Indibano Yesithili “Yoxolo Lobuthixo”—Koko Kanye Sasikufuna!
“INTLIZIYO ziye zondliwa kwaza kwachatshazelwa nesimo sengqondo.” “UYehova ulungiselela isidlo esiziindidi ezininzi ezimangalisayo.” “Iintetho zazithetha phandle yaye zingqalile.” “Koko kanye sasikufuna NGOKU!” “Oku koko kanye besikufuna!”
Lawo ngamazwi amaninzi aqhelekileyo angawoxabiso awathi eviwa ngeNdibano Yesithili “Yoxolo Lobuthixo” yamaNgqina kaYehova yowe-1986. Onke amagqabaza anjalo abonisa ukuba abo babezile babesamkele isiluleko esihle esanikelwa ngusihlalo nayintetho yokuvula ethi: “Phulaphulani Niqonde.”
Ekubeni umxholo ongoxolo ubalaseliswa kangaka kwiLizwi likaThixo, eli gama libonakala kangangezihlandlo ezingaphezu kwama300 eBhayibhileni, kwakufaneleke kunene ukuba lenziwe umxholo weendibano zethu zesithili zowe-1986. Enyanisweni, iincwadi eziphefumlelweyo ezili-18 ezisusela kwabaseRoma ukuya kwiSityhilelo ziqalisa ngamazwi anjengala athi, “Makwandiswe kuni ubabalo noxolo.” Simele siphawule ukuba kwiZibhalo zesiHebhere igama eliguqulelwe ngokuthi “uxolo” lelithi sha·lohmʹ, elingathethi nje kuphela ukungabikho kwemfazwe nembambano kodwa elikwathetha impilo, impumelelo nempilontle.—1 Petros 1:2.
Uxolo lwalubalaseliswa ngokufuthi kulo lonke ucwangciso. Njengokuba isithethi sentetho engumxholo sabethelelayo, uYehova ‘unguThixo woxolo’ ‘noThixo onikela uxolo.’ UNyana wakhe, “uMthetheli woxolo,” wathembisa abalandeli bakhe ngoxolo. (Filipi 4:9; Roma 16:20; Isaya 9:6; Yohane 14:27; 16:33) Isithethi sentetho engumxholo sabonisa ukuba uxolo thina maNgqina esilunandiphayo lolungenakuthelekiswa nanto ngendlela yokuba aluxhomekekanga kwiimeko zangaphandle. Luxhomekeke ekuhloneleni kwethu igunya, nto leyo esisizathu sokuba ihlabathi lingabi naluxolo—alilihloniphi elona Gunya liphakamileyo, uYehova uThixo. UIsaya oku wakuchaza kakuhle ngale ndlela: “Akwaba imithetho yam ubuyibazele indlebe! Beluya kuba njengomlambo uxolo lwakho.”—Isaya 48:18.
Phakathi kwamacebiso aluncedo anikelwayo ukuze sinandiphe uxolo lobuthixo ngokupheleleyo ngakumbi yayilelokuba sizabalazele ukuba sithi kwintlanganiso nganye sifumane ingongoma enye esebenzisekayo yesiluleko esinokusebenzela kuyo. Le ntetho yabonisa ukuba ukuze sibe ngabantu ababangel’ uxolo akwanele nje ngathi ukuba sibe noxolo; simele sisebenzele uxolo, sikulungele ukunikezela ngenxa yoxolo.
Ukubopha Ezinyaweni Ulungiselelo Lweendaba Ezilungileyo Zoxolo
Isigidimi sethu sibizwa kakuhle ngokuba ‘ziindaba ezilungileyo zoxolo.’ (Efese 6:15) Safumana isiluleko esihle ngendlela yokuzisa ezi ndaba zilungileyo zoxolo kwabanye. Ungcelele lweentetho ezintathu ezingobulungiseleli bethu lwaluluncedo gqitha ngokubhekisele koku. Isithethi sokuqala sabonisa indlela ubulungiseleli bethu bendlu ngendlu obuye baba luphawu lwamaNgqina kaYehova. Ekubeni lo msebenzi ungeyondlwan’ iyanetha, uthando lwethu ngoThixo nangomntu siyalungqina ngokubandakanyeka kuwo. Ukuze sibe nempumelelo ngokwenyaniso, simele siqhutywe sisazela size sikwazi ukujongana nobunzima, sigcine iingxelo ezichanileyo size sityelele ngamaxesha awahlukileyo ukuze sifikelele bonke.
