IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w92 6/15 iphe. 22-27
  • Ukubambisa Abantu Kumanzi Omhlaba Wonke

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukubambisa Abantu Kumanzi Omhlaba Wonke
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukubambisa Abantu, Ucelomngeni Lomhlaba Wonke
  • Inkqubela Kumsebenzi Wazwenibanzi Wokubambisa
  • Bonke Banenxaxheba
  • Othunywashe Abafak’ isandla Kulwando
  • Ngaba Sinokuphucula?
  • Ukukhonza Njengababambisi Babantu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Ukuloba Kulwandle LwaseGalili
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Uthetha Ntoni Umnatha Neentlanzi Kuwe?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
w92 6/15 iphe. 22-27

Ukubambisa Abantu Kumanzi Omhlaba Wonke

“Kuba xa ndithi ndizishumayele iindaba ezilungileyo, andinaqhayiya; kuba ndimelwe kukuzishumayela. Yeha ke mna, ukuba ndisuka ndingazishumayeli iindaba ezilungileyo!”—1 KORINTE 9:16.

1, 2. (a) Ngoobani abaye bahlangabezana ngokwenene nocelomngeni oluchazwe kweyoku-1 kwabaseKorinte 9:16, yaye kutheni uphendula njalo nje? (b) Yiyiphi imbopheleleko amaNgqina kaYehova aye ayamkela?

NGOOBANI kule nkulungwane yama-20 abaye bahlangabezana ngokwenene nolu celomngeni luchazwe kumazwi kaPawulos angasentla? Ngoobani abaye baphuma iphulo ehlabathini bezizigidi besiya kubambisa amadoda namabhinqa ‘angamahlwempu ngokomoya’? (Mateyu 5:3) Ngoobani abaye badela ukubanjwa nokufa, nabathe banyamezela izinto ezinjalo kumazwe amaninzi ngenxa yokuzalisekisa umyalelo kaYesu okuMateyu 24:14?

2 Ingxelo iphendula ngokuthi: ngamaNgqina kaYehova. Kunyaka ophelileyo kuphela amaNgqina angaphezu kwezigidi ezine aya kwindlu ngendlu ‘evakalisa iindaba ezilungileyo’ kumazwe namazwana angama-211 nangeelwimi ezingaphezu kwama-200. Aba babengeloqela nje elinyuliweyo labefundisi abajikeleza emazweni awahlukahlukeneyo nabaqeqeshelwe oko. Onke amaNgqina kaYehova aziva enembopheleleko yokushumayela nokufundisa kwindlu ngendlu nangaliphi na ixesha elifanelekileyo. Kutheni evakalelwa kukuba kuyimfuneko ukwabelana nabanye ngeenkolelo zawo? Kungenxa yokuba ayaqonda ukuba olo lwazi luzisa imbopheleleko.—Hezekile 33:8, 9; Roma 10:14, 15; 1 Korinte 9:16, 17.

Ukubambisa Abantu, Ucelomngeni Lomhlaba Wonke

3. Umsebenzi wokubambisa ufanele wenziwe ngomlinganiselo omkhulu kangakanani?

3 Lo msebenzi mkhulu wokubambisa awupheleliselwanga, ngokungathi kunjalo, kumlambo okanye kwidike elithile okanye kwanakulwandlekazi olunye. Akunjalo, njengokuba uYesu wayalelayo, umele wenziwe “kuzo zonke iintlanga.” (Marko 13:10) Ngaphambi kokuba anyukele kuYise, uYesu wabaxelela oku abafundi bakhe: “Hambani ngoko niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptizela egameni loYise, loNyana, loMoya oyiNgcwele; nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniwisele umthetho ngazo. Niyabona, mna ndinani yonke imihla, kude kube sekuphelisweni kwephakade eli.”—Mateyu 28:19, 20.

4. (a) Yintoni efanele ukuba yabamangalisa abalandeli bakaYesu bokuqala abangamaYuda? (b) AmaNgqina kaYehova abugqala njani ubukhulu bomsebenzi wawo wokushumayela?

