Kuthetha Ukuthini Konke Oku?
UYESU KRISTU wathi: ‘Ukupheliswa kwenkqubo yezinto’ kwakuza kubonakala ngeemfazwe, ukunqongophala kokutya, iindyikitya zokufa neenyikima zomhlaba.—Mateyu 24:1-8; Luka 21:10, 11.
Ukususela ngowe-1914 kuye kwafa abantu abaninzi ngenxa yokulwa kwezizwe neentlanga, okudla ngokubangelwa kukungenelela kwabefundisi kwezobupolitika, yaye mvanje kubangelwa kukuhlasela kwabanqolobi.
Nangona kukho inkqubela ekuvelisweni kokutya, amakhulu ezigidi zabantu asathwaxwa yindlala emhlabeni wonke. Nyaka ngamnye kufa izigidi zabantu ngenxa yokunqongophala kokutya.
Indyikitya yokufa, okanye ukwanda kwezifo ezasulelayo, nako kuyinxalenye yomqondiso owanikelwa nguYesu. Emva kweMfazwe Yehlabathi I umbathalala wasuba ubomi babantu abangaphezu kwama-21 000 000. Ngokwahlukileyo koobhubhani ababekho ngaphambili, wona wabulala iintlanga ezininzi emhlabeni jikelele naseziqithini. Ngoku uGawulayo ugqugqisile ehlabathini, yaye kumazwe asakhasayo abantu basaqhubeka behlaselwa ngoobhubhani abanjengesifo sephepha, imalariya, ubumfama, nesifo sikaChagas.
Kukho ingxelo yokuba kubakho amashumi amawaka eenyikima zomhlaba ezahlukahlukeneyo nyaka ngamnye. Nangona kukho izixhobo eziphuculiweyo zokuhlola iinyikima, iintlekele ezibangelwa ziinyikima zomhlaba zisoloko zisezindabeni.
Kwakhona iBhayibhile yaxela kwangaphambili isithi: “Kwazi oku, ukuba ngemihla yokugqibela kuya kufika amaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo. Kuba abantu baya kuba ngabazithandayo, abathandi bemali, abazidlayo, abanekratshi, abanyelisi, abangathobeli bazali, abangenambulelo, abanganyanisekanga, abangenawo umsa wemvelo, abangayifuni kwaphela imvisiswano, abanyelisi, abangenakuzeyisa, iindlobongela, abangathandi kulunga, abangcatshi, abaneentloko ezilukhuni, abakhukhumele likratshi, abathandi beziyolo kunokuba bathande uThixo, benembonakalo yozinikelo lobuthixo kodwa bengaphili ngokuvisisana nalo; ngoko ke zikhwebule kwabanjalo.”—2 Timoti 3:1-5.
Akuvumi na ukuba siphila ‘kumaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo’?
Ngaba uphawulile ukuba ubukhulu becala abantu bayazithanda, bathanda imali, yaye banekratshi?
Ngubani onokuyiphikisa into yokuba ihlabathi lizaliswe ngabantu abazidlayo, abangenambulelo, abangenamvisiswano, nabanganyanisekanga?
Ngaba uphawulile ukuba ukungathotyelwa kwabazali nokungabi naluthando kwanda ngendlela ekhwankqisayo, kungekuphela nje kwiindawo ezimbalwa kodwa ehlabathini lonke?
Ngokungathandabuzekiyo uyazi ukuba siphila kwihlabathi elithanda iziyolo kunokuthanda ukulunga. Le yindlela iBhayibhile ekuchaza ngayo oko kuya kwenzeka “ngemihla yokugqibela.”
Ngaba kusafuneka ubungqina obungakumbi bokuchaza ixesha esiphila kulo? Kwakhona uYesu waxela kwangaphambili ukuba ebudeni beli xesha, iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo zaziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba. (Mateyu 24:14) Ngaba oko kuyenziwa?
IMboniselo, engulindixesha osekelwe eBhayibhileni nowenzelwe ukuvakalisa iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaYehova, ishicilelwa rhoqo ngeelwimi ezininzi kunazo naziphi na ezinye iimpapasho.
Nyaka ngamnye amaNgqina kaYehova achitha iiyure ezingaphezu kwewaka lezigidi eshumayela kwabanye ngoBukumkani bukaThixo.
