Ukulufuna Ngokumanyeneyo Usukelo Lobomi
“Bubo ke obu ubomi obungunaphakade, ukuba mabakwazi, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, naye uYesu Kristu omthumileyo.”—YOHANE 17:3.
1. (a) UYesu wathetha okokuqala ‘ngobomi obungunaphakade’ kwesiphi isihlandlo? (b) Ngoobani abesenokulufikelela olu sukelo?
UZA ethwethwa engabonwa mntu, ehamba ethunzini lasebusuku. Lowo nguNikodemo. Uye wachukunyiswa yimiqondiso eyayenziwe nguYesu eYerusalem ngexesha lePasika yowama-30 C.E. UNyana kaThixo ukhankanya kulo mFarisi okwesihlandlo sokuqala “ubomi obungunaphakade,” esongezelela la mazwi afudumez’ intliziyo athi: “Wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi, ude wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade.” (Yohane 3:15, 16) Elinjani ithuba ukuzuka ngoku elivulekele ihlabathi loluntu oluhlawulelweyo! Ewe, kwanomFarisi ozidlayo usenokuzithoba, ukuze afikelele olu sukelo.
2. (a) UYesu wabuya wathetha ‘ngobomi obungunaphakade’ phantsi kwaziphi iimeko? (b) Amanzi anikel’ ubomi enziwa afumaneke koobani?
2 Ngokukhawuleza emva koko, uYesu uhamba esuka eYerusalem esiya eGalili. Uphumla equleni kwaSamari ngoxa abafundi bakhe behambile ukuya kuthenga ukutya. Kufika umfazi othile ezokukha amanzi. UYesu uthi kuye: “Othe wasela kuwo amanzi, endiya kumpha wona mna, akasayi kuza anxanwe naphakade; aya kusuka amanzi, endiya kumpha wona, abe ngumthombo kuye wamanzi ampompozela ebomini obungunaphakade.” (Yohane 4:14) Ekubeni amaSamariya edelelwa ngamaYuda, kutheni le nto uYesu enikela ithemba elixabiseke ngolo hlobo kulo mfazi? Ngokungakumbi, njengoko uYesu esazi, lo mfazi ube namadoda amahlanu ibe ngoku uhlalisana nendoda engengomyeni wakhe. Kanti, njengoko uYesu echaza apha, amanzi enyaniso anikel’ ubomi amele enziwe afumaneke kwanakwabadelekileyo behlabathi loluntu, ukuba nje aba baza kuguquka baze bacoce ubomi babo.—Thelekisa amaKolose 3:5-7.
3. (a) Hlobo luni ‘lokudla’ olunconyelwa nguYesu? (b) UYohane 4:34-36 ubezaliseka njani?
3 “Ubomi obungunaphakade”! UYesu uchaza ngokubhekele phaya lo mxholo xa abafundi bakhe bebuya baze bambongoze ukuba adle. Ubaxelela oku: “Okwam ukudla kukuba ndenze ukuthanda kowandithumayo, ndiwufeze umsebenzi wakhe.” Uyintoni lo msebenzi? UYesu uthi: “Waphakamiseni amehlo enu, niwakhangele amasimi; ngokuba aselemhlophe ukuba kuvunwe. Novunayo wamkela umvuzo, abuthele iziqhamo ebomini obungunaphakade.” Ukuvuna okunjalo kwakuthembisa, kwanakumaSamariya adelekileyo, ibe kwaba yinto yokwenene evuyisayo, njengoko ingxelo ibonisa. (Yohane 4:34-36; IZenzo 8:1, 14-17) Ukuvunela ubomi obungunaphakade kuyaqhubeka ukuza kuthi ga namhla, kodwa ngoku intsimi ilihlabathi. Abafundi bakaYesu Kristu basenokuninzi abamele bakwenze kulo msebenzi weNkosi.—Mateyu 13:37, 38; 1 Korinte 15:58.