4 Kubalandeli bakaYesu abangamaYuda, olo thumo lumele ukuba lwabakhwankqisa. Wayexelela abafundi bakhe abangamaYuda ukuba ngoku kwakuza kufuneka baye kuzo zonke iiNtlanga “ezingcolileyo” baze bazifundise. Kwafuneka benze iinguqulelo ezithile ukuze bayamkele intsingiselo yeso sabelo baze benze ngokuvisisana naso. (IZenzo 10:9-35) Kodwa kwakungekho ndlela mbini; uYesu wayebaxelele kumzekeliso ukuba “intsimi ke lihlabathi.” Ngoko ke, amaNgqina kaYehova namhlanje alijonga ihlabathi lonke njengendawo anelungelo lokubambisa kuyo. Akunakubakho “isisikelo seekhilomitha ezingama-20” kumanzi anokubambisa kuwo esiwathintelayo kuthumo lwawo oluvela kuThixo. Maxa wambi kufuneka kusetyenziswe ingqiqo apho kungekho nkululeko yonqulo. Sekunjalo, abambisa ngongxamiseko. Kutheni kunjalo nje? Kungenxa yokuba iziganeko zehlabathi nokuzaliseka kwesiprofeto seBhayibhile kubonisa ukuba sikwinxalenye yokugqibela yomsebenzi wazwenibanzi wokubambisa.—Mateyu 13:38; Luka 21:28-33.

Inkqubela Kumsebenzi Wazwenibanzi Wokubambisa

5. Ngabantu abanjani abasabelayo kumsebenzi wokubambisa?

5 Inkoliso yeendlalifa ezithanjisiweyo zoBukumkani “yabanjiswa” ezintlangeni ngaphambi kowe-1935, ngoko ngokusisiseko inani lazo sele liphelele. Ngoko ke, ngokukodwa ukususela ngowe-1935, amaNgqina kaYehova ebefuna abo bantu bathobekileyo abanokuchazwa ‘njengabalulamileyo’ abaya “kulidla ilifa ilizwe.” (INdumiso 37:11, 29) Aba ngabantu ‘abagcumayo, abancwinayo ngenxa yamasikizi onke awenzekayo.’ Benza inguqulelo ngokuvisisana nolawulo loBukumkani bukaThixo ngaphambi kokuba inkqubo yezinto kaSathana eyonakeleyo nekhohlakeleyo ifikelwe ‘yimbandezelo enkulu’ baze abalandeli bakhe baphoswe “edikeni lomlilo” lentshabalalo yokugqibela.—Hezekile 9:4; Mateyu 13:47-50; 24:21.

6, 7. (a) Ngawaphi amanyathelo awathatyathwayo ngowe-1943 ngokuphathelele umsebenzi wokushumayela? (b) Ibe yintoni imiphumo?

6 Ngaba umsebenzi wazwenibanzi wokubambisa uye wanempumelelo ukuza kuthi ga ngoku? Masivumele izibakala zisichazele. Emva phayaa ngowe-1943, iMfazwe Yehlabathi II yayisagquba, sekunjalo abazalwana abangabathanjiswa abathembekileyo kwikomkhulu lamaNgqina kaYehova eBrooklyn, eNew York, babona kwangaphambili ukuba umsebenzi wazwenibanzi omkhulu wokubambisa wawufanele wenziwe. Ngoko, ngawaphi amanyathelo awathatyathwayo?a—ISityhilelo 12:16, 17.

7 Ngowe-1943 iWatchtower Society yaseka isikolo sabavangeli basemazweni esibizwa ngokuba yiGiliyadi (NgesiHebhere, “Imfumba elingqina”; Genesis 31:47, 48) esaqalisa ukuqeqesha abavangeli basemazweni abalikhulu ngazo zonke iinyanga ezintandathu ukuze babe nokuthunyelwa kuwo wonke umhlaba njengababambisi bokomfuziselo. Ngaloo maxesha, kwakukho amaNgqina ali-126 329 kuphela awayebambisa abantu ngokukhutheleyo kumazwe angama-54. Kwiminyaka elishumi loo manani antinga ayokufikelela kumaNgqina angama-519 982 kumazwe ali-143! Ngokuqinisekileyo, iSikolo saseGiliyadi sasivelisa amadoda namabhinqa angababambisi abangenaloyiko, abakulungeleyo ukuya kwimimandla enezithethe ezahlukeneyo baze bazivisisanise namanzi amatsha okubambisa. Ngenxa yoko, amawaka abantu abantliziyo zinyanisekileyo asabela. Abo bavangeli basemazweni, namaNgqina asekuhlaleni awayesebenza nabo, babeka isiseko solwando olumangalisayo olukhoyo ngoku.

