IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • jy isahl. 75 iphe. 176-iphe. 177 isiqe.¶ 1
  • UYesu Uthetha Ngeyona Nto Yenza Umntu Onwabe

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UYesu Uthetha Ngeyona Nto Yenza Umntu Onwabe
  • UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • Amanqaku Afanayo
  • Umthombo Wolonwabo
    Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
  • Umthombo Wolonwabo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • Uyenza Ngamandla Kabani Imimangaliso?
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • UYesu—Kuphikiswana Ngaye
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
Khangela Okunye
UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
jy isahl. 75 iphe. 176-iphe. 177 isiqe.¶ 1
UYesu ulungisa umfazi ozukisa umama wakhe uMariya

ISAHLUKO 75

UYesu Uthetha Ngeyona Nto Yenza Umntu Onwabe

LUKA 11:14-36

  • UKHUPHA IIDEMON “NGOMNWE KATHIXO”

  • EYONA NTO YENZA UMNTU ONWABE

UYesu usandophinda into ebeyithethe ngomthandazo. Kodwa ayiyo yodwa into ekufuneka ayiphinde njengoko eqhubeka nomsebenzi wakhe wokushumayela. Xa ebesenza imimangaliso eGalili, uye watyholwa ngokuyenza ngamandla omlawuli weedemon. Nangoku uphinda atyholwe ngaloo nto apha kwaYuda.

Xa ekhupha idemon eyenza umntu angakwazi ukuthetha kwenye indoda, abantu bayamangaliswa ngaphandle kwabantu abathanda ukumgxeka. Baphinda bamtyhole bathi: “Iidemon uzikhupha ngoBhelezebhubhe, umlawuli weedemon.” (Luka 11:15) Abanye abafuna ubungqina bokuba uYesu ungubani, bathi makenze ummangaliso ovela ezulwini.

Uyaqonda ukuba bazama ukumlinga, ngenxa yaloo nto ubaphendula ngendlela ebebaphendule ngayo abantu baseGalili. Ubaxelela ukuba nabuphi na ubukumkani obulwa bodwa buyawa. Uthi: “Ukuba uSathana ulwa yedwa, buza kuma njani ke ubukumkani bakhe?” Emva koko uthi kubo: “Ukuba ndizikhupha ngomnwe kaThixo iidemon, kucacile ukuba uBukumkani bukaThixo bunifikele ningalindelanga.”​—Luka 11:18-20.

Ukuthetha kukaYesu “ngomnwe kaThixo” kumele kubakhumbuze abantu abamameleyo ngento eyenzeka kumaSirayeli. Abantu ababekunye noFaro nabambonayo uMoses esenza ummangaliso bathi: “Ngumnwe kaThixo lo!” NeMithetho Elishumi eyayibhalwe emacwecweni amatye amabini yayibhalwe “ngomnwe kaThixo.” (Eksodus 8:19; 31:18) Ngendlela efanayo “ngumnwe kaThixo” oko kukuthi umoya wakhe oyingcwele okanye amandla akhe asebenzayo, onceda uYesu akwazi ukukhupha iidemon aze aphilise abantu abagulayo. Yiloo nto uBukumkani BukaThixo bubafikele bengalindelanga nyhani aba bachasi kuba uYesu onguKumkani wobu Bukumkani ulapha phambi kwabo esenza le mimangaliso.

Ukukwazi kukaYesu ukukhupha iidemon bubungqina bokuba unamandla kunoSathana njengokuba indoda enamandla ikwazi ukoyisa indoda egade indlu yayo nexhobileyo. UYesu uphinda enze umzekelo wedemon ephumayo emntwini. Ukuba loo mntu akayizalisi ngezinto ezintle le ndawo ibinedemon, iza kubuya nezinye ezisixhenxe ize imeko yalo mntu ibe mbi kunakuqala. (Mateyu 12:22, 25-29, 43-45) Kubonakala ngathi kwenzeke loo nto kwesi sizwe sakwaSirayeli.

Omnye umfazi omameleyo uyachukumiseka athi: “Wonwabile umfazi owakuthwala esibelekweni sakhe, wakuncancisa!” Abafazi abangamaYuda babebawela ukuba ngoomama babaprofeti ingakumbi uMesiya. Mhlawumbi lo mfazi ucinga ukuba wonwabe kakhulu uMariya kuba engumama womntu ofundisa kangaka. Kodwa uYesu uyamlungisa aze amxelele into eyenza umntu onwabe nyhani. Uthi: “Bonwabe kakhulu abo balivayo ilizwi likaThixo baze balithobele!” (Luka 11:27, 28) UYesu zange abonakalise ukuba uMariya umele azukiswe ngendlela ekhethekileyo. Kodwa kukuba ngumkhonzi kaThixo othembekileyo okwenza umntu onwabe nyhani hayi ukuba uzalana nabani okanye ziintoni azenzileyo ebomini.

Njengokuba ebenzile eGalili, uyabangxolisa abantu abafuna ukuba enze ummangaliso ovela ezulwini. Uthi akukho mmangaliso abaza kuwenzelwa ngaphandle “kokamprofeti uYona.” Ummangaliso kaYona umele ube ngumqondiso kubo kuba wahlala iintsuku ezintathu esiswini sentlanzi ibe emva koko washumayela ngesibindi baza ngenxa yaloo nto abantu baseNineve baguquka. UYesu uthi: “Kodwa, jongani! ngoku kufike umntu omkhulu kunoYona.” (Luka 11:29-32) Uphinda abe mkhulu nakunoSolomon owayelumkile wade ukumkanikazi waseSheba wafuna uyokuzivela ngokwakhe.

Ngoku uYesu uthi: “Emva kokuba umntu elayite isibane, akasibeki kwindawo esitheleyo okanye phantsi kwebhaskithi, kodwa usixhoma endaweni yaso.” (Luka 11:33) Usenokuba uthi ukufundisa nokwenza imimangaliso phambi kwaba bantu kufana nokufihla isibane. Ngenxa yokuba bengajonganga kwizinto ezifanelekileyo abayazi ukuba zithetha ntoni izinto ezithethwa nezenziwa nguYesu.

Usandokukhupha idemon waza wenza indoda ebingakwazi ukuthetha ithethe. Le nto ibimele ukuba yenza abantu bazukise uThixo baze baxelele abanye izinto uYehova azenzayo. Ngenxa yaloo nto uYesu uyabalumkisa aze athi: “Ngoko ke lumkani, kungathi kanti ukukhanya kwenu bubumnyama. Ngoko ke, ukuba wonke umzimba wakho uyakhanya, ungenandawo isebumnyameni, uza kukukhanyisela njengesibane.”​—Luka 11:35, 36.

  • Bathini abantu bakwaYuda emva kokuba uYesu ekhuphe idemon kwenye indoda?

  • Yintoni ‘umnwe kaThixo’ ibe uBukumkani BukaThixo bubafikele njani bengalindelanga abantu abamamele uYesu?

  • Yintoni enokunceda abantu bonwabe nyhani?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share