IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w92 6/15 iphe. 12-17
  • Ukukhonza Njengababambisi Babantu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukukhonza Njengababambisi Babantu
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • “Ukubambisa Abantu Bephila”
  • Ababambisi Babantu
  • Ukubambisa Kulwandle Loluntu
  • Ukubambisa Abantu ‘Ngemini YeNkosi’
  • Abafundi Abane Baza Kuba Ngabalobi Babantu
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • Abafundi Abane Bayabizwa
    Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
  • Abafundi Abane Bayabizwa
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
  • Ukubambisa Abantu Kumanzi Omhlaba Wonke
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
w92 6/15 iphe. 12-17

Ukukhonza Njengababambisi Babantu

“UYesu wathi kuSimon, Musa ukoyika; uya kuthabatha kweli lixa ubambisa abantu.”—LUKA 5:10.

1, 2. (a) Ukubambisa iintlanzi kuye kwanayiphi indima kwimbali yoluntu? (b) Luluphi uhlobo olutsha lokubambisa olwaqaliswayo phantse kwiminyaka engama-2 000 eyadlulayo?

KANGANGAMAWAKA eminyaka, uluntu luye lwabambisa iintlanzi kwiilwandle, kumadike nakwimilambo yomhlaba ukuze lufumane ukudla. Iintlanzi ezazibanjiswa kuMnayile zaziyinxalenye ebalulekileyo yezidlo ezazidliwa kwiYiputa yamandulo. Xa amanzi oMnayile ajika aligazi ngomhla kaMoses, amaYiputa atsala nzima kungekuphela nje ngenxa yokuba oko kwabangela ukunqongophala kwamanzi kodwa nangenxa yokufa kweentlanzi, nto leyo eyachaphazela ukutya kwawo. Kamva, eSinayi, xa uYehova wanika amaSirayeli uMthetho, wawaxelela ukuba iintlanzi ezithile zazinokudliwa kodwa ezinye zaziziinqambi, zazingamele zidliwe. Oku kwabonisa ukuba amaSirayeli ayeya kudla iintlanzi akufika kwiLizwe Ledinga, ngoko athile kuwo ayeya kuba ngababambisi beentlanzi.—Eksodus 7:20, 21; Levitikus 11:9-12.

2 Noko ke, phantse kwiminyaka engama-2 000 eyadlulayo, uluntu lwaxelelwa okwesihlandlo sokuqala ngolunye uhlobo lokubambisa. Olu yayiluhlobo lokomoya lokubambisa olwaluya kuzisa iingenelo kungekuphela nje kubabambisi kodwa kwanakwiintlanzi ngokwazo! Namhlanje, olu hlobo lokubambisa lusaqhubeka lusizisa iingenelo ezingathethekiyo kwizigidi zabantu emhlabeni wonke.

“Ukubambisa Abantu Bephila”

3, 4. Ngabaphi ababambisi beentlanzi ababini ababonakalisa umdla omkhulu kuYesu Kristu?

3 Ngonyaka wama-29 C.E., uYesu, Lowo wayeza kuqalisa olu hlobo lutsha lokubambisa, wabhaptizwa nguYohane uMbhaptizi kumlambo iYordan. Kwiiveki ezimbalwa kamva, uYohane wabonisa abafundi bakhe ababini uYesu waza wathi: “Nantso iMvana kaThixo.” Omnye waba bafundi, ogama linguAndreya, ngokukhawuleza waxelela umzalwana wakhe uSimon Petros oku: “Simfumene uMesiya”! Okubangel’ umdla kukuba, uAndreya noSimon babeneshishini lokubabambisa iintlanzi.—Yohane 1:35, 36, 40, 41; Mateyu 4:18.

4 Kwithuba elithile emva koko, uYesu wayeshumayela kwizihlwele ngakuLwandle lwaseGalili, kude kufuphi nalapho uPetros noAndreya babehlala khona. Wayebaxelela oku abantu: “Guqukani, kuba ubukumkani bamazulu busondele.” (Mateyu 4:13, 17) Sinokuyithelekelela into yokuba uPetros noAndreya babekulangazelela ukuva isigidimi sakhe. Noko ke, kusenokwenzeka ukuba babengaqondi ukuba uYesu wayeza kubaxelela into eyayiya kubuguqula ubomi babo ngonaphakade. Ngaphezu koko, oko uYesu wayeza kukuthetha nawayeza kukwenza bekho kunentsingiselo ebalulekileyo kuthi sonke namhlanje.

