“Isonka Sobomi” Esifumaneka Kubo Bonke
“Ndim isonka esiphilileyo, esi sehlayo emazulwini. Ukuba ubani uthe wasidla esi sonka, wodla ubomi ngonaphakade; ke isonka endiya kumnika sona mna, siyinyama yam, endiya kuyinikela ubomi behlabathi.”—YOHANE 6:51.
1. Yiyiphi imeko eyintlekele ejongene noluntu namhlanje?
IHLABATHI loluntu kudala lisondliwa ngesonka, okona kutya kudliwa ngokubanzi emhlabeni. Ngokufanelekileyo, siye sabizwa ngokuba sisixhaso sobomi. Kodwa namhlanje ukulambela isonka kuye kwaba yimbambano eyintlekele. Ukulamba nendlala ngoku zichaphazela ikota yabemi bomhlaba. Kutshanje, iThe Globe and Mail yaseToronto, eKhanada, yathi, “Njengemfazwe, indlala ayinamda.” Eli phepha lacaphula umlawuli wesebe longxamiseko lweZizwe Ezimanyeneyo eAfrika njengolumkisa ukuba iAfrika isecicini lokufumana “enye yezona ntlekele zinkulu ebantwini, olunye lolona celomngeni lukhulu ebantwini, kwesakha sajongana nalo.”
2, 3. (a) Ukunqongophala kokutya kuyinxalenye yawuphi umqondiso? (b) lingxaki zokudla ziya kuconjululwa njani? (c) Yiyiphi enye into engakumbi efunekayo, ibe sisiphi isiqinisekiso esonwabisayo esinikelwa nguIsaya 25:8?
2 UYesu waprofeta ngelokuba ukunqongophala kokutya kwakuya kuba yinxalenye yomqondiso wobukho bakhe emandleni oBukumkani. (Mateyu 24:3, 7, 32, 33; 25:31, 32; Luka 21:11) Hayi indlela esinokuvuya ngayo kuba uBukumkani bakhe busemnyango! Kungekudala, lo Kumkani uzukileyo uya kuzichitha zonke iintshaba zoluntu, eshenxisa okungekho sikweni kwezobupolitika nakwezoqoqosho okuye kwezisa ukubandezeleka okunenkohlakalo engaka. Emva koko zonke izizwe ziya kuvuyiswa kukufumana isonka sazo semihla ngemihla.—Mateyu 6:10, 11; 24:21, 22; Daniyeli 2:44; IMizekeliso 29:2.
3 Phantsi korhulumente wobulungisa, umhlaba wethu olungileyo uya kukwazi ukuvelisa ukutya ‘okuyintabalala,’ okunokwanelisa abantu abaninzi ngakumbi kunabemi behlabathi abakhoyo ngoku. (INdumiso 72:12-14, 16, 18) UYehova uya kwenzela abantu bakhe “isidlo” sezinto ezilungileyo. (Isaya 25:6) Kodwa kufuneka into eyongezelelekileyo. Njengoko iminyaka iqengqeleka, ngaba abantu baza kugula baze bafe? Okonwabisayo kukuba, uIsaya 25:8 uhlabela mgama athi ngoYehova: “Iya kuginya ukufa kuphele, izisule iNkosi uYehova iinyembezi ebusweni bonke.” Kwenzeka njani oku?
Ilungiselelo LikaYehova Lothando
4. Liliphi ilungiselelo elithandekayo uYehova awalenzayo eYiputa?
4 Xa uYosefu wayengumphathi wemicimbi yokudla eYiputa, ukudla kwakuyintabalala. Oku kwakungenxa yokuba uYosefu, emva kokumiselwa nguFaro, wayilungiselela ngobulumko iminyaka esixhenxe yendlala eyayixelwe kwangaphambili, ibe uYehova ngothando wongezelela intsikelelo yakhe. (Genesis 41:49) Kwakukho intabalala yokutya kubo bonke, ibe kwakukho nokungagcinwa. Xa uyise kaYosefu uYakobi, abazalwana bakaYosefu neentsapho zabo bathi behla ukuza kuba noYosefu kwelaseYiputa, bangenelwa kakhulu lelo lungiselelo lobuthixo. Ngokungathandabuzekiyo loo maSirayeli apha akwaqhelana kakuhle nesonka esenziwe ngentlama yengqolowa enegwele, njengoko kunokwenzeka ukuba saqala ukwenziwa eYiputa.
