Indibano Yesithili “Yoxolo Lobuthixo” Yowe-1986
HAYI indlela ofaneleke ngayo umxholo weendibano zethu zesithili zowe-1986 othi “Uxolo Lobuthixo”! Ewe, uYehova uThixo wethu “akangowesiphithiphithi, ngowoxolo.” Ume ngokwahlukileyo ‘kuthixo weli phakade,’ uSathana uMtyholi, onguthixo wesiphithiphithi, wengxabano, nokuphixaniseka.—1 Korinte 14:33; 2 Korinte 4:4.
Ngokufaneleke ngakumbi, eLizwini lakhe uYehova kubhekiselwa kuye ngokuphindaphindiweyo ‘njengoThixo woxolo.’ (Filipi 4:9; 1 Tesalonika 5:23; Hebhere 13:20) ELizwini lakhe, kuthenjiswa, kukhuthazwa, yaye kugxininiswe uxolo ukususela ekuqaleni ukusa ekupheleni, lukhankanywa izihlandlo ezingama-250. Ngokwenyaniso, uYehova ‘unguThixo woxolo’ kubantu bakhe.—Roma 15:33; 16:20.
Ngoko ke, hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba bonke abakhonzi bakhe, ewe, ngamnye wamaNgqina kaYehova, abe ngumntu woxolo! Oku akuthethi nje ukuba noxolo, kodwa kuthetha ‘ukufuna uxolo nokulwenza usukelo lwethu,’ njengokuba umpostile uPetros esiluleka ukuba senjenjalo. (1 Petros 3:10, 11) Oko kuthetha ukuba simele sibe “ngabenzi boxolo,” njengokuba iKingdom Interlinear yethu imguqulela ngolo hlobo uMateyu 5:9.
Akunto ilula ukuba ngabenzi boxolo, ukusebenzela uxolo, ukuzama ukulondoloza uxolo. Kukho ubuthathaka bokungafezeki komntu obungokwemvelo obutyekele ekubangeleni iingxabano zobuqu. Kunjengokuba ingoma yethu yoBukumkani yesiNgesi (No. 213) ikuchaza oku ngokuthi: “Maxa wambi kubakho ukungavisisani; siyazi ukuba asifezekanga.” Le ngoma iqhubeka iluleka isithi: “Ukukuzinzisa ngokukhawuleza kuyinzuzo enkulu. Siya kulondoloza ubunye.” Kukwakho neengcinezelo zehlabathi likaSathana, nazo zonke izinto zalo ezinomtsalane, ezisebenza nxamnye nokuba ‘noxolo lukaThixo olugqithisele kuko konke ukuqonda.’ (Filipi 4:7) Kakade ke, kukho uSathana needemon zakhe, abenza konke okusemandleni abo ukuphazamisa uxolo lwethu; simele silwe nxamnye nabo.—Efese 6:12.
Kumaxesha amandulo, uThixo walungiselela ukuba abantu bakhe bahlanganisane kwizihlandlo ezikhethekileyo ukuze bakhiwe ngokomoya baze bomelezwe kuzimiselo lwabo lokuthobela imiyalelo kaYehova. Ngokukwanjalo namhlanje, phakathi kwamancedo amaninzi awalungiseleleyo ukusinceda ukuba sibe ngabenzi boxolo kukho iindibano zesithili zaminyaka le. Kwezi ndibano siliva iLizwi likaThixo libalaseliswa. Kangangeentsuku ezine sifundiswa nguBawo wethu wasezulwini ngeentetho, ngodliwanondlebe, ngemiboniso nangemidlalo. Ewe, enoba kungokungqalileyo okanye kungokungangqalanga kwaneengoma zethu zisibongoza ukuba sibe noxolo.
Kulo nyaka kwiNdibano yethu yeSithili “Yoxolo Lobuthixo” siya kuziva sinomoya wobuzalwana njengoko siya kube sisamkela abanye. Ngokubona indlela onke amasebe endibano ahlukahlukeneyo asebenza ngayo ngemvisiswano, ngokwenyaniso siya kuba nomoya wendibano.
Ngoko masiye siyiphaphele ngokwenene intswelo yethu yokomoya yaye sikulungele ukungenelwa ngokupheleleyo kulo lonke ucwangciso, sifike kwangexesha ukuze sifumane kanye ucwangciso lokuqala lwasemva kwemini ngoLwesine size sihlale de kube yingoma nomthandazo wokugqibela ngeCawa emva kwemini.
Ngaphezu koko, ngaba asifanele sizabalazele ukuba ngabalungeleleneyo? Ngaziphi iindlela? Ngokuba noxabiso lokwenyaniso ngokudla kokomoya okulungiselelweyo. Abaninzi bethu baya kuza bedleke kakhulu ngokwexesha nangokwemali. Ngoko masiqiniseke ukuba sifika kwangexesha yaye sisempilweni entle. Oko kuthetha ukuthi asimele sizifice ngokugqith’ emgceni ekudleni okanye ekuseleni yaye singamele sifike kade. Endaweni yoko, masiqiniseke ukuba sisebenzisa ubungcathu yaye silala kwangoko khon’ ukuze sikwazi ukuhlaziyeka yaye sikulungele ukuthabatha konke ukutya kokomoya okunikeIwayo. Ngoxa kuqhubeka ucwangciso, masibe sezihlalweni zethu siphulaphule, singazulazuli okanye sincokole nomhlobo othile othandekayo esisenokuba sagqibela kudala ukumbona. Ixesha lokuthetha nabahlobo bethu kuphambi okanye kusemva kocwangciso. Ewe, masize sizimisele ngokupheleleyo ukwakhiwa ngokwenene ngokomoya.
Kumaxesha amandulo uThixo walungiselela ukuba abantu bakhe bahlanganisane rhoqo kwizihlandlo ezikhethekileyo ukuze bakhiwe ngokomoya. Ibe kuyinyaniso ukuba namhlanje, phakathi kwamancedo amaninzi uYehova awalungiseleleyo okusinceda ukuba sibe ngabenzi boxolo kukho iindibano zesithili zaminyaka le.