5. UYesu wamsebenzisa njani umbambisi uPetros?

5 Siyafunda: “Ekubeni zimxinile izihlwele, ziza kuva ilizwi likaThixo, wesuka wema ngasedikeni laseGenesarete. Wabona imikhombe emibini imi ngasedikeni apho; babe ke ababambisi beentlanzi bephumile kuyo, behlamba iminatha yabo.” (Luka 5:1, 2) Ngelo xesha, abantu ababephila ngokubambisa iintlanzi babedla ngokusebenza ebusuku, yaye la madoda ayehlamba iminatha yawo ngemva kokuba ebeloba ebusuku. UYesu wagqiba kwelokuba asebenzise omnye wemikhombe yawo ukuze ashumayele ngokunempumelelo ngakumbi kweso sihlwele. “Engene komnye umkhombe, owawungokaSimon, wamcela ukuba akhe akhwelelise kancinane emhlabeni; waza, ehleli phantsi, wamana ezifundisa izihlwele esemkhombeni apho.”—Luka 5:3.

6, 7. Nguwuphi ummangaliso uYesu awawenzayo owawubandakanya ukubambisa iintlanzi, owakhokelela kwawaphi amazwi ngokubambisa?

6 Phawula ukuba uYesu wayecinga okungakumbi kunokufundisa nje izihlwele: “Akupheza ke ukuthetha, wathi kuSimon, Khwelelisela enzulwini, nihlise iminatha yenu, kubanjiswe.” Khumbula ukuba, aba babambisi babesele besebenze ubusuku bonke. Akumangalisi ke ukuba, uPetros abe waphendula wathi: “Mongameli, sibulaleke ubusuku buphela, asabamba nento; kodwa ngelakho ilizwi ndiya kuwuhlisa umnatha.” Yintoni eyenzekayo xa bakwenzayo oku? “Bavingcela inkitha enkulu yeentlanzi; wawuqhaqheka ke umnatha wabo. Bakhoba amahlulelana abo, abekomnye umkhombe, ukuba eze kuncedisana nabo. Beza, bayizalisa imikhombe yomibini, yada yafuna ukutshona.”—Luka 5:4-7.

7 UYesu wayenze ummangaliso. Loo mmandla wolwandle wawungenazintlanzi ubusuku bonke; ngoku wawunyakazela ziintlanzi. Lo mmangaliso wamchukumisa gqitha uPetros. “USimon Petros, wawa emadolweni kaYesu, esithi, Mka kum, ngokuba ndiyindoda engumoni, Nkosi. Kuba wathi makatha, kwanabo bonke ababenaye, ngobanjiso lweentlanzi ezo bazibambisayo. Baba kwanjalo ke noYakobi noYohane, oonyana bakaZebhedi, ababengamadlelane noSimon.” UYesu wamthoba izibilini uPetros waza ke wathetha amazwi awayeza kubuguqula ubomi bukaPetros. “Musa ukoyika; uya kuthabathela kweli xesha ubambisa abantu [bephila, NW].”—Luka 5:8-10.

Ababambisi Babantu

8. Abantu abane ababephila ngokubambisa iintlanzi basabela njani kwisimemo ‘sokubambisa abantu bephila’?

8 Ngaloo ndlela uYesu wafanisa abantu neentlanzi, waza wamema lo mbambisi weentlanzi uthobekileyo ukuba ashiye ishishini lakhe lokuziphilisa aze aqalise uhlobo lokubambisa oluzuke ngakumbi—ukubambisa abantu bephila. UPetros, nomzalwana wakhe uAndreya, basamkela esi simemo. “Bayishiya kwaoko iminatha, bamlandela ke.” (Mateyu 4:18-20) Ngokulandelayo uYesu wabiza uYakobi noYohane, ababekumkhombe wabo belungisa iminatha yabo. Nabo wabamema ukuba babe ngababambisi babantu. Basabela njani? “Bawushiya kwaoko umkhombe noyise, bamlandela.” (Mateyu 4:21, 22) UYesu wabonakalisa ubuchule njengombambisi wemiphefumlo. Ngesi sihlandlo wabambisa abantu abane bephila.

