Ngaba Iliso Lakho ‘Alinakumbi’?
“Xa sukuba iliso lakho lingenakumbi, umzimba wakho uphela wokhanyiseleka.”—MATEYU 6:22.
1. Kutheni kunokuthiwa iliso liyamangalisa kwindalo ekrelekrele?
NGOKUQHELEKILEYO ukubona kugqalwa kusesona sivamvo sixabisekileyo nesibalulekileyo—ngokukodwa ngabo bangasaboniyo. Izazinzulu zisixelela ukuba mzuzwana ngamnye ishumi lezigidi zezigidi zeendidi zokukhanya zidlula kwisikrotyana seliso lethu. Njengoko zifika kwiretina, zamkelwa zizigidi zeeseli zamehlo. Zivuselelwe kukukhanya, ezi seli zemithambo ziqalisa ukuthumela imiqondiso yombane engqondweni. Apho, isixa esikhulu sekhulu lamawaka ezigidi zemithambo ziyaxakeka zicacisa oko kufunyenweyo zize zigqibe ngoko kufuneka kwenziwe. Konke oku kuthatha nje iqhezu lomzuzwana. Eneneni, iliso lingumzekelo okhwankqisayo wommangaliso wendalo ekrelekrele.—INdumiso 139:14.
2. Yiyiphi inkalo yokubona eseyinkohla kwizazinzulu?
2 Nangona izazinzulu zisazi okuninzi ngokusebenza kweliso nengqondo, aziyazi indlela nesizathu sokusabela kwethu ngendlela esenza ngayo koko sikubonayo. Ngokomzekelo, azisiqondi kakuhle isizathu sokuba omnye umntu ekhetha umbala obomvu kunoluhlaza ngoxa omnye esenokukhetha oluhlaza kunobomvu, okanye isizathu sokuba imibala eyahlukahlukeneyo isichaphazele ngeendlela ezahlukahlukeneyo. Ulwalamano phakathi kokubona nesenzo kuseyinkohla. Kodwa uYehova, uMenzi weliso, noNyana wakhe asebenza naye, uYesu Kristu, bakwazi kakuhle ukuntsonkotha kweliso lenyama yaye bazi nendlela iliso eliphembelela ngayo izenzo zethu kwanobomi bethu.
“Isibane Somzimba”
3. Iliso lisiso njani “isibane somzimba”?
3 UYesu wathi “isibane somzimba liliso.” (Mateyu 6:22) Isibane sisetyenziselwa ukukhanyisa kwindawo emnyama ukuze sazi apho sikhoyo, indlela emasisebenze ngayo, indlela emasihambe ngayo nokunye. Ngokukhanyisela umzimba wethu, amehlo ethu asebenza umsebenzi ofanayo nowesibane. Ayasinceda ukuba sihlale sisondelelene nehlabathi elisingqongileyo nokusabela ngobukrelekrele nangokungqalileyo kwizenzo kunokuphuthaphutha, sikhubeka yaye ngokunokwenzeka sizenzakalisa.
4. Sichatshazelwa njani yimeko yeliso?
4 Noko ke, umlinganiselo iliso elinokusebenza ngawo njengesibane somzimba, uxhomekeke ikakhulu kwimeko yeliso. Ngenxa yesi sizathu, uYesu wahlabela mgama esithi: “Xa sukuba iliso lakho lingenakumbi, umzimba wakho uphela wokhanyiseleka. Kodwa xa sukuba iliso lakho likhohlakele, umzimba wakho uphela woba bubumnyama. Ukuba ngoko ukukhanya okukuwe kububumnyama, bungakanani na ubumnyama obo!” (Mateyu 6:22, 23) Ngokuphuma koku sinokuyibona impembelelo enkulu iliso eliyizisa kwikhondo lobomi bethu bubonke, ngokulungileyo okanye ngokubi.
