AmaKristu Anqula Ngomoya Nenyaniso
“UThixo unguMoya, nabo bamnqulayo bamele banqule ngomoya nenyaniso.”—YOHANE 4:24.
1. Lunqulo olunjani olumkholisayo uThixo?
UNYANA kaYehova okuphela kwamzeleyo, uYesu Kristu, waluchaza ngokucacileyo unqulo olumkholisayo uYise wasezulwini. Xa wayenikela ubungqina obuchukumisayo kumSamariyakazi equleni elikufuphi nesixeko sakwaSikare, uYesu wathi: “Nina ninqula eningakwaziyo; thina sinqula esikwaziyo, kuba usindiso luphuma kumaYuda. Noko ke, liyeza ilixa, nangoku selikho, xa abanquli bokwenyaniso baya kumnqula uBawo ngomoya nenyaniso, kuba, eneneni, uBawo ufuna abanjalo ukumnqula. UThixo unguMoya, nabo bamnqulayo bamele banqule ngomoya nenyaniso.” (Yohane 4:22-24) Asixelela ntoni loo mazwi?
2. Unqulo lwamaSamariya lwalusekelwe entwenini?
2 AmaSamariya ayeneembono zonqulo ezibubuxoki. Ayesamkela iincwadi ezintlanu zokuqala zeZibhalo Ezingcwele kuphela njengeziphefumlelweyo—yaye nazo ngenguqulelo yawo, eyayibizwa ngokuba yiPentatiki yamaSamariya. Nangona amaSamariya ayengamazi ngokwenene uThixo, amaYuda ayenolwazi lweZibhalo. (Roma 3:1, 2) AmaYuda athembekileyo nabanye ayenokwamkelwa nguYehova. Kodwa oku kwakuya kufuna ukuba enze ntoni?
3. Yintoni efunekayo ukuze sinqule uThixo “ngomoya nenyaniso”?
3 Kwakufuneka enze ntoni amaYuda, amaSamariya nabanye abantu bamandulo ukuze bakholise uYehova? Babefanele bamnqule “ngomoya nenyaniso.” Nathi simele senjenjalo. Nangona simele simkhonze uThixo ngomoya, okanye ngenzondelelo, sinentliziyo ezele luthando nokholo, ukukhonza uThixo ngomoya ngokukhethekileyo kuthetha ukuba sibe nomoya wakhe oyingcwele size sikhokelwe nguwo. Ngokufundisisa nokusebenzisa iLizwi likaThixo, umoya wethu, okanye isimo sethu sengqondo simele sivumelane nesakhe. (1 Korinte 2:8-12) Ukuze unqulo lwethu lwamkeleke kuYehova, simele simnqule ngenyaniso. Lumele luvisisane noko iLizwi likaThixo, iBhayibhile, likutyhilayo ngaye neenjongo zakhe.
Inyaniso Inokufunyanwa
4. Abanye bayijonga njani inyaniso?
4 Abafundi abathile bentanda-bulumko bacinga ukuba akakho umntu onokuyazi inyaniso yokwenene. Enyanisweni, umbhali waseSweden uAlf Ahlberg wathi: “Imibuzo emininzi engentanda-bulumko ayinakuphendulwa ngendlela engqalileyo.” Nangona abanye besithi ayikho inyaniso yokwenene, ngaba oko kunjalo? Akunjalo ngokutsho kukaYesu Kristu.
5. UYesu wezela ntoni ehlabathini?
5 Makhe sibe nomfanekiso-ngqondweni wethu sibukele oku kulandelayo: Kusekuqaleni kowama-33 C.E., yaye uYesu umi phambi kweRhuluneli yaseRoma uPontiyo Pilato. UYesu uthi kuPilato: “Ndizele oku ehlabathini, ukuze ndiyingqinele inyaniso.” UPilato uyabuza: “Yintoni na inyaniso?” Kodwa akalindi nokuba ade agqibe ukuthetha uYesu.—Yohane 18:36-38.
6. (a) Ichazwe njani “inyaniso”? (b) UYesu wabayalela ukuba benze ntoni abalandeli bakhe?