5. (a) UYehova wakulungiselela njani ukudla entlango? (b) Ngoobani ababelana namaSirayeli kule ntsikelelo, ibe ngoba?
5 Kamva, uYehova wenza ilungiselelo elingakumbi lothando ebantwini bakhe. Oku kwakuxa izigidi zamaSirayeli zathi zashiya iYiputa zedlula kwintlango yaseSinayi. Esi sihlwele sikhulu sasinokukufumana njani ukudla kuloo ntlango ibharhileyo nengemyoli? Nangona uYehova wathi wacatshukiswa kukungabi nalukholo kwawo, “wazivula iingcango zezulu; wabanisela ngemana ukuze badle, wabanika ingqolowa yasezulwini.” “Wabahluthisa nangesonka sasezulwini” kangangeminyaka engama-40. (INdumiso 78:22-24; 105:40; Eksodus 16:4, 5, 31, 35) Yaye, ungalibali ukuba yayingengomaSirayeli kuphela awayesidla imana. “Inkitha engumxube” yabantu abangengomaSirayeli yaba nokholo kuYehova yaza yawathelela ekufudukeni eYiputa. UThixo nayo wayinika imana.—Eksodus 12:38.
6. (a) Yiyiphi imfuneko enkulu ngakumbi umntu anayo, ibe ngoba? (b) Amadini kaSirayeli agxininisa ntoni, ibe afuzisela ntoni kwangaphambili?
6 Noko ke, uluntu belusoloko lunentswelo enkulu ngakumbi kunaleyo ‘yesonka sokoqobo esivela ezulwini.’ Kwanabo badla imana eyalungiselelwa ngokungummangaliso baluphala baza bafa, kuba imeko yomntu enesono esizuzw’ ilifa yenza ukufa kungabi nakuphepheka, kungakhathaliseki ukuba udla ntoni na. (Roma 5:12) Amadini kaSirayeli abangela ukuba kulondolozwe ulwalamano oluhle noThixo, kodwa loo madini akwagxininisa ukuba nesono kolo hlanga. ‘Akazange akwazi nakanye ukususa isono.’ Okungakumbi kukuba, loo minikelo yalifanekisela kwangaphambili ‘idini elinye’ likaYesu, elilungiselela ukushenxisa izono “ngokungapheliyo.” Ekwindawo yakhe ephakamileyo ezulwini, ngoku uYesu uyakwazi ukuphumeza ingenelo yelo dini.—Hebhere 10:1-4, 11-13.
‘Isonka Sokwenyaniso Esiphuma Ezulwini’
7. (a) Amazwi kaYesu akuYohane isahluko 6 amele ajongwe ngokwawuphi umongo omtsha? (b) Kungani uYesu wakhalimela isihlwele nje?
7 Ngoku masityhile kuYohane isahluko 6. Amagqabaza kaYesu apha akaqhubeki nalawo abhalwe kwisahluko 5. Umongo wahlukile, kuba kudlule omnye unyaka. Ngoku kungowama-32 C.E. Apha akasathethi namaYuda azibanga engamalungisa aseYerusalem kodwa uthetha nabantu baseGalili. UYesu usandul’ ukwenza ummangaliso wokondla abantu abangama-5 000 ngezonka ezihlanu zengqolowa neentlanzi ezincinane ezimbini. Kusuku olulandelayo, isihlwele silandela uYesu, silindele esinye isidlo sesisa. Ngoko uYesu usixelela oku: “Anindifuni ngakuba nabona imiqondiso; nindifuna ngokuba nadla kwezaa zonka, nahlutha. Musani ukusebenzela ukudla okutshabalalayo; sebenzelani ukudla okuhlala kuse ebomini obungunaphakade.” UYesu wayethunywe nguYise ukuba alungiselele ukudla okunjalo kubo bonke ababeya kuba nokholo kuye. Oku kwakuya kuba ‘sisonka sokwenyaniso esivela ezulwini,’ esasinemiphumo ehlal’ ihleli ngakumbi kunemana yokoqobo eyayidliwa ngamaSirayeli amandulo.—Yohane 6:26-32.
