IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w86 3/1 iphe. 21-25
  • Ukuzivisisanisa Neendlela ZikaYehova

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuzivisisanisa Neendlela ZikaYehova
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ubomi Bobuntwana ENgilani NaseKhanada
  • Utyelelo Olwaguqula Ubomi Bam
  • Imigudu Yokushumayela
  • Ukukhonza EBheteli
  • URutherford—Umsébenzi Ongatyhafiyo
  • Iingcinezelo Ziyakhula, URutherford Uyafa
  • Izabelo Ezitsha
  • Ukunikela Ubungqina Eziqithini
  • Ukubuyela EBheteli
  • Ubomi Bam Kwintlangano Eyalathiswa Ngumoya KaYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • Mbhengezeni UKumkani NoBukumkani! (1919-1941)
    AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi Bobukumkani BukaThixo
  • ‘Sikwenzile Oko Besifanele Sikwenze’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
  • Inkonzo Yexesha Elizeleyo—Apho Iye Yandikhokelela Khona
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
w86 3/1 iphe. 21-25

Ukuzivisisanisa Neendlela ZikaYehova

Ngokubaliswa nguArthur Worsley

KANGANGEENTSUKU ezintathu asizange silibone ilanga; umoya nolwandle lwalubetha kuthi. Sasishiya iPhondo iCape Hatteras laseNorth Carolina elaziwa kakhulu sikwindlela esinga kwisabelo sethu sokushumayela kwiiBahama. KwakungoNovemba we-1948. Sibane, mna nabavangeli basemazweni abathathu abathwesw’ imbasa kwiSikolo seBhayibhile seWatchtower saseGiliyadi, saqalisa ukuzibuza enoba sasiya kufika na apho.

Ndandikwivili lenqanawa eziimitha ezili-18 yeWatch Tower Society, iSibia. Ngasekunene isandi ngathi sesokutsaza komphunga otshisayo sasifika ngamaxesha athile njengoko amaza amakhulu ayebetha phezu kwethu, yaye sasimanzi njengoko ayesigubungela. Iintambo zazibotshelelwe kwibhanti esinqeni sam yaye zibotshelelwe kwizikhonkwane ezinemingxuma ezikumgangatho wenqanawa. Xa sasibhukuqwa ngumoya, iintambo zazitswina kakubi, yaye xa sibhukuqekela ngasemoyeni, zazingxola ngokungalawulekiyo.

UStanley Carter noRon Parkin babegula ngokoyikekayo kwigumbi elikhulu elingaphantsi komgangatho wenqanawa. Yaye uGust Maki onama-50 eminyaka ubudala, endandisandul’ ukumphumza evilini, wayedinwe ngokupheleleyo. Ngaphambi kokuya evilini, ndandenze ieggnog enongwe ngegrangqa ndaze ndaxelela uGust apho wayenokuyifumana khona. Andizange ndimbone kwakhona phantse iiyure ezilishumi.

Andisayi kuze ndikulibale ukuba ndodwa ngobo busuku, ndiphulaphule umoya ovuthuzayo, ndizamana nevili “elilwayo,” yaye ndinethemba lokuba intambo eyayindinqabisile yayiya kubambelela. Ndangena njani kule meko?

Ubomi Bobuntwana ENgilani NaseKhanada

Ubawo wayekumkhosi wolwandle waseBritani, yaye ndandisoloko ndisecaleni kweenqanawa zomkhosi namanye amadoda okulwa. Xa ngesiquphe umama wafayo, ndathunyelwa ukuya kusebenza njengoncedisayo elwandle. Ngowe-1923, xa ndandine-16, ndahamba ndijikeleza ihlabathi ndikhwele inqanawa yokuqeqesha.

Ngoxa ndandiseSingapore, ndeva ngomntakwethu ukuba uTata wayetshate okwesibini yaye intsapho ngoku yayiseAlberta, eKhanada. Ngoko, ngowe-1924, ndaya kuhlala nentsapho kwifama eziihektare ezili-130 ngaseLethbridge. Iqumrhu loosomashishini lalibhekisela kuyo ngokuthi “umzantsi Alberta oshushu, ilizwe leenkozo zegolide,” nto leyo eyayiyinyaniso.