6 “Inyaniso” ichazwa ngokuthi “yinkcazelo yezinto, iziganeko, nezibakala zokwenene.” (Webster’s Ninth New Collegiate Dictionary) Kodwa ngaba uYesu wayengqinela inyaniso nje iyonke ngokubanzi? Akunjalo. Wayethetha ngenyaniso ethile. Wayalela abalandeli bakhe ukuba bavakalise loo nyaniso, kuba wabaxelela esithi: “[Hambani] . . . niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke, nibabhaptiza egameni loYise neloNyana nelomoya oyingcwele, nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniyalele zona.” (Mateyu 28:19, 20) Ngaphambi kwesiphelo sale nkqubo yezinto, abalandeli bakaYesu bokwenyaniso babeya kuvakalisa ‘inyaniso yeendaba ezilungileyo’ emhlabeni wonke. (Galati 2:14) Oku kuya kuzalisekisa amazwi kaYesu athi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.” (Mateyu 24:14) Ngoko ke kubalulekile ukuba sazi abo bafundisa zonke iintlanga inyaniso ngokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani.
Indlela Esinokuyifunda Ngayo Inyaniso
7. Unokubonisa njani ukuba uYehova unguMthombo wenyaniso?
7 UYehova nguMthombo wenyaniso yokomoya. Enyanisweni, umdumisi uDavide wambiza uYehova ngokuthi ‘nguThixo wenyaniso.’ (INdumiso 31:5; 43:3) UYesu wavuma ukuba ilizwi likaYise liyinyaniso, yaye wathi: “Kubhaliwe ebaProfetini kwathiwa, ‘Kwaye bonke baya kufundiswa nguYehova.’ Wonk’ ubani omvileyo uBawo waza wafunda uyeza kum.” (Yohane 6:45; 17:17; Isaya 54:13) Ngoko ke, kucacile ukuba, abo bafuna inyaniso bamele bafundiswe nguYehova, uMyaleli Omkhulu. (Isaya 30:20, 21) Abo bafuna inyaniso bafanele bafune “ukumazi uThixo.” (IMizekeliso 2:5) Yaye ngothando uYehova uye wafundisa okanye wadlulisela inyaniso ngeendlela ezahlukahlukeneyo.
8. UThixo uyifundise okanye wayidlulisela ngaziphi iindlela inyaniso?
8 Ngokomzekelo, uThixo wadlulisela uMthetho kumaSirayeli esebenzisa iingelosi. (Galati 3:19) Ngamaphupha, wathembisa iintsikelelo koosolusapho uAbraham noYakobi. (Genesis 15:12-16; 28:10-19) UThixo wada wathetha esezulwini, njengaxa kwakubhaptizwa uYesu yaye la mazwi akhe achukumisayo aviwa emhlabeni: “Lo nguNyana wam, oyintanda, endikholisiweyo nguye.” (Mateyu 3:17) Kwakhona sisenokuba nombulelo kuba uThixo wadlulisela inyaniso ngababhali beBhayibhile abaphefumlelweyo. (2 Timoti 3:16, 17) Ngokufunda kwiLizwi likaThixo, sinokuba “nokholo . . . enyanisweni.”—2 Tesalonika 2:13.
Inyaniso Nonyana KaThixo
9. UThixo uye wamsebenzisa njani uNyana wakhe ukuze atyhile inyaniso?
9 UThixo uye ngokukhethekileyo wasebenzisa uNyana wakhe, uYesu Kristu, ukutyhila inyaniso kuluntu. (Hebhere 1:1-3) Eneneni, uYesu wathetha inyaniso ngaphezu kwakhe nabani na omnye umntu. (Yohane 7:46) Kwanasemva kokunyukela kwakhe ezulwini, watyhila inyaniso evela kuYise. Ngokomzekelo, umpostile uYohane wafumana “isityhilelo ngoYesu Kristu, uThixo awamnika sona, ukuba abonise amakhoboka akhe izinto ezimele zenzeke kamsinya.”—ISityhilelo 1:1-3.
10, 11. (a) Inyaniso uYesu awayingqinelayo inxulumene nantoni? (b) UYesu wayizalisekisa njani inyaniso?
10 UYesu waxelela uPontiyo Pilato ukuba wayeze emhlabeni ukuze angqinele inyaniso. Ebudeni bobulungiseleli bakhe, uYesu watyhila ukuba loo nyaniso yayinxulumene nokuthethelelwa kolongamo lukaYehova ngoBukumkani bukaThixo uKristu onguKumkani wabo. Kodwa ukungqinela inyaniso kukaYesu kwakuthetha okungakumbi kunokushumayela nokufundisa. UYesu wayenze loo nyaniso yaba yinto yokwenene ngokuyenza izaliseke. Ngokuvisisana noko, umpostile uPawulos wabhala: “Makungabikho mntu unigwebayo ngento eniyityayo neniyiselayo okanye ngokuphathelele umthendeleko nokugcinwa kwenyanga ethwasileyo nesabatha; kuba ezo zinto zisisithunzi sezinto ezizayo, inkqu yazo ke nguKristu.”—Kolose 2:16, 17.