8. Ubani usenokubuzuza njani ubomi obungunaphakade?
8 UYesu uhlabela mgama ecacisa iingenelo ezimele zizuzwe koko ‘kudla,’ ebaxelela oku: “Isonka sobomi esi ndim; lowo uzayo kum, akasayi kulamba; lowo ukholwayo kum, akasayi kunxanwa naphakade. . . . Kuko ke oku ukuthanda kowandithumayo, ukuthi babe nobomi obungunaphakade bonke abambonayo uNyana, bakholwe kuye; ndandiya kubavusa mna ngomhla wokugqibela.”—Yohane 6:35-40.
9, 10. (a) “Isonka sobomi” sihlangana njani nemana? (b) Ngokutsho kukaYohane 6:42-51, uYesu wayinikela ngenxa yoobani inyama yakhe? (c) Aba ‘bayidla njani inyama yakhe’?
9 Loo maYuda athand’ izinto eziphathekayo abangel’ imbambano ngala mazwi. KuYesu akaboni nto ingakumbi kunokuba nguNyana nje kaYosefu noMariya. UYesu uwalumkisa ngelithi: “Musani ukukrokra ngaphakathi kwenu. Akukho namnye unako ukuza kum, engathanda uBawo owandithumayo amtsale; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela.” Wandula ke aphinde athi: “Ndim isonka sobomi. Ooyihlo bayidla imana leyo entlango, bafile noko. Isonka sona esihla emazulwini sesi, athi ubani akusidla angafi. Ndim isonka esiphilileyo, esi sehlayo emazulwini. Ukuba ubani uthe wasidla esi sonka, wodla ubomi ngonaphakade; ke isonka endiya kumnika sona mna, siyinyama yam, endiya kuyinikela ubomi behlabathi.”—Yohane 6:42-51.
10 Ngenxa yoko, uYesu wancama inyama yakhe ngenxa ‘yobomi behlabathi’—lonke ihlabathi loluntu oluhlawulelweyo. Ibe “ubani” wehlabathi loluntu othi ngokufuziselayo adle kweso “sonka,” ngokubonakalisa ukholo kumandla ahlawulelayo edini likaYesu, usenokungena kwindlela esa kubomi obungunaphakade. Apha, “inkitha engumxube” eyabelana namaSirayeli ekudleni imana kwintlango ifuzisela kwangaphambili isihlwele esikhulu ‘sezinye izimvu’ zikaYesu ezithi, zikunye nentsalela ethanjisiweyo ‘kaSirayeli kaThxo,’ ngoku zidle inyama kaYesu ngendlela efuziselayo. Oku zikwenza ngokubonakalisa ukholo kwidini lakhe.—Galati 6:16; Roma 10:9, 10.
11. Ngawaphi amazwi abhekele phaya kaYesu awakhwankqisa amaYuda, ibe ngoba?
11 Xa sibuyela kwelaseGalili, uninzi lwabantu abaphulaphule uYesu lukhwankqiswa yintetho yakhe. Ngoko ngoxa esathetha ngombandela ongenyama yakhe, ude ahlabele mgama, ebaxelela oku: “Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba anithanga niyidle inyama yoNyana woMntu, nilisele igazi lakhe, aninabo ubomi kuni. Lowo uyidlayo eyam inyama, alisele elam igazi, unobomi obungunaphakade; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela. Kuba inyama yam ikukudla, inyaniso; negazi lam liluselo, inyaniso.” (Yohane 6:53-55) Oku kwakukhwankqisa ngokwenene! Ukudliwa kwenyama yomntu kwakungacekiseki nje kuphela kuloo maYuda kodwa kwakhona uMthetho okwiLevitikus 17:14 wawukwalela ngokungqalileyo ukudliwa ‘kwegazi lenyama nokuba yiyiphi na.’