Impembelelo Yeliso
5. Iliso labandakanyeka ukusa kuwuphi umlinganiselo ekuhendweni kukaEva nguSathana?
5 Qwalasela imeko yomfazi wokuqala, uEva. Umlinganiselo elathi iliso laphembelela ngawo izenzo zakhe unokubonwa kwingxelo yeBhayibhile engokuhlangana kwakhe noMkhohlisi, uSathana uMtyholi (2 Korinte 11:3; 1 Timoti 2:14) USathana wathi ‘amehlo kaEva ovuleka’ ukuba wayenokutyeshela nje umthetho kaThixo aze athabathe aze adle kwisiqhamo ‘esikumthi wokwazi okulungileyo nokubi.’ Wasabela njani uEva? IBhayibhile isixelela oku: “Wabona umfazi ukuba umthi ulungele ukudliwa, nokuba uyakhanukeka emehlweni, ingumthi onqwenelekela ukuqiqisa.” Wawavumela amehlo akhe athi ntsho kwinto angayinikwanga. Oko yayikukusebenzisa kakubi iliso kwangabom. Waba yintoni umphumo? “Wathabatha eziqhameni zawo, wadla.”—Genesis 2:17; 3:4-6.
6. Iliso liziphembelela njani izenzo zethu?
6 Ngokungathandabuzekiyo esi yayingesosihlandlo sokuqala uEva ewubona “umthi wokwazi okulungileyo nokubi” okanye isiqhamo sawo. Kodwa nto ithile eyahlukileyo yayisenzeka. Kwesi sihlandlo wabonakala ‘ukhanukeka emehlweni’ yaye ‘unqwenelekela ukuqiqisa.’ Ngokuqhelekileyo inkanuko nomnqweno asizompawu zeliso koko zezentliziyo. Kodwa oko iliso likubonayo komeleza inkanuko nomnqweno wentliziyo, kangangokuba kusenokuphumela esenzweni. Kwimeko kaEva, isenzo esinjalo sakhokelela kwimiphumo eyintlekele kuye nakwindoda yakhe uAdam, nakuyo yonke inzala yabo eyayiza kubakho, kuquka nathi namhlanje.—Roma 5:12; Yakobi 1:14, 15.
7. Iliso lalibandakanyeke njani kumgudu wesithathu kaSathana wokulahlekisa uYesu, yaye waba yintoni umphumo?
7 Noko ke, ukubonakalisa ukuba kunokwenzeka ukumelana nayo nayiphi na impembelelo embi esenokuza ngeliso, simele siqwalasele umzekelo kaYesu Kristu. Kwakhona, uSathana, umhendi okwamnye, wayebandakanyekile. Kumgudu wakhe wesithathu wokutyekisa uYesu ekwenzeni ukuthanda kukaThixo, “ubuya uMtyholi amthabathe amse entabeni ephakame kakhulu, ambonise zonke izikumkani zehlabathi, nozuko lwazo.” Phawula ukuba uSathana akazange amxelele nje uYesu ukuba uya kumnika onke amandla nozuko lwehlabathi ngenxa yesenzo sonqulo. ‘Wambonisa’ ezi zinto, esebenzisa impembelelo enamandla yeliso. Kanti, kuba iliso lakhe alizange lityekiswe ngumnikelo ohendayo kodwa lalijoliswe ntsho kulwalamano lwakhe noYise wasezulwini, uYehova, uYesu waphumelela ekuthinteleni icebo likaSathana lobuqhophololo.—Mateyu 4:8-10.
8. Ziziphi izifundo esinokuzifunda kumzekelo kaEva nokaYesu?
8 Yintoni esinokuyifunda kule mizekelo yandulelayo? Okokuqala, sifunda ukuba oko sijolisa kuko amehlo ethu kunokuyiqinisa iminqweno elungileyo okanye emibi yentliziyo yethu. Oku kusenokukhokelela kwisenzo esiya kuzisa intsikelelo okanye intlekele kuthi nakwabanye. Okwesibini, kucacile ukuba iliso yindlela ebalaseleyo uSathana ayisebenzisayo ukukhohlisa amaxhoba akhe. Kuwo onke “amaqhinga” uSathana awasebenzisayo ukulahlekisa uluntu, eli lokubhenela kwiliso libonakala ukuba lelona linamandla.—2 Korinte 2:11.