Isithethi sesibini sacacisa ukuba ukuze senze abafundi simele siqhubeke sisenza amabuyelo kubantu abanomdla, sisenjenjalo ngesimo sengqondo esingqalileyo. Simele sibe nomdla wobuqu kwabo sibatyelelayo, kwakutyelelo lokuqala sibhale oko umninimzi anomdla kuko. Qiniseka ukuba umninindlu ufunda into entsha kwisihlandlo ngasinye ubuyela.
Isithethi sesithathu sabonisa ukuba abafundi bethu beBhayibhile baya kuncedwa ukuba babe ngamaNgqina ukuba sifikelela iintliziyo zabo ngemibuzo yokuqonda imbono yabo. Sifuna ukubonisa umdla wokwenyaniso kubo ngokubalathisela kwintlangano kaThixo, ngokubanceda baye ezintlanganisweni, sibatyelele ngamanye amaxesha, side sibamemele emakhayeni ethu. Kwiminyaka engama-35 edluleyo, izifundo zeBhayibhile ziye zanda ngokuphindwe kalishumi.
Emva kolu ngcelele lweentetho, kwabethelelwa kuthi imfuneko yokubonakalisa ulangazelelo lokwabelana ngeendaba ezilungileyo zoxolo naphi na apho kunokwenzeka nangaphantsi kwazo zonke iimeko. Ubudala abungomqobo. Abantwana abaselula nabo bakwiminyaka yabo yama-90 bayaqhubeka beshumayela. Bambi bangoovulindlela, okanye abashumayeli bexesha elizeleyo, nangona beziimfama ngokupheleleyo. Abanye bangoovulindlela nangona beziimfama, sekunjalo nabanye benjenjalo nangona bekwizihlalo zamavili. Esinye isibini esingoovulindlela sinabantwana abaselula abathandathu esihamba nabo kwinkonzo yasentsimini.
Into eyayifaneleka ngokonakona yayisisiluleko esithi “Yenza Konke Okusemandleni Ngokuba Nesabelo Kwinkonzo Yexesha Elizeleyo.” Inkonzo yexesha elizeleyo iyindlela yobomi eyanelisa nevuza ngokonakona. Njengoko beqalisile, oovulindlela babongozwa ukuba benze konke okusemandleni abo ukuhlala kwinkonzo yexesha elizeleyo.
Njengakwiindibano ezidluleyo, seva kubavakalisi abangamagqala beendaba ezilungileyo, bambi bekhonze kangangama-30 ukuya kuma-70 eminyaka. Babalisa ngovuyo lwabo ekushumayeleni iindaba ezilungileyo. Ngokwenene kwakukhuthaza ukuva indlela abayoyisa ngayo imiqobo ukuze baqhubeke kubulungiseleli. Ngokomzekelo, omnye umzalwana akazange asilele nangenyanga nje enye kubulungiseleli basentsimini kwiminyaka engama-43 yenkonzo.
Isiluleko Samalungu Eentsapho
Isiluleko esihle samalungu eentsapho sasifuneka ngokugqithiseleyo ngenxa yesisongelo inkqubo engendawo yezinto esijolise kwabo bakwintsapho yamaKristu. Ulutsha lwabuzwa oku, “Ngaba Nenza Inkqubela Ngokomoya?” Namhlanje abaninzi bakhonza ixesha elizeleyo njengoovulindlela nakumakhaya aseBheteli. Kodwa ngaba abangakumbi banokwenjenjalo? Ukwenza inkqubela ngokomoya kuthetha ukubeka ukuthanda kukaThixo kuqala kubomi bethu. Kukwathetha ukuba neendlela ezintle zokufundisisa nokuba nesabelo rhoqo kwimicimbi yebandla nakwinkonzo yasentsimini, nokuba nolwalamano oluhle nabantu abakhulu. Yaye kuthetha ukungayoliswa yiyo nayiphi na into iLizwi likaThixo elingayivumeliyo.