‘Isipho Sobomi’
4. UYesu uwaphendula njani amaYuda ngokubhekisele ekugcinweni kweSabatha?
4 Kudlula unyaka. Ngoku lithuba lePasika yowama-31 C.E. Njengoko kuqhelekile, uYesu useYerusalem kwesi sidlo. Kodwa amaYuda ayamtshutshisa kuba wenza imisebenzi yothando yokuphilisa ngeSabatha. UYesu ubaphendula njani? Uthi: “UBawo uyasebenza kude kube ngoku, nam ndiyasebenza.” Ngoko bafuna ukumbulala.—Yohane 5:17, 18.
5, 6. (a) Luluphi umanyano oluxabisekileyo uYesu aluchazayo ngoku? (b) UYesu ‘unobomi kuye ngokwakhe’ ngokwayiphi inkalo?
5 Noko ke, uYesu uhlabela mgama echaza ngolona manyano luxabisekileyo—umanyano, okanye ubunye, obukho phakathi kwakhe noYise. Uxelela loo maYuda oku: “Kuba uYise uyamthanda uNyana, ambonise izinto zonke azenzayo yena; uya kumbonisa nemisebenzi emikhulu kunale, ukuze nina nimangaliswe.” Ubonisa ukuba uYise umnike amandla amangalisayo, esithi: “Lowo ulivayo ilizwi lam, akholwe ngulowo wandithumayo, unobomi obungunaphakade; akezi ekugwetyweni; uphume ekufeni, wangena ebomini.”—Yohane 5:20, 24.
6 Ewe, kwanabo ‘bafileyo’ emehlweni kaThixo ngenxa yesono sabo abasizuz’ ilifa ‘basenokuliva ilizwi loNyana kaThixo’ baze babuyele ebomini. Kodwa njani? UYesu ucacisa ngale ndlela: “Kuba njengokuba uYise enabo ubomi kuye ngokwakhe, ngokunjalo wamnika noNyana ukuba abe nobomi kuye ngokwakhe.” Loo mazwi athi, ‘ubomi kuye ngokwakhe,’ asenokuguqulelwa ngokuthi, “kuye kukho isipho sobomi.” (Yohane 5:25, 26, umbhalo osemazantsi weRef. Bi.) Ngoko uYesu uyakwazi ukunika abantu ukuma okuhle phambi koThixo. Ngokubhekele phaya, uyakwazi ukubavusa aze abanike ubomi abo balele ekufeni.—Yohane 11:25; ISityhilelo 1:18.
7. (a) INdumiso 36:5, 9 isixelela ntoni ngoThixo? (b) UYehova umvuze njani uNyana wakhe ogcina ingqibelelo?
7 UYehova ebesoloko enobomi kuye ngokwakhe. Kubhalwe oku ngaye: “Likuwe ithende lobomi.” (INdumiso 36:5, 9) Kodwa ngoku uBawo umvusile uNyana wakhe ogcina ingqibelelo emkhupha kwelabafileyo ‘njengentlahlela yabo balele ekufeni.’ Ekubeni ‘enesipho sobomi kuye ngokwakhe,’ uYesu uye wanikwa amandla okuxolela izono, ukugweba nokuvusa abafileyo, bejonge ekufumaneni ubomi obungunaphakade.—1Korinte 15:20-22; Yohane 5:27-29; IZenzo 17:31.
Umanyano Oluvuyisayo
8, 9. (a) Sisenokulugcina njani usukelo lobomi obungunaphakade engqondweni? (b) UThixo ulungiselela ntoni ngokubhekisele kubomi obungunaphakade? (c) Ngoobani abanesabelo kwezo ntsikelelo, ibe njani?
8 Ngaloo ndlela, umfundi kaYesu uYuda usiluleka ngelithi: “Hlalani nihleli eluthandweni lukaThixo, niyilinde inceba yeNkosi yethu uYesu Kristu, kuse ebomini obungunaphakade.” (Yuda 21) Olunjani usukelo ukuxabiseka—ubomi obungunaphakade! Ibe obu imele ibe bubomi bemfezeko, ngokokuthanda koMdali wethu ofezekileyo nangokwelungiselelo alenza ngoNyana wakhe. Abuyi kuba ngumsebenzi okruqulayo odla ngokuhambisana nomzabalazo wokusinda kule nkqubo yezinto ikhoyo. Kwinkqubo yezinto ezayo, ubuhlungu, ukugula, ukuchas’ umthetho, ukonakala kwanokufa, ezo zinto aziyi kubakho!—Mika 4:3, 4; 1 Korinte 15:26.