12. (a) UYesu ugxininisa ntoni apha? (b) Ziziphi izibhalo ezibonisa ukuba oku akupheleliseIwanga kwiindlalifa ezimanyene noYesu?
12 Kakade ke, apha uYesu ugxininisa ukuba nabani na omele ukufumana ubomi obungunaphakade umele enjenjalo ngesizinzi sokuba nokholo kwidini awathi uYesu kamva walenza ngokunikela umzimba wakhe wobuntu ofezekileyo nokuphalaza igazi lobomi bakhe. (Hebhere 10:5, 10; 1 Petros 1:18, 19; 2:24) Eli lungiselelo alipheleliselwanga kwiindlalifa ezingamadlelane noYesu. Limele liquke ‘nesihlwele esikhulu,’ esisinda ‘kwimbandezelo enkulu,’ kuba ‘sizihlambile iingubo zaso sazenza mhlophe egazini leMvana.’ Ukuba nokholo kwaso kwidini likaYesu, njengoko kubonakaliswa ngokunikela kwaso ‘inkonzo’ kuThixo, kusibangela silondolozwe ukutyhubela elona xesha linxunguphalisa gqitha emhlabeni. Ngokufanayo, uRahabhi wavakaliswa elilungisa waza wasindiswa xa uYoshuwa watshabalalisa iYeriko.—ISityhilelo 7:9, 10, 14, 15; Yoshuwa 6:16, 17; Yakobi 2:25.
“Ubomi Kuni”
13. (a) Xa uthelekisa uYohane 5:26 noYohane 6:53, yintoni emele iphawulwe? (b) Liliphi ibinzana lesiGrike eliqhelekileyo kumgaqo-ntetho elisinceda siqonde uYohane 6:53? (c) Ngoko ke, kuthetha ntoni ukuba ‘nobomi kuni,’ ibe la mazwi asebenza koobani?
13 KuYohane 6:53, 54, uYesu ufanisa ‘ubomi obungunaphakade’ nokuba ‘nobomi kuni.’ Ngoko, kulo mongo, ibinzana elithi “ubomi kuni” libonakala linentsingiselo eyahlukileyo kwelo lasetyenziswa nguYesu kuYohane 5:26. Amabinzana awakheke ngendlel’ efanayo ngokomgaqo-ntetho njengelithi ukuba ‘nobomi kuni’ libonakala nakwezinye iindawo kwiZibhalo zesiGrike. Ngokomzekelo: “Yibani netyuwa phakathi kwenu” (Marko 9:50) nelithi “bazifumanele kubo umbuyekezo opheleleyo” (Roma 1:27, NW).a Kule mizekelo, eli binzana alibonakalisi mandla okujizeka ityuwa okanye umbuyekezo kwabanye. Kunoko, libonisa ukuphelela kwangaphakathi okanye ukuzala. Ngaloo ndlela, ngokomongo kaYohane 6:53, ukuba ‘nobomi kuni’ apha bekungathetha ukuthi ekugqibeleni ungene kobona bomi bupheleleyo. ‘Umhlambi omncinane’ weendlalifa zoBukumkani ufumana oku ekuvuselweni kwawo emazulwini. ‘Ezinye izimvu’ zikufumana emva kokuphela kwewaka leminyaka, xa zivavanywa zize zivakaliswe zingamalungisa afumana ubomi obungunaphakade kumhlaba oyiParadisi.—1 Yohane 3:2; ISityhilelo 20:4, 5.