9, 10. Luluphi ukholo uPetros namaqabane akhe abalubonakalisayo, yaye baqeqeshwa njani ekubambiseni kokomoya?

9 Umntu ophila ngokubambisa iintlanzi uyakuthengisa oko akubambisileyo, kodwa umbambisi wokomoya akanakukwenza oko. Ngenxa yoko, aba bafundi babonakalisa ukholo olukhulu xa bashiya konke oko ukuze balandele uYesu. Phofu ke, babengathandabuzi ukuba umsebenzi wabo wokubambisa kokomoya wawuza kuphumelela. UYesu wayekwazile ukwenza amanzi angenamveliso anyakazele ziintlanzi zokoqobo. Ngokufanayo, xa abafundi behlisa iminatha yabo yokomoya kumanzi ohlanga lwakwaSirayeli, babenokuqiniseka ukuba, ngoncedo lukaThixo, babeya kubambisa abantu bephila. Umsebenzi wokubambisa kokomoya owaqalisa ngoko usaqhubeka, yaye uYehova usenza kubekho isivuno esityebileyo.

10 Kangangeminyaka engaphezu kwemibini, abo bafundi baqeqeshwa nguYesu kumsebenzi wokubambisa abantu. Ngamathub’ athile wayebayalela ngenyameko aze abathume ngaphambi kwakhe ukuba baye kushumayela. (Mateyu 10:1-7; Luka 10:1-11) Xa uYesu wangcatshwayo waza wabulawa, abafundi bakhwankqiswa. Kodwa ngaba ukufa kukaYesu kwakuthetha ukuba ukubambisa abantu kwakufikelele esiphelweni? Ngokukhawuleza iziganeko zanikela impendulo.

Ukubambisa Kulwandle Loluntu

11, 12. Emva kokuvuka kwakhe, nguwuphi ummangaliso uYesu awawenzayo owawunento yokwenza nokubambisa iintlanzi?

11 Kungabanga thuba lide emva kokufa kukaYesu ngaphandle kweYerusalem nokuvuka kwakhe, abafundi babuyela eGalili. Ngesinye isihlandlo abasixhenxe babo babendawonye kufutshane noLwandle lwaseGalili. UPetros wathi wayesiya kubambisa iintlanzi, nabanye bamthelela. Njengesiqhelo, baya kubambisa ebusuku. Enyanisweni, baphosa iminatha yabo elwandle ubusuku bonke ababambisa nokuba ibenye. Kwathi ke ekuseni, babona umntu othile emi elunxwemeni waza wabakhwaza esithi: “Bantwana, aninanto idliwayo na?” Abafundi bakhwaza baphendula bathi: “Hayi.” Ngoko lowo wayemi elunxwemeni wathi kubo: “Wuphoseni umnatha ngecala lasekunene lomkhombe, nofumana. Baphosa ke; ababa saba nako ukuwutsala, ngenxa yenkitha yeentlanzi.”—Yohane 21:5, 6.

12 Anjani wona ukukhwankqisa amava! Kusenokwenzeka ukuba abafundi bakhumbula ummangaliso wangaphambilana owawubandakanya iintlanzi, yaye ubuncinane omnye wabo wamqonda loo umntu wayemi elunxwemeni. “Athi ngoko loo mfundi ubethandwa nguYesu kuPetros, YiNkosi. Uthe ngoko uSimon Petros, akuva ukuba yiNkosi, wabhinqa ingubo yokwaleka (kuba ebeze), waziphosa elwandle. Ke kaloku abanye abafundi beza ngomkhonjana (kuba bebengemgama emhlabeni, ngathi bebekubhite zimakhulu mabini).”—Yohane 21:7, 8.

13. Emva kokuba uYesu enyukele ezulwini, yiyiphi inkqubo yokubambisa kwazwenibanzi eyaqaliswayo?

13 Wawubonisa ntoni lo mmangaliso? Wawubonisa ukuba umsebenzi wokubambisa abantu wawungekagqitywa. Esi sibakala sagxininiswa xa uYesu kangangezihlandlo ezithathu waxelela uPetros—esebenzisa yena waxelela bonke abanye abafundi—ukuba adlise izimvu zikaYesu. (Yohane 21:15-17) Ewe, kwakukho umsebenzi wokondla kokomoya owawusamele wenziwe. Ngaphambi kokufa kwakhe, wayeprofete wathi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga.” (Mateyu 24:14) Ngoku yayilixesha lokuba eso siprofeto siqalise ukuzaliseka kwinkulungwane yokuqala. Abafundi bakhe babesele beza kuhlisa iminatha yabo kulwandle loluntu, yaye loo minatha yayingayi kubuya ingenanto.—Mateyu 28:19, 20.