Utyelelo Olwaguqula Ubomi Bam

Enye into iqumrhu loosomashishini elalikhangeleka ngathi liyilibele ukuyikhankanya yayibubusika basemaphandleni. Maxa wambi iqondo lobushushu lalisehla ukuya kuma-34 ngaphantsi ko-0 ngokukaCelsius yaye mhlawumbi nangaphezulu. Ngolunye usuku olunjalo ngobusika bowe-1926-27, iModel T Ford endala yangena kwintendelezo yakowethu yaza yancwina isima isondele gqitha endlwini. Emenyelwe ngaphakathi ukuze afumane ikofu eshushu namaqebengwana, umqhubi wacacisa ukuba endleleni kwakufumbe ikhephu elingqindilili, yaye wayengaqinisekanga apho akhoyo. Konke oko kwacaciswa, waza wandula ke waqalisa ukuthetha nathi ngeBhayibhile. Ndamnika idola ngencwadi ethi Deliverance neencwadana ezisixhenxe.

Abazali babeye edolophini beyokuthenga, ngoko mna nomntakwethu sasondele kule ncwadi kangangethuba elithile. Yandula ke yabekwa kwibhokisi yeencwadi yaza yalityalwa ekubeni sasifuna ukunyamekela impahla emfutshane. Noko ke, ezinye zezinto endandizifundile zazisoloko zinkenteza engqondweni. Ndandide ndivuke ebusuku ndicinga ngazo. Ekugqibeleni, ndagqiba kwelokuba ndibone ukuba ezi zinto zazithetha ngantoni na.

Ndiphuthaphutha ndingakhethi, ndayithi rhuthu incwadana ethi Our Lord’s Return. Ndilindile de wonk’ ubani walala, ndayifunda le ncwadana ndaza ndakhangela zonke izibhalo kwiBhayibhile yakowethu. Ndimangalisiwe yaye ndivuyiswa ziingcaciso, ndaqalisa “ukunikela ubungqina” kwintsapho yakowethu ngentsasa elandelayo kwisidlo sakusasa. Babengachukumisekanga konke konke, kodwa oko akuzange kuligalele amanzi ihlombe lam.

Imigudu Yokushumayela

Ndabhalela iWatch Tower Society, ndithumela amagama neekhelingi zamafama angabamelwane, ndicela ukuba imibhalo yencwadana ethi Our Lord’s Return ithunyelwe kubo. Kamva, xa ndaya kubo ukubabuza enoba babeyithande njani na le ncwadana, ndamangaliswa ziimpendulo ezinobutshaba, njengezithi, ‘Inkwenkwana engangawe ayifanele izinxulumanise nale nto,’ okanye, ‘Ngabalandeli bakaRussell abo. Babaphosa entolongweni abo bantu eUnited States.’

Nangona ndandidanile, andizange ndincame. Ndaodola lonke uncwadi iWatch Tower Society eyayilupapasha, kuquka nemibhalo eyongezelelekileyo endandinokuyiboleka omnye. Ndayifunda ngalo lonke ixesha, ndicinga indlela endinokwabelana ngayo nabanye ngoko ndandikufunda. UMbutho wandazisa ukuba elona bandla likufutshane, okanye i“ecclesia,” lalimalunga neekhilomitha ezili-160 kude eCalgary, elalikude gqitha kum ukuba ndiye kulo.

Ngowe-1928 ndalishiya ikhaya ndaya kuzisebenzela, ekugqibeleni ndilima umhlaba, oziihektare ezingama-65, endandivumile ukunika abanini bawo ikota yoko kwakuveliswa nyaka ngamnye. NgoDisemba we-1929 ndandiye kwikhefu, ngoko ndaya kuhlala notata kunye nosingamama, ababefudukele eVancouver, eBritish Columbia. Iintsuku ezimbalwa emva kokufika kwam, umfazi weza endlwini enikela uncwadi olupapashwa yiWatch Tower Society. Ndeva kuye apho aBafundi BeBhayibhile (ngoku ababizwa ngokuthi amaNgqina kaYehova) bahlanganisana khona, yaye ngeCawa elandelayo ndahamba iikhilomitha ezisi-8 kuqhwithela olunemvula olukhulu ukuba ndibekho.