9 Ngoobani abaza kuba nesabelo ekuzalisekeni kwala madinga, ibe phi? Ngabo banokholo kwidini likaYesu nabongezelela imisebenzi yokuhlonel’ uThixo kolo kholo. Aba baba yimbumba emanyeneyo namaKristu angoowabo zwenibanzi kumanyano lokholo.—Yakobi 2:24; Efese 4:16.
10. (a) ‘Kuhlelo’ lukaThixo, yintoni ekuqalwa ngayo? (b) Olu ‘hlelo’ emva koko lufikelela entwenini?
10 Ngokwendlela ayoliswa ngayo, uThixo unenjongo yokuba ‘nohlelo lokuhlanganisela zonke izinto kuKristu, ezisemazulwini kwanezisemhlabeni.’ (Efese 1:8-10) Eli lilungiselelo lendlu likaThixo eliqalisa ngokuhlanganiswa kweendlalifa ezingamadlelane noKristu ezili-144 000. Ezi ndlalifa ‘zithengwa ebantwini ziziintlahlela kuye uThixo nakwiMvana [uYesu Kristu].’ Zinendima ‘kuvuko lokuqala [lwasezulwini]’ ukuze zikhonze noKristu njengookumkani nababingeleli kangangeminyaka eliwaka. Emva koko, uhlelo lukaThixo luhlabela mgama luhlanganisa ‘izinto ezisemhlabeni,’ luqalisa ‘ngesihlwele esikhulu esingenakubaleka esiphuma kuzo zonke iintlanga, nezizwe, nabantu, neelwimi.’ Aba bakhonzi bakaThixo baya kuphuma ‘kwimbandezelo enkulu’ benethemba lokuzuza ubomi obungunaphakade ‘kumhlaba omtsha.’—ISityhilelo 14:1, 4; 20:4, 6; 7:4, 9-17; 21:1, 4.
11. (a) AmaEfese 1:11 abhekisela kubuphi ‘ubunye’ obuxabisekileyo? (b) UYohane 15:4, 5 usebenza njani kwabo bakobu ‘bunye’?
11 Oonyana bakaThixo abathanjiswe ngomoya, ‘abazizinto ezisezulwini,’ banandipha ulwalamano olusondele gqitha noYesu noYise. Babelwe ukuba ‘badle ilifa’ loBukumkani bemanyene noYesu. (Efese 1:11) UYesu wabakhuthaza ukuba bahlale bemanyene kunye naye, kanye njengokuba amasebe ehlala enamathele kumdiliya, ukuze athwale isiqhamo esininzi. Ngaphandle kokuba olu manyano luxabisekileyo noKristu Yesu luyalondolozwa, amasebe ‘akanakwenza nto.’—Yohane 14:10, 11, 20; 15:4, 5; 1 Yohane 2:27.
‘Ezinye Izimvu’ Ngoku Zinesabelo
12. (a) Luyintoni ulwalamano phakathi ‘kwezinye izimvu’ ‘nomhlambi omncinane? (b) Eyoku1 kaYohane 2:1-6 isebenza njani ngokubhekisele kwiqela ngalinye?
