Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
Ukubonakala Okokugqibela, NePentekoste Yowama-33 C.E.
NGEXESHA elithile uYesu wenza amalungiselelo okuba bonke abapostile bakhe abali-11 badibane naye entabeni eseGalili. Ngokucacileyo nabanye abafundi baxelelwe ngale ntlanganiso, yaye kuyo kubakho abantu abangaphezu kwama-500. Hayi indlela engqineka iyevuyisa ngayo le ndibano xa uYesu efika aze aqalise ukubafundisa!
Phakathi kwezinye izinto, uYesu ucacisela esi sihlwele sikhulu ukuba uThixo umnike lonke igunya emazulwini nasemhlabeni. Ukhuthaza ngelithi: “Hambani ngoko niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptizela egameni loYise, loNyana, loMoya oyiNgcwele; nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniwisele umthetho ngazo.”
Khawucinge ngale nto! Amadoda, abafazi nabantwana bonke bafumana lo myalelo mnye wokuba babe nesabelo kumsebenzi wokwenza abafundi. Abachasi baya kuzama ukukuthintela ukushumayela nokufundisa kwabo, kodwa uYesu ubathuthuzela ngelithi: “Niyabona, mna ndinani yonke imihla, kude kube sekuphelisweni kwephakade eli.” UYesu uhlala enabalandeli bakhe ngomoya oyingcwele, ukuze abancede bazalise ubulungiseleli babo.
UYesu uzibonakalisa ephilile kubafundi bakhe kangangeentsuku ezingama-40 emva kokuvuswa kwakhe. Ebudeni boku kubonakala, ubafundisa ngoBukumkani bukaThixo, yaye ugxininisa oko zikuko iimbopheleleko zabo njengabafundi bakhe. Ngasihlandlo sithile ude abonakale kumntakwabo ngonina uYakobi aze aqinisekise lo ngaxa lithile wayengakholwa ukuba ngokwenene unguYe uKristu.
Ngoxa abapostile beseseGalili, kubonakala ukuba uYesu ubayalela ukuba babuyele eYerusalem. Xa edibana nabo apho, uyabathethela ngelithi, “Mabangahlukani neYerusalem; mabalinde idinga loYise, awathi ukuthetha, Naliva kum; ngokuba uYohane okunene wabhaptiza ngamanzi; kodwa nina niya kubhaptizwa ngomoya oyingcwele, kungekabi kade emva kwezi ntsuku.”
Kamva uYesu udibana kwakhona nabapostile bakhe aze abakhokelele ngaphandle kwesixeko ukuya kufika eBhetani, eme kwithambeka elingasempuma leNtaba yemiNquma. Okumangalisayo kukuba, phezu kwayo yonke into abaxelele yona ngokunduluka kwakhe kungekudala ukuya ezulwini, basakholelwa ukuba uBukumkani bakhe buya kumiselwa emhlabeni. Ngoko babuza bathi: “Nkosi, wobubuyisela ngeli xesha na ubukumkani kuSirayeli?”
Kunokuzama kwakhona ukulungisa ingcamango yabo ephosakeleyo, uYesu usuka nje abaphendule esithi: “Asikokwenu ukwazi amaxesha nokuba ngamathuba, awamise ngelakhe igunya uBawo.” Wandula ke, egxininisa kwakhona umsebenzi abamele bawenze, uthi: “Niya kwamkela ke amandla, akubon’ ukuba uMoya oyiNgcwele uhlile phezu kwenu; nibe ngamangqina am eYerusalem, kwanakulo lonke elakwaYuda nelaseSamariya, kude kuse nasekupheleni komhlaba.”
Ngoxa besakhangele, uYesu uqalisa ukunyukela ngasezulwini, yaye emva koko ilifu liyamgqubuthela bangamboni. Emva kokulahla umzimba wakhe wenyama, unyukela ezulwini njengomntu wokomoya. Njengoko abali-11 beqhubeka bekhangela esibhakabhakeni, amadoda amabini ambethe iingubo ezimhlophe athi gqi kufuphi nabo. Ezi zithunywa zezulu zizambathise imizimba yenyama zibuza zithi: “Madoda, maGalili, nimeleni na nondele ezulwini? Kwayena lo Yesu unyusiweyo kuni, wasiwa emazulwini, uya kuza ngolu hlobo nimbone esiya ngalo emazulwini.”
Indlela uYesu asandul’ ukuwushiya ngayo umhlaba ayibonwa nguwonke-wonke, yaye ubonwa kuphela ngabalandeli bakhe abathembekileyo. Ngoko uya kubuya ngendlela efanayo—engabonwa nguwonke-wonke yaye ingabalandeli bakhe abathembekileyo kuphela abaqondayo ukuba ubuyile nokuba ukho esemandleni oBukumkani.
Ngoku abapostile bayehla kwiNtaba yemiNquma, banqumle iNtlambo yeKidron, baze bangene eYerusalem kwakhona. Bahlala apho bethobela umyalelo kaYesu. Kwiintsuku ezilishumi kamva, kuMthendeleko wamaYuda wePentekoste yowama-33 C.E., ngoxa abali-120 babafundi behlanganisene kwigumbi eliphezulu eYerusalem, isandi esinjengesomoya ovuthuza ngamandla siyizalisa ngequbuliso indlu yonke. Iilwimi ezingathi zezomlilo ziyabonakala, kwaza lwalolo lwahlala phezu kwakhe ngamnye wabo bakhoyo, yaye bonke abafundi baqalisa ukuthetha ngeelwimi ezahlukahlukeneyo. Oku kukuthululwa komoya oyingcwele uYesu awakuthembisayo! Mateyu 28:16-20; Luka 24:49-52; 1 Korinte 15:5-7; IZenzo 1:3-15; 2:1-4.
◆ UYesu uyinikela koobani imiyalelo yokwahlukana kwintaba yaseGalili, yaye yiyiphi le miyalelo?
◆ UYesu ubanikela yiphi intuthuzelo abafundi bakhe, yaye uya kuhlala njani kunye nabo?
◆ UYesu ubonakala kangangethuba elingakanani kubafundi bakhe emva kokuvuswa kwakhe, yaye ubafundisa ntoni?
◆ UYesu ubonakala kuwuphi umntu, ekubonakala ukuba wayengekabi ngumfundi ngaphambi kokufa kukaYesu?
◆ Ziziphi iintlanganiso ezimbini zokugqibela uYesu aba nazo kunye nabapostile bakhe, yaye kwenzeka ntoni ngezi zihlandlo?
◆ UYesu uya kubuyela njani ngendlela efana naleyo emka ngayo?
◆ Kwenzeka ntoni ngePentekoste yowama-33 C.E.?