Kwakuvuyisa ukuya kwintlanganiso nabanye ababelana ngomdla wam oseBhayibhileni. Kwiveki elandelayo, yaye kamva veki nganye ndalithelela eli qela kumsebenzi wokushumayela kwindlu ngendlu. Ngoko, IMboniselo kaJanuary 15, 1930, yafika inesimemo sokuncedisa kumsebenzi kwikomkhulu laseBrooklyn leWatch Tower Society, elibizwa ngokuthi yiBheteli. Ndazinikela yaye, okwandimangalisayo, ndamenyelwa ukuba ndize. Kwandithabatha ixesha ukuguqula imicimbi yam, yaye exesheni ndabhaptizwa. Ekugqibeleni ndafika eBheteli ngoJuni 13, 1930.

Ukukhonza EBheteli

Ndabelwe kwisebe lokudibanisa iincwadi, ndasebenza ngomatshini odibanisa iincwadana ngasemva ngeengcingwana. Olunjani uchulumanco ekwakululo ukusebenza ngeOur Lord’s Return, incwadana kanye eyaba sisixhobo sokuguqula ubomi bam! Kungekudala ndandidibanisa incwadana entsha ethi The Kingdom, the Hope of the World.

Eneneni indibano yam yokuqala eColumbus, eOhio, ngoJulayi 1931, yayikhumbuleka gqitha. Andisayi kuze ndilulibale uvumo olumangalisayo xa kwavakaliswayo ukuba ukususela ngoko kuye phambili sasiya kwaziwa ngegama elithi amaNgqina kaYehova. Ngoko incwadana ethi, The Kingdom, the Hope of the World yakhutshwa. Le yasicacisa isizathu sokuba eli gama lamkelwayo. Kamva sayinikela kubo bonke abezomkhosi, abezobupolitika, oosomashishini, nakumagosa onqulo, mna ubuqu ndabelwa ukukwenza oku ngakwiBheteli eBrooklyn Heights nakwisiQithi iGovernor.

Izibuko laseNew York liphambi kweBheteli kanye, yaye ekubeni ndiqhelene neenqanawa, izakhiwo eziselunxwemeni zaba ngummandla wam wokushumayela. Ngenye imini umphathi wenqanawa ethutha iimpahla wachasa ngelithi: “Mus’ ukuzama ukundithengisela ezo ncwadi. Ndinenye incwadi eyicacisa ngenene inyaniso engeBhayibhile.”

Ndathi, “Khawundibonise oko unako.”

Wazisa umbhalo odlakadlaka wencwadi ethi Government, ecacisa esithi: “Ndayiloba emlanjeni ndaza ndayomisa. Yeyona ncwadi ilungileyo ndakha ndayifunda.”

Emva kokumbonisa kwiphepha labapapashi ukuba iincwadi endandizinikela zaziphuma kwakubapapashi abanye, ‘konke kwahamba lula.’ Saba nexesha elimangalisayo kunye!

Ngentelekiso ukushumayela kwakukuncinane ngezo ntsuku ngoko sazama yonke into ukusa iindaba ezilungileyo ebantwini ngaphambi kweArmagedon. IsiXeko saseNew York sasinebandla elinye kuphela. Ngoku kukho amabandla angaphezu kwama-300 yaye kukho abavakalisi abangama-30 000 esixekweni, yaye imimandla emininzi isetyenzwa nyanga zonke!

URutherford—Umsébenzi Ongatyhafiyo

UJoseph F. Rutherford, umongameli weWatch Tower Society kwiminyaka yam yokuqala eli-11 eBheteli, wayedla ngokundimangalisa ngesixa esikhulu somsebenzi awayewuphumeza. Wayengabhali nje kuphela olona ncwadi lwethu lweBhayibhile luninzi, ukunikela iintetho rhoqo, nokulwa amadabi asenkundleni, kodwa wayenenkxalabo yobuqu ngemicimbi yentsapho yaseBheteli, ngoko eyayiphantse ibe malunga nama-200.