12 Noko ke, kuthekani ngezigidi zabanye abantu abanjengezimvu abaye bahluIwa ‘kwiibhokhwe’ zehlabathi kwiminyaka engama-50 edluleyo? (Mateyu 25:31-40) Aba ‘asingomhlambi omncinane’ kaYesu onikwa uBukumkani, kodwa ‘njengezinye izimvu,’ bathelela aba njengenxalenye yomhlambi omkhulu okhonza umanyene noBawo noNyana. (Luka 12:32; Yohane 10:16) Umpostile uYohane unikela isiqinisekiso sokuba uYesu Kristu “usisicamagushelo sezono zethu [oko kukuthi, ezo ‘zomhlambi omncinane’]; engesazethu zodwa, usiso nesehlabathi liphela.” Ngaloo ndlela ezi ‘zimvu zizezinye,’ ezihlanganiswa ziphuma kwihlabathi loluntu, nazo zinokunandipha umanyano oluxabisekileyo, okanye imvisiswano, noThixo noKristu. Oku kuyafana noko uYohane ahlabela mgama ekuchaza esithi: “Ke othi aligcine ilizwi lakhe, okwenyaniso uthando lukaThixo lugqibelele kulowo; sazi ngaloo nto ukuba sikuye.” Okokuqala iba ‘ngumhlambi omncinane’ kuze kube ‘zezinye izimvu’ eziba nembopheleleko yokuhamba kanye njengokuba uYesu wahambayo.—1 Yohane 2:1-6.
13. (a) KuYohane 17:20, 21, uYesu uthandazela ntoni? (b) Yintoni ebonisa ukuba esi sibongozo asipheleliselwanga kwiindlalifa ezimanyene noKristu?
13 Ngoko namhlanje, omabini la maqela, elasezulwini nelasemhlabeni, ‘ahleli noYise noNyana’—evisisana ngokupheleleyo nabo ekufezeni umsebenzi kaThixo. UYesu wathandazela ukuba “babe [nokumanyana]; njengokuba wena, Bawo, ukum, mna ndikuwe, ukuze nabo babe banye kuthi.” Obu bunye abupheleliselwanga ngokwentsingiselo kwinto yokuba ziindlalifa ezingamadlelane, kuba ngokucacileyo abafundi bakaYesu ababi yonxalenye ‘yomzimba kaYehova’ okanye babe ‘ziindlalifa ezimanyene noYehova.’ ‘Banobunye’ kuba bebonakalisa umanyano kwintsebenziswano, babe nentliziyo enye nengqiqo enye noYehova noKristu, njengoko benikel’ ubungqina kwihlabathi loluntu.—Yohane 17:20, 21.
14. Udidi lwasezulwini lumanyene noKristu ngayiphi indlela ekhethekileyo, ibe yintoni elwenza lukuqonde oku?
14 Noko ke, abodidi lwasezulwini oluthanjisiweyo banandipha olo manyano ngoku ngendlela ekhethekileyo, njengoko baye bavakaliswa bengamalungisa ngokubhekisele kubomi ngokusebenzisa ixabiso ledini likaKristu. Ngenxa yoko, banokuzalwa ngomoya benethemba lokuba ziindlalifa ezimanyene noKristu Yesu. Bevuma ukwenziwa kwabo oonyana, bathi: “UMoya ngokwakhe [amandla kaThixo asebenzayo abangela ukuzaIwa] ungqinelana nomoya wethu [utyekelo olungokwengqondo olubalaseleyo], ukuba singabantwana bakaThixo.”—Roma 3:23, 24; 5:1; 8:15-18.
15. Ixesha elikhoyo nelizayo libafumbathele ntoni abo banethemba lobomi basemhlabeni?
15 Ngokubhekisele kwabo banethemba lobomi basemhlabeni, ngoku bavakaliswa bengamalungisa ngokubhekisele kubuhlobo noThixo, kanye njengokuba kwenziwa njalo kuAbraham, uRahabhi nabanye bamaxesha amandulo. Ebudeni boLawulo Lwewaka Leminyaka lukaKristu, ngokuthe ngcembe baya kuvuselwa kwimfezeko yobuntu, ukuze emva kovavanyo lokugqibela ‘indalo ngokwayo ikhululwe ebukhobokeni bokonakala, isingiswe enkululekweni yozuko lwabantwana bakaThixo.’ (Roma 8:19-21; Yakobi 2:21-26) Ngaloo ndlela, abantu abathobekileyo baya kuvakaliswa bengamalungisa azuza ubomi obungunaphakade emhlabeni.—Thelekisa uYohane 10:10; Isaya 9:7; 11:1-9; 35:1-6; 65:17-25.
