Ukuzimisela Ukuphila Ngemilinganiselo KaYehova Yokuziphatha
IBHAYIBHILE iyenza icace into yokuba ukuba indoda nomfazi bahlala kunye ngaphandle kwengenelo yomtshato ongokwasemthethweni, bayahenyuza yaye, kwimeko elolo hlobo, abayi kubudla ilifa uBukumkani bukaThixo. (1 Korinte 6:9, 10) Amava avela eBritish West Indies achaza ngomfazi oselula owafunda le nyaniso.
ESt. Lucia, amaNgqina kaYehova amabini adibana nomfazana oselula, waza wabonakalisa umdla eBhayibhileni. Ngokomphumo, kwaqaliswa isifundo seBhayibhile naye. Njengokuba wayeqhubela phambili elwazini, wabona kuyimfuneko ukuba enze uhlengahlengiso olungokokuziphatha. Nangona wayengumama wabantwana abane, wayengatshatanga kodwa wayehlalisana nenye indoda. Yena naloo ndoda basebenza nzima besakha indiu encinane ababehlala kuyo bobathandathu.
Eqonda ukuba ubomi bakhe babungavisisani ngokupheleleyo nemilinganiselo kaThixo yobulungisa, lo mfazana uselula wazimisela ukwenza iinguqulelo. Kwafuneka ukuba akhethe enoba atshate na naloo ndoda wayehlala nayo, okanye ahiukane nayo. Lo mcimbi wawuxubusha nayo, kodwa yayingenamnqweno wakutshata. Yayisaneliswa ngokupheleleyo kukuhlalisana kwabo. Ukholo lwalo mfazana lwaluya kumshukumisela ukuba enze ntoni? Kwakufuneka enze isigqibo ukuba wayefuna ukukholisa uYehova, yaye emva kokukuqwalasela ngomthandazo oku, wagqiba kwelokuba ahiukane nendoda. Kodwa wayeza kuhlala phi nabantwana bakhe abane?
Emva kokuba umcimbi ewuxubushe nendoda, kwenziwa ilungiselelo elilinganayo—lokuba umntu afumane isiqingatha sendiu! Ngoncedo olunothando lwabazalwana, kunye nendoda awayeyishiya, indlu yahlulahlulwa, isiqingatha sayo sasesakhe saza esinye isiqingatha sasesendoda. Isiqingatha sendiu yakhe sahanjiswa kwangolo suku sasiwa kwenye ilali emalunga neekhilomitha ezisi-8 ukusuka apho. Kangangeveki, yaphinda yakhiwa yaze yalungiswa kakuhle yalikhaya elinamagumbi amabini amancinane angawokulala.
Ngaloo ndlela emva kokuba ethabathe amanyathelo ayimfuneko okuvisisanisa ubomi bakhe nemilinganiselo kaYehova, ngokukhawuleza waqalisa ukubandakanyeka kwinkonzo yasentsimini, ephelekwa ngabantwana bakhe abane. Wahlulela ubomi bakhe kuYehova waza emva koko wabhaptizwa ngokukhawuleza. Ukuvuyela eso sihlandlo, wabhalisa njengovulindlela ongumncedani. Ngoku usikelelwe ngakumbi kangangokuba ikhaya lakhe elitsha lisetyenziswa njengendawo yokuqhuba iSifundo Sencwadi Sebandla esinomlinganiselo woziwo lwabantu abali-17. Ngenene, uYehova walusikelela uzimiselo lwakhe lokuba ngumnquli wakhe ococekileyo.