14. Ukubambisa kwabalandeli bakaYesu kwasikelelwa ngayiphi indlela kwiminyaka yangaphambi kokutshatyalaliswa kweYerusalem?

14 Ngaphambi kokuba anyukele kwitrone kaYise ezulwini, uYesu wathi kubalandeli bakhe: “Niya kwamkela ke amandla, akubon’ ukuba uMoya oyiNgcwele uhlile phezu kwenu; nibe ngamangqina am eYerusalem, kwanakulo lonke elakwaYuda nelaseSamariya, kude kuse nasekupheleni komhlaba.” (IZenzo 1:8) Xa kwathululwa umoya oyingcwele kubafundi ngePentekoste yowama-33 C.E., umsebenzi omkhulu wokubambisa kokomoya waqalisa zwenibanzi. Ngomhla wePentekoste kuphela, kwabanjiswa imiphefumlo engamawaka amathathu iphila, yaye ngokukhawuleza emva koko “inani lamadoda langa limawaka mahlanu.” (IZenzo 2:41; 4:4) Ulwando lwaqhubeka. Ingxelo iyasixelela: “Kwaba kukhona bekongezwayo abakholwayo kwiNkosi, into eninzi yamadoda neyabafazi.” (IZenzo 5:14) Kungekudala, amaSamariya asabela kwiindaba ezilungileyo, yaye kamsinya emva koko zenjenjalo neeNtlanga ezingolukanga. (IZenzo 8:4-8; 10:24, 44-48) Kwiminyaka enokuba ngama-27 emva kwePentekoste, umpostile uPawulos wabhalela amaKristu aseKolose ukuba iindaba ezilungileyo ‘zazishunyayelwe kwindalo yonke ephantsi kwezulu.’ (Kolose 1:23) Licacile elokuba, abafundi bakaYesu babebambisa kude namanzi aseGalili. Bayihlisa iminatha yabo phakathi kwamaYuda awayesasazeke kubo bonke uBukhosi baseRoma, kwanakwiilwandle ezazibonakala zingathembisi zabantu abangengomaYuda. Yaye iminatha yabo yayibuya ixakathile. Ukuze kwaneliswe iintswelo zamaKristu enkulungwane yokuqala, isiprofeto sikaYesu esikuMateyu 24:14 sazaliseka ngaphambi kokutshatyalaliswa kweYerusalem ngowama-70 C.E.

Ukubambisa Abantu ‘Ngemini YeNkosi’

15. Kwincwadi yeSityhilelo, kwaprofetwa ngawuphi omnye umsebenzi wokubambisa, yaye wawuya kwenziwa nini?

15 Noko ke, kwakusekho umsebenzi ongakumbi owawumele wenziwe. Ngasekupheleni kwenkulungwane yokuqala, uYehova wanika owokugqibela umpostile owayesaphila, uYohane, isityhilelo sezinto ezaziza kwenzeka ebudeni ‘bemini yeNkosi.’ (ISityhilelo 1:1, 10) Enye inkalo ebalaseleyo yayiza kuba kukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo ehlabathini lonke. Sifunda oku: “Ndabona esinye isithunywa sezulu, siphaphazela esazulwini samazulu, sineendaba ezilungileyo ezingunaphakade, ukuba sizishumayele kwabo bemiyo phezu komhlaba, nakwiintlanga zonke, nezizwe, neelwimi, nabantu.” (ISityhilelo 14:6) Phantsi kolwalathiso lwezithunywa zezulu abakhonzi bakaThixo babeza kushumayela iindaba ezilungileyo ngokoqobo kulo lonke elimiweyo, kungekuphela nje kuBukhosi baseRoma. Kwakuza kwenziwa umsebenzi wokubambisa imiphefumlo emhlabeni wonke, yaye loo mbono uye wazaliseka kumhla wethu.