9. USathana uyikhulisa njani “inkanuko yamehlo” namhla?
9 Namhlanje, uSathana usasebenzisa icebo elikwalinye kumacebo akhe okutyekisa abantu ekwenzeni ukuthanda kukaThixo. Ngokuqaqamba nokuba nomtsalane kwehlabathi, uSathana ukhulisa “inkanuko yenyama, nenkanuko yamehlo, noqhankqalazo lobu bomi.” (1 Yohane 2:16) Oku kubonwa ngokucacileyo kumacebo okubhengeza asetyenziswa lihlabathi lorhwebo. Aliyonyaniso na elokuba ezona zibhengezo ziphumelelayo zezo zibhalwe kwiindawo ezibonakalayo? Amawaka eebhodi ezinkulu ezimibalabala nemiqondiso eqaqambileyo, imifanekiso enomtsalane yamaphephancwadi neyamaphephandaba, ubukrelekrele obukumabonwakude—amawaka ezigidi zeerandi achithelwa ukuzivelisa—konke kungqinela isibakala sokuba unobangela wokuba kubhengezwe kukuvuselela “inkanuko yamehlo” yomthengi.
10. Ngenene yintoni ekhuthazwa lihlabathi lezorhwebo?
10 Ngoxa ezinye ezininzi kwezi zibhengezo zisenokungashiyi nto engqondweni, okona kunobuqhophololo ngakumbi sisibakala sokuba ngenene ezi zibhengezo azikhuthazi nje iimveliso ezithengwayo kodwa kwanohlobo oluthile lobomi. Ngokuqhelekileyo ezi zinto ziboniswa njengezisetyenziswa ngabona bantu babalulekileyo, abanempembelelo, abonwabileyo nabahle. Isigidimi sithi ukuba umthengi usebenzisa loo mveliso, ‘ubomi’ bakhe buya kuthi ngokuzenzekelayo bufane nobolo didi lwabantu. Ababhengezi bayazi ukuba akuba umntu amkele uhlobo oluthile lobomi, kulula ukumeyisela ukuba amkele iimpahla kwanezinto ezithengiswayo ezihambisana nolo hlobo lobomi. Ngenxa yoku, hayi indlela ekububulumko ngayo ngamaKristu azahluleleyo ukuba asinikele ingqalelo isiluleko esifunyanwa kumaHebhere 13:5! Apho sifunda oku: “Isimilo senu masibe sesingathandi mali, yanelani zizinto eninazo.”
Ukugcina Iliso “Lingenakumbi,” ‘Lingakhohlakalanga’
11. Cacisa igama elithi “lingenakumbi” nelithi “likhohlakele” kumazwi kaYesu angeliso.
11 Ekubeni mihla le sijongene nongcelele olunjalo lwezinto ezityekisa iliso, sinokusiqonda kakuhle isizathu sokuba uYesu Kristu wasiyalela ukuba sigcine iliso lethu “lingenakumbi” yaye ‘lingakhohlakalanga.’ (Mateyu 6:22, 23) Kuthetha ntoni oko? Igama elithi “lingenakumbi” apha liguqulelwe ngokusuka kwigama lesiGrike elithi ha·plousʹ, ngokusisiseko elithetha ukucinga ngento enye okanye ukuzinikela kwinjongo enye. Kwelinye icala, elithi “likhohlakele” kwisiGrike sakuqala lithi po·ne·rosʹ yaye linentsingiselo yobubi, ukungabi nto nobungendawo. Ngaloo ndlela, ‘iliso elingenakumbi,’ kunokuba lityekiswe okanye liphambukiswe yiyo yonke into eqhubekayo, lijolisa ingqalelo yalo kwinto enye kuphela. Ngokwahlukileyo koko, ‘iliso elikhohlakeleyo’ limbaxa, linamaqhinga yaye liyabawa, kwaye litsaleleka kwizinto ezingathembekanga nezisemnyameni.