Olunye ungcelele lweentetho ezintathu lwaqalisa ngombuzo ophandayo othi, “Ngaba Ikhaya Lakho Liyindawo Yenzolo Noxolo?” Into engundoqo koku kukukhetha iqabane eliliNgqina likaYehova nelibeka izilangazelelo zoBukumkani kuqala nelibonakalisa iziqhamo zomoya kaThixo. Ukuze ikhaya libe yindawo yenzolo noxolo, indoda imele ikhokele kwizinto zokomoya, yaye ifanele imthande umkayo njengomzimba wayo. Umfazi umele abe ngoxhasayo aze amhlonele ngokunzulu umyeni wakhe. Kwakhona kuyimfuneko ukuthandaza kunye nokungamvuleli indawo uMtyholi. Abantwana banokufak’ isandla ekwenzeni ikhaya libe yindawo yoxolo nenzolo ngokuthobela nangokuba nentsebenziswano. Amaqhina entsapho ayomelezwa xa iintsapho zifundisisa iBhayibhile noncwadi lweBhayibhile.—INdumiso 34:11.
Intetho eyayifuneka ngokugqithiseleyo yaba yeyalandelayo ethi, “Ngaba Ukwahlukana Kuyindlela Yoxolo Emtshatweni?” Ngaba oku kusisicombululo? Mhlawumbi kunjalo kubantu behlabathi kodwa akunjalo kumaNgqina! Kuwo, ukwahlukana asiyondlela elula yokuphuncula kumtshato oneemvavanyo. Wonke umongo wesiluleko sikaThixo ngomtshato ngowokuba izibini zihlale zimanyene. Ukwahlukana phantse ngokungaphephekiyo kunomphumo oyingozi ebantwaneni ababandakanyekileyo, ibe kubakho nezinye iziqhamo ezibi. Ngokuphandle singathi, ukwahlukana kukuvuma ukuba elinye iqabane lomtshato okanye omabini akabonakalisi ziqhamo zomoya.—Galati 5:22, 23.
Kwanikelwa isiluleko esihle kumaKristu angatshatanga kwintetho ethi “Ngaba Umntu Ongatshatanga Ufanele Azive Engaphelelanga?” Akunjalo konke konke! Ekubeni ubulungiseleli buyeyona nto sitsolise kuyo ebomini bethu, sinokuba ngabapheleleyo enoba asitshatanga okanye sitshatile. Enyanisweni, njengoko uPawulos ebonisa, amaKristu angatshatanga aneengenelo ezithile. Ngokuhlakulela ulwaneliseko, anokuvuyiswa sisipho sokungatshati aze asisebenzise kakuhle.—1 Korinte 7:32-34.
Isiluleko Esifunekayo Ngokuphila Okucocekileyo
Imeko yokuziphatha yeli hlabathi neya isiba mbi ngakumbi iphumele ekubeni iqela lamaNgqina lohlwaywe okanye lide lisuswe nasebudlelaneni ngenxa yehambo embi. Ngoko hayi indlela esasifaneleke ngayo isiluleko esingqalileyo esanikelwa ngomcimbi wokuziphatha! Ukuze sinandiphe uxolo lobuthixo, simele siqwalasele ihambo yethu ngalo lonke ixesha. Ngokomzekelo, oku kwacaciswa kwintetho ethi “Yiphephe Imigibe Yokuzonwabisa Embuthweni.” Amatheko anokuba yinto eyonwabisa gqitha, kodwa ukuba asilumkanga, anokuyiphazamisa ngokulula imisebenzi yolawulo lobuthixo aze akhokelele ekungcoleni. Intliziyo yomntu engafezekanga iyakhohlisa yaye iyathanda ukuwasebenzisa nawaphi na amathuba okuzonwabisa ngokuziphatha okubi. Amatheko amakhulu ngawo athi ngokukhethekileyo azise iingozi ezinzulu, ibe unjalo nomculo othob’ isidima.—1 Korinte 15:33.
