseSoviet Union wayekucebile. IQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova alizange likulungiselele oko. Kodwa kwenza ukuba kuphunyezwe oko iLizwi likaThixo eliphefumlelweyo lalikuxele kwangaphambili. Igqabaza ngezi ziganeko, IMboniselo (yesiNgesi) yathi: “Ngaloo ndlela kunokubonwa, ngobabalo lweNkosi, indlela enokuvelisa ngayo amangqina kulo naliphi na ilizwe, ukuze aphakamisele phezulu ibhanile yenyaniso apho aze enze ukuba laziwe igama likaYehova.”—Inkupho kaFebruwari 1, 1946.
Asilolizwe nje elinye eliye lathi kumaNgqina kaYehova: ‘Aninakuza apha!’ okanye, ‘Aninakushumayela apha.’ Oku kuye kwenzeka ngokuphindaphindiweyo emhlabeni wonke, ngokoqobo kumazwe amaninzi, ngokufuthi ngenxa yempembelelo yabefundisi kumagosa aseburhulumenteni. Amanye ala mazwe kamva aye awamkela ngokusemthethweni amaNgqina kaYehova. Kodwa kwanangaphambi kokuba kwenzeke oko, unqulo lukaYehova, uMdali wezulu nomhlaba, belusamkelwa ngabantu abangamawaka ngaphakathi kwimida yamazwe abo. Kwaphunyezwa njani oko?
Ingcaciso elula ifumaneka eBhayibhileni, eyile, izithunywa zikaThixo zinendima ebalulekileyo ekuthwaleni ukuze zise ebantwini bazo zonke izizwe esi sibongozo singxamisekileyo: “Moyikeni uThixo, nimzukise; ngokuba lifikile ixa lokugweba kwakhe; nimnqule lowo wenza izulu, nomhlaba, nolwandle, nemithombo yamanzi.”—ISityhi. 14:6, 7.
Ukuphumelela Nangona Kubonakala Kungenakwenzeka
Oko amaNgqina kaYehova aye ajamelana nako kumazwe athile asizozithintelo nje eziye zabekwa kubulungiseleli bawo basesidlangalaleni kodwa yimigudu yokuwatshabalalisa ngokupheleleyo.
Ebudeni beMfazwe Yehlabathi I, ngamxhelo-mnye abefundisi baseUnited States nabaseKhanada benza umgudu wokuphelisa umsebenzi waBafundi beBhayibhile, njengoko amaNgqina kaYehova ayesaziwa ngolo hlobo ngoko. Lo ngumbandela owaziwa ngokubanzi. Phezu kwazo nje iziqinisekiso ezisemthethweni zenkululeko yokuvakalisa izimvo neyonqulo, abefundisi baphembelela amagosa aseburhulumenteni ukuba avale uncwadi lwaBafundi beBhayibhile. Abaninzi babanjwa baza bavalelwa ngaphandle kwebheyile; abanye babethwa ngenkohlakalo. Amagosa eWatch Tower Society nezinxulumani zawo ezisondeleyo agwetyelwa ukuvalelwa entolongweni kangangexesha elide kusetyenziswa iinkqubo zenkundla kamva ekwaboniswa ukuba zazingafanelekanga. Kwincwadi yakhe ethi Preachers Present Arms, uRay Abrams wathi: “Ukuhlolisiswa kwalo lonke eli tyala kukhokelela kwisigqibo sokuba iicawa nabefundisi ngabo ngokuyintloko ababe ngoonobangela bokupheliswa kwabalandeli bakaRussell,” njengoko abefundisi ngendlela ephoxayo babebabiza njalo aBafundi beBhayibhile. Kodwa emva kwemfazwe, abo Bafundi beBhayibhile bavela benamandla ngakumbi kunanini na ngaphambili bebhengeza uKumkani kaYehova, uYesu Kristu, noBukumkani bakhe. Loo mandla ahlaziyiweyo ayevela phi? IBhayibhile yaxela kwangaphambili ukuba oko kwakuya kwenzeka yaye yathi kwakuya kwenzeka ngenxa ‘yomoya wobomi ophuma kuThixo.’—ISityhi. 11:7-11.
Emva kokuqalisa kolawulo lwamaNazi eJamani, ukutshutshiswa kwamaNgqina kaYehova kwanda kumazwe awaba ngaphantsi kolawulo lwamaNazi. Ayebanjwa yaye ephathwa kakubi gqitha. Imisebenzi yawo yavalwa. Ekugqibeleni, ngo-Oktobha 1934, amabandla amaNgqina kaYehova kulo lonke elaseJamani athumela iileta kurhulumente ezazicacisa ngokucacileyo ukuba ayengenazinjongo zobupolitika kodwa ayezimisele ukuthobela uThixo njengomlawuli. Kwangaxeshanye, amabandla amaNgqina ehlabathini lonke athumela iingcingo exhasa abazalwana bawo abangamaKristu eJamani.
