IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w03 9/15 iphe. 30-31
  • Imibuzo Evela Kubafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Evela Kubafundi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • Amanqaku Afanayo
  • “Isonka Sobomi” Esifumaneka Kubo Bonke
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
  • Yintoni Onokuyenza Ukuze Ufumane Ubomi Obungunaphakade?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2024
  • Amazwi KaYesu Othusa Abantu Abaninzi
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
w03 9/15 iphe. 30-31

Imibuzo Evela Kubafundi

Kuthetha ukuthini ‘ukuba nobomi’?

IBhayibhile ithi uYesu Kristu ‘unobomi’ nabalandeli bakhe ‘banobomi kubo.’ (Yohane 5:26; 6:53) Kodwa ke, ezi zibhalo zibini azinantsingiselo ifanayo.

UYesu wathi: “Kanye njengoko uYise enobomi, ngokunjalo umnikile kwanoNyana ukuba abe nobomi.” Ngaphambi kokuthetha kwakhe la mazwi ahlab’ umxhelo, uYesu wathi: “Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ulivayo ilizwi lam aze akholelwe kulowo undithumileyo unobomi obungunaphakade . . . Liyeza ilixa, yaye likho ngoku, xa abafileyo beya kuliva ilizwi loNyana kaThixo yaye abo baye banikela ingqalelo baya kuphila.” Apha uYesu wayebhekisela kumandla akhethekileyo awanikwe nguYise—amandla okwenza abantu bakholeke kuThixo. Ngaphezu koko, uYesu unamandla okubavusela ebomini abo balele ekufeni. Ngoko ukuthi uYesu ‘unobomi’ kubhekisela kula mandla aye wawanikwa. Kanye njengoYise, naye uNyana singathi ‘unesipho sobomi.’ (Yohane 5:24-26) Kuthekani ngabalandeli bakhe?

Emva konyaka, uYesu wathi kubaphulaphuli bakhe: “Inene, inene, ndithi kuni, Ngaphandle kokuba nitya inyama yoNyana womntu nize nisele igazi lakhe, aninabo ubomi kuni. Lowo utya inyama yam aze asele igazi lam unobomi obungunaphakade, yaye ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela.” (Yohane 6:53, 54) Apha uYesu ufanisa ‘ukuba nobomi’ kunye nokuzuza ‘ubomi obungunaphakade.’ Akho namanye amabinzana asetyenzisiweyo kwiZibhalo zesiGrike alandela umgaqo-ntetho ofanayo nalowo usetyenzisiweyo kwibinzana elithi ‘ukuba nobomi.’ Ngokomzekelo, kukho ibinzana elithi, “Yibani netyuwa kuni” nelithi “ezamkelela imbuyekezo ezeleyo.” (Marko 9:50; Roma 1:27) La mabinzana akabhekiseli ekubeni namandla okunika abanye ityuwa okanye okunika nabani na imbuyekezo. Kunoko, abhekisela ekuyizuzeni ngomlinganiselo opheleleyo. Ngoko ibinzana elithi ‘ukuba nobomi kuni’ elisetyenziswe kuYohane 6:53 libhekisela ekuzuzeni ubomi ngomlinganiselo opheleleyo.

Xa wayechazela abalandeli bakhe ngokuba nobomi kubo, uYesu wakhankanya inyama yakhe negazi lakhe. Kamva, xa wayekwiSidlo SeNkosi Sangokuhlwa, kwakhona uYesu wathetha ngenyama negazi lakhe waza wayalela abalandeli bakhe ababeza kuba yinxalenye yomnqophiso omtsha ukuba bathabathe kwimifuziselo yesonka esingenagwele newayini. Ngaba oku kuthetha ukuba ngamaKristu athanjisiweyo kuphela azuza ubomi ngomlinganiselo opheleleyo, kuba wona enze isivumelwano esitsha kunye noYehova uThixo? Akunjalo. Ezi ziganeko zibini zahlukene ngesithuba esingangonyaka. Abo bawevayo amazwi kaYesu abhalwe kuYohane 6:53, 54 babengazi nto ngesikhumbuzo saminyaka le ekubakho kuso imifuziselo yenyama negazi likaKristu.

Ngokutsho kukaYohane isahluko 6, uYesu uqala ngokufanisa inyama yakhe nemana, esithi: “Ookhokho benu batya imana entlango ukanti bafa. Siso esi isonka esihla sivela ezulwini, ukuze nabani na atye kuso aze angafi. Ndim isonka esiphilayo esehla sivela ezulwini; ukuba nabani na utya kwesi sonka uya kuphila ngonaphakade.” Inyama kaYesu negazi lakhe, zazibaluleke ngaphezu kwemana yokoqobo. Njani? Kaloku inyama yakhe yanikelwa ngenxa “yobomi behlabathi,” ukuze kuvuleke ithuba lokuzuza ubomi obungunaphakade.a Ngoko ke, ibinzana elikuYohane 6:53 elithi ‘ukuba nobomi kuni’ libhekisela kubo bonke abo bafumana ubomi obungunaphakade—ezulwini okanye emhlabeni.—Yohane 6:48-51.

Abalandeli bakaKristu baba nabo nini ubomi kubo, okanye babuzuza nini ubomi ngomlinganiselo opheleleyo? Kwiindlalifa ezithanjisiweyo zoBukumkani, oku kwenzeka ekuvuselweni kwazo kubomi basezulwini njengezidalwa zomoya ezingenakufa. (1 Korinte 15:52, 53; 1 Yohane 3:2) “Ezinye izimvu” zikaYesu zona zibuzuza ngomlinganiselo opheleleyo ubomi emva kokuphela koLawulo lwakhe Lweminyaka Eliwaka. Ngelo xesha, ziya kube zivavanyiwe, zafunyanwa zithembekile, zaza zavakaliswa zingamalungisa afanelwe bubomi obungunaphakade kumhlaba oyiParadesi.—Yohane 10:16; ISityhilelo 20:5, 7-10.

[Umbhalo osemazantsi]

a Entlango, amaSirayeli kunye ‘neqela elikhulu elingumxube’ babexhomekeke kwimana ukuze baphile. (Eksodus 12:37, 38; 16:13-18) Ngokufanayo, ukuze aphile ngonaphakade, onke amaKristu, athanjisiweyo nangathanjiswanga, amele atye kwimana yasezulwini ngokuthi abonakalise ukholo kumandla entlawulelo yenyama negazi likaYesu.—Bona IMboniselo kaFebruwari 1, 1988, iphepha 30-1.

[Imifanekiso ekwiphepha 31]

Onke amaKristu okwenyaniso ‘anokuba nobomi’

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share