Ukuze silondoloze uxolo lwethu lobuthixo, kwakhona simele samkele esi siluleko “Wuphephe Lo ‘Moya’ Ubulalayo Weli Hlabathi.” Njengomoya esiwuphefumlayo, lo moya wehlabathi wokuzingca nowokungathobeli usingqongile. Le ntetho yaxubusha ngeembonakaliso ezisithoba zalo moya ubulalayo, phakathi kwazo ekukho ukuthanda ukuziphatha okubi, ukunxiba nokuzilungisa ngokuthe kratya, ukusetyenziswa kokudla neziselo ngendlela engeyoyabungcathu, ukukhotyokiswa yimidlalo nekratshi lobuzwe. Xa uhlala uphefumla lo moya uya kukubulala ngokomoya.
Lo mbandela wakhuliswa ngokungakumbi nayintetho ethi “Ngaba Uhlala Unyulu Kuzo Zonke Iinkalo?” Ukungakhathali kusenza sibe netyala lohanahaniso. Ukuze sibe nesazela esilungileyo, simele sihlale sicocekile ngokwasemzimbeni, ngokwasengqondweni, ngokokuziphatha nangokomoya. Ngokubhekisele koko simele ‘sikuthiye okubi,’ ‘sithiye okungendawo.’ Oku kuquka ukucekisa inkqubo esasazwa ngabawexuki.—INdumiso 97:10; Roma 12:9.
Intetho entle ethi “Uqeqesho LukaYehova Luvelisa Isiqhamo Soxolo” yayifanelekile apha. UYehova unguMqeqeshi Omkhulu, ibe usiqeqesha ngenxa yokusithanda. Abakho kuthi abangaqeqeshwayo. KwanoNyana kaThixo wayeqeqeshwa! (Hebhere 5:8) Ewe, uqeqesho ngokusiseko luthetha ukufundiswa, alusoloko luthetha isohlwayo, ibe ukuze singenelwe kwiindlela ezininzi uThixo aludlulisela ngayo, simele sinyaniseke kwiziqu zethu—size sihlale sithobekile!
Intetho ethi “Hlalani Nisakhana” yanikela isiluleko esihle ngokubhekisele kwintetho yethu. Enjani yona ingozi esinokuyenza ngentetho esingayicingisisanga, yokugxeka, okanye yokukhalaza! Ngokwenyaniso, kunzima ukululawula ulwimi. Ngokufanelekileyo, sakhunjuzwa ukuba simele ‘singathethi okubi omnye ngomnye.’ (Yakobi 4:11) Uthando lobuzalwana luya kusenza silumke. Ibe ngaphambi kokuba sithethe okuthile, luya kusenza sizibuze oku: “Ngaba ngokwenene kuyinyaniso?” “Ngaba ndimele ndikuthethe?” “Ngaba kuza kuba yinto eyakhayo?”
Ukuzuza Kwiziprofeto
Iintetho ezahlukeneyo zazithetha ngeziprofeto eziphefumlelweyo ngenjongo yokusikhumbuza nokusiyala. Ngaloo ndlela, kwintetho ethi “Umgwebo KaThixo—Awuthandwa Lihlabathi,” isithethi sabethelela ukuba asinazindaba ezilungileyo nje kuphela zokuzishumayela ngeparadisi kodwa kwakhona, njengoYeremiya, sinezibhengezo esimele sizinikele ngemigwebo kaThixo ezayo. Yeremiya, isahluko Njengokuba uYeremiya wazibhenca ngokungafihlisiyo iimfundiso zobuxoki noqheliselo olonakeleyo lweenkokeli zonqulo zomhla wakhe, ngokunjalo siyalelwa ukuba senjenjalo.