8, 9. (a) Yiyiphi imizekelo enokucatshulwa yomsebenzi obalaseleyo wobuvangeli basemazweni? (b) Abavangeli basemazweni baye balubona njani ulwando olubalaseleyo kwiintsimi zabo? (Bona kwane-1992 Yearbook of Jehovah’s Witnesses.)

8 Amagqala athembekileyo amaninzi awaphuma kwezo klasi zokuqala zaseGiliyadi asakhonza kwizabelo zawo zasemzini, nakubeni ngoku eneminyaka engaphezu kwama-70 okanye engama-80 ubudala. Omnye umzekelo omela amaninzi awo ngulowo kaEric Britten oneminyaka engama-82 ubudala nomkakhe, uChristina, abaphumelela kwiklasi ye-15 yaseGiliyadi ngowe-1950 nabasakhonza eBrazil. Xa baya kukhonza eBrazil, kwakukho amaNgqina angaphantsi kwama-3 000 kwelo lizwe. Ngoku kukho angaphezu kwama-300 000! Ngokuqinisekileyo, ‘omncinanana uye waluhlanga olunamandla’ eBrazil ngenxa yokuba umsebenzi wokubambisa uye wanemveliso.—Isaya 60:22.

9 Yaye singathetha sithini ngabavangeli basemazweni abaseAfrika? Inkoliso yabo iye yazivisisanisa nezithethe ezahluke gqitha yaye iye yabathanda abantu baseAfrika. Umzekelo waba ngumzalwana uJohn noEric Cooke nabafazi babo, uKathleen noMyrtle, ngoku abakhonza eMzantsi Afrika. UJohn noEric baphumelela kwiklasi yesibhozo ngowe-1947. Aba bazalwana bakhonza eAngola, eZimbabwe, eMozambiki naseMzantsi Afrika. Bambi babavangeli bafela eAfrika bebulawa zizifo, yaye abanye babulawa yimfazwe nayintshutshiso, njengoAlan Battey noArthur Lawson, abafa ebudeni bemfazwe yamakhaya yakutshanje eLiberia. Sekunjalo, amanzi aseAfrika aye angqineka enemveliso gqitha. Ngoku kukho amaNgqina angaphezu kwama-400 000 asasazeke kulo lonke elo lizwekazi.

Bonke Banenxaxheba

10. Kutheni oovulindlela besenza umsebenzi oncomekayo nje yaye bawenza njani?

10 Noko ke, kufanele kuqondwe ukuba ngoxa abavangeli basemazweni abavela kumazwe asemzini beye bangamawaka, abavakalisi noovulindlelab basekuhlaleni baye baba zizigidi. Benza inxalenye enkulu kulo msebenzi omkhulu wokushumayela emhlabeni wonke. Ngowe-1991 bekukho umlinganiselo woovulindlela nabalungiseleli abahambahambayo abangaphezu kwama-550 000. Hayi indlela elichukumisa ngayo elo nani xa sicinga ngawo onke la maNgqina athembekileyo awenza umzamo okhethekileyo wokuba nenxaxheba kumsebenzi omkhulu wokubambisa, ngomlinganiselo echithela iiyure ezisusela kuma-60 ukusa kwezili-140 nyanga nganye ekushumayeleni. Amaninzi akwenza oku ngokuzincama okukhulu nangeendleko zobuqu. Kodwa kutheni esenjenjalo? Kungenxa yokuba athanda uYehova uThixo wawo ngentliziyo, ngengqondo, ngomphefumlo nangamandla awo ephela, yaye athanda abamelwane bawo njengoko ezithanda.—Mateyu 22:37-39.