Ngokomzekelo, ngowe-1932 wagqiba kwelokuba simele sizivelisele okuninzi kokwethu ukutya, ngokukodwa inyama. Ngoko walungiselela ukuba iindlwana zeenkuku zakhiwe kwifama yoMbutho eziihektare ezi-6 kwisiQithi iStaten. Ngandlel’ ithile wafunda ukuba ndinolwazana ngokukhulisa amantshontsho. Oku kwaphumela ekuchitheni kwam iimpelaveki kunye naye siyila iindlwana zeenkuku yaye silinganisa nomhlaba ukuze zakhiwe.

Kolunye lwala matyelelo, uMzalwan’ uRutherford wabonakala ekhathazeke gqitha ngokuthile. Emva kwexesha ndaba nenkalipho yokumbuza enoba kwakukho nto ithile iphosakeleyo yaye ndandinokwenza nto ithile na ukunceda. Wandixelela ukuba ndandingenako ukunceda. Kodwa njengoko sasiqhubeka sihamba esitiyeni, wathi: “Akuzange kukhe kwenzeke ngenye indlela. Nanini na ndisebenza ngomcimbi obalulekileyo, iinkathazo ziyaphakama, yaye kanye ngoku ndixakeke ngelinye lamanqaku abalulekileyo kwiminyaka.” Okunene ndandimangalisiwe ukuba ade akhankanye oko kum, ndisemtsha gqitha eBheteli.

Iiveki ezimbalwa kamva abantu bakaYehova balungiselelwa inkupho yeMboniselo [yesiNgesi] ka-Agasti 15 nekaSeptemba 1, 1932, ezaziqulethe inqaku elinamacandelo amabini elinomxholo othi “Intlangano KaYehova.” La manqaku ayibhenca inkqubo yokunyulwa kwabadala njengengekho ngokwezibhalo. Abangela umothuko omkhulu, kodwa ayelinyathelo elinye elingakumbi lokuveleIwa ngokobuthixo okupheleleyo.

Ngezo ntsuku uMzalwan’ uRutherford wayejongene nenkcaso enkulu evela kwabo babezama ukumnqumamisa ukusebenzisa unomathotholo. Kodwa wayelikroti yaye akazange anikezele kwiintshaba ezingokonqulo.

Iingcinezelo Ziyakhula, URutherford Uyafa

Intshutshiso yanda ebudeni beyee-1930. KwiJamani yamaNazi abaninzi babesisiwa kwiikampu zoxinaniso yaye bebulawa ngenxa yokholo lwabo. KwanaseUnited States bambi abazalwana babetyatyekwa ngetela baze bagalelwe iintsiba; abanye babenyanzelelwa ukuginya icastor oil. Iimpahla zabo zazitshatyalaliswa, yaye abantwana babegxothwa ezikolweni.

Ebudeni bowe-1941 uMzalwan’ uRutherford waqalisa ukuba buthathaka empilweni, kodwa sekunjalo wayenolwalathiso olumangalisayo nokhokelo olungasileliyo. Kubo bonke abo bamazi kakuhle phakathi kwethu, impilo yakhe eyayidodobala yayicace ngokulusizi. Wabhitya kangangokuba iimpahla zakhe zazithe xhwa zingambambanga. Nangona umzimba wakhe wawusifa, ingqondo yakhe yayiphaphile yaye ihlombe lakhe ngenyaniso nokuvakalisa igama likaYehova alizange lifiphale.

Emva kwesidlo sakusasa ngenye intsasa ekupheleni kobusika bowe-1941, wahlebela intsapho ukuba wayeza kuba notyando oluqatha. Ngokhuthazo wathetha kwintsapho kangangexesha elithile, waqukumbela ngokuthi: “Ngoko ukuba uThixo uyathanda, ndiya kunibona kwakhona. Ukuba akunjalo, ndiyazi bantakwethu niya kuqhubeka nomlo.” Amehlo entsapho ayegwanye iinyembezi, yaye asizange simbone kwakhona. Wemka ngolo suku esiya eCalifornia apho wafela khona ngoJanuwari 8, 1942.

