IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w86 3/1 iphe. 8-9
  • Abafundi Abane Bayabizwa

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Abafundi Abane Bayabizwa
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
  • Amanqaku Afanayo
  • Abafundi Abane Bayabizwa
    Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
  • Abafundi Abane Baza Kuba Ngabalobi Babantu
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • Ukukhonza Njengababambisi Babantu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
  • Walwa Noloyiko Lwakhe Nokuthandabuza
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
w86 3/1 iphe. 8-9

Ubomi Nobulungiseleli bukaYesu

Abafundi Abane Bayabizwa

EMVA kwelinge eliyingozi lokubulala uYesu kwidolophu yakowabo yaseNazarete, uya kwisixeko saseKapernahum esingakulwandle lwaseGalili. Oku kuzalisekisa esinye isiprofeto sikalsaya. Seso saxela kwangaphambili ukuba abantu baseGalili abahlala ngaselwandle babeya kubona ukukhanya okukhulu.

Njengoko uYesu ephumeza lo msebenzi ukhanyisayo wokushumayela uBukumkani apha, ufumana abafundi bakhe abane. Aba babehambe naye ekuqaleni kodwa babuyela kwishishini labo lokuloba xa babuya bevela kwaYuda noYesu. Kunokwenzeka ukuba, uYesu ngoku uyabafuna, ekubeni ilixesha lokuba abe nabancedisi abaqinileyo nabathe rhoqo anokubaqeqesha ukuba baphumeze ubulungiseleli emva kokuba emkile.

Ngoko njengoko ehamba ngaselunxwemeni lolwandle aze abone uSimon Petros nezinxulumani zakhe behlamba iminatha yabo, uya kubo. Ungena emkhombeni kaPetros aze amcele ukuba asuke emhlabeni. Xa bemganyana, uYesu uhlala phantsi emkhombeni aze aqalise ukufundisa izihlwele elunxwemeni.

Emva koko, uYesu uthi kuPetros: “Khwelelisela enzulwini, nihlise iminatha yenu, kubanjiswe.”

UPetros uyaphendula esithi: “Mongameli, sibulaleke ubusuku buphela, asabamba nento; kodwa ngelakho ilizwi ndiya kuwuhlisa umnatha.”

Xa iminatha ithotyiwe, inkitha yeentlanzi iyabanjiswa kangangokuba iminatha iqalisa ukuqhaqheka. Ngokukhawuleza, amadoda abiza amaqabane awo asemkhombeni okufutshane ukuba azokunceda. Kungekudala yomibini imikhombe izaliswa ziintlanzi ezininzi kangangokuba iqalisa ukutshona.

Ebona oku, uPetros uwa phantsi phambi koYesu aze athi: “Mka kum, ngokuba ndiyindoda engumoni, Nkosi.”

UYesu uyamphendula esithi, “Musa ukoyika; uya kuthabathela kweli xesha ubambisa abantu.”

UYesu ukwamema nomntakobo Petros uAndreya. Uyababongoza esithi, “Yizani apha nindilandele; ndonenza nibe ngababambisi babantu.” Amadlelane abo ngokuloba uYakobi noYohane, oonyana bakaZebhedi, banikwa isimemo esifanayo, yaye ngokunjalo nabo, basabela ngaphandle kokulibazisa. Ngoko aba bane bayalishiya ishishini labo lokuloba yaye baba ngabalandeli bakaYesu bokuqala abane abaqinileyo nabathe rhoqo. Luka 5:1-11; Mateyu 4:13-22; Marko 1:16-20; Isaya 9:1, 2.

◆ Kutheni le nto uYesu abiza abafundi bakhe ukuba bamlandele, yaye bangoobani aba?

◆ Nguwuphi ummangaliso owoyikisa uPetros?

◆ Luhlobo luni lokuloba uYesu amemela abafundi bakhe kulo ukuba balwenze?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share