Apapasha uncwadi lweBhayibhile ngeelwimi ezimalunga nama-400, kuquka nezo zifundwa ngamaqela amancinane akwanti. AmaNgqina kaYehova aye afikelela zonke iintlanga ngeendaba ezilungileyo; yaye aye ashumayela kwiziqithi nakwimimandla emininzi emincinane kakhulu. Kumazwe amaninzi afundisa abantu iBhayibhile ngokuthe rhoqo.
Eneneni, iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo zishunyayelwa kuwo wonke umhlaba, kungekhona ngenjongo yokuguqula ihlabathi, kodwa ngenjongo yokuba zibe bubungqina. Abantu kuzo zonke iindawo banikwa ithuba lokubonisa enoba bayakhathala na ngalowo wenza amazulu nomhlaba nokuba baya kuyihlonela kusini na imithetho yakhe baze babonise uthando ngabanye.—Luka 10:25-27; ISityhilelo 4:11.
Kungekudala uBukumkani bukaThixo buya kuphelisa bonke ubungendawo obusemhlabeni buze buwenze iparadesi.—Luka 23:43.
[Ibhokisi ekwiphepha 6]
Imihla Yokugqibela Yantoni?
Asiyomihla yokugqibela yoluntu. Abo benza ukuthanda kukaThixo, iBhayibhile ibanika ithemba lokuphila ngonaphakade.—Yohane 3:16, 36; 1 Yohane 2:17.
Asiyomihla yokugqibela yomhlaba. ILizwi likaThixo lithembisa ukuba umhlaba uya kuhlala ngonaphakade.—INdumiso 37:29; 104:5; Isaya 45:18.
Kunoko, le yimihla yokugqibela yale nkqubo yezinto ikhohlakeleyo nengenaluthando, kuquka abo bayinxalenye yayo.—IMizekeliso 2:21, 22.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 7]
Ngaba Ngokwenene IBhayibhile IliLizwi LikaThixo?
Abaprofeti beBhayibhile babhala ngokuphindaphindiweyo besithi: ‘Utsho uYehova ukuthi.’ (Isaya 43:14; Yeremiya 2:2) KwanoYesu Kristu, uNyana kaThixo, wagxininisa ukuba ‘wayengathethi ngokuphuma kuye.’ (Yohane 14:10) NeBhayibhile ngokwayo ithi: “Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo.”—2 Timoti 3:16.
Ayikho enye incwadi epapashwa ngeelwimi ezininzi kangaka—ezingaphezu kwama-2 200, ngokutsho kweUnited Bible Societies. Kungekho nanye incwadi eyakhe yasasazwa kakhulu ngolu hlobo—ngoku sele kusasazwe imibhalo engaphezu kwamawaka amane ezigidi. Ngaba leyo asiyonto elindelekileyo ngesigidimi sikaThixo sabantu bonke?
Ukuze ufumane inkcazelo epheleleyo enikela ubungqina bokuba iBhayibhile iphefumlelwe nguThixo, bona incwadi ethi IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu?, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
Ukuba uyayifunda iBhayibhile uze uvume ukuba eneneni iliLizwi likaThixo, uya kungenelwa kakhulu.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 8]
Buyintoni UBukumkani BukaThixo?
Ngurhulumente wasezulwini wolawulo loThixo oyinyaniso, uYehova, uMdali wezulu nomhlaba.—Yeremiya 10:10, 12.
IBhayibhile ichaza uYesu Kristu njengalowo uThixo amnike igunya lokulawula. (ISityhilelo 11:15) Xa wayesemhlabeni, uYesu wabonisa ukuba sele enalo igunya alinikwe nguThixo—igunya lokulawula amandla emvelo, elokuphilisa zonke izifo, nelokuvusa abafileyo. (Mateyu 9:2-8; Marko 4:37-41; Yohane 11:11-44) Kwakhona isiprofeto seBhayibhile esiphefumlelweyo saxela kwangaphambili ukuba uThixo wayeza kumnika “ulawulo nesidima nobukumkani, ukuze zonke izizwana neentlanga neelwimi zimkhonze.” (Daniyeli 7:13, 14) Loo rhulumente ubizwa ngokuba buBukumkani basezulwini; uYesu Kristu ngoku ulawula esezulwini.
[Imifanekiso ekwiphepha 7]
Iindaba ezilungileyo zishunyayelwa emhlabeni wonke