Ukutyhubela iminyaka, kwakukho iintlaselo ezininzi ezikrakra ngolo hlobo kuMzaIwan’ uRutherford, kodwa izityholo ezinjalo zazingasikhathazi thina bantu babesebenza naye yaye phantse suku ngalunye simva enikela uyalelo lokomoya ebudeni bonqulo lwakusasa. Sasimazi ngokoko wayekuko ngokwenene—omnye wamaNgqina kaYehova. Kukuphi okuninzi ngakumbi okunokuthethwa?

Izabelo Ezitsha

Kungekudala emva kokuba uNathan H. Knorr waba ngumongameli, wabizela kwiofisi yakhe abambalwa kuthi, wandlala amacebo okuhlaziya ukutyelela kwabameli boMbutho emabandleni, waza wabuza enoba besingakuthanda na ukuba nesabelo. Ndavuma ndaza ndaqalisa umsebenzi wokuhambahamba ngowe-1942. Sabizwa ngokuthi “isicaka sobuzalwana,” sibizo eso saguqulwayo kamva yasesithi “isicaka sesiphaluka.”

NgoMeyi we-1948, kwindibano yesithili yokuqala eHouston, eTexas, uMzalwan’ uKnorr wandibizela kwiofisi yakhe. Emva kweentshayelelo eziphathelele nomsebenzi entsimini nangempilo yam, wabuza esithi: “Ngaba ucinga ngokutshata?”

Kaloku, ngokwenyaniso ndandingenakuphendula ndithi hayi, yaye ngendlela efanayo ndandingenakuthi ewe. Ngoko ndaphendula ngelithi: “Mzalwana, bendisoloko ndicinga ngako ukususela ukuba ndandineminyaka emihlanu ubudala.” Oko kwandishiya ndisekuhlobo oluthile lokungabi nacala. Wandula ke uMzalwan’ uKnorr wandicacisela ukuba uMbutho ufune inqanawa, waza wandibuza enoba bendingakuthanda na ukuya kwinkonzo yobuvangeli basemazweni ngenqanawa.

Kungaloo ndlela ke, ngoNovemba we-1948, endathi ndaba kwivili leSibia ngobo busuku bunoqhwithela olukhulu ukusuka kwiCape Hatteras.

Ukunikela Ubungqina Eziqithini

Kwiintsuku ezimbalwa saya kwiiBhahama apho safumana abantu abanobubele gqitha nabalambele inyaniso yeBhayibhile. Sanikela ubungqina kuzo zonke iziqithi ezikhulu ngakumbi, sityelela bambi kubo izihlandlo ezininzi ebudeni beenyanga ezisixhenxe esasilapho ngazo. Sandula ke sasinga kwiziQithi iVirgin, sinikela ubungqina ukutyhubela eli qela leziqithi.

Ngobunye ubusuku eSt. Martin, isibonda sedolophu, okanye umantyi wesi siqithi, weza kum waza wathi: “Ukuza kuthi ga kwiiveki ezimbini ezidluleyo, njengoko bendiye ndihambe ukujikeleza idolophu, konke obunokukuva kuthethwa ngako yimilo yemiqhagi nabafazi. Ngoku naphi na apho ndihamba khona ndibeva bethetha ngoYehova neBhayibhile. Bantundini bakaYehova nenze umsebenzi olungileyo, yaye ndinibulela gqitha ngawo.”

Ndaba nelungelo lokunikela intetho yeSikhumbuzo yokuqala eyathi yanikelwa eSt. Vincent. Kamva omnye umfazi wathi: “UMnu. Brown wayengathanda ukuva laa ntetho, kodwa uhlala kude.” Ndalathiswa nje indlela, yaye kwangoko kwintsasa elandelayo ndaqalisa ukuya kuloo lali.

