IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • lfb isifu. 52 iphe. 126-iphe. 127 isiqe.¶ 1
  • Umkhosi KaYehova Womlilo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Umkhosi KaYehova Womlilo
  • Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Amanqaku Afanayo
  • UElisha Wabona Iinqwelo Zomlilo—Ngaba Uyazibona Nawe?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • “Phakamisa Unyana Wakho.”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Umzekelo Wokuzinikela Nokunyaniseka
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
Khangela Okunye
Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
lfb isifu. 52 iphe. 126-iphe. 127 isiqe.¶ 1
UElisha nesicaka sakhe bajikelezwe ngumkhosi wamaSiriya

ISIFUNDO 52

Umkhosi KaYehova Womlilo

Ukumkani waseSiriya, uBhen-hadadi, waqhubeka ehlasela amaSirayeli. Umprofeti uElisha wayesoloko emlumkisa ukumkani wakwaSirayeli ukuze akwazi ukubaleka. UBhen-hadadi wayefuna ukumbamba uElisha. Kodwa wafumanisa ukuba wayekwidolophu yaseDotan, ngoko wathumela umkhosi wamaSiriya ukuba uye kumbamba.

AmaSiriya afika eDotan ebusuku. Ngemini elandelayo, isicaka sikaElisha saphuma phandle saza sabona umkhosi omkhulu ujikeleze idolophu. Soyika kakhulu saza sakhwaza uElisha sisithi: ‘Siza kuthini?’ UElisha waphendula wathi: ‘Baninzi abangakuthi kunabo bangakubo.’ Kanye ngelo xesha, uYehova wasenza eso sicaka sabona umkhosi weenqwelo zomlilo ezintabeni.

UElisha nesicaka sakhe bazibona bephakathi komkhosi weengelosi

Xa amajoni amaSiriya ayezama ukumbamba, uElisha wathandaza esithi: ‘Yehova, ndicela ubenze bangaboni.’ Ngoko nangoko, zange azazi nokuba aphi nakuba ayejongile. UElisha wathi kuwo: ‘Nilahlekile. Ndilandeleni, ndiza kunisa kule ndoda niyifunayo.’ Amlandela ke aya kutsho eSamariya, apho wayehlala khona ukumkani wamaSirayeli.

Ethubeni, amaSiriya aziqonda ukuba aphi. Ukumkani wakwaSirayeli wabuza kuElisha: ‘Ndibabulale?’ Ngaba uElisha wasebenzisa elo thuba ukuze abuyise izitya? Hayi. Wathi: ‘Ungababulali. Banike into yokutya, ubayeke bahambe.’ Ukumkani wabenzela isidlo esikhulu emva koko bagoduka.

Amajoni aseSiriya ayatya eSamariya

“Yaye siqinisekile ukuba uyasiva xa sicela nantoni na evumelana nokuthanda kwakhe.”—1 Yohane 5:14

Imibuzo: UYehova wamkhusela njani uElisha nesicaka sakhe? Ucinga ukuba nawe uYehova angakukhusela?

2 Kumkani 6:8-24

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share