Uyamenywa Kwiindibano “Zoxolo Lobuthixo”
HAYI indlela ngqina ngalinye likaYehova elingumKristu elikhangele phambili ngayo ngolangazelelo kwiindibano zesithili zalo nyaka! Asithandabuzeki isibakala sokuba ziyimbalasane yonyaka ngamnye. Iintetho ezintle, imidlalo yeBhayibhile, iimpapasho ezikhutshwayo, unxulumano—maxa wambi kwanoziwo olukhulu—zonke ezi zinto ziyadibana ukwenza ezi ndibano zibe yinto ekhetheke ngokwenyaniso.
Ngokomzekelo, qwalasela ezinye zeendibano “Zabagcini Bengqibelelo” ezaqhutywa kunyaka ophelileyo. Ezimbini eSão Paulo nase-Rio de Janeiro, eBrazil, zaba nencopho yoziwo lwama-249 351, abangama-2 645 befuzisela uzahlulelo lwabo kuYehova uThixo ngokubhaptizwa emanzini. Indibano eyayise-Montreal, eKhanada, ekwakuye kuyo abangama-78 804, yayibalasele ngenxa yendawo yayo yokumisa iikharavani nangenxa yokuba yayiqhutywa ngeelwimi ezahlukahlukeneyo ezili-11. Abo babeye kwindibano eyayiseZurich, eSwitzerland, babalisa ukuba abazange ebomini babo bonke babe namava ento efana nehlombe novuyo lwayo olwaluphuphuma. Ababeye kwindibano enye okanye ezingaphezulu ezaziqhutyelwa ePoland bavakalisa imvakalelo efanayo.
Ingxelo engaphelelanga yazwenibanzi ibonisa ukuba abazizi-5 653 689 baya kwiiNdibano “Zabagcini Bengqibelelo” ezazingama-754, ekwathi kwabhaptizwa kuzo amaNgqina amatsha angama-75 202. Hayi indlela uYehova aye wazisikelela ngokumangalisa ngayo ezi ndibano zabantu bakhe!
Ngokwahlukileyo kwiqhalo lesiNgesi elithandwayo, abo babeye kwezi ndibano abakubonayo kwakukudlula lee ababekulindele. Phantse ngokungenakuphepheka kwakuvunyelwana kwelokuba eyona yamva yayiba yeyona isemagqabini. Ngoko onke amaNgqina kaYehova aya kube ekhangele phambili ngolangazelelo kwezalo nyaka iiNdibano Zesithili “Zoxolo Lobuthixo,” eziya kuqhutywa zwenibanzi—ezili-130 zazo esele ziqhutyiwe eUnited States.
Onjani wona ukuba mhle umxholo wendibano yethu yesithili: “Uxolo Lobuthixo”! Namhlanje ibutho labantu lidlavulwe yimfazwe. Asizomfazwe zokoqobo kuphela eziliwayo ngoku ehlabathini jikelele kodwa kukwakho nezinye iintlobo zokulwa: imfazwe yoqoqosho nokulwa phakathi kwamaqabane omtshato, kwanokulwa phakathi kwabazali nabantwana. Kodwa ngomahluko okhwankqisayo, kukho uxolo phakathi kwabantu abazahluleleyo bakaYehova. Olwabo luxolo lobuthixo, oluphuma kuThixo, uYehova, uThixo woxolo nonika uxolo. Banoxolo naye ngenxa yokholo nemisebenzi, ngoko bayakwazi ukuhlalisana ngoxolo omnye nomnye, ebandleni kwanasentsatsheni.—Filipi 4:7; Roma 16:20.
Kwakhona, makuphawulwe ukuba olu xolo lobuthixo aluthethi nje ukungabikho kwemfazwe. Igama lesiHebhere elithetha uxolo lelithi sha·lohmʹ, yaye alisingisele nje ekubeni noxolo koko nokuhlala kakuhle nokuchuma. Ewe, amaNgqina kaYehova anandipha ukuchuma nokungabikho kwemfazwe ngenxa yokuba ekwiparadisi yokomoya. Le ndibano iya kunceda bonke abezileyo ukuba baluphaphele ngakumbi uxolo baze baxhalatyiswe kukukhuthaza uxolo, kangangoko kusemandleni abo.—Roma 12:18.