Kwakungekho zindlela, kuphela yayiziindledlana zempahla emfutshane. Ndahamba kangangeeyure, ndibuza indlela amaxesha ngamaxesha. Ndidinwe ngokupheleleyo, malunga nentsimbi yesibini emva kwemini ndafika kwindawana eneziphunzi zemithi nezindlu ezimbalwa ezigqagqeneyo. Ndagqiba kwelokuba ndiye kwenye ndize ndiphumle. Njengoko ndandisondela kufutshane, ndabona oonobumba ababhalwe phezu komnyango, “IHolo YoBukumkani YamaNgqina KaYehova.” Ukudinwa kwam kwaphela.”

Kungekudala indoda yeza yaza yandibuza enoba yayinokundinceda na. Ndabuza ndisithi, “Ndinokudibana njani nabantu ababesakha le holo incinane?

Yathi, “Ndingomnye wabo.”

Ndayixelela ukuba ndandiphuma kwiSibia, kodwa yabonakala ingaqondi. Ngoko ndathi, “Akuyazi na? Inqanawa kaYehova.” Ngoko ayizange ibe nakuzibamba yaxhuma-xhuma, yayivuya gqitha. Kungekudala, ndafunda indlela eyayakhiwe ngayo le holo.

Yandicacisela yathi, “Xa ndaya eTrinidad, bandixelela ngenyaniso. Yaye ndabuya ndaze ndaxelela abanye abantu.” Yandibuza enoba bendingakuthanda na ukunikela intetho.

Ndathi, “Bendingavuya kakhulu.” Ngoko yavuthela isigodlo yaye ngephanyazo iholo encinane yayizele imi ngeembambo yaye abantu babeme kwizithuba zeefestile. Ndanikela intetho, kwaza ke kwaqhutywa kamnandi isifundo seMboniselo! Emva kwako konke oku, umzalwana wandimemela isidlo ekhayeni lakhe. Ilanga lalisele liza kutshona, yaye ndabaxelela ukuba kufuneka ndihambe. Bandipheleka bendibuyisa ngendlela emfutshane ngakumbi. Emva kokujika kwabo, ndandiseneekhilomitha ezingakumbi zokuzihamba ukuya enqanaweni, kodwa yayibubusuku obumnandi.

Ukubuyela EBheteli

Indibano yokuqala enkulu eYankee Stadium yaqhutywa ngowe-1950. Thina sasikwiSibia samenyelwa ukuya kuyo. Ngoxa ndandiseNew York, ndabelwa kwakhona kumsebenzi wokuhambahamba kwelaseUnited States. Emva kweminyaka embalwa, ndagula ndaza ndabuyela eBheteli ngowe-1956. Impilo yam yayihlaziyeka ngokuhlaziyeka, kodwa ndahlala eBheteli.

Ngesinye isihlandlo xa uMzalwan’ uKnorr wayethetha ngemfuneko yabavangeli basemazweni abangakumbi eAfrika, ndacebisa ukuba athumele mna apho. Phofu ke, wandikhumbuza ngobudala bam yaye kangangezihlandlo eziliqela ndilala esibhedlele, waza wandixelela ukuba kubhetele ndihlale apho ndinokufumana ingqalelo ethile ukuba ndiyayifuna.

Ngoku kuma-79 eminyaka ubudala, yaye phantse iminyaka engama-56 yenkonzo yexesha elizeleyo xa ndikhangela ngasemva, kuluvuyo ukwazi ukuba loo nkonzo ndayiqalisa ebutsheni bam. Ngokufuthi emva kokubuya kwiintlanganiso okanye emsebenzini, ndihlala kwigumbi lam elitofotofo eBheteli ndize ndicinge emva kwiziganeko zeminyaka edluleyo engama-60. Enyanisweni, ndiye ndasikelelwa ngenxa yokuzivisisanisa kwam neendlela zikaYehova.

[Umfanekiso okwiphepha 23]

Ngoxa ndandishumayela eAlabama ngowe-1934, ndandinanisa uncwadi lweBhayibhile ngeenkuku

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share