IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w86 4/15 iphe. 10-15
  • UYehova—UThixo Wamaxesha Namathuba

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UYehova—UThixo Wamaxesha Namathuba
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Amaxesha Namathuba Abaluleke Ngakumbi
  • Ngaba Eli Hlabathi Lizalisekisa Injongo KaThixo?
  • Injongo KaYehova Kwabalulamileyo
  • Ukushenxiswa Kwabachasi
  • Okuthethwa Ngamaxesha Namathuba KaYehov
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
  • Amagama Amane Awaguqula Ihlabathi
    Nikela Ingqalelo Kwisiprofeto SikaDaniyeli
  • Kholosa NgoYehova—UThixo ‘Wamaxesha Namathuba’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Xa UYehova Wafundisa Abalawuli Izifundo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
w86 4/15 iphe. 10-15

UYehova—UThixo Wamaxesha Namathuba

“Into yonke inexesha elimisiweyo.”—INTSHUMAYELI 3:1.

1, 2. (a) Abantu baliphaphele ngaziphi iindlela ixisha? (b) Bekuya kwenzeka ntoni kubomi namhlanje ukyba besingenandlela yokuxela ixesha?

KUBOMI bemihla ngemihla, silixhalabele gqitha ixesha. Ngokomzekelo, xa iwotshi ibonisa ukuba ilanga lithi ndithenge yaye silibona litshona ibe kurhatyela ngokurhatyela, siyazi ukuba ubusuku bufikile. Kwakhona, kwiindawo ezithile zomhlaba, xa ikhalenda ibonisa ukuba ukwindla luyaphela size sibone iqondo lobushushu lisehla iveki emva kwenye namagqabi emithi evuthuluka, siyazi ukuba ubusika busondele. Ngoko ubungqina obubonisa ukuba kuxesha lini na bungqina oko sikuxelelwa ziiwotshi neekhalenda.

2 Ukungakwazi ukuchaza amaxesha namathuba bekuya kuphethulela ubomi namhlanje ekubeni bube ngumbhodamo. Ngokomzekelo, khawucinge ngamakhulu eenqwelo-moya ezizama ukumisa kwisikhululo seenqwelo-moya esixakekileyo ukuba bekungekho ndlela yakuchaza ixesha ukuze zibe nokucwangciswa! Okanye khawucinge ngezigidi zabantu abazama ukusebenza ngokocwangciso ukuba bekungekho ndlela yakuchaza ixesha!

3. Ngubani owavelisa amaxesha namathuba?

3 Ngubani owavelisa amaxesha namathuba? YayinguMdali wendalo, uYehova uThixo. IGenesis 1:14 ithi: “Wathi uThixo, Makubekho izikhanyiso esibhakabhakeni samazulu, zibe ngumahlulo wokwahlula imini kubusuku; zibe zezemiqondiso, zibe zezamaxesha amisiweyo, zibe zezemihla neminyaka.”

Amaxesha Namathuba Abaluleke Ngakumbi

4-6. (a) Yintoni ebaluleke ngakumbi kunokwazi nje amaxesha namathuba emisebenzi yabantu? Ngoba? (b) Yiyiphi imibuzo esifanele sizibuze yona?

4 Nangona ukwazi ixesha kubalulekile kwimisebenzi yoluntu, kukho into ebaluleke gqitha eyile: Kuxesha lini na ngokwembono kaThixo? INtshumayeli 3:1 ithi: “Into yonke inexesha elimisiweyo, nomcimbi wonke unexesha lawo phantsi kwezulu.” Ngoxa oku kuyinyaniso ngokwembono yomntu, kuyinyaniso ngokude kwangakumbi ngokwembono kaThixo. Unamaxesha namathuba aqinisekileyo okuphumeza injongo yakhe. Ukuba ubomi bethu asibuvisisanisi nesi sibakala, konke ukulungiselela ubomi bethu ukuba buvumelane neewotshi okanye iikhalenda kuya kuthi ekugqibeleni kungqineke kulilize.

5 Kutheni oku kunjalo nje? Kungenxa yokuba uYehova unenjongo ngomhlaba nezidalwa ezingabantu ezikuwo; ukuba kwakungenjalo ngewayengazange wazidala. Ukuba ubomi bethu asibuvisisanisi naloo njongo, asiyi kuqukwa kuyo. Ibe injongo yakhe iqinisekile ngokuphunyezwa kanye ngokocwangciso. Uthi: “Liya kuba njalo ilizwi lam eliphuma emlonyeni wam; aliyi kubuyela kum lilambatha, lingakwenzanga endikuthandayo, lingakuphumelelisanga oko ndilithumela kuko.”—Isaya 55:11.