12. Hlolisisa uze ucacise umongo wengxubusho kaYesu.
12 Kodwa iliso lifanele litsoliswe phi ukuze ‘umzimba uphela ukhanyiseleke’? Ukuqwalasela umongo kuya kusinceda sifumane impendulo. Kwiindinyana ezandulelayo, uYesu wayethetha ‘ngobutyebi basemhlabeni’ ‘nangobutyebi basezulwini.’ Wathi “apho bukhona ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu.” Ngoko, emva kokuthetha ngeliso, kwakhona wagxininisa imfuneko yokubonakalisa ubunye benjongo, esithi: “Akukho mntu unako ukukhonza nkosi mbini,” uThixo noButyebi. Kwiindinyana ezilandelayo, wanikela isiluleko ngembono yomntu kwiimfuno zemihla ngemihla waza waqukumbela ngalo myalelo: “Funani ke tanci ubukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe, zaye zonke ezo zinto ziya kongezelelwa kuni.”—Mateyu 6:19-34.
13. Sifanele siwathi nzo entwenini amehlo ethu ukuze ‘umzimba wethu uphela ukhanyiseleke’? Ngoba?
13 Yintoni esinokuyizuza kuko konke oku? UYesu apha uthetha ngosukelo lobomi, esalatha ngokuphandle ukungabi nto kokusukela izinto eziphathekayo nentsikelelo yokuhlakulela umdla kwimicimbi yokomoya. Ngokucacileyo, uyasixelela ukuba ngokutsolisa amehlo ethu kwizilangazelelo zoBukumkani kuphela, ‘umzimba wethu wonke woba kukukhanya.’ Ngoba? Kuba ukuba ukwenza ukuthanda kukaThixo sikwenza usukelo lwethu ebomini, siya kufuna ukubonakalisa uzuko lweendaba ezilungileyo kuzo zonke iinkalo zobomi bethu. Asinakukhangela phambili kwikamva eliqaqambileyo kuphela koko sikwanokukhululwa nakwizinto ezimnyama nezinenkohliso eziveliswa bubomi obuchitheIwa kusukelo lokuzingca.—2 Korinte 4:1-6.
14. Ukutsolisa kukabani iliso lakhe kubutyebi obuphathekayo kuphumela njani ‘ebumnyameni’?
14 Umpostile uPawulos wawaqinisekisa amazwi kaYesu xa wacacisayo esithi: “Abo banga bangaba zizityebi, beyela ekuhendweni, nasesibatheni, nasezinkanukweni ezininzi ezibubudenge ezenzakalisayo; zona zibatshonisayo abantu ekonakaleni nasekutshabalaleni.” (1 Timoti 6:9) Ngokuqinisekileyo kukho ubunyaniso kula mazwi! lindaba zizaliswe ngamabali angamalungu endlu yeengwevu, izibonda zeedolophu, abagwebi, abaphathi bebhanki, amalungu eekomiti ezithile nabanye abaye babanjwa kulwaphulo-mthetho lwabantu abakumgangatho ophakamileyo oluthe, ngokutsho kwenye ingxelo “lwafikelela ubuncinane kumawaka ezigidi zeedola ezingama-200 ngonyaka” eUnited States kuphela. ‘Isilingo nomgibe’ wokuba sisityebi uye waguqula abantu abebekade behloniphekile baba zizaphuli-mthetho nabenzi bobubi. Ngokuqinisekileyo, sifuna ukuphepha ‘ukutshoniswa ekonakaleni nasekutshabalaleni,’ ukuba namava “obumnyama” uYesu awalumkisa ngabo.—Bona IMizekeliso 23:4, 5.
15, 16. (a) Yiyiphi enye “inkanuko yamehlo” esimele siyiphephe? (b) Ubuya kusisebenzisa njani isiluleko esikwiMizekeliso 27:20 kwingxubusho yethu?