11. Bubuphi ubungqina obuqinisekileyo obukhoyo bokuba uYehova uyasebenza phakathi kwabantu bakhe?

11 Singathini ngamanye amaNgqina angaphezu kwezigidi ezithathu ezinesiqingatha angekho kwinkonzo yexesha elizeleyo kodwa sekunjalo azibhokoxa ngokupheleleyo enkonzweni kaYehova, ngokuvumelana neemeko zawo? Amanye ngabafazi, kwanoomama abanyamekela abantwana abancinane, abathi sekunjalo banikele ixesha labo elithile elibalulekileyo kumsebenzi wazwenibanzi wokubambisa. Amaninzi ngamadoda okanye ootata abanomsebenzi wokuziphilisa wexesha elizeleyo; sekunjalo, bazibekela ixesha ngeempela-veki nangamarhatya ukuze bafundise abangayaziyo inyaniso. Kwakhona kukho isihlwele isikhulu samadoda namabhinqa angatshatanga nabaselula abanesabelo ekushumayeleni nabathi ngehambo yabo bayincomele kwabanye inyaniso. Leliphi elinye iqela lonqulo elinamatshantliziyo angahlawulwayo angaphezu kwezigidi ezine ashumayela iindaba ezilungileyo zolawulo loBukumkani bukaThixo nyanga zonke? Ngokuqinisekileyo oku kubonisa ukusebenza komoya kaThixo!—INdumiso 68:11; IZenzo 2:16-18; thelekisa uZekariya 4:6.

Othunywashe Abafak’ isandla Kulwando

12. Kutheni abantu besabela enyanisweni yaye basabela kangakanani?

12 Lo msebenzi mkhulu wokushumayela uzisa imiphumo ephawulekayo nyaka ngamnye. Ngowe-1991 amaNgqina amatsha angaphezu kwama-300 000 abhaptizwa ngokuntywiliselwa ngokupheleleyo emanzini. Oko kulingana namabandla angaphezu kwama-3 000 anamaNgqina ali-100 lilinye! Kufikelelwa njani konke oku? Masikhumbule oko kwathethwa nguYesu: “Akukho namnye unako ukuza kum, engathanga uBawo owandithumayo amtsale . . . Kubhaliwe ebaprofetini kwathiwa, Baye bonke beya kuba ngabafundiswa bakaThixo; bonke ngoko abathe beva kuBawo, bafunda kuye, bayeza kum.” Ngoko ke, asingomgudu womntu kuphela obangela ukuba ubani asabele kumsebenzi wazwenibanzi wokubambisa. UYehova uhlola imeko yentliziyo aze atsalele kuye abo bafanelekayo.—Yohane 6:44, 45; Mateyu 10:11-13; IZenzo 13:48.

13, 14. Sisiphi isimo sengqondo esihle esiye sabonakaliswa ngamaNgqina amaninzi?

13 Noko ke, ababambisi babantu ngoothunywashe uYehova abasebenzisayo ukutsalela abantu kuye. Ngoko ke, isimo sabo sengqondo ngakubantu nangommandla ababambisa kuwo sibalulekile. Hayi indlela ekukhuthaza ngayo ukubona ukuba inkoliso iye yawathabathel’ entliziyweni amazwi kaPawulos aya kwabaseGalati: “Ke ekwenzeni okulungileyo masingethi amandla; kuba sovuna ngexesha elililo, ukuba asityhafi.”—Galati 6:9.

14 AmaNgqina athembekileyo amaninzi ebeshumayela kangangamashumi eminyaka, ngoxa ngenyameko eqwalasele izinto ezenzekayo ehlabathini. Aye akubona ukuqalisa nokuphela kobuNazi, ubuFasi nezinye iinkqubo zobuzwilakhe. Wambi aye azibonela ngawawo amehlo iimfazwe ezininzi eziye zaliwa ukususela ngowe-1914. Aye azibona iinkokeli zehlabathi zibethelela amathemba azo kuManyano Lwezizwe zaza emva koko zathembela ngeZizwe Ezimanyeneyo. Aye awubona umsebenzi kaYehova uvalwa yaye kamva umiselwa ngokusemthethweni kumazwe amaninzi. Ukutyhubela konke oku, amaNgqina kaYehova akayekanga ukwenza okulungileyo, kuquka ukukhonza njengababambisi babantu. Enjani yona ukubalasela ingxelo yengqibelelo!—Mateyu 24:13.

15. (a) Luluphi uncedo esiye sanalo ekuzivisisaniseni neemfuno zentsimi yethu yehlabathi ngokubanzi? (b) Ezi mpapasho ziye zakunceda njani kwisabelo sakho?