11 Enye indlela inyaniso eyazaliseka ngayo yayikukuzalwa kukaYesu eBhetelehem okwaxelwa kwangaphambili. (Mika 5:2; Luka 2:4-11) Kwakhona inyaniso yazaliseka kumazwi kaDaniyeli esiprofeto esingokubonakala kukaMesiya ekupheleni ‘kweeveki zonyaka’ ezingama-69. Oku kwenzeka xa uYesu wazibonakalisa kuThixo ekubhaptizweni waza wathanjiswa ngomoya oyingcwele, ngexesha elaxelwayo, ngowama-29 C.E. (Daniyeli 9:25; Luka 3:1, 21, 22) Ngokubhekele phaya, inyaniso yazaliseka kubulungiseleli bukaYesu njengomvakalisi woBukumkani. (Isaya 9:1, 2, 6, 7; 61:1, 2; Mateyu 4:13-17; Luka 4:18-21) Kwakhona yazaliseka ngokufa nokuvuswa kwakhe.—INdumiso 16:8-11; Isaya 53:5, 8, 11, 12; Mateyu 20:28; Yohane 1:29; IZenzo 2:25-31.
12. Kutheni uYesu wayenokuthi, ‘Ndim inyaniso’?
12 Ekubeni inyaniso yayiyinxalenye yobomi bakaYesu Kristu, wayenokuthi: “Ndim indlela nenyaniso nobomi. Akukho bani uzayo kuBawo ngaphandle kokuza ngam.” (Yohane 14:6) Abantu bayakhululwa ngokomoya ukuba baba “ngakwicala lenyaniso” ngokuthi bayamkele indima kaYesu ekuphunyezweni kwenjongo kaThixo. (Yohane 8:32-36; 18:37) Ukuba bamkela inyaniso baze balandele uKristu ngokholo, abanjengezimvu baya kufumana ubomi obungunaphakade.—Yohane 10:24-28.
13. Ziziphi iinkalo zenyaniso ezingokweZibhalo ezintathu esiza kuzihlolisisa?
13 Inyaniso eyadluliselwa nguYesu nabafundi bakhe abaphefumlelweyo yamisela ukholo lokwenyaniso lobuKristu. Abo ‘baluthobelayo ukholo’ ngaloo ndlela ‘baqhubeka behamba enyanisweni.’ (IZenzo 6:7; 3 Yohane 3, 4) Ngoko, ngoobani abahamba enyanisweni namhlanje? Ngoobani ngokwenene abafundisa zonke iintlanga inyaniso? Ekuphenduleni loo mibuzo, siza kunikela ingqalelo kumaKristu okuqala size sihlolisise inyaniso yeZibhalo ephathelele (1) iinkolelo, (2) indlela yokunqula (3) neyokuziphatha kobuqu.
Inyaniso Neenkolelo
14, 15. Ungathini ngesimo sengqondo samaKristu okuqala namaNgqina kaYehova ngeZibhalo?
14 AmaKristu okuqala ayelixabise gqitha iLizwi elibhaliweyo likaYehova. (Yohane 17:17) Iinkolelo nezenzo zawo zazisekelwe kulo. UClement waseAlexandria wenkulungwane yesibini neyesithathu wathi: “Abo bafuna ukuphila ngokwemilinganiselo ephakamileyo abayeki ukuphanda inyaniso, de bafumane ubungqina boko bakukholelwayo eZibhalweni.”
15 NjengamaKristu okuqala, amaNgqina kaYehova ayixabisa gqitha iBhayibhile. Akholelwa ukuba “sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo kwaye siyingenelo ekufundiseni.” (2 Timoti 3:16) Ngoko ke makhe sihlolisise iinkolelo ezimbalwa zamaKristu okuqala size sizithelekise noko abakhonzi banamhlanje bakaYehova baye bakufunda ekubeni besebenzisa iBhayibhile njengencwadi yabo eyintloko.