16. (a) ‘Umhlambi omncinane’ “nezinye izimvu” zibonisa ‘ubunye’ omnye komnye ngokwaziphi iinkalo? (b) Kodwa kutheni le nto uYohane 3:3-5 esebenza kuphela ‘kumhlambi omncinane’
16 Njengabantu ngabanye, abo ‘bomhlambi omncinane’ nabesihlwele esiyinyambalala ‘sezinye izimvu’ babonakalisa inzondelelo yovuyo efanayo ngenkonzo kaThixo. (Luka 12:32; Yohane 10:16; Tito 2:13, 14) Uninzi lwabathanjisiweyo abaseleyo lusenokuba lukhule gqitha ngokweminyaka nangokwamava obuKristu, kodwa omabini la maqela abonakalisa ubuntu bobuKristu nesiqhamo somoya. (Efese 4:24; Galati 5:22, 23) Noko ke, kukho umahluko njengoko uYesu wabonisayo kuNikodemo kwanangaphambi kokuthetha ngobomi obungunaphakade. Wathi: “Ukuba akathanga umntu azalwe ngokutsha, akanakububona ubukumkani bukaThixo.” (Yohane 3:3-5) Ngoko ukuzalwa ngokutsha ngokomoya kufunyanwa ngaloo maKristu abhaptiziweyo lawo uThixo awabizela ukuba abe ngamadlelane amanyene noYesu kuBukumkani bakhe. (1 Korinte 1:9, 26-30) ‘Ezinye izimvu’ azikuswele nakuphi na ukuzalwa ngokutsha okunjalo, kuba usukelo lwazo bubomi obungunaphakade kwiParadisi esemhlabeni ebuyiselweyo njengabalawuIwa boBukumkani.—Mateyu 25:34, 46b; Luka 23:42, 43.
ISikhumbuzo—Nomnqophiso Omtsha
17. (a) Kutheni le nto bonke abanosukelo lobomi bemele bahlangane nabantu bakaThixo ngoMatshi 24? (b) Yintoni esiyiphawulayo ngeSikhumbuzo sowe-1985?
17 NgoMatshi 24 emva kokutshona kwelanga koba kulixesha lokuba amaNgqina kaYehova zwenibanzi enze iSikhumbuzo sowe-1986 sokufa kukaYesu. Kuya kutsalelw’ ingqalelo ekuncameni kukaYesu umzimba wakhe wobuntu ofezekileyo negazi lobomi bakhe, ukuze athethelele igama likaYise nenjongo yakhe nangenxa yoluntu olunesono. (1 Korinte 11:23-26) Ngenxa yoko, bonke abanosukelo lobomi (enoba lolwasezulwini okanye lolwasemhlabeni) baya kufuna ukuhlanganisana nabantu bakaThixo zwenibanzi ngenxa yesi sihlandlo sivuyisayo. Ngowe-1985 abantu abaninzi gqitha abazizi-7 792 109 bakhumbuza ukufa kukaYesu. Noko ke, abo bathabathayo kwisonka newayini yeSikhumbuzo, ezifuzisela umzimba wobuntu negazi likaYesu, babengama-9 051 kuphela. Kungani bembalwa ngolu hlobo nje?
18, 19. (a) Yiyiphi iminqophiso uYesu abhekisela kuyo kuLuka isahluko 22? (b) Yiyiphi injongo ephunyezwa ngumnqophiso ngamnye? (c) Njengoko kwafuziselwa kwangaphambili nguMoses, uYesu ukhonza njani ‘njengomlamli omnye’?
18 Kaloku, wathini uYesu ngolo rhatya lokusungula iSikhumbuzo sokufa kwakhe? Emva kokudlulisa isonka kubafundi bakhe, wandula wanikela iwayini ngendlela efanayo, esithi: “Le ndebe ingumnqophiso omtsha osegazini lam, eliphalalela nina.” Kamva, wahlabela mgama ecacisa isizathu sokubathabathela kumnqophiso omtsha, esithi: “Nina ke ningabo basoloko behleli nam ekulingweni kwam. Nam ndinimisela ubukumkani, njengokuba uBawo endimisele mna, ukuze nidle, nisele, esithebeni sam ebukumkanini bam, nihlale ezitroneni, nigweba izizwe ezilishumi elinazibini zakwaSirayeli.”—Luka 22:19, 20, 28-30.
