IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • lr isahl. 8 iphe. 47-51
  • Bakho Abangaphezulu Kunathi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Bakho Abangaphezulu Kunathi
  • Funda Kumfundisi Omkhulu
  • Amanqaku Afanayo
  • Babunjani Ubomi EParadesi?
    Phulaphula UThixo Uze Uphile Ngonaphakade
  • UAdam NoEva Zange Bamthobele UThixo
    Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Okwabalahlekanisa Nekhaya Labo
    Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
  • UThixo Uyakhathazeka—Indlela Esinokumvuyisa Ngayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
Khangela Okunye
Funda Kumfundisi Omkhulu
lr isahl. 8 iphe. 47-51

ISAHLUKO 8

Bakho Abangaphezulu Kunathi

NDIQINISEKILE uyazi ukuba bakho abangaphezulu, okanye abakhulu nabanamandla kunam nawe. Ucinga ukuba ngubani omnye wabo?— NguYehova uThixo. Kuthekani ngoNyana wakhe, uMfundisi Omkhulu? Ngaba ungaphezulu kunathi?— Kunjalo kanye.

UYesu wayehlala noThixo ezulwini. WayenguNyana wokomoya, okanye ingelosi. Ngaba zikho ezinye iingelosi okanye oonyana bokomoya abenziwa nguThixo?— Ewe, wenza izigidi ngezigidi zazo. Nazo ezi ngelosi zingaphezulu kunathi yaye zinamandla ngaphezu kwethu.​—INdumiso 104:4; Daniyeli 7:10.

Ngaba uyalikhumbula igama lengelosi eyathetha noMariya?— YayinguGabriyeli. Yaxelela uMariya ukuba umntwana wakhe wayeza kuba nguNyana kaThixo. UThixo wafaka ubomi boNyana wakhe wokomoya kuMariya ukuze uYesu azalwe njengosana emhlabeni.​—Luka 1:26, 27.

UMariya noYosefu bathetha nonyana wabo uYesu

Yintoni ekusenokwenzeka ukuba uMariya noYosefu bayixelela uYesu?

Ngaba uyawukholelwa loo mmangaliso? Ngaba uyakholelwa ukuba uYesu wayephila noThixo ezulwini?— NguYesu owathetha oko. Wayekwazi njani oko? Kusenokwenzeka ukuba xa wayesemncinane, uMariya wamxelela oko kwakuthethwe nguGabriyeli. Kwakhona, kusenokwenzeka ukuba uYosefu wamxelela uYesu ukuba uYise wokwenene nguThixo.

Ekubhaptizweni kukaYesu, uThixo wathetha esezulwini wathi: “Lo nguNyana wam.” (Mateyu 3:17) Yaye ngobusuku obungaphambi kokufa kwakhe, uYesu wathandaza wathi: “Bawo, ndizukise ecaleni kwakho ngozuko endandinalo ecaleni kwakho phambi kokubakho kwehlabathi.” (Yohane 17:5) Xa wayesitsho uYesu wayecela ukuba aphinde aye kuhlala noThixo ezulwini. Wayeza kuya njani apho?— Wayenokukwazi kuphela xa uYehova uThixo ephinde wamenza umntu ongabonakaliyo wokomoya okanye ingelosi.

Ngoku makhe ndikubuze lo mbuzo ubalulekileyo. Ngaba zonke iingelosi zilungile? Ubungathini?— Kaloku, ngaxa lithile zonke zazilungile. Oku kungenxa yokuba zadalwa nguYehova, yaye yonke into ayenzayo ilungile. Kodwa enye yezo ngelosi yenza okubi. Yakwenza njani oko?

Ukuze sifumane impendulo, masibuyele emva kwixesha uThixo awenza ngalo indoda nomfazi bokuqala, uAdam noEva. Abanye abantu bathi oko kuyintsomi. Kodwa uMfundisi Omkhulu wayesazi ukuba kuyinyaniso.

Xa uThixo wenza uAdam noEva, wababeka kumyezo omhle owawukwindawo ebizwa ngokuba yiEden. Wawuyipaki okanye iparadesi. Babeza kuba nabantwana abaninzi, intsapho enkulu, baze bahlale eParadesi ngonaphakade. Kodwa kukho isifundo esibalulekileyo ekwakufuneka besifundile. Sikhe sathetha ngaso ngaphambili. Makhe sibone ukuba sisasikhumbula na.

[Umfanekiso okwiphepha 48, 49]

UAdam noEva babeza kuphila njani ngonaphakade eParadesi?