14. Ngoobani abanye abaya kungenelwa ‘kwisonka esiphuma ezulwini,’ ibe njani?
14 Kwanabanye, banokungenelwa ‘kwisonka sasezulwini.’ UYesu wathi ngalowo ‘udla inyama yakhe asele igazi lakhe’ kodwa ofayo: “Ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela.” Kuyaqondakala ukuba amaKristu athanjisiweyo alala ukufa avuswa ekuhlokomeni ‘kwexilongo lokugqibela,’ elivakala ebudeni ‘bokubonakala’ kukaYesu Kristu ebuqaqawulini boBukumkani. (1 Korinte 15:52; 2 Timoti 4:1, 8) Kodwa kuthekani ngabaza kuba ‘zezinye izimvu’ abalele ekufeni? Amazwi kaMarta ngexesha lokufa kukaLazaro angawomdla apha, kuba ngelo xesha amaYuda awoyika uThixo ayengenalo elinye ithemba ngaphandle kovuko lwasemhlabeni. Ukholo lukaMarta lwabonakaliswa ngala mazwi athi: “Ndiyazi ukuba [uLazaro] uya kubuya avuke eluvukweni, ngomhla wokugqibela.” (Yohane 11:24) Ngoko ke thina baphilayo ngoku ekufikeni kukaKristu sinokuba nethemba lokuba abathembekileyo ‘besihlwele esikhulu’ abalele ekufeni baya kufumana uvuko lokuqala apha emhiabeni, ukuze babuye badle ‘kwisonka sasezulwini,’ ngenjongo yokufumana ubomi obungunaphakade. Elinjani ithemba ukuzuka elo elililo, ithemba elaqinisekiswa kukuvuswa kukaYesu kwelabafileyo!—1 Korinte 15:3-8.
‘Ukuhlala KuKristu’
15. Amazwi kaYesu athi ‘bahlale kuKristu’ asebenza koobani, ibe kungani uphendula njalo nje?
15 UYesu uqhubeka athi: “Lowo uyidlayo eyam inyama, alisele elam igazi, uhleli kum, nam ndihleli kuye.” (Yohane 6:56) Ngoko, oku kwenzeka kuye ‘nabani na’ othi ngaloo ndlela abe nokholo kwidini likaYesu, enethemba lokufumana ‘ubomi kuye.’ Bonke ababonakalisa ukholo olunjalo ‘banokuhlala kuYesu.’ Kakade ke, “isihlwele esikhulu,” esinethemba lasemhlabeni, ‘asihleli kuKristu’ ngengqiqo yokuba ngamadlelane amanyene naye, singamalungu omtshakazi wakhe azuza uvuko lwasezulwini njengaye. (Roma 8:1, 10; 2 Korinte 1:2; 2 Korinte 5:17; 11:2; Galati 3:28, 29; Efese 1:1, 4, 11; Filipi 3:8-11) Kanti bonke abanethemba lasemhlabeni bonokuvisisana ngokupheleleyo noYise noNyana ekwazini nasekwenzeni ‘ukuthanda kukaThixo okugqibeleleyo’ ibe ngokwenene bamele benjenjalo, kwananjengokuba kunjalo nangomhlambi omncinane.—Roma 12:2; thelekisa uYohane 17:21.
16. (a) Kungaziphi iindlela ezibalulekileyo abathi bonke abanokholo kwidini likaKristu ‘bahlale’ noYesu? (b) Ubunye babo benjongo nobomgudu bubonakaliswa entwenini?
16 Ngoko ke, ixabiso ledini lenyama negazi likaKristu lifumaneka kubo bonke namhlanje abanokholo, ibe bonke abazenza balifumane banokuthi, ngeendlela ezibalulekileyo, ‘bahlale’ noYesu. Bonke bamele babe yinxalenye yentsapho yendalo iphela kaYehova uThixo. Kule ‘mihla yokugqibela’ enomngcipheko, banandipha umanyano lwazwenibanzi lwenkolo, injongo nomsebenzi. Ekubeni benokholo kuYesu, bayakwazi ‘ukwenza imisebenzi emikhulu ngakumbi’ ngokomlinganiselo kunaleyo yenziwa nguYesu apha emhlabeni. Ibe kumele kuphawulwe ukuba izigidi ‘zesihlwele esikhulu’ ngoku ziyila ama-99,7 ekhulwini abo benza umsebenzi kaYehova kweli xesha. (Yohane 14:12; Roma 10:18) Obu bunye benjongo nomgudu bubonakaliswa bubungqina obuzukileyo bazwenibanzi nokuxhaswa ngokuvumayo kocwangciso lokwakha lweWatch Tower Society. (INdumiso 110:3) Ukuba bangaphi na abantu behlabathi abasaya kukholelwa baze bangene kolu manyano luxabisekileyo kuseza kubonwa. Ingxelo yakutshanje ibonisa ukuba kukho amaNgqina akhutheleyo azizi-3 024 131.
