ISAHLUKO 137
Ubonakala Kubantu Abaninzi Ngaphambi KwePentekoste
MATEYU 28:16-20 LUKA 24:50-52 IZENZO 1:1-12; 2:1-4
UYESU UBONAKALA KUBANTU ABANINZI
UYESU UNYUKELA EZULWINI
UYESU UNIKA ABAFUNDI BAKHE ABAYI-120 UMOYA OYINGCWELE
Emva kokuba uYesu evusiwe, ulungiselela ukuba abafundi bakhe abayi-11 badibane naye entabeni eGalili. Kukho nabanye abafundi apha abamalunga ne-500 ibe abanye babo bebethandabuza ekuqaleni. (Mateyu 28:17; 1 Korinte 15:6) Kodwa into uYesu ayithethayo ngoku ibanceda bonke baqonde ukuba nyhani uyaphila.
Uyabacacisela ukuba uThixo umnike igunya ezulwini nasemhlabeni. Uthi: “Ngoko ke, hambani niyokubenza abafundi abantu beentlanga zonke, nibabhaptize egameni likaTata neloNyana nelomoya oyingcwele, nibafundise ukuba benze yonke into endiniyalele yona.” (Mateyu 28:18-20) UYesu uyaphila ibe usafuna ukuba iindaba ezilungileyo zishunyayelwe.
Bonke abafundi bakhe, amadoda, abafazi nabantwana bafumana lo myalelo mnye wokuba benze abafundi. Abantu abachasayo basenokuzama ukubanqanda ukuba bangashumayeli okanye bafundise, kodwa uYesu uyabaqinisekisa. Uthi: “Ndinikwe lonke igunya ezulwini nasemhlabeni.” Ithetha ukuthini le nto kubalandeli bakhe? Uthi: “Jongani! Ndikunye nani yonke imihla de kube sekuphelisweni kweli hlabathi.” Akathi bonke abantu abashumayela iindaba ezilungileyo baza kukwazi ukwenza imimangaliso. Kodwa uthi baza kuncediswa ngumoya oyingcwele.
Emva kokuba evusiwe, abafundi bakhe bambona “iintsuku eziyi-40.” Ubonakala kubo ekwimizimba yabantu abahlukahlukeneyo. ‘Ubabonisa ukuba uyaphila ngezinto ezininzi ezibashiya bengathandabuzi,’ ibe ubaxelela “ngoBukumkani BukaThixo.”—IZenzo 1:3; 1 Korinte 15:7.
Bathi abapostile beseseGalili uYesu athi mababuyele eYerusalem. Xa edibana nabo kwesi sixeko uthi: “Ningemki eYerusalem, kodwa lindani into eyathenjiswa nguTata, le ndandinixelele ngayo. UYohane yena wabhaptiza ngamanzi, kodwa nina niza kubhaptizwa ngomoya oyingcwele kwiintsuku ezimbalwa ukusuka ngoku.”—IZenzo 1:4, 5.
Ethubeni uYesu uphinda adibane nabapostile bakhe. Uphuma nabo “baye eBhethani,” elapha xa uhlayo kwimpuma yeNtaba YemiNquma. (Luka 24:50) Phezu kwayo yonke into uYesu abaxelele yona ngokumka kwakhe, basacinga ukuba uBukumkani bakhe buza kuba lapha emhlabeni.—Luka 22:16, 18, 30; Yohane 14:2, 3.
Abapostile bayambuza bathi: “Nkosi, ububuyisela ngeli xesha na ubukumkani kuSirayeli?” Ubaphendula athi: “Akukho mfuneko yokuba nazi amaxesha uTata awabeke ngegunya lakhe.” Emva koko uphinda abaxelele ngomsebenzi ekufuneka bewenzile. Uthi: “Niza kuba namandla xa nifumana umoya oyingcwele, ibe niza kuba ngamangqina am eYerusalem, kulo lonke elakwaYuda naseSamariya, de niyokufika nakwezona ndawo zikude emhlabeni.”—IZenzo 1:6-8.
Abapostile bakwiNtaba YemiNquma kunye noYesu ovusiweyo ibe ngoku baqalisa ukumbona enyukela ezulwini. Bathi besamjongile asithwe lilifu bangamboni. Emva kokuba uYesu evusiwe, ebesebenzisa imizimba eyahlukahlukeneyo. Kodwa ngoku njengokuba enyukela ezulwini, uyawutshintsha umzimba wenyama ebewusebenzisa ngale mini aze abe ngumoya. (1 Korinte 15:44, 50; 1 Petros 3:18) Bathi abapostile abathembekileyo besamjongile, kusuke kume “amadoda amabini enxibe iimpahla ezimhlophe” ecaleni kwabo. La madoda ziingelosi ezikwimizimba yabantu. Zithi: “Madoda aseGalili, kutheni nimile nje nijonge esibhakabhakeni? Lo Yesu uthathiweyo kuni, wanyuselwa esibhakabhakeni, uza kuza ngale ndlela nimbone esiya ngayo esibhakabhakeni.”—IZenzo 1:10, 11.
Xa uYesu ebenyukela ezulwini, ubonwe ngabafundi bakhe abathembekileyo kuphela. Naxa elawula kuBukumkani uza kuza “ngale ndlela” ifanayo. Loo nto ithetha ukuba ngabalandeli bakhe abathembekileyo kuphela abaza kubona ukuba uyalawula.
Abapostile babuyela eYerusalem. Kwiintsuku ezimbalwa ezilandelayo badibana kunye nabanye abafundi, ekukho kubo ‘uMariya umama kaYesu kunye nabantakwaboYesu.’ (IZenzo 1:14) Bonke baqhubeka bethandaza. Enye yezinto abazithandazelayo ngumntu oza kungena endaweni kaYudas Skariyoti lize inani labapostile liphinde libe yi-12. (Mateyu 19:28) Bafuna ukukhetha umfundi ozibonileyo izinto uYesu ebezenza nokuvuswa kwakhe. Benza iqashiso ukuze bazi eyona nto uThixo ayifunayo. IBhayibhile iyagqibelisa apha ukuthetha ngamaqashiso. (INdumiso 109:8; IMizekeliso 16:33) Kukhethwa uMatiya, ekusenokwenzeka ukuba ngomnye wabafundi abayi-70 abathunywa nguYesu, ibe “wongezwa kubapostile abayi-11.”—IZenzo 1:26.
Emva kweentsuku ezilishumi uYesu enyukele ezulwini, kuqala iTheko LamaYuda lePentekoste ka-33 C.E. Kwigumbi elingaphezulu eYerusalem kudibene abafundi abamalunga ne-120. Kuthi kusenjalo kuvakale ingxolo efana nomoya obhudla ngamandla kuyo yonke indlu. Ngoku babona iilwimi ezingathi ngumlilo ibe lwimi ngalunye luhlala kumntu ngamnye. Bonke abafundi baqalisa ukuthetha iilwimi ezahlukeneyo. Kwenzeka laa nto uYesu wayeyithembisile yokuba baza kufumana umoya oyingcwele.—Yohane 14:26.