Inyaniso Ngomphefumlo
16. Yiyiphi inyaniso engomphefumlo?
16 Kuba ekholelwa koko kuthethwa ziZibhalo, amaKristu okuqala ayefundisa inyaniso ngomphefumlo. Ayesazi ukuba uThixo wamdala “umntu . . . waba ngumphefumlo ophilayo.” (Genesis 2:7) Ngaphezu koko, ayekholelwa ukuba umphefumlo womntu uyafa. (Hezekile 18:4; Yakobi 5:20) Kwakhona ayesazi ukuba ‘abafileyo abazi nto konke konke.’—INtshumayeli 9:5, 10.
17. Ubuya kulichaza njani ithemba ngabafileyo?
17 Ukanti, abafundi bakaYesu bokuqala babenethemba eliqinisekileyo lokuba abafileyo abakwinkumbulo kaThixo baya kuvuswa. UPawulos wayichaza ngokucacileyo loo nkolelo, xa wathi: “Ndinethemba kuThixo . . . lokuba kuza kubakho uvuko lwamalungisa nabangengomalungisa.” (IZenzo 24:15) Nakwixesha elisemva kwelo, uMinucius Felix ekwakuthiwa ngumKristu wabhala wathi: “Ngubani na osisidenge okanye ongenangqiqo ngokokude acinge ukuba uThixo owabumba umntu ekuqaleni, akanakuphinda amenze ngokutsha?” NjengamaKristu okuqala, amaNgqina kaYehova asabambelele kuloo nyaniso yeZibhalo ngokuphathelele umphefumlo womntu, ukufa, novuko. Ngoku makhe siqwalasele ukuba ungubani uThixo noKristu.
Inyaniso NoBathathu Emnye
18, 19. Kutheni kunokuthiwa uBathathu Emnye akayomfundiso yeZibhalo?
18 AmaKristu okuqala ayengamgqali uThixo, uKristu, nomoya oyingcwele njengoBathathu Emnye. IThe Encyclopaedia Britannica ithi: “Alikho igama elithi uBathathu Emnye nemfundiso yoko kwiTestamente Entsha, yaye uYesu nabalandeli bakhe abazange bazame ukuphikisana neShema [umthandazo wamaHebhere] kwiTestamente Endala ethi: ‘Phulaphula, Sirayeli: INkosi uThixo wethu yiNkosi inye’ (Dut. 6:4).” AmaKristu akazange anqule ubathathu emnye wamaRoma okanye abanye oothixo. Awamkela amazwi kaYesu athi nguYehova kuphela omele anqulwe. (Mateyu 4:10) Ngaphezu koko, ayekholelwa kumazwi kaKristu athi: “UBawo mkhulu kunam.” (Yohane 14:28) AmaNgqina kaYehova akholelwa okufanayo nanamhlanje.
19 Abalandeli bokuqala bakaYesu benza umahluko ocacileyo phakathi kukaThixo, uKristu nomoya oyingcwele. Enyanisweni, ayebhaptiza abafundi (1) ‘egameni loYise, (2) egameni loNyana, (3) nasegameni lomoya oyingcwele,’ kungekhona egameni likaBathathu Emnye. Ngokufanayo, amaNgqina kaYehova afundisa inyaniso yeZibhalo ebonisa umahluko okhoyo phakathi kukaThixo, uNyana wakhe, nomoya oyingcwele.—Mateyu 28:19.
Inyaniso Nobhaptizo
20. Luluphi ulwazi abamele babe nalo abantu abaza kubhaptizwa?
20 UYesu wayalela abalandeli bakhe ukuba benze abafundi ngokufundisa abantu inyaniso. Ukuze bafanelekele ukubhaptizwa, kwakufuneka bazi iinyaniso ezisisiseko zeZibhalo. Ngokomzekelo, bafanele bazi isikhundla negunya likaBawo neloNyana wakhe, uYesu Kristu. (Yohane 3:16) Kwakhona abo baza kubhaptizwa bamele baqonde ukuba umoya oyingcwele ayingomntu kodwa ngamandla kaThixo asebenzayo.—Genesis 1:2, umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo.
21, 22. Kutheni unokuthi kumele kubhaptizwe abo bakholwayo?