Kwangolo suku, ngo-Oktobha 7, 1934, kwiofisi kaGqr. Wilhelm Frick, eBerlin, uAdolf Hitler wabetha phantsi ngenqindi wadanduluka wathi ngokuphathelele amaNgqina kaYehova: “Eli qela labantu liza kutshayelwa kuthi tu eJamani!” Eso yayingesosisongelo nje kuphela. Abantu abaninzi babanjwa kwiindawo ezininzi. Ngokutsho kwesaziso esiyimfihlelo saBacuphi belizwana lasePrussia somhla kaJuni 24, 1936, kwasekwa “iQela elikhethekileyo lamaGestapo” ukuba lilwe namaNgqina. Emva kwamalungiselelo acokisekileyo amaGestapo aqalisa iphulo lawo lokubamba onke amaNgqina kaYehova naye wonk’ ubani owayerhanelwa ukuba wayeliNgqina. Ebudeni bolo hlaselo onke amapolisa ayebandakanyekile, eshiya abaphuli-mthetho bengakhathazwa.
Iingxelo zibonisa ukuba ekugqibeleni kwabanjwa amaNgqina aseJamani angama-6 262. UKarl Wittig, owayesakuba ligosa laseburhulumenteni eJamani naye owathi wavalelwa kwiinkampu zoxinaniso eziliqela, kamva wabhala: “Alikho elinye iqela lamabanjwa . . . elaliphathwa ngenkohlakalo ngamajoni angama-SS ngendlela ababephathwa ngayo aBafundi beBhayibhile. Yayiyinkohlakalo eyayiphawulwa kukungcungcuthekiswa emzimbeni nasengqondweni ngokungapheliyo, babengcungcuthekiswa ngendlela engathethekiyo.”
Waba yintoni umphumo? Kwincwadi eyapapashwa ngowe-1982, uChristine King ugqiba ngelithi: “Kunxamnye namaNgqina kuphela [ngokwahlukileyo kwamanye amaqela onqulo] angazange urhulumente aphumelele.” UHitler wayefungile wathi wayeya kuwatshayela kuthi tu, yaye angamakhulu abulawa. Sekunjalo, uGqr. King uthi: “Umsebenzi [wokushumayela ngoBukumkani bukaThixo] wahambela phambili yaye ngoMeyi 1945 iqela lamaNgqina kaYehova lalisekho, ngoxa ubuSoshiyali babuphelile.” Kwakhona uthi: “Awazange alalanise.” (The Nazi State and the New Religions: Five Case Studies in Non-Conformity) Kwakutheni ukuze uHitler, nomkhosi wakhe oxhobe wafohlela, namapolisa akhe aqeqeshwe ngokucokisekileyo, neenkampu ezininzi zokubulala abantu, angakwazi ukuphumeza isisongelo sakhe sokutshabalalisa eli qela lincinane nelingaxhobanga ihlabathi elilijonga njengabantu abaqhelekileyo? Kutheni amanye amazwe engakwazanga ukuwuphelisa umsebenzi walo? Kutheni amaNgqina kaYehova xa ewonke, kungekhona abantu ngabanye abambalwa, eye ahlala eqinile xa ejamelene nentshutshiso ekrakra?
Impendulo ifumaneka kwicebiso lobulumko elanikelwa nguGamaliyeli, umfundisi woMthetho, kwamanye amalungu eNtlanganiso Yamatyala yamaYuda xa babeqhubana nemeko efanayo eyayibandakanya abapostile bakaYesu Kristu. Wathi: “Khwelelani kwaba bantu nibayeke; ngokuba eli cebo, nalo msebenzi, ukuba lingaba lelabantu, lotshitsha; ukuba ke lelikaThixo, aninakulitshitshisa; hleze nifunyanwe ningabalwa kwanoThixo.”—IZe. 5:38, 39.
Ngaloo ndlela izibakala zembali zibonisa ukuba umsebenzi owawubonakala ungenakuphunyezwa uYesu awayewabele abalandeli bakhe ukuba bawenze phantsi kweemeko ezinzima gqitha awuphunyezwa ngamandla abantu kodwa uphunyezwa ngomoya kaThixo. Kunjengoko uYesu watshoyo emthandazweni kuThixo: “Bawo, zonke izinto zinokwenzeka kuwe.”—Marko 14:36.
[Blurb on page 547]
“KungoMoya wam; utsho uYehova wemikhosi”
[Blurb on page 548]
Yintoni eyawomelezayo ukuba aqhubeke eshumayela phezu kwako nje ukugculelwa nentshutshiso yogonyamelo?
[Blurb on page 549]
Ubungqina bolwalathiso lwezithunywa zezulu
[Blurb on page 551]
‘INkosi inokuvelisa amangqina kulo naliphi na ilizwe’
[Blurb on page 553]
Abantu abamanyeneyo abaye bangqineka bomelele elukholweni phantsi kweemeko ezinzima