15 Kukho ezinye iinkalo eziye zanegalelo kolu lwando lwazwenibanzi. Enye into sisimo sengqondo esibhetyebhetye sababambisi babantu ngakwiintswelo zommandla abakuwo. Ekubeni abantu abanezithethe, iinkonzo neelwimi ezahlukeneyo befudukela kweminye imimandla, amaNgqina kaYehova aye azama ukuziqonda ngakumbi ezi mbono zahlukahlukeneyo. Yaye ibandla lazwenibanzi liye lanikela uncedo kakhulu ngokulungiselela iiBhayibhile noncwadi lweBhayibhile ngeelwimi ezingaphezu kwama-200. INew World Translation of the Holy Scriptures, iyonke okanye amacandelo ayo, ngoku ifumaneka ngeelwimi ezili-13, kuquka isiCzech nesiSlovak. Incwadana enemifanekiso ethi Bunandiphe Ubomi Emhlabeni Ngonaphakade! ngoku ifumaneka ngeelwimi ezili-198, ukususela kwisiAlbania ukusa kwisiZulu, kwaye kuye kwashicilelwa imibhalo yayo ezizigidi ezingama-72. Incwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila sele iguqulelwe kwiilwimi ezingama-69. Incwadi ethi Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo, epapashwe ngeelwimi ezingama-29 isinceda siqonde imvelaphi neenkolelo zeenkonzo eziphambili zehlabathi kwaye ingqineka iluncedo olungenakuthelekiswa nanto ekubambiseni kwazwenibanzi.

16. Abanye baye basabela njani kwiimfuneko ezikwamanye amazwe?

16 Yintoni enye eye yahambisela phambili umsebenzi wazwenibanzi wokubambisa? Amawaka abantu aye akulungela ukusabela ‘kubizo lwaseMakedoni.’ Kanye njengokuba uPawulos wayekulungele ukufuduka eAsiya Mayina aze aye kwelaseMakedoni eYurophu, ngobizo lukaThixo, amaNgqina amaninzi aye afudukela kumazwe nakwimimandla ekukho imfuneko enkulu yabashumayeli boBukumkani, kwaneyabadala nezicaka zolungiselelo kuwo. Aye afana nababambisi beentlanzi bokoqobo abafumanisa ukuba kubanjiswa gqitha kumanzi asekuhlaleni baze baye kumanzi apho kukho imikhombe embalwa nalapho kukho intabalala yeentlanzi khona.—IZenzo 16:9-12; Luka 5:4-10.

17. Yiyiphi imizekelo esinayo yabo baye basabela ‘kwisimemo saseMakedoni’?

17 Kwiiklasi zakutshanje zesikolo sabavangeli basemazweni saseGiliyadi kuye kwaqukwa abafundi abavela kumazwe awahlukeneyo aseYurophu abaye bafunda isiNgesi baza ke bazinikela ukukhonza kwamanye amazwe anezinye izithethe. Ngokukwanjalo, ngeSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli, abazalwana abaninzi abangatshatanga baqeqeshwa ngenyameko iinyanga ezimbini baze ke bathunyelwe kwamanye amazwe ukuze bomeleze amabandla neziphaluka. Omnye ummandla wokubambisa ongenakuthelekiswa nanto ziindawo ngoku ezivulwayo eMpuma Yurophu neeriphabliki ebezisakuba phantsi kweSoviet.—Thelekisa amaRoma 15:20, 21.

18. (a) Kutheni ngokuqhelekileyo oovulindlela bengabalungiseleli abanempumelelo? (b) Banokubanceda njani abanye ebandleni?

18 Uncedo olongezelelekileyo kumsebenzi wazwenibanzi wokubambisa siSikolo Senkonzo Yobuvulindlela abaya kuso oovulindlela abathe ngxi. Ebudeni beeveki ezimbini zokugutyungelwa ngenyameko kwempapasho ethi Nibonakale Njengezikhanyiso Ehlabathini, elungiselelwe kuphela oovulindlela, bayabuphucula ubuchule babo bobulungiseleli njengoko beqwalasela imixholo enjengothi “Ukulandela Indlela Yothando,” “Landela UYesu NjengoMzekelo” nothi “Ukuvelisa Ubuchule Bokufundisa.” Hayi indlela anombulelo ngayo onke amabandla ngokuba nala maqela afanelekayo abambisa kwindlu ngendlu anokuqeqesha abaninzi kulo msebenzi mkhulu wokubambisa!—Mateyu 5:14-16; Filipi 2:15; 2 Timoti 2:1, 2.