21 AmaKristu okuqala ayebhaptiza kuphela abantu abaguqukileyo nababezahlulele ngokupheleleyo kuThixo ukuze benze ukuthanda kwakhe. AmaYuda nabo baguqukele ebuYudeni ababehlanganisene eYerusalem ngePentekoste yowama-33 C.E. babesele benolwazi ngeZibhalo zesiHebhere. Xa beva amazwi awayethethwa ngumpostile uPetros ngoYesu onguMesiya, abantu abamalunga nama-3 000 “balamkela ngokusuk’ entliziyweni ilizwi lakhe” yaye “babhaptizwa.”—IZenzo 2:41; 3:19–4:4; 10:34-38.
22 AmaKristu abhaptiza abantu abakholwayo. Abantu baseSamariya bayamkela inyaniso, yaye “xa bamkholelwayo uFilipu, owayevakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo nezegama likaYesu Kristu, babhaptizwa, amadoda nabafazi.” (IZenzo 8:12) Njengomntu onenzondelelo owayeguqukele ebuYudeni nowayenolwazi ngoYehova, ithenwa elingumTiyopiya laqala lamkela amazwi kaFilipu angokuzaliseka kwesiprofeto esingoMesiya, laza labhaptizwa. (IZenzo 8:34-36) Kamva, uPetros waxelela uKorneli nabanye beeNtlanga ukuba “umntu omoyikayo [uThixo] aze asebenze ubulungisa wamkelekile kuye” yaye wonke umntu onokholo kuYesu Kristu uyaxolelwa izono. (IZenzo 10:35, 43; 11:18) Konke oku kuvisisana nomyalelo kaYesu ‘wokwenza abafundi, nokubafundisa ukuba bazigcine zonke izinto abayalela zona.’ (Mateyu 28:19, 20; IZenzo 1:8) AmaNgqina kaYehova enza okufanayo, abhaptiza kuphela abo banolwazi olusisiseko lweZibhalo nabaye bazahlulela kuThixo.
23, 24. Yiyiphi indlela efanelekileyo yokubhaptiza kwamaKristu?
23 Abantu abakholwayo bafanele babhaptizwe ngokuntywiliselwa ngokupheleleyo emanzini. Emva kokuba uYesu ebhaptizwe kuMlambo iYordan, wanyuka “ephuma emanzini.” (Marko 1:10) Ithenwa elingumTiyopiya labhaptizwa ‘emanzini amaninzi.’ Lona noFilipu “behla bangena emanzini” baza “benyuka bephuma” kuwo. (IZenzo 8:36-40) Indlela iZibhalo ezinxulumanisa ngayo ubhaptizo nokungcwatywa okungokomfuziselo nako kubonisa ukuntywiliselwa ngokupheleleyo emanzini.—Roma 6:4-6; Kolose 2:12.
24 IThe Oxford Companion to the Bible ithi: “Inkcazelo engqalileyo yeTestamente Entsha ngobhaptizo ibonisa ukuba umntu obhaptizwayo wayetshoniswa ngaphantsi kwamanzi.” Ngokutsho kwencwadi yesiFrentshi ethi Larousse du XXe Siècle (Paris, 1928), “amaKristu okuqala ayebhaptizwa ngokuntywiliselwa naphi na apho kwakufumaneka khona amanzi.” Yaye incwadi ethi After Jesus—The Triumph of Christianity ithi: “Ngokusisiseko, lowo [ubhaptizwayo] kwakufuneka abe nokholo, emva koko antywiliselwe ngokupheleleyo emanzini egameni likaYesu.”
25. Yintoni esiza kuthetha ngayo kwinqaku elilandelayo?
25 Iingongoma ezingentla ezingeemfundiso ezisekelwe eBhayibhileni noko kwakusenziwa ngamaKristu okuqala yimizekelo nje. Zikho nezinye iinkolelo zawo esinokuthetha ngazo ezifanayo nezo zamaNgqina kaYehova. Kwinqaku elilandelayo, siza kuthetha ngezinye iindlela ezongezelelekileyo esinokubona ngazo abo bafundisa abantu inyaniso.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• UThixo ufuna simnqule njani?
• Inyaniso yazaliseka njani kuYesu Kristu?
• Yiyiphi inyaniso engomphefumlo nokufa?
• AmaKristu abhaptiza njani, yaye yintoni elindelekileyo ngabo baza kubhaptizwa?
[Umfanekiso okwiphepha 16]
UYesu wamxelela oku uPilato: ‘Ndizele ukungqinela inyaniso’
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Ngaba unokuchaza isizathu sokuba uYesu athi: ‘Ndim inyaniso’?
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Yiyiphi inyaniso ngobhaptizo lwamaKristu?