6 Ngoko kufuneka sizibuze: Kuxesha lini na ngokwembono kaYehova? Iintlanga nabantu beli hlabathi bangena njani kucwangciso lwakhe lwexesha? Ngenene, wena ungena njani? Ngaba ubomi bakho ubucebe ngokuvisisana nenjongo nocwangciso lukaThixo lwexesha?

Ngaba Eli Hlabathi Lizalisekisa Injongo KaThixo?

7. Yiyiphi imbono inkoliso yabantu bonqulo abanayo, kodwa kutheni ingenasiseko nje?

7 Abantu abaninzi banoluvo lokuba baqukiwe kwinjongo kaThixo kuba bathi bayakholelwa kuThixo. Kanti, ukuba ubacela bakubonise eLizwini likaThixo ukuba iyintoni na loo njongo, bayaxakwa. Bazihambela ngeyabo indlela, kanti bacinga ukuba ngandlel’ ithile uThixo uya kubababala. Inkoliso yabalawuli behlabathi ibinesimo sengqondo esifanayo ukutyhubela iinkulungwane. Baye bacinga ukuba uThixo wayeyiphumeza ngabo injongo yakhe, engenamsebenzi nezenzo zabo. Kodwa nabo, abayazi loo njongo.

8. Kutheni kungekho ngqiqweni nje ukucinga ukuba uMdali uxhasa abalawuli nabantu beli hlabathi?

8 Ngaba iBhayibhile ibonisa ukuba uThixo uyalixhasa eli hlabathi, kuquka abalawuli nabantu bonqulo? Khawuqwalasele oku: Amandla kaThixo ayoyikeka. Wadala indalo iphela, equka izigidi ngezigidi zamakroza, ngalinye liqulethe izigidi ngezigidi ezininzi zeenkwenkwezi. (INdumiso 147:4) Ukongezelela, uThixo unobulumko obungapheliyo. Ukuba uThixo, ngamandla nobulumko bakhe, ebexhasa iintlanga, ngaba ngezityumpatyumpeka kugonyamelo olungaka, imfazwe, okungekho sikweni nentlungu kangangeenkulungwane ezininzi kangaka? Ngaba uThixo ebeya kukhokelela iinkokeli zezizwe nezigidi zabantu bazo ukuya emfazweni zize zibulale ezinye iinkokeli zezizwe nezigidi zabantu bazo nabo abathi bakhokelwa nguThixo? Ngaba oko kusengqiqweni?

9. ILizwi likaThixo lithi imele ibe yintoni imeko yokomoya yabakhonzi bakhe abanyanisekileyo?

9 KweyokuQala yabase iBhayibhile isixelela ukuba “uThixo akangowesiphithiphithi, ngowoxolo.” Ngokubhekele phaya, uYehova uxelela abo bangabantu bakhe abanyanisekileyo oku: “Nithethe nto-nye nonke, nokuba kungabikho zahlukahlukano kuni; ke nibe ngabalungisiweyo, nigqibelele ngqiqweni-nye, nasicamangweni sinye.” (1 Korinte 1:10) Ukuba nabani na phakathi kwabantu bakaThixo akahambisani nalo mlinganiselo, kuthiweni ke? AmaRoma 16:17 aluleka esithi: “Balumkeleni abo benza iimbambaniso . . . ezinxamnye nemfundiso enayifundayo nina, niphambuke kubo.” Ngoko iimbambaniso zobuhlanga nezonqulo zibubungqina obucacileyo bokuba uThixo akazixhasi iintlanga, iinkokeli zonqulo, nabalandeli bazo abanjalo.

10, 11. Ziziphi izibhalo ezibonisa lowo uxhasa abalawuli nabantu beli hlabathi?

10 Ke ngubani ngokwenene obaxhasayo? UYohane wokuQala isahluko 3, indinyana lo kuse kweye-12 uthi: “Babonakala ngaloo nto abantwana bakaThixo, nabantwana bakaMtyholi. Bonke abangenzi bulungisa abangabakaThixo, nalowo ungamthandiyo umzalwana wakhe. Ngokuba le yintshumayelo enayivayo kwasekuqalekeni, ukuba sithandane; singabi njengoKayin, obengowongendawo, wambulala umninawa wakhe.” Kwakhona, uYohaneuYohane wokuQala isahluko 4, indinyana 20 uthi: “Ukuba umntu uthe, ndiyamthanda uThixo, wamthiya umzalwana wakhe, ulixoki; kuba lowo ungamthandiyo umzalwana wakhe ambonileyo, angathini na ukumthanda uThixo angambonanga?” Ngaloo ndlela, uYesu wandlala lo mgaqo kuYohane 13:35: “Ngayo le nto baya kwazi bonke, ukuba ningabafundi bam, ukuba nithe nathandana.”