16, 17. Umsebenzi wokubambisa kokomoya kwale mihla waqala nini, yaye uYehova uye wawusikelela njani?

16 Uye waqhuba njani lo msebenzi wokubambisa ebudeni bale nkulungwane yama-20? Ngaphambilana, ababambisi babebonakala bembalwa. Emva kokuphela kweMfazwe Yehlabathi I, kwakukho abashumayeli beendaba ezilungileyo abakhutheleyo abamalunga namawaka amane kuphela, amadoda namabhinqa anenzondelelo ubukhulu becala awayengabathanjiswa. Babeyiphosa iminatha yabo naphi na apho uYehova wayeyivula khona indlela, yaye imiphefumlo emininzi yayibanjiswa iphila. Emva kwemfazwe yehlabathi yesibini, uYehova wavula amanzi amatsha okubambisa. Abavangeli basemazweni abaya kwiSikolo SeBhayibhile SeWatchtower SaseGiliyadi bawuhambisela phambili lo msebenzi kumazwe amaninzi. Amazwe anjengeJapan, i-Itali neSpeyin, asenokuba ayebonakala engenamveliso kwaphela ekuqaleni, ekugqibeleni ayevelisa isivuno esityebileyo semiphefumlo. Kwakhona kutshanje siye seva ngendlela okuye kwanempumelelo ngayo ukubambisa eMpuma Yurophu.

17 Namhlanje, kumazwe amaninzi phantse ukuba iminatha iyaqhaqheka. Isivuno esikhulu semiphefumlo siye sabangela kwayimfuneko ukulungelelaniswa kwamabandla neziphaluka ezitsha. Ngenxa yoku, kusoloko kusakhiwa iiHolo zoBukumkani neeHolo zeNdibano ezintsha ngalo lonke ixesha. Kufuneka abadala nezicaka zolungiselelo ezingakumbi ukuze kunyanyekelwe ulwando. Loo msebenzi mkhulu waqaliswa ngabathembekileyo emva phayaa ngowe-1919. UIsaya 60:22 uye wazaliseka ngokoqobo. ‘Omncinanana uye waba liwaka,’ njengokuba loo mawaka mane ababambisi eye aba ngaphezu kwezigidi ezine namhlanje. Yaye isiphelo asikafiki.

18. Sinokuwuxelisa njani umzekelo wababambisi bokomoya babantu ababephila ngenkulungwane yokuqala?

18 Kuthetha ntoni konke oku kuthi njengabantu ngabanye? Isibhalo sithi xa uPetros, uAndreya, uYakobi noYohane bamenyelwa ukuba ngababambisi babantu, “bashiya into yonke, bamlandela [uYesu].” (Luka 5:11) Onjani wona ukuba mhle umzekelo wokholo nokuzinikela! Ngaba sinokuhlakulela umoya ofanayo wokuzincama, sihlale sikulungele ngokufanayo ukukhonza uYehova nokuba sekumnyam’ entla? Izigidi ziye zaphendula ngokuthi zinako. Ngenkulungwane yokuqala, abafundi babebambisa abantu naphi na apho uYehova wayebavumela khona. Enoba kwakukumaYuda okanye kwabeeNtlanga, babebambisa naphi na bengakhethi. Masishumayele kubantu bonke singavumeli nantoni na isithintele okanye sibe nekhethe.

19. Yintoni esifanele siyenze ukuba amanzi esibambisa kuwo abonakala engenamveliso?

19 Noko ke, kuthekani ukuba intsimi okuyo okwangoku ibonakala ingenamveliso? Musa ukutyhafa. Khumbula ukuba, uYesu wazalisa iminatha yabafundi emva kokuba babebambisa ubusuku bonke bengafumani nto. Kungenzeka okufanayo nangokomoya. Ngokomzekelo, eIreland amaNgqina athembekileyo ebebulaleka kangangeminyaka emininzi kungekho miphumo mihle kangako. Sekunjalo, oko kuye kwaguquka kutshanje. I-1991 Yearbook of Jehovah’s Witnesses inikela ingxelo yokuba ekupheleni konyaka wenkonzo wowe-1990, i-Ireland ibe neencopho ezintsha ezingama-29 zilandelelana! Mhlawumbi ngenye imini intsimi okuyo iya kuvelisa ngokufanayo. Logama nje uYehova esavuma, qhubeka ubambisa!

