ICANDELO 3
Babunjani Ubomi EParadesi?
UYehova wanika uAdam noEva izinto ezininzi ezintle. Genesis 1:28
UYehova wadala ibhinqa lokuqala, uEva, waza walinika uAdam ukuba libe ngumfazi wakhe.—Genesis 2:21, 22.
UYehova wabadala banengqondo nemizimba efezekileyo, bengenasiphako.
Babehlala kwiParadesi eyayikumyezo wase-Eden—indawo eyayintle ngendlela engathethekiyo, inomlambo, imithi yeziqhamo nezilwanyana.
UYehova wathetha nabo; wabafundisa. Ukuba babemphulaphule, babeza kuphila kwiParadesi esemhlabeni ngonaphakade.
Wawumnye umthi uThixo awathi mabangatyi kuwo. Genesis 2:16, 17
UYehova wabonisa uAdam noEva umthi omnye weziqhamo owawukuloo myezo waza wabaxelela ukuba, xa bethe batya kuwo baya kufa.
Enye yeengelosi zikaThixo yamvukela. Loo ngelosi ingendawo nguSathana uMtyholi.
USathana wayengafuni ukuba uAdam noEva bathobele uYehova. Ngoko, esebenzisa inyoka waxelela uEva ukuba xa ethe watya isiqhamo saloo mthi, akasayi kufa, kodwa uya kufana noThixo. Kambe ke, yayibubuxoki obo.—Genesis 3:1-5.