Ngaba Iliso Lakho Alinakumbi?
1. Kuthetha ukuthini ukuba neliso ‘elingenakumbi’?
1 Oko amehlo ethu akujongayo kuphembelela izenzo zethu. Ayinyaniso ngenene amazwi kaYesu athi: “Ukuba, ngoko, iliso lakho alinakumbi, umzimba wakho uphela uba sekukhanyeni”! (Mat. 6:22) Xa iliso lethu ‘lingenakumbi’ ngokomoya, sinikel’ ingqalelo kwinjongo enye—ekwenzeni ukuthanda kukaThixo. Sibeka uBukumkani kwindawo yokuqala yaye asiphazanyiswa zizinto eziphathekayo ezingeyomfuneko okanye izinto eziphazamisa ubulungiseleli bethu.
2. Yintoni enokuphazamisa indlela esizijonga ngayo izinto, kodwa yintoni eya kusinceda?
2 Imfuneko Yokuzihlola: Indlela esizijonga ngayo izinto isenokuphazanyiswa koko sikuxelelwa ngamajelo ezibhengezo okanye zizinto abanye abantu abanazo. Ngaphambi kokuba ufune okanye uthenge into eya kufuna ixesha, imali okanye amandla, kuya kuba kuhle ‘ukubala iindleko’ ngokuzibuza, ‘Ngaba oku kuya kuyiphucula inkonzo yam kuYehova okanye kuya kuyiphazamisa?’ (Luka 14:28; Fil. 1:9-11) Kuya kuba bubulumko ukuba siman’ ukucinga ngendlela yokwenza ubomi bethu bube lula ukuze senze okungakumbi kubulungiseleli.—2 Kor. 13:5; Efe. 5:10.
3. Sifunda ntoni komnye udade owenza uhlangahlengiso ukuze enze lula ubomi bakhe?
3 Xa omnye udade waba nguvulindlela othe ngxi, wakhetha ukuqhubeka nomsebenzi wakhe osisigxina nangona umsebenzi osisingxungxo wawunokumnika imali eyaneleyo yokuba anyamekele iimfuno zakhe. Ekugqibeleni wathi: “Akakho umntu onokukhonza iinkosi ezimbini. Kwafuneka ndincame izinto endizifunayo ukuze ndifumane izinto endizisweleyo. Ndabona ukuba izinto eziphathekayo ziyaphelelwa yaye ndandiya kuziqoba ngokuzama ukuzifumana.” Iimeko zakhe zamvumela ukuba enze uhlengahlengiso ukuze enze lula ubomi bakhe, watshintsha umsebenzi, ukuze aqhubeke nobuvulindlela.
4. Kutheni kungxamisekile ukuba sibe neliso elingenakumbi ngoku?
4 Ukungxamiseka kwexesha lethu kwenza kubaluleke nangakumbi ukuba sibe neliso elingenakumbi. Suku ngalunye oludlulayo lusisondeza kwisiphelo sale nkqubo yezinto nakwisiqalo sehlabathi elitsha likaThixo. (1 Kor. 7:29, 31) Ngokunikel’ ingqalelo kumsebenzi wokushumayela, siya kuzisindisa thina kunye nabo basiphulaphulayo.—1 Tim. 4:16.