Intetho ethi “Ixesha Lokucikidwa Nelokuhluzwa” yabonisa indlela uMalaki 3:1-3 asebenza ngayo namhla. Eneneni, abantu bakaYehova baye bacocwa kwiimfundiso nakuqheliselo olubuxoki lweBhabhiloni. Ukumiselwa kolungelelwaniso lolawulo lobuthixo nokuqonda ukuba ubulungiseleli bendlu ngendlu bubaluleke gqitha ezo yayizezinye zeengongoma ezingqalileyo isithethi esazikhankanyayo.
Kwakhona seva intetho entle esathi isithethi kuyo saxubusha ngoDaniyeli isahluko. Yayinomxholo othi “limfihlelo Ezingcwele Ezityhiliweyo Zibangela Ithemba Eliqinisekileyo Loxolo.” Usukuzwano oluphakathi kokumkani wasentla nowasezantsi lubangela ihlabathi libe kwisiphithiphithi. Kwisiprofeto sikaDaniyeli, sinokubona ukuba aba kumkani abanakuze bakuphelise ukungqubana kwabo. Kuphela nguMikayeli onokuzisa uxolo oluhlala luhleli.
Enye intetho eyayingeziprofeto eziphefumlelweyo yayiyethi “Ukunqabiseka Kwehlabathi Lonke Phantsi ‘KoMthetheli Woxolo.’” Yayixubusha ngoIsaya 9:6, 7 nomongo wezo ndinyana, ibonisa indlela eso siprofeto esasebenza ngokufaneleke ngayo kuYesu Kristu. Ekuqukumbeleni kwaso isithethi sathi uMikayeli “umsebenzi wakhe oqaqambileyo uya kuwubeka encotsheni ngolu loyiso eArmagedon oluya kuhlokonyiswa ngokungenasiphelo ukusa ephakadeni . . . Ke ngoko, nina nonke maNgqina kaYehova, sithi qhubekani niye kwesona siganeko sibalaseleyo ehlabathini kwezakha zenzeka kwithuba elidlulileyo nikholose ngokupheleleyo ngoThixo wenu noKumkani wakhe olawulayo, ‘uMthetheli woxolo’! Kuboniseni ngokuphandle ukungaloyiki iyelenqe lehlabathi elikhoyo.” Nonke yibani ngabemiqondiso nemimangaliso ukuze kuzukiswe uYehova!” Ngokwenene le ntetho yayiyenye yezona ntetho zishukumisayo zendibano.
Baxabise Abo Bakhokelayo
Ungcelele lweentetho ezimbini olunomxholo othi “Abaveleli Abakhonza Izilangazelelo Zoxolo” ngokwenyaniso lwasinceda ukuba sibaxabise abo bakhokelayo. Isithethi sokuqala saqwalasela indima yabaveleli abahambahambayo saza sabonisa ukuba, ngokwenene, bayifanele imbeko ephindwe kabini ngenxa yemisebenzi yabo emininzi. Le misebenzi iquka ukunikela iintetho, ukunceda kwiingxaki, ukuqeqesha abazalwana ekunikeleni ubungqina nokutyelela abagula ngokwenyama okanye ngokomoya. Ngokwenyaniso, bonke abaveleli abahambahambayo bayifanele intsebenziswano yethu epheleleyo nomoya wokubuk’ iindwendwe onjengokaLidiya.—IZenzo 16:15.
Isithethi sesibini sachaza imisebenzi yabadala nendima yabo ekukhuthazeni uxolo ebandleni. Oku banokukwenza ngokulungiselela nokuqhuba iintlanganiso, besenza amatyelelo okwalusa, besingatha imicimbi yokugweba, bekhokela kwinkonzo yasentsimini bemisela nomzekelo omhle kwihambo nakubomi bentsapho. Ngokuqinisekileyo, thina sonke simele sifune ukubonakalisa uxabiso ngabadala abamiselweyo ngokuthobela, njengokuba silulekwa kumaHebhere 13:17.
