IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • jy isahl. 42 iphe. 104-iphe. 105 isiqe.¶ 2
  • UYesu Ugxeka AbaFarisi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UYesu Ugxeka AbaFarisi
  • UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • Amanqaku Afanayo
  • UYesu Ukhalimela AbaFarisi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
  • UYesu Ukhalimela AbaFarisi
    Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
  • Incwadi YeBhayibhile 32—Yona
    “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
  • UYona Ufunda Ngenceba KaYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
Khangela Okunye
UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
jy isahl. 42 iphe. 104-iphe. 105 isiqe.¶ 2
UKumkanikazi uShebha uza kwitrone kaKumkani uSolomon

ISAHLUKO 42

UYesu Ugxeka AbaFarisi

MATEYU 12:33-50 MARKO 3:31-35 LUKA 8:19-21

  • UYESU UTHETHA NGOMMANGALISO KAYONA

  • ABAFUNDI BAKHE BABALULEKILE KUYE

Xa ababhali nabaFarisi besithi uYesu akazikhuphi iidemon ngamandla kaThixo, bazifaka engxakini kuba bathuka umoya oyingcwele. Baza kukhetha icala likabani? ElikaThixo okanye elikaSathana? UYesu uthi: “Ukuba umthi wenu mhle, neziqhamo zawo ziba zihle, kanti ukuba ubolile neziqhamo zawo ziyabola, kaloku umthi waziwa ngeziqhamo zawo.”​—Mateyu 12:33.

Isebe lomthi elinesiqhamo

Ayibhadlanga into yokucinga ukuba into esisiqhamo esihle efana nokukhupha idemon yenzeka kuba uYesu ekhonza uSathana. UYesu ebeyicacise kakuhle le nto kwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni ngoku ebesithi xa umthi umhle nesiqhamo siba sihle, asiboli. Ngoko xa abaFarisi betyhola uYesu, babonisa ukuba zinjani iziqhamo zabo? Zibolile. Uthi kubo: “Nzalandini yamarhamba, ningakwazela phi nina ukuthetha izinto ezintle, ningalunganga ninje? Kuba umlomo uthetha izinto ezigcwele entliziyweni.”​—Mateyu 7:16, 17; 12:34.

Izinto esizithethayo zibonisa eyona nto ikwiintliziyo zethu ibe siza kugwetywa ngazo. Yiyo loo nto uYesu esithi: “Ndithi ke kuni, umntu othetha izinto ezingakhiyo uza kuphenduliswa ngazo zonke ngeMini Yomgwebo; umntu uza kugwetywa okanye kuthiwe ulilungisa ngokwamazwi akhe.”​—Mateyu 12:36, 37.

Phezu kwale mimangaliso ayenzayo ababhali nabaFarisi aboneli, bathi: “Mfundisi, senzele ummangaliso.” Nokuba bebekhe bambona okanye khange bakhe bambone uYesu eyenza, kukho abantu abaninzi abanokuba ngamangqina kaYesu nababembonile eyenza. Yiyo loo nto esithi kwezi nkokheli zenkonzo yamaYuda: “Esi sizukulwana singalunganga nesikrexezayo sihlala sifuna ummangaliso, kodwa akukho mmangaliso siza kuwenzelwa ngaphandle kokamprofeti uYona.”​—Mateyu 12:38, 39.

Intlanzi enkulu iginya uYona

UYesu uyabacacisela ukuba uthetha ukuthini. Uthi: “Kanye njengokuba uYona wayesesiswini sentlanzi enkulu iintsuku ezintathu nobusuku bazo, noNyana womntu uza kuba semathunjini omhlaba iintsuku ezintathu nobusuku bazo.” UYona waginywa yintlanzi enkulu, kodwa waphuma kuyo ngokungathi uvusiwe. Esebenzisa lo mzekelo uYesu uchaza ukuba naye uza kufa aze ngosuku lwesithathu avuswe. Ekuhambeni kwexesha xa uYesu evuswa, iinkokheli zamaYuda ziyawuphika lo ‘mmangaliso’ ibe azivumi ukuguquka zize zitshintshe. (Mateyu 27:63-66; 28:12-15) Kanti bona “abantu baseNineve,” baguquka emva kokuba uYona eshumayele kubo. Baza kusigxeka esi sizukulwana. UYesu uthi nomzekelo kakumkanikazi uShebha ubonisa ukuba naye uza kwenza into efanayo. Lo kumkanikazi wayefuna ukuva ubulumko bukaSolomon ibe wamangaliswa bubo. Ngoko uYesu uthi: “Ngoku kufike umntu omkhulu kunoSolomon.”​—Mateyu 12:40-42.

UYesu ufanisa imeko yesi sizukulwana singalunganga nendoda ibinedemon yaza yaphuma. (Mateyu 12:45) Kuba le ndoda ingakhange iyivale le ndawo ibinedemon ngezinto ezintle, iyabuya kunye nezinye iidemon ezisixhenxe zize zingene kuyo le ndoda. Ngendlela efanayo, nesizwe sakwaSirayeli siye sacocwa safana nala ndoda ibinedemon yaza yaphuma. Kodwa xa esi sizwe singabamkeli abaprofeti bakaThixo, size sichase noYesu onomoya oyingcwele kaThixo, loo nto ibonisa ukuba imeko yaso imbi nangaphezu kokuba ibinjalo ekuqaleni.

Uthi esathetha uYesu kufike umama wakhe nabantakwabo baze bame kufutshane nabantu abalapha. Abanye abantu abahleli kufutshane naye bathi kuye: “Umama wakho nabantakwenu bame apha phandle, bafuna ukukubona.” UYesu ubonisa ukuba usondelelene nyhani nabafundi bakhe abafana nabantakwabo, oodadewabo noomama bakhe. Wolula isandla sakhe kubafundi bakhe aze athi: “Umama nabantakwethu ngaba balivayo ilizwi likaThixo baze balenze.” (Luka 8:20, 21) Ngale ndlela uYesu ubonisa ukuba, nangona ezixabisa izinto ezimenza asondelelane nabantu bakokwabo, ubuxabisa nakakhulu ubuhlobo bakhe nabafundi bakhe. Kuhlaziya nyhani ukusondelelana nabazalwana bethu, ingakumbi xa abanye abantu bengasithembi, besingasifuni, bengafuni nezinto ezintle esizenzayo!

  • AbaFarisi bafana njani nomthi obolileyo?

  • Wenzeka njani ‘ummangaliso kaYona’ kuYesu, ibe uphikwa njani?

  • Isizwe sakwaSirayeli sifana njani nendoda ebinedemon yaza yaphuma?

  • UYesu ubonisa njani ukuba usondelelene nabafundi bakhe?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share