UYehova wathi kuAdam noEva bangazitya zonke iziqhamo abazithandayo kwimithi eyayisemyezweni. Kodwa kwakukho umthi omnye ababengafanele batye kuwo. UThixo wabaxelela oko kwakuya kwenzeka xa benokutya kuwo. Wathi: ‘Niya kufa ngokuqinisekileyo.’ (Genesis 2:17) Ngoko sisiphi isifundo ababeza kusifunda uAdam noEva?—

Yayisisifundo sokuthobela. Ewe, ubomi buxhomekeke ekuthobeleni uYehova uThixo! UAdam noEva babengafanele baphelele ekuvumeni nje ngomlomo ukuba babeza kumthobela. Babefanele bakubonise ngezenzo oko. Ukuba babemthobele uThixo, oko kwakuya kubonisa ukuba babemthanda yaye befuna ukuba abe nguMlawuli wabo. Ngoko babeya kuphila ngonaphakade eParadesi. Kodwa ukutya kwabo kuloo mthi, kwakuza kubonisa ntoni?—

Kwakuza kubonisa ukungabi nambulelo kwabo ngoko babekunikwe nguThixo. Ngaba wena ngewawumthobele uYehova ukuba wawulapho?— Ekuqaleni, uAdam noEva bamthobela. Kodwa kwavela umntu ongaphezulu kunabo wakhohlisa uEva. Wenza ukuba angamthobeli uYehova. Yayingubani lowo?—

Inyoka ithetha noEva ephethe isiqhamo ekwakuthwe mabangasityi

Ngubani owenza inyoka yathetha noEva?

IBhayibhile ithi inyoka yathetha noEva. Kodwa nawe uyazi ukuba inyoka ayikwazi ukuthetha. Ngoko yakwazi njani ukuthetha?— Ingelosi yenza inyoka yaba ngathi yiyo ethethayo. Kodwa yiloo ngelosi kanye eyayithetha. Loo ngelosi yayisele ineengcinga ezingendawo. Yayifuna uAdam noEva banqule yona. Yayifuna ukuba bathobele yona. Yayifuna ukuzenza uThixo.

Ngoko loo ngelosi ingendawo yafaka iingcamango ezimbi kuEva. Isebenzisa inyoka, yathi kuye: ‘UThixo akanixelelanga nyaniso. Aniyi kufa xa nisitya kula mthi. Niya kulumka njengoThixo.’ Ngaba wena wawuya kulikholelwa elo lizwi?—

UEva waqalisa ukunqwenela loo nto wayengayinikwanga nguThixo. Wasitya isiqhamo saloo mthi walelweyo. Emva koko wanika noAdam. UAdam akazange akukholelwe oko kwakuthethwa yinyoka. Kodwa wayethanda uEva ngaphezu koThixo. Ngoko naye watya kuloo mthi.​—Genesis 3:1-6; 1 Timoti 2:14.

Waba yintoni umphumo woko?— UAdam noEva baba ngabantu abangafezekanga, baluphala baza bafa. Ekubeni babengafezekanga, bonke abantwana babo nabo babengafezekanga yaye baluphala baza bafa. UThixo wayengaxoki! Enyanisweni ubomi buxhomekeke ekumthobeleni. (Roma 5:12) IBhayibhile isixelela ukuba loo ngelosi yaxokisa uEva nguSathana uMtyholi, yaye zonke ezinye iingelosi ezingendawo zibizwa ngokuba ziidemon.​—Yakobi 2:19; ISityhilelo 12:9.

Adam and Eve in their old age

Kwenzeka ntoni kuAdam noEva emva kokungathobeli uThixo?

Ngaba ke ngoku uyasiqonda isizathu sokuba loo ngelosi ilungileyo yayenziwe nguThixo ibe ngendawo?— Kungenxa yokuba yaqalisa ukucinga izinto ezingendawo. Yayifuna ukuba yeyona ibalulekileyo. Yayisazi ukuba uThixo waxelela uAdam noEva ukuba bazale abantwana, yaye yayifuna ukuba banqule yona bonke. UMtyholi ufuna ukuba bonke abantu bangamthobeli uYehova. Ngoko uzama ukusenza sicinge izinto ezimbi.​—Yakobi 1:13-15.

UMtyholi uthi akukho mntu umthanda ngokwenene uYehova. Uthi asimthandi uThixo, yaye asifuni ngokwenene ukwenza oko asixelela kona. Uthi simthobela uYehova kuphela xa izinto zisenzeka ngendlela esifuna ngayo. Ngaba unyanisile uMtyholi? Ngaba sinjalo ngokwenene?

UMfundisi Omkhulu wathi uMtyholi lixoki! UYesu wabonisa ukuba umthanda ngokwenene uYehova ngokumthobela. Yaye uYesu akazange amthobele uThixo kuphela xa kulula. Wayesoloko esenjenjalo lonk’ ixesha, naxa esokoliswa ngabanye abantu. Wazingqina enyanisekile kuYehova de wafa. Yiloo nto kanye eyabangela ukuba uThixo amvuse ukuze aphile ngonaphakade.

Ngoko ngubani obuya kuthi lutshaba lwethu olukhulu?— NguSathana uMtyholi. Ngaba ungakwazi ukumbona?— Kakade ke akunako! Kodwa siyazi ukuba ukho, yaye ungaphezulu kunathi. Kodwa, ngubani ongaphezulu kunoMtyholi?— NguYehova uThixo. Ngoko siyazi ukuba uThixo unokusikhusela.

Funda ngaLowo sifanele simnqule: kwiDuteronomi 30:19, 20; kuYoshuwa 24:14, 15; kwiMizekeliso 27:11 nakuMateyu 4:10.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share