15 Noko ke, ngaba ngabo bamilisele iliso labo ekubeni zizityebi kuphela abajongene nengozi yokuhamba ebumnyameni? Hayi, kuba “inkanuko yamehlo” ikwaquka nezinye izinto ezininzi. Khumbula amazwi kaYesu akuMateyu 5:28 athi: “Wonke umntu okhangela umntu oyinkazana, ukuba amkhanuke, uselemkrexezile entliziyweni yakhe.” Ngokuqinisekileyo, eso silumkiso sikwanokusetyenziswa ekuvumeleni amehlo kabani ukunamathela kumbandela oyilelwe ukuvuselela iinkanuko neminqweno engekho mthethweni.
16 Kukwakho nokuxhalela ukutya, ukusela kwanento eyambathwayo uYesu awathetha ngako. (Mateyu 6:25-32) Ngoxa ezi zinto ziyimfuneko, umnqweno ogqithiseleyo wokusoloko ufuna ukuba neyona nto yamva, eyona ixabisekileyo kwaneyona inqwenelwa gqitha, kunokukhobokisa ingqondo nentliziyo yethu. (Roma 16:18; Filipi 3:19) Kwanasekuzihlaziyeni, ekuzonwabiseni, kwimidlalo, kumthambo nakwezinye, simele silondoloze ulungelelwano olufanelekileyo size sizilinde nxamnye nokubanjiswa ziifashoni naziinkanuko zeli hlabathi. Kuzo zonke ezi nkalo, bekuya kuba kokulungileyo ngathi ukuwagcina engqondweni la mazwi obulumko afunyanwa kwiMizekeliso 27:20 athi: “Elabafileyo nenzonzobila azinakuhlutha, namehlo omntu akanakuhlutha.” Eneneni, sifuna ukuqhelisela ukuzeyisa khon’ ukuze ekuzameni ukwanelisa amehlo ethu singazenzakalisi ngokomoya.
Iintsikelelo Zokugcina Iliso “Lingenakumbi”
17. Ukugcina iliso “lingenakumbi” kubancede njani abanye basukela izilangazelelo zoBukumkani?
17 Abo baye baligcina iliso labo “lingenakumbi” baza balitsolisa kuBukumkani nakumadinga kaThixo baye bafumana iintsikelelo ezininzi ezivela kuYehova. Oku kucaciswa kakuhle ngamava abantu abaphuma ehlabathini nakwiindlela ezininzi zobomi. Qwalasela le mizekelo:
“Xa ndandikhonza apho imfuneko inkulu khona eColombia, eMzantsi Merika, kwakufuneka ndiphile ngomvuzo ophantse ube ngama-200 eerandi ngenyanga. Ndandiqalisile ukuba nguvulindlela, kodwa ekuqaleni kwenyanga, ndawa ndaza ndaphuka iqatha. Iindleko zonyango zandidla imali, yaye ndandingenakuyifumana enye imali de kube sekupheleni kwenyanga. Kwakufuneka ndinikele kwiHolo yoBukumkani, kodwa ukuba ndandinokuyinikela imali, ndandingazukuba nayo eyokuthenga ukutya kwiveki elandelayo. Emva kokuqwalasela lo mcimbi kangangeentsuku ezimbalwa, ndagqiba kwelokuba intlawulo yeHolo yayimele ihlawulwe, ngoko ndayifaka imali kwibhokisi yomnikelo. Kanye ngentsasa elandelayo, ndafumana ileta evela kudade waseUnited States owayendityelele eColombia. Kwileta yakhe wayethumele imali ethile yaseColombia eyayisele ngoxa wayetyelele apho. Yayisisixa esilingana neso ndandisifake kwibhokisi yomnikelo.”