“Ukuzabalazela Isimo Esihle Nokusifumana” leyo yayiyintetho eyakhuthaza imfuneko yokubakho kwabadala abafanelekileyo ngenxa yolwando olukhulu lwamaNgqina. Yabonisa bonke abazalwana abazahluleleyo abangengobadala indlela abanokuzabalaza ngayo ukufumana amalungelo angakumbi. Le ntetho yababongoza ngokukhethekileyo abo babefanelekile kodwa bengayiboni imfuneko yokukhonza ngomlinganiselo ongakumbi ukuba bazibuze oku, Kutheni le nto ndizibandeza?
Ezinye Iingxubusho Zokomoya
Enye intetho eyavuyelwa gqitha yayiyethi “Ngaba Wanelisekile Ngamalungiselelo KaYehova Okomoya?” Seva ngemizekelo yeBhayibhile yabo bawaxabisayo amalungiselelo okomoya uThixo awayewalungiselela nangabo bangazange babe njalo. Ngokomlinganiselo esiyiphaphela ngawo intswelo yethu yokomoya, sokwaneliswa ngamalungiselelo kaYehova ibe noko sokubonisa. Njani? Ngokuzongela ixesha lokuyifundisisa ngokobuqu iBhayibhile nangokuziqeqesha ngoxa sisezintlanganisweni ukuze sifumane okona kulungileyo kuzo.
Enye intetho eyezisa olunye ucelomngeni kubumoya bethu yayiyethi “Inentsingiselo Kangakanani Imithandazo Yakho?” Kwacetyiswa ukuba sizibuze oku: Ngaba ndiye ndavumela imithandazo yam yaba kukuphindaphinda, ukulandela umgca wempuku, okanye yaba yengxanyisiswayo, ngokungathi ndixakeke gqitha ukuba ndenze okulungileyo xa ndithetha noThixo? Emthandazweni, sisondela koyena Mntu uphakamileyo kwindalo iphela. Ukuze imithandazo yethu ibe nentsingiselo, uThixo umele abe ngowokwenene gqitha kuthi. Imele iphume entliziyweni yaye ingqale, ibe simele siyicinge.
Enye ingxubusho yayiyintetho yobhaptizo ethi, “Ukuzuza Uxolo NoThixo Ngokuzahlulela Nokubhaptizwa.” Isithethi sabonisa ukuba ubhaptizo Lwethu lusesona sihlandlo sibaluleke gqitha nesona sivuyisa gqitha. Ngobhaptizo, sizuza uxolo noThixo size sibe ngabalungiseleli abamiselweyo bamaNgqina kaYehova. Ibe ukuzahlulela kwethu asikokuzibophelela nje, kuba sinokuzibophelela kwizinto ezininzi kwangaxeshanye. Kunoko, ukuzahlulela kuthetha ukuba sizinikele ngokupheleleyo kwiSiqu Sobuthixo, uYehova uThixo.
Imidlalo emibini yeBhayibhile yayiphakathi kwezona mbalasane zithandwa gqitha zendibano. Umdlalo othi, Ukusindisa Ubomi Ngexesha Lendlala waxubusha ngebali elichukumisayo likaYosefu nabazalwana bakhe, nto leyo eyabangela iinyembezi kwabaninzi. Isimo sengqondo sobubele sikaYosefu nesokuxolela singumzekelo omhle wokuxeliswa sithi sonke. Le ngxelo ikwanentsingiselo engokwesiprofeto. Umdlalo wesibini, Funa Ubulungisa BukaThixo Ukuze Usinde, wanikela isiluleko esinamandla nesiphawulekayo ngeengxaki zabantwana bethu. Wabethelela imfuneko yokuqwalasela ihambo yethu, yokubeka izilangazelelo zoBukumkani kuqala, nokungakhawulezi ekugwebeni izinto ezishukumisa abanye.