19 Umprofeti uYeremiya wayewuxele kwangaphambili lo mnqophiso omtsha, echaza ukuba ngawo uYehova wayeza kuxolela ukreqo nesono sabantu bakhe ukuze ‘bazi uYehova’ benolwalamano olusenyongweni. (Yeremiya 31:31, 34) Kanye njengokuba uMoses ‘wayengumlamli’ womnqophiso woMthetho noSirayeli wokwenyama, ngokukwanjalo uYesu uba ‘ngumlamleli [walo] mnqophiso ulungileyo ngakumbi’ uThixo awenza ‘noSirayeli kaThixo’ wokomoya. Oku kwenzelwa ukuze kuhlawulelwe abo babizelwa ukuba ziindlalifa zoBukumkani noKristu. Ngaloo ndlela ‘bamkela idinga lelifa elingunaphakade.’ (Galati 3:19, 20; 6:16; Hebhere 8:6; 9:15; 12:24) Kungale ngqiqo yeBhayibhile ikhethekileyo athi uKristu Yesu akhonze ‘njengomlamli phakathi koThixo nabantu.’—1 Timoti 2:5, 6.
20. (a) Ngoobani abathi ngokufanelekileyo bathabathe kwimifuziselo yeSikhumbuzo? (b) Kungani kunjalo nje oku?
20 Ngoko, ngoobani abanokuthi ngokufanelekileyo bathabathe kwimifuziselo yeSikhumbuzo yesonka newayini? Kuphela liqela uThixo alithabathela kumnqophiso omtsha owenziwe ngedini likaYesu. (INdumiso 50:5) Injongo yalo mnqophiso kukuthethelela iindlalifa ezimanyene noYesu ezili-144 000 kubomi bobuntu kuqala, ukuze zincame eli lungelo lobomi zize zithatyathelwe kuBukumkani basezulwini. (Roma 4:25; 2 Timoti 2:10, 12) Kodwa kuthekani ‘ngezinye izimvu’?
21. (a) “Ezinye izimvu” zingenelwa njani njengababukeli kwiSikhumbuzo? (b) ISikhumbuzo sitsalela ingqalelo entwenini, ibe nguwuphi umbuzo ophakamayo?
21 Abo bodidi ‘Iwezinye izimvu’ abakho kumnqophiso omtsha ibe ke abathabathi. Noko ke, bonke bangenelwa ngokutyebileyo ngokuza kwiSikhumbuzo njengababukeli abanentlonipho. Ukuxabisa kwabo imicimbi yokomoya kulolwa ngokuvisisana namazwi omthandazo kaYesu awayewubhekisa kuYise: “Bubo ke obu ubomi obungunaphakade, ukuba mabakwazi, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, naye uYesu Kristu omthumileyo.” (Yohane 17:3) Khumbula, iSikhumbuzo sitsalela ingqalelo kwinyama negazi likaYesu. Inyama negazi ezilidini likaYesu zibaluleke kunene kubo bonke abafuna usukelo lobomi obungunaphakade. Oku kuyinyaniso njani ngokubhekisele ‘kwezinye izimvu,’ ezingathatyathelwanga kumnqophiso omtsha ibe ke zingathabathi kwimifuziselo yeSikhumbuzo? Masiqwalasele oku kwinqaku elilandelayo.
Ubungaphendula Njani?
◻ Ngokwamabakala anenkqubela, uYesu waludlulisa njani ulwazi olungethemba lobomi obungunaphakade?
◻ UThixo uye waqhubeka njani ‘nohlelo’ lwakhe?
◻ Kungani kusenokuthiwa “ezinye izimvu” ‘zinobunye’ noYise, uNyana, nabazalwana bakaKristu?
◻ Kutheni le nto kuphela ingamaKristu athanjisiweyo athabathayo kwimifuziselo yeSikhumbuzo?
[Umfanekiso okwiphepha 13]
‘Umhlambi omncinane’ “nezinye izimvu” ‘zinobunye’—zisenza umsebenzi kaThixo njengoko uYesu wenjenjalo