Imibuzo Evela Kubafundi
◼Kutheni le nto amaNgqina kaYehova eye abasusa kubudlelane ngenxa yowexuko abathile abasazibabaza bekholelwa kuThixo, kwiBhayibhile, nakuYesu Kristu?
Abo bavakalisa inkcaso elolo hlobo balatha ngokuphandle ukuba iintlangano ezininzi zonqulo ezizibabaza zingamaKristu ziyazivumela iimbono zabawexuki. Kwanabefundisi abathile abavumelani neemfundiso ezisisiseko zecawa yabo, kanti basahlala bemi ngokulungeleleneyo. Phantse kuzo zonke iimvaba zeNgqobhoko, kukho abantu abaguqula izinto ezisisithethe nabo bakhangela izinto ngokoqobo abangavisisaniyo kakhulu ngokubhekisele ekuphefumlelweni kweZibhalo.
Phofu ke, imizekelo enjalo ayinikeli zizathu zokuba nathi senze okufanayo. Ngoba? limvaba ezininzi ezinjalo zivumela ngokubanzi iimbono ezigqwethekileyo phakathi kwabefundisi namarhamente ngenxa yokuba zinoluvo lokuba abanakuqiniseka kanye ngoko inyaniso yeBhayibhile ikuko. Banjengababhali nabaParisi bomhla kaYesu ababengenako ukuthetha njengabantu abanegunya, elo elingendlela uYesu awafundisa ngayo. (Mateyu 7:29) Ngaphezu koko, ngokomlinganiselo abantu bonqulo abakholelwa kuzwelonke ngawo, banyanzelekile ukuba bangazikhathazi kakhulu ngeenkolelo ezahlukahlukeneyo.
Kodwa ukuba nembono enjalo ngemicimbi akunasizinzi eZibhalweni. UYesu akazange enze lumanyano nalo naliphi na lamahlelo amaYuda. AmaYuda aloo mahlelo azibabaza ekholelwa kuThixo wendalo nakwiZibhalo zesiHebhere, ngokukodwa uMthetho kaMoses. Sekunjalo, uYesu waxelela abafundi bakhe ukuba ‘balumkele imfundiso yabaFarisi nabaSadusi.’ (Mateyu 16:11, 12; 23:15) Kwakhona phawula indlela umpostile uPawulos awayichaza ngamandla ngayo imicimbi xa wayesithi: “Ke, nokuba sisuke thina aba, nokokuba sisuke isithunywa sasezulwini sanishumayeza iindaba ezilungileyo ezinxamnye nezo sanishumayezayo, masisingelwe phantsi.” Wandula ke uPawulos wawaphinda loo mazwi ewagxininisa.—Galati 1:8, 9.
Ukufundisa iimbono ezigqwethekileyo akuhambisani nobuKristu bokwenyaniso, njengokuba uPawulos ekwenza kucace oku kweyoku-1 yabaseKorinte 1:10: “Ke kaloku, ndiyaniyala, bazalwana, ngalo igama leNkosi yethu, uYesu Kristu, ukuba nithethe ntonye, nokuba kungabikho zahlukahlukano kuni; ke nibe ngabalungisiweyo, nigqibelele ngqiqweni-nye nasicamangweni sinye.” KumaEfese 4:3-6 uhlabela mgama echaza ukuba amaKristu afanele ‘akhuthalele ukubugcina ubunye bomoya ngentambo yoxolo. Mnye umzimba, mnye nomoya, njengokuba nabizwayo nokubizwa, naba nathemba linye lobizo lwenu. Inye iNkosi, lunye ukholo, lunye ubhaptizo, mnye uThixo, uyise wabo bonke.’
Ngaba obu bunye babunokufikelelwa buze bulondolozwe ngokuziphandela kukabani iZibhalo, ngokufikelela kwezizezakhe izigqibo, andule ke afundise ezo zigqibo? Nakanye! NgoYesu Kristu, uYehova uye wabapha abanye ukuba babe “ngabapostile, . . . abanye babe ngabashumayeli beendaba ezilungileyo, abanye babe ngabalusi nabafundisi, . . . side thina sonke sifike kubo ubunye benkolo, nobokumazi okuzeleyo uNyana kaThixo, ebudodeni obupheleleyo.” Ewe, ngokuncedwa ngabalungiseleli abanjalo, ukumanyana kwebandla—ubunye ekufundiseni nasemsebenzini—kuyinto enokwenzeka.—Efese 4:11-13.
Ngokucacileyo, isizinzi sobudlelane obamkelekileyo namaNgqina kaYehova asinakupheleliselwa nje ekukholelweni kuThixo, eBhayibhileni, kuYesu Kristu, njalo njalo. Upopu wamaRoma Katolika, kunye nobhishophu Omkhulu waseTshetshi oseCanterbury, bavakalisa iinkolelo ezilolo hlobo, kanti ukuba ngamalungu ecawa kwabo kwahlukahlukene. Ngokukwanjalo, ukusuka nje azibabaze eneenkolelo ezilolo hlobo bekungayi kumgunyazisa ubani ukuba aziwe njengomnye wamaNgqina kaYehova.