Into eyayivisisana nomxholo wendibano yayiyintetho yesidlangalala ethi, “Uxolo Ekugqibeleni!—Xa UThixo Ethetha.” Okokuqala, seva kubhencwa ubuyatha bawo onke amalungiselelo enyukliya nokunganiki themba kwemeko yehlabathi nangayiphi na imbono yabantu. BuBukumkani bukaThixo kuphela obunikela naliphi na ithemba lokwenene. Kuthetha ukuthini ukuphulaphula xa uThixo ethetha? Kuthetha kungekuphela nje ukuba siphulaphule ngenyameko size siqonde oko uThixo akuthethayo kodwa kwakhona senze okuthile ngakuthethayo. Ngoko asiyi kukhohliswa ngamazwi enkohliso athi ‘Luxolo nonqabiseko!’
Intetho yokuqukumbela ethi, “Ukuxhotyiswa NguThixo Woxolo Ukwenza Ukuthanda Kwakhe,” yathumela bonke abantu ababeze endibanweni ekhaya beziva bonwabile entliziyweni ngaso sonke isidlo sokomoya abasinandiphayo ebudeni beentsuku ezine. Kunanini na ngaphambili, ngokwenyaniso le ndibano isixhobisele ukwenza ukuthanda kukaThixo. Ngoko “masihambele phambili sinesigqibo esipheleleyo sokwenza ntoni? Sokutyhalela phambili kumsebenzi ozukileyo wokushumayela uBukumkani, ngokwenyaniso sixabisa uxolo lwethu lobuthixo nako konke oluthetha kona kuthi!”
EUnited States, iindibano ezili-135 zaqhutyelwa kwiindawo ezahlukeneyo ezingama-65 nangeelwimi ezili-11. Incopho yababezile yayizizi-1 276 578, kwaza kwabhaptizwa abali-12 603. Kwiindibano ezintathu ezaziseYankee Stadium kwisiXeko saseNew York kwakuze abantu abayincopho abangama-95 091, kwaza kwabhaptizwa i-1 110.
[Ibhokisi ekwiphepha 30]
Uncwadi Olwakhutshwa KwiNdibano “Yoxolo Lobuthixo”
Eyakhutshwa kuqala yaba yincwadana ehlaziyiweyo ethi “Uyabona, Izinto Zonke Ndizenza Ntsha,” ekuqukunjelweni kwentetho eyayingalo mbandela. Ngoku le yincwadana enemifanekiso enemibala emine, eshicilelwe ngamagama amakhulu nequlethe inkcazelo eyongezelelekileyo. Imele ibe yingenelo ekuqaliseni izifundo zeBhayibhile zamakhaya.
AmaNgqina Ka Yehova—Ngokumanyeneyo Enza Ukuthanda KukaThixo Zwenibanzi, yaba yincwadi yesibini eyakhutshwayo nenemifanekiso enemibala emine yaye ilingana nephephancwadi. Isisixhobo esihle sokuqhelanisa abanye nemisebenzi yethu eyahlukahlukeneyo yaye inikela inkcazelo eninzi engokwembali engamaNgqina kaYehova.
Incwadi yesithathu eyakhutshwayo yayiluncedo lokufundisisa iBhayibhile olunamaphepha ali-192 oluza kusetyenziswa kuqala kwiZifundo zethu Zencwadi Zebandla. Inomxholo othi Ukunqabiseka Kwehlabathi Lonke Phantsi ‘KoMthetheli Woxolo.’
IKingdom Melodies No. 7 yaba yinto yeslne eyakhutshwayo, ezathi lingoma ezimbaIwa ezadlalwayo ngokuphuma kuyo zavuylsa bonke ababeze endibanweni.
[Imifanekiso ekwiphepha 31]
1. UYosefu wathengiswa ngabazalwana bakhe kumdialo kwindibano yaseKorea eUnited States
2. Umongameli weWatch Tower Society, uF. W. Franz, ethetha nabaphulaphuli endibanweni
3. Inxalenye yabaphulaphuli abanikel’ ingqalelo eYankee Stadium, kwisiXeko saseNew York
4. Amawakawaka abhaptizwa ukufuzisela ukuzahlulela kwawo kuYehova uThixo