IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • yc isifu. 1 iphe. 4-5
  • Imfihlelo Esikuvuyelayo Ukuyazi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imfihlelo Esikuvuyelayo Ukuyazi
  • Fundisa Abantwana Bakho
  • Amanqaku Afanayo
  • Imfihlelo Onokuyixelela Abanye
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Iziqulatho
    Vukani!—2018
  • Imfihlelo AmaKristu Angenabuganga Bakuyigcina!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • Ukutyhilwa Kwemfihlelo Engcwele
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
Khangela Okunye
Fundisa Abantwana Bakho
yc isifu. 1 iphe. 4-5
Iingelosi zimamele uYesu ethetha nabantu ngoBukumkani bukaThixo

ISIFUNDO 1

Imfihlelo Esikuvuyelayo Ukuyazi

Ngaba wakha waxelelwa imfihlelo?—a IBhayibhile isichazela ngemfihlelo ebalulekileyo, eyibiza ngokuba ‘yimfihlelo engcwele.’ Ingcwele kuba yekaThixo. Abantu abaninzi babengayazi, yiyo loo nto kusithiwa yimfihlo. Neengelosi zazifuna ukuyazi le mfihlo. Awubaweli ukuyazi wena le mfihlo?—

Ungathi yintoni le iingelosi zazifuna ukuyazi?

Kudala-dala, uThixo wenza indoda kunye nebhinqa. Amagama abo yayinguAdam noEva. Wabanika ikhaya elihle, umyezo wase-Eden. Ukuba uAdam noEva babemmamele uThixo, babeza kuwenza wonke umhlaba ube yiparadesi efana naloo myezo. Ibe babeza kuhlala kuloo Paradesi, bangafi. Kodwa, usakhumbula yintoni eyenziwa nguAdam noEva?—

UAdam noEva abazange bammamele uThixo, yiyo loo nto singahlali kwiparadesi namhlanje. Kodwa uThixo wathi uza kuwenza mhle wonke umhlaba, ibe bonke abantu baza kuhlala kuwo kamnandi, bangafi. Wayeza kuyenza njani le nto? Kangangexesha elide abantu babengayazi, yayiyimfihlo.

Ngokuya uYesu wayelapha emhlabeni, wabafundisa izinto ezininzi abantu ngale mfihlo. Wathi ingoBukumkani bukaThixo. UYesu wathi abantu mababuthandazele obu Bukumkani ukuba bufike. Buza kwenza umhlaba ube yiparadesi entle.

Awuvuyi kukwazi le mfihlo?—Ukhumbule ke ukuba eParadesi kuza kuphila abantu abamamela uYehova. IBhayibhile inamabali amaninzi amadoda namabhinqa awamamela uYehova. Uyafuna ukuva ngawo?— Masifunde ngamanye ala madoda namabhinqa nokuba sinokufana njani nawo.

FUNDA EBHAYIBHILENI YAKHO

  • Marko 4:11

  • 1 Petros 1:12

  • Genesis 1:26-28; 2:8, 9; 3:6, 23

  • Mateyu 6:9, 10

  • INdumiso 37:11, 29

a Kula mabali uza kumane ubona uphawu olufana nolu (—) emva kwemibuzo. Xa ukolu phawu nqumama ukuze unike umntwana ithuba lokuphendula.

IMIBUZO:

  • Kutheni umhlaba ungeyiyo iparadesi namhlanje?

  • Yiyiphi imfihlelo ebalulekileyo eseBhayibhileni?

  • UYesu wabafundisa ntoni abantu ngale mfihlelo?

  • Kufuneka wenze ntoni ukuze uphile eParadesi?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share