Ngemva kwemini eshushu ngoLwesibini, uKi, osebenza kwikliniki eseTaechun, eKorea, wamenywa ngabasebenzi abathathu abangoowabo ukuba baye kuchitha imva kwemini elwandle. Nangona le ngcamango yayilinga, uKi wayesazi ukuba ukuba wayenokuya, wayengazukubuya kwangexesha ukuze abe kwiSifundo Sencwadi Sebandla ngaloo ngokuhlwa. Ngoko wasigatya eso simemo. Kwithutyana nje kamva, abo bathathu babuyiselwa ekliniki—befile! Behlelwa yingozi yenqwelomafutha ebulalayo kanye emva kokushiya ikliniki. UKi wayelusizi ngenxa yengozi kodwa wayevuya kuba ubomi bakhe busindile ngenxa yokubambelela kwakhe kumkhwa olungileyo awayewakhile kwiminyaka.—Hebhere 10:24, 25.
18. Abaselula banokufundiswa njani ukugcina iliso labo “lingenakumbi”?
18 Kwanabaselula banokufundiswa ukuba bahlale bewatsolise amehlo abo kwizilangazelelo zoBukumkani, njengoko kuboniswa ngamava alandelayo:
“Xa seva kwiindwendwe ezimbini ukuba abazalwana kumabandla amathathu akwiiPhilippines kwakufuneka benikele ngama-2 000 eerandi ibandla lilinye—imali eninzi gqitha kuwo leyo—ukuze kwakhiwe ngokutsha iHolo yoBukumkani yabo eyayitshile, mna nomyeni wam sagqiba kwelokuba sifake isandla. Kuthekani ngabantwana bethu abane, abakubudala beenyanga ezine ukuya kwiminyaka emithandathu? Veki nganye xa umyeni wam esamkela, wayethengela umntwana ngamnye idola yesilivere. Umyeni wam wayahlulahlula le mali ukuze umntwana ngamnye abone ukuba wayenemali engakanani na. Kwakhona sakhankanya izinto ababenqwenela ezintliziyweni zabo ukuzithenga ngaloo mali. Kodwa impendulo yayisoloko ifana—babefuna ukunikela ngaloo mali kubazalwana.” Kunye nee-R180, abantwana bakwathumela neleta elula. Abazalwana kwiiPhilippines bachukunyiswa luthando nobubele kangangokuba amehlo abanye ayegwanye iinyembezi xa ileta yayifundwa.
19. Kuxa siwagcina esentwenini amehlo ethu esinokuthi siqiniseke ngekamva eliqaqambileyo?
19 “Amehlo akho makakhangele athi gca, neenkophe zakho zithi nzo kokuphambi kwakho.” (IMizekeliso 4:25) Hayi indlela ekububulumko ngayo ngathi ukuba sisinikele ingqalelo esi siluleko size singavumeli amehlo ethu ukuba aphunguze, ukuze sityekiswe! UPawulos wacebisa oku: “Khangelani ngoko, ukuba ningathini na, ukuze kucokiseke ukuhamba kwenu; ningabi njengabaswele ubulumko, yibani njengezilumko; nizongela ixesha eli, ngokuba le mihla ayindawo.” Wakwabongoza esithi: “Yibani ngabakuqondayo into okuyiyo ukuthanda kweNkosi.” (Efese 5:15-17) Ngokwenza oko, sinokuhlala siqinisekile ukuba siya kuphumelela ekugcineni iliso lethu “lingenakumbi” yaye ngentembelo sinokukhangela phambili kwikamva eliqaqambileyo—ubomi obungunaphakade kwinkqubo entsha yezinto ethenjiswe nguThixo.—Thelekisa eyesi-2 kwabaseKorinte 4:17, 18.
Unokucacisa Na?
◻ Iliso lisiso njani “isibane somzimba”?
◻ Iliso liziphembelela njani izenzo zethu, njengoko kuzekeliswe nguEva nanguYesu?
◻ Ziziphi iindlela uSathana asebenzisa ngazo “inkanuko yamehlo” namhlanje?
◻ Yintoni esimele siyenze ukuze sigcine iliso lethu “lingenakumbi”?
◻ Sifanele siwatsolise entwenini amehlo ethu ngoku?
[Umfanekiso okwiphepha 12]
Oko sitsolisa kuko amehlo ethu kunokuwuqinisa umnqweno wentliziyo