Imibuzo Evela Kubafundi
◼ Emva kokuba uDavide noBhatshebha bonile, kwakutheni le nto unyana wabo wayeya kufa, ekubeni iDuteronomi 24:16 noHezekile 18:20 zisithi unyana akasayi kufa ngenxa yesiphoso soyise?
UDavide noBhatshebha bobabini babengabantu abatshatileyo xa bakrexezayo waza uBhatshebha wamitha. Ukrexezo lwabo lwalusisono esinzulu esasinesohlwayo sokufa phantsi komthetho kaThixo. (2 Samuweli 11:1-5; Duteronomi 5:18; 22:22) Ngoko ukuba uThixo wayebavumele ukuba kuqhutywane nabo ngabantu phantsi koMthetho, unyana owayekhula esibelekweni sakhe wayeya kufa kunye nonina. Kodwa uYehova wanyula ukulisingatha ngokwahlukileyo ityala labo, nto leyo ngokuqinisekileyo “uMgwebi wehlabathi lonke” awayenelungelo lokuyenza.—Genesis 18:25.
Xa wayejongene netyala lakhe, uDavide wavuma esithi: “Ndonile kuYehova.” Ngoko isithethi sikaThixo samxelela oku uDavide: “Naye uYehova usikhwelelisile isono sakho, akuyi kufa.” (2 Samuweli 12:13) UDavide wenzelwa inceba ngenxa yomnqophiso woBukumkani. Ngaphezu koko, ekubeni uThixo enako ukufunda iintliziyo, kumele ukuba wabuxabisa ubunyaniso benguquko kaDavide waza wagqiba ukuba kwakukho isiseko sokumenzela inceba uDavide noBhatshebha. Kanti babengenakuphepha yonke imiphumo yesiphoso sabo. Baxelelwa oku: “Kodwa ke, ngenxa yokuba uzinike ithuba lokunyelisa iintshaba zikaYehova ngale nto, ke unyana omzalelweyo ngulo mfazi uya kufa ngenene.”—2 Samuweli 12:14.
UThixo wanikela isohlwayo esabandakanya umntwana wabo ababengenalungelo lakhe; inkwenkwe yagula yaza yafa. Namhlanje umntu usenokutyekela ekunikeleni ingqalelo ekufeni komntwana aze avakalelwe kukuba isigwebo esingafanelekanga saphunyezwa. Phofu ke, kulungile ukukhumbula ukuba ukuba ukrexezo lwalusingethwe lwaza lwangqinelwa phambi kwabagwebi abangabantu ngaphantsi koMthetho, bobathathu (uDavide, uBhatshebha, nonyana owayesesibelekweni sakhe) babeya kuphulukana nobomi babo. Xa oku kukhangelwa ngaloo ndlela, ukuvumela kukaThixo ababini kubo ukuba baphile kwakuyinceba. Ngokubhekele phaya, kulo mhla wokugqibela asinabo bonke ubungqina, njengenkcazelo yokuba sempilweni kosana kwakamsinya emva kokuzalwa kwalo. Sekunjalo, sinokuyamkela indlela uThixo awawusingatha ngayo lo mcimbi, sinentembelo yokuba oko wakwenzayo yayikukungakhethi, ibubulumko, nobulungisa. Kamva kwanoDavide wavuma esithi: “UThixo yena—igqibelele indlela yakhe.”—2 Samuweli 22:31; thelekisa uYobhi 34:12; Isaya 55:11.
Oko kuvisisana nesenzo sikaDavide emva kokuba eve isigwebo sikaThixo. Ngoxa umntwana wayegula, uDavide wayelusizi yaye wazila ukudla. Kodwa akuba efile, uDavide waqonda ukuba umcimbi uphelile. (2 Samuweli 12:22, 23) Ngoko, esithembile isigwebo sikaThixo, uDavide waqhubeka emkhuthaza uBhatshebha (ngoku owayengumfazi wakhe ngokomthetho),emqinisekisa ukuba ulwalamano Iwabo lomtshato Iwaluya kuqhubeka. Kamva uSolomon wazalwa yaye esiba lilandela likaDavide.
Ukusingatha kukaThixo elo tyala akufanele kujongwe njengokungqubanayo neDuteronomi 24:16 okanye uHezekile 18:20.
Njengenxalenye yoMthetho, uThixo wabonisa oku: “Ooyise mabangabulawa ngenxa yoonyana; oonyana mabangabulawa ngenxa yooyise; elowo makabulawe ngesono sakhe.” (Duteronomi 24:16) Loo miyalelo esisikhokelo yayiyeyabagwebi abangamaSirayeli ababesingatha amatyala angokomthetho. Abo bagwebi babengenakuzifunda iintliziyo. Babemele baqhubane nomntu ngokusekelwe kwihambo yakhe njengoko imiselwa zizibakala.
Ngokufanayo, uHezekile 18:20 uthi: “Unyana akayi kuthwala ubugwenxa bukayise, noyise akayi kubuthwala ubugwenxa bonyana; ubulungisa belungisa buya kuba phezu kwalo, nokungendawo kongendawo kuya kuba phezu kwakhe.” Oku kwakubhekisela ngokuyintloko kubantu abakhulu. Umongo uthetha ngonyana obubonileyo ubungendawo bukayise kodwa akavuma ukuba nesabelo kubo; kunoko, unyana wenza amasiko kaYehova waza wahamba ngemimiselo yakhe. Unyana onjalo wayeya kulondolozwa xa uyise ebulawa.—Hezekile 18:14-17.
Noko ke, alinakukhanyelwa elokuba abantwana banokubandezelwa yimiphumo ngenxa yezenzo zabazali babo. Abazali abanenkcitho okanye abazizidenge banokuzisa ubuhlwempu kwintsapho iphela. Okanye thelekelela umphumo onokubakho kubantwana ukuba umzali ugwetyelwe ukuhlala entolongweni ngenxa yolwaphulo-mthetho. Kwaneentlekele uThixo awayezizisa ngobulungisa kumaSirayeli ngenxa yobungendawo bawo zazichaphazela nabantwana ngelo xesha. (Duteronomi 28:15, 20-32; Hezekile 8:6-18; 9:5-10) Ngokwahlukileyo, uThixo wabongoza abantu bakhe esithi: “Nyula ke ubomi, ukuze uphile, wena nendluyakho; ukuba umthande uYehova uThixo wakho, uliphulaphule ilizwi lakhe, unamathele kuye: ngokuba bubomi bakho, nokolulwa kweemini zakho.”—Duteronomi 30:19, 20.
Ngenxa yoko, amava kaDavide noBhatshebha afanele abethelele kubazali ukuba ihambo yabo inokuchaphazela ikakhulu abantwana babo. Ukuba abazali ‘bayaloyika igama likaThixo, ilanga lobulungisa linokuphuma’ ukusa kwingenelo yentsapho iphela.—Malaki 4:2