11 Ngaba ubona nakuphi na ukufana phakathi kothando nomanyano ekufuneka lukho phakathi kwabakhonzi bakaThixo bokwenyaniso nekhondo eliye lalandelwa ziinkokeli zehlabathi nabantu ngokuqhelekileyo kangangeenkulungwane? Kwinkulungwane yethu kuphela, ukuxhelwa kwabantu bonqulo ngabanye abantu bonqulo kusube izigidi zobomi babantu. Ngokufuthi abo babulalanayo bebengabenkonzo enye! Obo bubungqina obuqinisekileyo bokuba uThixo akabaxhasi. Kunoko, njengokuba iLizwi likaThixo libonisa, umxhasi wabo nguSathana uMtyholi. Kungenxa yoko le nto umpostile uYohane wayenokuthi: “Siyazi ukuba singabakaThixo, nokuba ihlabathi liphela lilele kongendawo.” (1 Yohane 5:19) Ewe, uSathana ‘nguthixo weli phakade.’ (2 Korinte 4:4) Ungamandla aqhuba iinkokeli nabantu beli hlabathi abanezenzo ezibonisa ukuba abanakuba baphuma kuThixo.

Injongo KaYehova Kwabalulamileyo

12, 13. Iyintoni injongo kaThixo ngalo mhlaba nangabantu?

12 Phofu ke, xa uYehova wadala abantu, wayenenjongo yokuba umhlaba wonke ube yiparadisi enjengomyezo wase-Eden, umiwe ngabantu abafezekileyo, abamanyeneyo nabonwabileyo. (Genesis 1:26-28; 2:15; Isaya 45:18) Loo njongo ayikatyiswanga ngabantu abanemvukelo nemimoya engendawo. Kwakhona, ekubeni uYehova enguThixo wamaxesha namathuba, injongo yakhe iya kuzalisekiswa ngexesha alimisileyo. Akayi kuluvumela ulawulo lwabantu oluzimele geqe kuye ukuba luqhubeke luphazamisa injongo yakhe ngokungaphaya kwexesha alimisileyo.

13 UYesu wayenentembelo epheleleyo kwinjongo kaYehova ngalo mhlaba. Kumenzi-bubi owakholwayo kuye wathi: “Uya kuba nam eParadisi.” (Luka 23:43) Leyo yiParadisi yasemhlabeni ezayo. Ngaphambilana, uYesu wathi: “Banoyolo abanobulali; ngokuba umhlaba baya kuwudla ilifa bona.” (Mateyu 5:5) Apha, kunokwenzeka ukuba uYesu wayebhekisela kwingcamango ekwiNdumiso 37:11, ethi: “Ke bona abalulamileyo baya kulidla ilifa ilizwe, baziyolise ngobuninzi boxolo.”

14. Ngabantu abaluhlobo luni abaya kulidla ilifa ilizwe?

14 Ngoobani aba baza kulidla ilifa ilizwe? INdumiso 37:34 ithi: “Thembela kuYehova, ugcine indlela yakhe; wokuphakamisa, ulidle ilifa ilizwe; ekunqanyulweni kongendawo wobonela.” Indinyana 37 neyama-38 zongezelela zisithi: “Gcina ogqibeleleyo, ukhangele othe tye; ngokuba izivela-mva zezomntu woxolo. Ke bona abangendawo batshatyalaliswa kuphele; izivela-mva zongendawo ziyanqanyulwa.” Ngaloo ndlela abantu abaza kulidla ilifa ilizwe bamele bamazi uYehova, bakholelwe kumadinga akhe, baze bagqalwe bethe tye nguye yaye begqibelele kuba bethobela imithetho yakhe. Kunjengokuba eyokuQala kaYohane 2:17 isithi: “Ihlabathi ke liyadlula, nenkanuko yalo; ke yena owenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.”

