IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • bm ica. 8 iphe. 11
  • AmaSirayeli Angena EKanan

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • AmaSirayeli Angena EKanan
  • IBhayibhile—Sithini Isigidimi Sayo?
  • Amanqaku Afanayo
  • Iimbalasane Zencwadi KaYoshuwa
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
  • Incwadi YeBhayibhile 6—Yoshuwa
    “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
  • Hayi Ubungangamsha Begama Likayehova!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
  • ‘Wavakaliswa Elilungisa Ngemisebenzi’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
Khangela Okunye
IBhayibhile—Sithini Isigidimi Sayo?
bm ica. 8 iphe. 11
UYoshuwa uhlab’ umkhosi ngoxa ababingeleli bevuthela amaxilongo

ICANDELO 8

AmaSirayeli Angena EKanan

UYoshuwa ukhokela amaSirayeli aze oyise amaKanan. UYehova womeleza abagwebi ukuze bakhulule abantu bakhe kwingcinezelo

KWIINKULUNGWANE ngaphambi kokuba amaSirayeli angene eKanan, uYehova wayethembise ukuba elo lizwe wayeya kulinika inzala ka-Abraham. Ekhokelwa nguYoshuwa, amaSirayeli ayesele ekulungele ukungena kwiLizwe Lesithembiso.

UThixo wawagwebela ukufa amaKanan. Ayezalise elo lizwe ngokuziphatha okulihlazo ngokwesini, yaye ephalaza igazi ngendlela engenalusini. Ngoko ke, izixeko zamaKanan ezoyiswa ngamaSirayeli zazimele zitshatyalaliswe ngokupheleleyo.

Ngaphambi kokuba angene kwelo lizwe, uYoshuwa wathumela iintlola ezimbini, ezahlala kwisixeko saseYeriko kwikhaya lebhinqa elinguRahabhi. Wazamkela ezo ntlola waza wazikhusela, nakuba wayesazi ukuba zingamaSirayeli. URahabhi wayenokholo kuThixo wamaSirayeli, kuba wayevile ngeendlela uYehova awabahlangula ngazo abantu bakhe. Wathi ezo ntlola mazifunge ukuba yena nentsapho yakowabo baya kusindiswa.

Kamva, xa amaSirayeli ayengena eKanan ehlasela iYeriko, uYehova waziwisa ngokungummangaliso iindonga zeso sixeko. Kwangena imikhosi kaYoshuwa yaza yasitshabalalisa, kodwa yasindisa uRahabhi nentsapho yakowabo. Yandula ke yalwa iimfazwe ezathabatha iminyaka emithandathu apho wayesoyisa imimandla emikhulu yeLizwe Lesithembiso. Emva koko, elo lizwe labelwa izizwe zakwaSirayeli.

Imaphu yelizwe lakwaKanan[Imaphu ekwiphepha 11]

Ngaphambi kokuphela kolawulo lwakhe olwathabatha ixesha elide, uYoshuwa wababizela ndawonye abantu. Wabakhumbuza ngendlela uYehova awayebaphethe ngayo ookhokho babo waza wabakhuthaza ukuba bamkhonze uYehova. Kodwa ke emva kokufa kukaYoshuwa namanye amadoda amakhulu, amaSirayeli amshiya uYehova aza akhonza oothixo bobuxoki. Kangangeminyaka engama-300, olu hlanga lwalusoloko luyishiya imithetho kaYehova. Ngelo xesha, uYehova wavumela iintshaba zamaSirayeli ezinjengamaFilisti ukuba ziwacinezele. Athi akucela uncedo, uYehova wamisela abagwebi—ababa li-12 xa bebonke—ukuba bawahlangule.

Ixesha laBagwebi elichazwe kwincwadi yaBagwebi laqalisa ngo-Oteniyeli laza lagqibela ngoSamson, esona sigantsontso sendoda esakha saphila. Eyona nyaniso ibethelelwa ngokuphindaphindiweyo kwingxelo yeBhayibhile ebangel’ umdla ekwincwadi yaBagwebi yile: Ukuthobela uYehova kuzisa iintsikelelo, ngoxa ukungathobeli kusizisa intlekele.

—Oku kusekelwe kuYoshuwa; ABagwebi; kwiLevitikus 18:24, 25.

  • Kwakutheni ukuze uYehova amsindise uRahabhi nentsapho yakowabo?

  • Enza ntoni amaSirayeli emva kokufa kukaYoshuwa?

  • Yiyiphi eyona nyaniso ibethelelwa kwincwadi yeBhayibhile yaBagwebi?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share