20. Sifanele sibandakanyeke nini kumsebenzi wokubambisa abantu?

20 KwaSirayeli, ababambisi beentlanzi babebambisa ebusuku, ngoxa bonke abanye abantu befudumele kamnandi ezingubeni. Babephuma, kungekhona ngexesha elalilungele bona, kodwa xa babenokubambisa ezona ntlanzi zininzi. Nathi simele siyifunde intsimi yethu ukuze, ngokungathi kunjalo, siye kubambisa xa inkoliso yabantu isemakhaya yaye ilungele ukuphulaphula. Oku kusenokuba ngamarhatya, ngeempela-veki, okanye ngelinye ixesha. Nokuba kunini na, masenze unako nako wokufumana abantu abantliziyo zilungileyo.

21. Yintoni esifanele siyikhumbule ukuba intsimi yethu isetyenzwa ngokufuthi?

21 Kuthekani ukuba intsimi yethu isetyenzwa ngokufuthi? Abantu abaphila ngokubambisa iintlanzi ehlabathini ngokufuthi bakhalaza ngelokuba kulotywa gqitha kwiindawo ababambisa kuzo. Kodwa ngaba ingenzeka into yokuba kube sekulotywe gqitha kwiindawo esibambisa kuzo ngokomoya? Unotshe! Iintsimi ezininzi zivelisa ulwando kwanaxa zigutyungelwa ngokuphinda-phindiweyo. Zimbi zivelisa ngakumbi ngenxa yokuba zicokiswa. Sekunjalo, xa kutyelelwa ngokufuthi emakhayeni abantu, qiniseka ukuba onke amakhaya angenabantu abhalwa phantsi kuze kubuyelwe kuwo kamva. Funda imixholo yencoko eyahlukahlukeneyo. Hlala ukhumbula ukuba elo khaya liza kutyelelwa ngomnye umntu kungekudala, ngoko musa ukuhlala de umntu adikwe okanye ngokungaqondi umenze achase umnini-khaya. Yaye phucula ubuchule bakho kumsebenzi wasesitratweni nakubungqina obungacwangciswanga. Hlisa iminatha yakho yokomoya ngamaxesha onke nangazo zonke iindlela onokukwazi ngazo.

22. Liliphi ilungelo elizukileyo esilinandiphayo ngeli xesha?

22 Khumbula ukuba, kolu hlobo lokubambisa kungenelwa ababambisi neentlanzi. Ukuba abo sibabambisayo bayanyamezela, banokuphila ngonaphakade. UPawulos wakhuthaza uTimoti wathi: “Hlala uhleli kwezo zinto; kuba ngokwenza oko, wozisindisa wena, ubasindise nabo bakuvayo.” (1 Timoti 4:16) NguYesu owaqalisa ukuqeqesha abafundi bakhe kumsebenzi wokubambisa kokomoya, yaye lo msebenzi usaqhubeka usalathiswa nguye. (Thelekisa ISityhilelo 14:14-16.) Elinjani ukuzuka ilungelo esinalo lokwenza lo msebenzi phantsi kokwalathiswa nguye! Masiqhubeke sisehlisa iminatha yethu logama nje uYehova esasivumele. Nguwuphi umsebenzi onokuba ngobalaseleyo kule mihla yokugqibela kunalowo wokubambisa imiphefumlo iphila?

Ngaba Unokukhumbula?

◻ Nguwuphi umsebenzi uYesu awaqeqesha abafundi bakhe ukuba bawenze?

◻ UYesu wabonisa njani ukuba umsebenzi wokubambisa kokomoya wawungapheliswanga kukufa kwakhe?

◻ UYehova wawusikelela njani umsebenzi wokubambisa kokomoya ngenkulungwane yokuqala?

◻ Sisiphi isivuno esityebileyo seentlanzi esiye sabanjiswa ebudeni ‘bemini yeNkosi’?

◻ Thina njengabantu ngabanye sinokuba ngabo njani ababambisi babantu abanempumelelo ngakumbi?

[Umfanekiso okwiphepha 15]

Emva kokuvuka kukaYesu, abapostile bakhe bawandisa umsebenzi kaThixo wokubambisa abantu

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share