Ngaba Sinokuphucula?

19. Njengompostile uPawulos, sinokuphucula njani kubulungiseleli bethu?

19 NjengoPawulos, sifuna ukuba nesimo sengqondo esikhuthazayo nokukhangela phambili. (Filipi 3:13, 14) Wazivisisanisa nazo zonke iindidi zabantu neemeko. Wayeyazi indlela yokufumana into adibana ngayo nabantu nendlela yokuqiqa ngokuvisisana nesimo sengqondo nezithethe zasekuhlaleni. Singaqalisa izifundo zeBhayibhile ngokuphaphela iindlela umninimzi asabela ngazo kwisigidimi soBukumkani sandule ke sivisisanise iintshumayelo zethu neentswelo zomntu. Ngamancedo amaninzi okufundisisa iBhayibhile esinawo, sinokunikela olo luyifaneleyo imbono yaloo mntu. Kwakhona ububhetyebhetye nokuphapha kwethu ziinkalo ezibalulekileyo ekubambiseni okunemveliso.—IZenzo 17:1-4, 22-28, 34; 1 Korinte 9:19-23.

20. (a) Kutheni umsebenzi wethu wokubambisa ubaluleke kangaka nje ngoku? (b) Yiyiphi imbopheleleko yethu njengabantu ngabanye ngoku?

20 Kutheni lo msebenzi ungenakuthelekiswa nanto wokubambisa kwazwenibanzi ubaluleke kangaka ngoku? Kungenxa yokuba ngokusuka kwiziprofeto zeBhayibhile ezibonakala zizaliseka kwiziganeko ezenzekileyo nezenzekayo, kucacile ukuba inkqubo yehlabathi likaSathana isondela kwincopho yayo eyintlekele. Ngoko, yintoni esifanele siyenze thina, njengamaNgqina kaYehova? Amanqaku amathathu afundisiswayo akweli phephancwadi aye abalaselisa imbopheleleko yethu yokuba ngabakhutheleyo nabanenzondelelo kumsebenzi wethu wokubambisa kummandla esikuwo wamanzi ehlabathi. Sinesiqinisekiso esomeleleyo esivela eBhayibhileni sokuba uYehova akayi kuwulibala umsebenzi wethu wokubambisa ngenkuthalo. UPawulos wathi: “Akanantswela-bulungisa uThixo, ukude awulibale umsebenzi wenu, nomzamo wothando enalubonakalisa kulo igama lakhe, nabalungiselelayo nje abangcwele, nisamana nibalungiselela. Sinqwenela ke, ukuba ulowo kuni alubonakalalise kwaolo lukhuthalo, asingise kwinzaliseko yethemba, ade ase ekupheleni.”—Hebhere 6:10-12.

[Imibhalo esemazantsi]

a Bona kwanencwadi ethi ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele!, iphepha 185 nele-186, epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.

b “Umvakalisi onguvulindlela . . . Umsèbenzi wexesha elizeleyo wamaNgqina kaYehova.”—Webster’s Third New International Dictionary.

Uyakhumbula Na?

◻ Kutheni amaNgqina kaYehova eligqala ihlabathi liphela njengommandla wawo wokubambisa?

◻ Isikolo sabavangeli basemazweni saseGiliyadi siye saba yintsikelelo njani kumsebenzi wokubambisa?

◻ Ngabaphi abanye oothunywashe abaye banegalelo ekuphumeleleni kwamaNgqina kaYehova?

◻ Thina ngabanye sinokuphucula njani kubulungiseleli bethu bobuKristu?

[Isicangca esikwiphepha 24]

IMIPHUMO YOKUBAMBISA ZWENIBANZI

Unyaka Amazwe AmaNgqina

1939 61 71 509

1943 54 126 329

1953 143 519 982

1973 208 1 758 429

1983 205 2 652 323

1991 211 4 278 820

[Umfanekiso okwiphepha 25]

Umsebenzi wokunikela ubungqina usenziwa phakathi kwababambisi beentlanzi baseGalili

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share