Njengakwiminyaka edluleyo, ezi ndibano zoqalisa ngoLwesine emva kwemini nge-1:10. Suku ngalunye lunomxholo onxulumene noxolo, owosuku lokuqala uthi “UThixo Uya Kubasikelela Abantu Bakhe Ngoxolo,” usekelwe kwiNdumiso 29:11. Kuya kuxutyushwa ngomthandazo onentsingiselo, yaye ucwangciso luya kuqukunjelwa ngentetho engendlela uYehova aqhubela phambili ngayo ukwenza zonke izinto zibe ntsha.
NgoLwesihlanu intetho engumxholo nethi, “Uxolo Lobuthixo Kwabo Bafundiswa NguYehova,” iya kugxininisa umthombo woxolo lwethu. Phakathi kwezinye iimbalasane zocwangciso iya kuba ngumdlalo weBhayibhile ofudumez’ intliziyo onxibelelanisa amaxesha amandulo nomhla wethu.
Ukongezelela kwintetho yobhaptizo, ucwangciso lwakusasa ngoMgqibelo luya kubethelela iimfanelo zethu zobuKristu ngakwabanye nemfuneko yokwenza inkqubela njengamangqina kaYehova angamaKristu. Ngenjikalanga, kuya kubakho isiluleko esihle samalungu eentsapho nabaveleli abamiselweyo.
Umdlalo ongafihlisiyo nochukumisayo wezi mini uya kubalaseliswa ngentsasa yangeCawa. Ngenjikalanga, intetho yesidlangalala neludlwabevu ethi “Uxolo Ekugqibeleni!—Xa UThixo Ethetha” iya kuba yenye yeembalasane zendibano. Alithandabuzeki elokuba bonke abayileyo endibanweni baya kubuyela emakhaya beziva bexhotyiswe ngokuzeleyo nguThixo woxolo ukuba benze ukuthanda kwakhe.
Ngoko ke, yibakho kuzo zone iintsuku unolangazelelo olulungileyo lokomoya, uyiphaphele ngokuzeleyo intswelo yakho yokomoya. (Mateyu 5:3) Cwangcisa imicimbi yakho khon’ ukuze ubekho kwangexesha kwingoma nomthandazo wokuvula suku ngalunye. Kwakhona, yiza ukulungele ukuthabatha amanqaku, kuba ukubhala phantsi iingongoma eziziintloko kuya kukunceda ukuba unikele ingqalelo koko kuthethwa sisithethi. Ngaphezu koko, iingcamango ezivakalisiweyo ziya kuthi ke zibetheleleke ngokuqinileyo entliziyweni nasengqondweni yakho.
Kodwa masingaze sisilibale isibakala sokuba unqulo olunyulu lukaYehova uThixo asingombandela nje wokwamkela. Ikwangumbandela wokupha. Sifuna ukuwugcina engqondweni lo mgaqo weBhayibhile uthi: “Ohlwayela intabalala uya kuvuna intabalala.” (2 Korinte 9:6, NW) Ngaphezu koko, ekubeni uYesu wathi “ukupha kunoyolo ngaphezu kokuphiwa,” masifumane olona vuyo lukhulu lunokubakho endibanweni ngokunikela kangangoko sinako, sizinikela ngokuvumayo koko sinokukwenza. (IZenzo 20:35) Eneneni, makungade kube yimfuneko ukuba kude kucelwe uncedo lwamatsha-ntliziyo.
Ngokungakumbi, masilithabathe ngokunzulu ilungiselelo lokuba nesabelo ekunikeleni ubungqina entsimini ngenjikalanga yangoLwesihlanu. Yaye ngamana singasoloko siwaphaphele amathuba okunikela ubungqina obungacwangciswanga kuzo zone ezi ntsuku. Oku kusikhumbuza ngomnye umgaqo weBhayibhile othi: Umphefumlo onobubele uya kutyeba, yaye lowo usezayo uya kusezwa naye. (IMizekeliso 11:25) Ewe, masimeme bonke esinokubamema ukuze bazibonele ngokwabo indlela amaNgqina kaYehova alunandipha ngokwenene ngayo uxolo lobuthixo.