15. Ukuze iinguqulelo zehlabathi ezinkulu neziyingenelo zenzeke, yintoni ebalulekileyo emele yenzeke?

15 Noko ke, ukwenzeka kwezo nguqulelo kufuna ukuguqulwa okukhulu kweemeko ezikhoyo. Phakathi kwezinye izinto, kuthetha ukushenxiswa kwalo lonke ulawulo lwasemhlabeni olukhoyo, ekubeni ulawulo lwabantu lungakhange luzise iimeko ezinqwenelekayo. Kodwa iinguqulelo ezigungqisa umhlaba ngolo hlobo zisemandleni kaYehova. Ngokomzekelo, iBhayibhile ithi: “Yena uyawaguqula ke amaxesha neminyaka; uguzula ookumkani, amise ookumkani.”—Daniyeli 2:21.

Ukushenxiswa Kwabachasi

16, 17. (a) UYehova waqhubana njani noFaro owachasa injongo Yakhe? (b) Ilizwi likaYehova lesiprofeto laqinisekiswa njani?

16 Qwalasela okwenziwa nguYehova kubalawuli abanamandla nobukhosi babo kwixesha elidluleyo, ingakumbi kwabo bazama ukuphazamisana neenjongo zakhe. Bahlekezwa baphetshethwa ngumoya ngokomququ, kwaza kwanjalo nakubukhosi babo. Ngokomzekelo, kwakukho uFaro waseYiputa owabenza amakhoboka abantu bakaThixo. Kodwa uYehova wayenenjongo ngabakhonzi bakhe, waza wathumela uMoses ukuxelela uFaro ukuba abakhulule. Kunoko, ngokuzikhukhumalisa uFaro wadanduluka esithi: “Ngubani na uYehova, ukuba ndiphulaphule izwi lakhe?” Wongezelela wathi: “Andimazi uYehova, kanjalo andiyi kumndulula uSirayeli.”—Eksodus 5:2.

17 UYehova wanika uFaro amathuba amaninzi okuguqula ingqondo yakhe. Kanti, izihlandlo ngezihlandlo, njengokuba iEksodus 11:10 isitsho, uFaro waba “lukhuni.” Phofu ke, uYehova unamandla angenakuxhathiswa nto. Xa ixesha lakhe elimiselweyo lafikayo, wamngcwaba uFaro nemikhosi yakhe kuLwandle Olubomvu. IEksodus 14:28 ithi: “Akwasala noko amnye kuwo.” Kwelinye icala, abakhonzi bakaYehova bakhuselwa baza bakhululwa. Ngaphezu koko, oku kwenzeka kanye ngexesha elalixelwe ngaphambili sisiprofeto sikaYehova, ekupheleni kwethuba leminyaka engama-400 awathetha ngayo kuAbraham othembekileyo amakhulukhulu eminyaka ngaphambili.

18. Wenza ntoni uYehova ngoNebhukadenetsare waseBhabhiloni? Kwakutheni?

18 Kwandula ke kwakho uKumkani uNebhukadenetsare waseBhabhiloni. Waqhayisa ngamandla akhe nangezinto awayezifezile, ezenza uthixo othile. Kodwa uDaniyeli 4:31 uthi “lithe elo lizwi lisesemlonyeni wokumkani, kwawa izwi emazulwini, lisithi, Kuthiwe kuwe, Nebhukadenetsare kumkani, ubukumkani bumkile kuwe.” UYehova wamxelela ukuba wayeya kuthotywa njengamarhamncwa asendle de, ngokutsho kwendinyana 32, azi “ukuba Osenyangweni unegunya ebukumkanini babantu, ebunika lowo athanda ukumnika.” Oko koko kwenzekayo kanye ngexesha uYehova awayelimisile.

19. Kwakutheni ukuze umgwebo kaYehova oqatha wehlele iBhabhiloni nomlawuli wayo, uBheleshatsare?

19 Ukumkani wokugqibela owayelawula eBhabhiloni yayinguBheleshatsare. Ulawulo lwakhe lwalulixesha likaYehova lokuphelisa obo bukhosi bunjengerhamncwa. Ngoba? Kungenxa yokuba amaBhabhiloni athimba abantu bakaYehova aza amnyelisa uYehova. UDaniyeli isahluko 5 uchaza ukuba uBheleshatsare wenzela iwaka lezikhulu zakhe isidlo esikhulu. Wandula ke uBheleshatsare “wathi maziziswe iimpahla zonke zegolide nezesilivere, abezithimbile uNebhukadenetsare uyise etempileni [kaYehova] eseYerusalem, . . . wasela ngazo ukumkani nezikhulu zakhe, namakhosikazi akhe, namashweshwe akhe.” (Daniyeli 5:2, 3) Phawula abakwenzayo emva koko: “Basela iwayini, babancoma oothixo begolide, nabesilivere, nabobhedu, nabesinyithi, nabemithi, nabamatye.” (Daniyeli 5:4) Ngokusela ngezitya ezingcwele ezazisetyenziswa kunqulo lukaYehova, bamgculela baza bamnyelisa uYehova. Ngokunqula kwabo oothixo bobuxoki, banqula uSathana.

