Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
Umthombo Wolonwabo
EBUDENI bobulungiseleli bakhe eGalili, uYesu wenza imimangaliso, yaye ngoku uyayiphinda kwelakwaYuda. Ngokomzekelo, ukhupha endodeni idemon eye yabangela ukuba ingakwazi ukuthetha. Izihlwele zimangalisiwe, kodwa abagxeki babonakalisa inkcaso efanayo neyabonakaliswa kwelaseGalili. Bathi: “Uzikhupha iidemon ngoBhelezebhule, umphathi weedemon.” Abanye bafuna ubungqina obungakumbi kuYesu mayela nokuba ungubani na, yaye bazama ukumhenda ngokucela umqondiso ophuma emazulwini.
Ekwazi oko bakucingayo, uYesu ubaphendula abagxeki bakhe belakwaYuda ngendlela efana naleyo wabaphendula ngayo abaseGalili. Ubonisa ukuba bonke ubukumkani obahlulelene bodwa buya kuphanza. Uyababuza esithi: “Ukuba ke noSathana wahlulelene yedwa, bothini na ukuma ubukumkani bakhe?” Ubonisa ingozi abakuyo abagxeki bakhe ngokuthi: “Ukuba ndizikhupha iidemon ngomnwe kaThixo, ngoko bunifikele kanti ubukumkani bukaThixo.”
Abo babona imimangaliso eyenziwa nguYesu bafanele basabele kuyo ngendlela abasabela ngayo abc bathi kwiinkulungwane ngaphambili bambona uMoses esenza ummangaliso. Badanduluka bathi: “Ngumnwe kaThixo.” ‘Yayikwangumnwe kaThixo’ owakrola iMithetho Elishumi kumacwecwe amatye. Yaye ‘umnwe kaThixo’—umoya wakhe oyingcwele, okanye amandla asebenzayo—nguwo owenza ukuba uYesu akhuphe iidemon aze aphilise nabagulayo. Ngoko uBukumkani bukaThixo ngokwenene baye babafikela aba bagxeki, ekubeni uYesu, uKumkani omiselweyo woBukumkani, ephakathi kwabo.
Wandula ke uYesu abonise ukuba amandla anawo okukhupha iidemon abubungqina begunya anale kuSathana, kwanaxa indoda eligorha isiza ize yoyise indoda exhobe yaf’ amacala elinde ibhotwe layo. Kwakhona uphinda umzekeliso awawuthetha eGalili omayela nomoya ongcolileyo othi uphume ndodeni ithile, kodwa xa le ndoda ingasizalisi isithuba esingenanto ngezinto ezilungileyo, umoya ubuyela kuyo unabanye oomoya abasixhenxe, ize imeko yale ndoda ibe mbi kakhulu kunakuqala.
Ngoxa bephulaphule ezi mfundiso, intokazi ethile kwisihlwele ishukunyiselwa ukuba idanduluke ithi: “Sinoyolo isizalo esakubambayo, namabele owawanyayo.” Ekubeni umnqweno wayo nayiphi na intokazi engumYuda ukukuba ibe ngunina womprofeti yaye ingakumbi uMesiya, kuyaqondakala ukuba le ntokazi ibiya kukuthetha oku. Kubonakala ukuba yayicinga ukuba uMariya unokuba wonwabe ngokukhethekileyo ngenxa yokuba engunina kaYesu.
Noko ke, ngokukhawuleza uYesu uxelela le ntokazi ngowona mthombo wokwenyaniso wolonwabo. Uphendula ngelithi: “Yithi kanye, Banoyolo abo balivayo ilizwi likaThixo baligcine.” UYesu akazange akhuthaze ukuba unina, uMariya, abe wayefanele anikwe imbeko ekhethekileyo. Kunoko, wabonisa ukuba ulonwabo lokwenyaniso lufunyanwa ngokuba ngumkhonzi othembekileyo kaThixo, kungekhona ngokuba nolwalamano lokwenyama okanye ngezinto eziphunyeziweyo.
Njengokuba wenzayo kwelaseGalili, uYesu uyaqhubeka ebakhalimela abantu ngokucela umqondiso ophuma emazulwini. Ubaxelela ukuba abayi kunikwa mqondiso ingenguwo umqondiso kaYona. UYona waba ngumqondiso ngokuba sesiswini sentlanzi iintsuku ezintathu nangokushumayela kwakhe ngokungafihlisi, okwaphumela ekubeni abaseNineve bashukunyiselwe ekubeni baguquke. UYesu uthi: “Ukanti ke omkhulu kunoYona nanku apha.” Ngokufanayo, ukumkanikazi waseShebha wamangaliswa bubulumko bukaSolomon. UYesu uphinda athi: “Ukanti ke omkhulu kunoSolomon nanku apha.”
UYesu uchaza ukuba xa umntu ekhanyisa isibane, akasigqubutheli okanye asibeke phantsi kwesitya kodwa usibeka esiphathweni saso ukuze abantu babe nako ukubona ukukhanya. Mhlawumbi ubonisa ukuba ukufundisa nokwenza imimangaliso phambi kwaba bantu balukhuni baphakathi kwabaphulaphuli bakhe kufana nokufihla ukukhanya kwesibane. Amehlo abakhimkhanya abalolo hlobo akajongi cala nye, okanye awathanga nzo, ngoko injongo kaYesu yokwenza imimangaliso ayiphunyezwa.
UYesu usandul’ ukukhupha idemon yaye ubangele nokuba indoda esisimumu ithethe. Oku kufanele kubashukumise abantu abanamehlo angenakumbi okanye athe nzo, basincome esi senzo sizukileyo baze bavakalise iindaba ezilungileyo! Kanti, oku, akwenziwa ngaba bagxeki. Ngoko uYesu uqukumbela ngokuthi: “Ngoko xunela ekuthini ukukhanya okukuwe kungabi bubumnyama. Ukuba ngoko umzimba wakho uphela ukhanyiselekile, ungenandawo imnyama, uya kukhanyiseleka uphela, njengaxenikweni sithe isibane sakukhanyisela ngokudangazela kwaso.” Luka 11:14-36; Eksodus 8:18, 19; 31:18; Mateyu 12:22, 28.
◆ Kusatyelwa njani ekuphiliseni kukaYesu indoda?
◆ Uyintoni umnwe kaThixo, yaye uBukumkani bukaThixo babafikela njani abaphulaphuli bakaYesu?
◆ Uyintoni umthombo wolonwabo lokwenyaniso?
◆ Umntu unokuba nalo njani iliso elingenakumbi?