17. Ziziphi iingongoma ezimele ziqondwe ngabo bonke abaya eSikhumbuzweni?
17 Kuthenjwa ukuba kuya kuza abantu abaninzi abanomdla kwiSikhumbuzo sowe-1986. Izigidi ‘zezinye izimvu’ ziya kubakho, kunye namawaka anciphayo ‘omhlambi omncinane’—bonke belixabisa ngokunzulu ilungiselelo likaYehova lothando ngoKristu, begqala indlela ebaluleke ngayo inyama negazi likaKristu. Noko ke, bonke bamele baqonde ngokucacileyo apho bami khona. Ukuthabatha kwimifuziselo yeSikhumbuzo akubajizeki ubomi obungunaphakade. Le yimifuziselo yedini likaYesu, elithi kuqala lisetyenziswe ngokunxibelelene ‘nomnqophiso omtsha.’ Abo bathanjisiweyo bathatyathelwa kuloo mnqophiso, ibe bona bodwa, bathabatha ngokufanelekileyo kwimifuziselo. Ubani uba kuloo mnqophiso mtsha, okanye angabikho apho. (1 Korinte 11:20, 23-26) Abo bangekho kumnqophiso omtsha nabangathatyathelwanga kumnqophiso wobukumkani nguYesu abathabathi kwimifuziselo yeSikhumbuzo, kodwa sekunjalo bamele baqonde indlela ebaluleke ngayo kubo inyama negazi ledini likaYesu. (Luka 22:14-20, 28-30) Eli dini liyindlela apho banokuthi bazuze ngayo ubomi obungunaphakade emhlabeni.
18. Luluphi ulonwabo olubangelwa kukuqonda ngokucacileyo konke okuthethwa lidini likaYesu?
18 Ngoko ke kwanga singaya kwesi Sikhumbuzo sikuqonda ngokucacileyo konke okuthethwa lelo dini likaYesu kuluntu. Kwanga abo ‘bomhlambi omncinane’ bangaluxabisa ubizo lwabo, yaye kwanga isihlwele esandayo ‘sezinye izimvu’ singavuyiswa lithemba lokuba ‘nobomi kubo’ basemhlabeni obugqibeleleyo, ngoxa bekuxabisa kakhulu ukumanyana kwabo, kwanangoku, noYise, uNyana nenani elinciphayo lentsalela ethanjisiweyo esemhlabeni. Hayi indlela esivuya ngayo kuba “isonka sobomi” ngoku sifumaneka kubo bonke!
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona kwanoMateyu 3:9; 9:3; 13:21; Marko 5:30; 6:51; Luka 7:39, 49; 12:17; 18:4; Yohane 5:42; 11:38; IZenzo 10:17; 2 Korinte 1:9.
Imibuzo Yempinda
◻ Ngowama-32 C.E., uYesu wathetha ngaziphi iindidi ezimbini zemana, njengoko zilungiselelwe oobani?
◻ Ngoobani abamenywa nguYesu ukuba ‘badle inyama yakhe baze basele negazi lakhe,’ ibe bakwenza njani oku?
◻ Kusingisele entwenini ukuthi ‘ubomi kuni,’ ibe oku kuzuzwa njani yaye nini?
◻ Luluphi ulonwabo abasenokuthi bonke ngoku balufumane ngokubhekisele ‘kwisonka sobomi’?