20, 21. UDaniyeli wadlulisela siphi isigidimi kuBheleshatsare, yaye sazalisekiswa njani?

20 Phofu ke, kanye ngaloo mzuzu kwenzeka into ekhwankqisayo. Kwabonwa iminwe yesandla ibhala eludongeni lwebhotwe! Oko kwamothusa gqitha ukumkani kangangokuba ‘ibala lakhe lobuso laguquka, zamgungqisa izicamango zakhe, amalungu esinqe sakhe acombuluka, namadolo akhe abethabethana.’ (Daniyeli 5:6) Akukho namnye kwizazi zonqulo zikaBheleshatsare owawuqondayo umbhalo, ngoko kwabizwa umkhonzi kaYehova uDaniyeli ukuba awutolike. UDaniyeli wamazisa ukumkani ukuba isigidimi sasivela kuYehova, sisithi: “UThixo ububalile ubukumkani bakho, wabuphelisa . . . Wena ulinganiswe esikalini, wafunyanwa ulula. . . . Buyahlulwa ubukumkani bakho, bunikwe amaMedi namaPersi.”—Daniyeli 5:26-28.

21 Kanye ngobo busuku, imikhosi yamaMedi namaPersi yasihlasela isixeko ingena emasangweni awayeshiywe evuliwe ngobutyhakala. UDaniyeli 5:30 uqukumbela ngokuthi: “Kwangobo busuku wabulawa uBheleshatsare.” Ukuwa kweBhabhiloni kwavumela abantu bakaYehova ukuba babuyele kwilizwe labo kanye kwiminyaka engama-70 ukususela ekuthinjweni kwabo. Oko kwakuvisisana ncam nocwangciso lukaYehova lwexesha, njengokuba lwalutyhilwe kuYeremiya 29:10.

22, 23. UYehova waqhubana njani noKumkani uHerode Agripa I, owachasa amaKristu kwinkulungwane yokuqala?

22 Kwinkulungwane yokuqala, uKumkani uHerode Agripa I waba ngumlawuli wokugqibela wasePalestina, eyinxalenye yoBukhosi baseRoma. UHerode wathi makaphoswe entolongweni umpostile uPetros, waza watshutshisa namanye amaKristu. Wada wabulala nompostile uYakobi. (IZenzo 12:1, 2) Kwakhona uHerode walungiselela imilo yamakrele ebulalayo neminye imiboniso yabahedeni. Konke oku kwamngqina exoka ekuthini wayengumnquli kaThixo.

23 Kodwa ke, lafika ixesha elifanelekileyo likaYehova lokubulala lo mchasi. IZenzo 12:21 kuse kweyama-23 zisixelela oku: “Ke kaloku uHerode, ngemini emisiweyo, ambethe ingubo yokumkani, wahlala etroneni yakhe, wawisa ukuthetha kwakhe kubo. Baduma ke abantu, bathi, Lilizwi lothixo elo, asilamntu.” Kwenzeka ntoni? IBhayibhile ithi: “Samthi qwaka ke kwalapho isithunywa seNkosi, ngenxa enokuba engamzukisanga uThixo; wadliwa ziimpethu waphuma umphefumlo.” Lo ngomnye umzekelo wokuba uYehova “uguzula ookumkani,” njengokuba uDaniyeli 2:21 esitsho.

24. Izibakala zembali ezilolo hlobo zingqinela ntoni?

24 Iziganeko zembali ezinjalo zingqina ukuba uYehova unamaxesha namathuba eenjongo zakhe. Zikwabonisa ukuba ngokuqinisekileyo unamandla okuzalisekisa injongo yakhe yokuguqula lo mhlaba ube yiparadisi apho ‘kuya kuma ubulungisa.’—2 Petros 3:13.

Uyakhumbula Na?

◻ Kutheni kubalulekile nje ukwazi amaxesha namathuba kaYehova?

◻ Kutheni uThixo engabaxhasi abalawuli nabantu beli hlabathi?

◻ Luhlobo luni lwabantu oluya kuyidla ilifa iParadisi esemhlabeni ezayo?

◻ UYehova uye wawabonakalisa njani amandla akhe okuwisa abalawuli abamchasayo?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share