IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w87 3/1 iphe. 8-9
  • UYesu Ukhalimela AbaFarisi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UYesu Ukhalimela AbaFarisi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
  • Amanqaku Afanayo
  • UYesu Ukhalimela AbaFarisi
    Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
  • UYesu Ugxeka AbaFarisi
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • Incwadi YeBhayibhile 32—Yona
    “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
  • UYona Ufunda Ngenceba KaYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
w87 3/1 iphe. 8-9

Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu

UYesu Ukhalimela AbaFarisi

UYESU uthi, ukuba kungenxa yamandla kaSathana le nto ekhupha iidemon, ngoko uSathana wahlulelene yedwa. Uhlabela mgama esithi, “Wenzeni mhle umthi, nesiqhamo sawo sibe sihle; nithi mhlawumbi niwenze mbi umthi, nesiqhamo sawo sibe sibi; kuba umthi waziwa ngesiqhamo sawo.”

Kububudenge ukuthi isiqhamo esihle sokukhupha iidemon sibangelwa kukukhonza kukaYesu uSathana. Ukuba isiqhamo sihle, awunakuba ubolile umthi. Kwelinye icala, isiqhamo esibolileyo sabaFarisi sezimangalo zobuyatha nokumchasa ngokungenazizathu uYesu sibubungqina bokuba bona ngokwabo babolile. UYesu udanduluka athi, “Nzalandini yamarhamba, ningathini na ukuba nako ukuthetha izinto ezilungileyo, nikhohlakele nje? Kuba umlomo uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo.”

Ekubeni amazwi ethu ebonisa imeko yeentliziyo zethu, esikuthethayo kunikela isizinzi somgwebo. UYesu uthi, “Ndithi ke kuni, Onke amazwi angewani abathe bawathetha abantu, baya kuphendula ngawo ngomhia womgwebo; kuba ngawo amazwi akho uya kugwetyelwa, nangawo amazwi akho uya kugwetywa.”

Phezu kwayo nje yonke imisebenzi kaYesu yamandla, ababhali nabaFarisi bacela oku; “Mfundisi, singa singabona umqondiso uvela kuwe.” Nangona la madoda akhethekileyo avela eYerusalem esenokuba akayibonanga ngokobuqu imimangaliso yakhe, bukho ubungqina bokuzibonela obungenakukhanyelwa ngokubhekisele kuyo. Ngoko uYesu uxelela iinkokeli zamaYuda oku: “Isizukulwana esingendawo, esikrexezayo, singxamele umqondiso; ke asiyi kunikwa mqondiso, ungenguwo umqondiso kaYona umprofeti.”

Echaza oko asingisele kuko, uYesu uhlabela mgama esithi: “Kuba, njengokuba uYona ebemini ntathu nabusuku buthathu esiswini sentlanzi enkulu, kwangokunjalo, uNyana woMntu woba mini ntathu nabusuku buthathu embilinini womhlaba.” Emva kokuginywa yintlanzi, uYona waphuma ngokungathi wayevuswe kwabafileyo, ngoko uYesu uxela kwangaphambili ukuba uya kufa aze avuswe ephilile ngosuku Iwesithathu. Kanti, kwanaxa uYesu evusiwe kamva, iinkokeli zamaYuda ziyawukhanyela “umqondiso kaYona.”

Ngaloo ndlela uYesu uthi amadoda aseNineve awaguqukayo ekushumayeleni kukaYona aya kusuka eme ngomgwebo ukuze agwebe amaYuda amkhanyelayo uYesu. Ngendlela efanayo, wenza uthelekiso nokumkanikazi waseShebha, oweza evela eziphelweni zomhlaba ukuza kuva ubulumko bukaSolomon waza wamangaliswa kwawakubonayo nawakuvayo. UYesu uthi, “Kanti ke omkhulu kunoSolomon nanku apha.”

Wandula ke uYesu enze umzekeliso ngomntu ekuthi kuye kuphume umoya ongcolileyo. Phofu ke, lo mntu akazalisi esi sithuba singenanto ngezinto ezilungileyo yaye ke ngoko uthi angenwe ngabanye oomoya abasixhenxe abakhohlakeleyo. “Kuya kuba njalo nakwesi sizukulwana singendawo,” utsho njalo uYesu. Uhlanga lakwaSirayeli lwalucociwe lwaza lwahlaziywa—njengokuphuma kokwexeshana komoya ongcolileyo. Kodwa ukubakhanyela kolu hlanga abaprofeti bakaThixo, nto leyo eyaphumela ekubeni luchase kwanoKristu, kutyhila ukuba imeko yalo engendawo imbi ngaphezu kokuba yayinjalo ekuqaleni.

Ngoxa uYesu ethetha, kuthi kufike unina nabazalwana bakhe baze beme ngaphandle kwendimbane. Uthile ke uthi kuye: “Nanku unyoko nabazalwana bakho, bemi ngaphandle, befuna ukuthetha nawe.”

UYesu ubuza athi, “Ngubani na uma? Kanjalo ngoobani na abazalwana bam? Esolule isandla sakhe phezu kwabafundi bakhe, uthe, Nanku uma nabazalwana bam; kuba osukuba ekwenza ukuthanda kukaBawo osemazulwini, yena lowo ngumzalwana wam, nodade wethu, noma.” Ngale ndlela uYesu ubonisa ukuba ingakhathaliseki indlela athandeka ngayo amaqhina ammanyanisa nezalamane zakhe, sekunjalo okuthandeka ngakumbi lulwalamano lwakhe nabafundi bakhe. Mateyu 12:33-50; Marko 3:31-35; Luka 8:19-21.

◆ AbaFarisi basilela njani ukwenza umthi nesiqhamo zibe zihle?

◆ Wawuyintoni “umqondiso kaYona,” yaye wakhanyelwa njani?

◆ Uhlanga lukaSirayeli lwalufana njani nomntu ekwaphuma kuye umoya ongcolileyo?

◆ UYesu walubethelela njani ulwalamano lwakhe olusondeleyo nabafundi bakhe?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share