Ukunxulumana okwamkelekileyo namaNgqina kaYehova kufuna ukuba ubani azamkele zonke iimfundiso zeBhayibhile eziyinyaniso, kuquka nezo nkolelo zingokweZibhalo ezikhethekileyo kumaNgqina kaYehova. Ezo nkolelo ziquka ntoni?
Iimfundiso ezinjengokuba imbambano enkulu ephambi koluntu yeyokulunga kolongamo lukaYehova, ekungenxa yalo le nto evumele ubungendawo ixesha elide kangaka. (Hezekile 25:17) Ukuba uYesu Kristu wayekhe wakho njengomntu yaye ungaphantsi kuYise wakhe wasemazulwini. (Yohane 14:28) Ukuba kukho ‘umkhonzi othembekileyo noqondayo’ osemhlabeni namhlanje ‘ophathiswe zonke izilangazelelo zikaYesu zasemhlabeni,’ mkhonzi lowo onxulumene neOumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova. (Mateyu 24:45-47) Ukuba owe-1914 waphawula ukuphela kwamaXesha eeNtlanga nokumiselwa koBukumkani bukaThixo emazulwini, kuquka nexesha elaxelwa ngaphambili lobukho bukaKristu. (Luka 21:7-24; ISityhilelo 11:15-12:10) Ukuba kuphela ngamaKristu ali-144 000 aya kufumana umvuzo wasemazulwini. (ISityhilelo 14:1, 3) Ukuba iArmagedon, ebhekisela kwidabi lemini enkulu kaThixo uSomandla, isondele. (ISityhilelo 16:14, 16; 19:11-21) Ukuba iya kulandelwa luLawulo lukaKristu Lwewaka Leminyaka, oluya kubuyisela iparadisi yazwenibanzi. Ukuba abokuqala abaya kuyinandipha ‘sisihiwele esikhulu’ esikhoyo ‘sezinye izimvu’ zikaYesu.—Yohane 10:16; ISityhilelo 7:9-17; 21:3, 4.
Ngaba sinalo ukhokelo olungokweZibhalo lokuthabatha ukuma okungqongqo ngolo hlobo? Ngokwenene sinalo! UPawulos wabhala oku ngabathile bomhla wakhe: “Nelizwi labo liya kudla njengesilonda esiqhenqethayo; abanoHimenayo noFileto, abathe bona bayiphosa inyaniso, besithi uvuko seluthe lwakho, kananjalo belubhukuqa ukholo Iwenxenye.” (2 Timoti 2:17, 18; bona kwanoMateyu 18:6.) Akukho nto ibonisa ukuba la madoda ayengakholelwa kuThixo, eBhayibhileni nakwidini likaYesu. Kanti, ngale ngongoma inye, oko ayekufundisa ngokubhekisele kwixesha lovuko, ngokufanelekileyo uPawulos wawafanisa nabawexuki, abo amaKristu athembekileyo ayengayi kudlelana nabo.
Ngokukwanjalo, umpostile uYohane wababiza njengomchasiKristu abo bangazange bakholeIwe ekubeni uYesu weza esenyameni. Kusenokuba babekholelwa kakuhle kuThixo, kwiZibhalo zesiHebhere, kuYesu njengoNyana kaThixo, njalo njalo. Kodwa abazange bayivume ingongoma yokuba uYesu ngokwenene weza esenyameni, yaye ngaloo ndlela babizwa ngokuba “nguMchasi-Kristu.” UYohane uhlabela mgama esithi ngokubhekisele kwabo baneembono ezahlukahlukeneyo ezinjalo: “Ukuba umntu uza kuni, engazisi yona le mfundiso, musani ukumamkela endiwini yenu, ningambulisi nokumbulisa; kuba lowo umbulisayo unobudlelane naye ngemisebenzi yakhe engendawo.”—2 Yohane 7, 10, 11.
Kulandelwa imizekelo engokweZibhalo enjalo, ukuba umKristu (ozibabaza ekholelwa kuThixo, eBhayibhileni nakuYesu)uthi ngokungaguqukiyo afundise iimfundiso zobuxoki, kunokufuneka ukuba agxothwe ebandleni. (Bona uTito 3:10, 11.) Kakade ke, ukuba umntu unamathandabuzo okanye akakhanyiselwanga ngombandela, ngokunothando abalungiseleli abafanelekileyo baya kumnceda. Oku kuvisisana nesiluleko esithi: “Velanani nabo abathandabuzayo; abanye nibarhiwule ngathi nibakhupha emlilweni, nibasindise.” (Yuda 22, 23, TE) Ngenxa yoko, ibandla lamaKristu okwenyaniso alinakutyholwa ngokufanelekileyo ngokuba ngqongqo ngokurhabaxa, kodwa libuxabisa ngokuphakamileyo yaye lisebenzela ubunye obukhuthazwa eLizwini likaThixo.