IBhayibhile Nekamva Lakho
KUTHENI le nto uMbhali weBhayibhile, uYehova uThixo, enokulixela kwangaphambili nangokuchanileyo ikamva ngoxa umntu engenakho? Kungenxa yezizathu ezibini. UYehova unguSomandla. Ukwangulowo unolwazi olungenakulinganiselwa. Umntu yena akanjalo.
Malunga neminyaka engama-4 000 eyadlulayo uYehova wathi kuAbram (uAbraham), “NdinguThixo uSomandla; hamba phambi kwam ube ngogqibeleleyo. Ndiya kuwubeka umnqophiso wam phakathi kwam nawe, ndikwandise kakhulu kunene.”a Xa uAbraham wayeneminyaka engama-99 ubudala nomfazi wakhe uSara owayeludlolo nowayemncinane ngeminyaka eli-10, uYehova waxela kwangaphambili ukuba uAbraham wayeya kuba nguyise “wengxokolo yeentlanga.” (Genesis 17:14) Ekubeni enguSomandla—engonamandla onke—uYehova wasebenzisa amandla akhe ukoyisa nantoni na engumqobo eyayinokuthintela ukuzalisekiswa kwedinga lakhe kuAbraham, ebangela loo solusapho ukuba abe nguyise kalsake. Ngokwenene, ekuhambeni kwexesha, uAbraham waba ngukhokho wamaSirayeli nowabanye.—Genesis 21:1-3; 25:1-4.
UYehova ukwangumazi wako konke, yaye ungolumkileyo kubo bonke. Unokubona kwangaphambili nantoni na anqwenela ukuyibona. Kuthiwa ngaye: “Akukho sidalwa singabonakaliyo emehlweni akhe; izinto zonke ke zize, zityhilekile, emehlweni alowo esinokuthanani naye.”—Hebhere 4:13.
Ukuba namandla amakhulu kukaThixo nolwazi olungenakulinganiswa kwenza kungabi nakwenzeka ngaye ukuba asilele. Usoloko elixela kwangaphambili ikamva ngokuchanileyo. Ngenxa yoko, wayenokuthi: “Inyaniso, njengoko ndicinge ngako, koba njalo; njengoko ndicebe ngako, koma ngolo hlobo.” (Isaya 14:24) Makhe sihlolisise ezimbalwa kwezininzi iziprofeto zeBhayibhile eziye zayinyaniso.
Iziprofeto Ezazaliseka Kumaxesha Adlulileyo
IBhabhiloni yayikhe yaphantsi kolawulo loBukhosi baseAsiriya. Noko ke, malunga nenkulungwane yesixhenxe Ngaphambi kweXesha lethu Eliqhelekileyo esi sixeko sabonakala silikomkhulu elinamandla loBukhosi baseBhabhiloni. Kodwa yintoni eyayiza kuyehlela? “IBhabheli, . . . iya kuba njengokubhukuqa kukaThixo iSodom neGomora. Ayi kumiwa naphakade, ayi kuza ihlalwe ezizukulwaneni ngezizukulwana.” Laprofeta njalo iLizwi likaThixo phantse iminyaka eli-100 ngaphambi kokuba iBhabhiloni ibe ligunya elinamandla lehlabathi kwaye kwiminyaka enokuba ngama-200 ngaphambi kokuwela kwayo kumaMedi namaPersi. Namhlanje akukho mntu unokuyikhanyela inzaliseko yaloo mazwi. Kangangeenkulungwane ezininzi, isixeko saseBhabhiloni siye sayinkangala eziimfumba nje zamatye. IBhabhiloni yatshatyalaliswa.—Isaya 13:19, 20.
IYerusalem yenkulungwane yokuqala yeXesha lethu Eliqhelekileyo yayisisiza setempile ezukileyo eyakhelwe unqulo lukaYehova. Kanti, iBhayibhile ibonisa lamazwi kaYesu Kristu ngokusingisele kwiYerusalem nesizukulwana esiwevayo amazwi akhe athi: “Uya kufikelwa yimihla, eziya kuthi iintshaba zakho zikubiyele ngodonga, zikungqinge, zikuxine ngeenxa zonke, zikukhahlele phantsi wena, nabantwana bakho phakathi kwakho; zingashiyi nelitye phezu kwelitye phakathi kwakho.” (Luka 19:43, 44) UYesu wakuthetha oko ngowama-33 C.E., kodwa oko akuzange kwenzeke de kwangowama-66 C.E. ekwathi imikhosi yamaRoma yenza ungcelele isiya eYerusalem. Nangona uloyiso lwalubonakala lusondele, ngokothusayo amaRoma arhoxa. Phofu ke, ngowama-70 C.E. umkhosi wamaRoma kwakhona wasingqinga isixeko, ngelo xesha kunyakazela ngababhiyozi bePasika, ibe yangqingwa ngeenxa zonke ngokuthi ibiyelwe ngezibonda. Kwiinyanga ezintlanu kamva, iYerusalem yatshatyalaliswa, kwafa abemi bayo abaqikelelwa kwi-1 100 000.
Iziprofeto Ezizalisekayo Ngoku
Ngaba ubungayikhetha imizekelo yanamhla yeziprofeto zeBhayibhile ezizalisekileyo? Kaloku, uYesu waxela ngenxa engaphambili ngeziganeko ezaziya kuphawula ithuba lexesha elaziwa ngokuba ‘yimihla yokugqibela.’ (2 Timoti 3:1) Ezi ziprofeto ziyila “umqondiso” oyintlanganisela—umqondiso wemihla yokugqibela yenkqubo engendawo ekhoyo yezinto. (Mateyu 24:3) Ubungqina benzaliseko yesiprofeto sikaYesu bebufikelela incopho yabo ukususela ngowe-1914. Enyanisweni, uzibonele wena siqu inzaliseko. Okulandelayo ziinkalo ezimbalwa ezibalaseleyo “zomqondiso.”
Ikamva Lomhlaba—Ngaba Uya Kubakho?
Yintoni ke engaphambili? IBhayibhile iqulethe ezinye iziprofeto ezisaza kuzaliseka. Phakathi kwazo kukho ezo ziphathelele nomhlaba oya kucocwa kububi uze ushiywe uqaqambile bubulungisa. Ngaba elo kamva linomtsalane kuwe? Uyakholelwa na ukuba uYehova unobulumko namandla okwenza izinto zilunge kulo mhlaba? Ukuba kunjalo, kuya kufuneka uqwalasele oko iBhayibhile ikuxela kwangaphambili ngekamva lomhlaba.
Oku Kwenze Ikamva Lakho
Ukuze oku kube likamva lakho, umele uthabathe inyathelo ngoku. Ngokukhawuleza, ngaphambi kokuba iziprofeto ezandulelayo zizaliseke ngokupheleleyo, uYehova uya “konakalisa abo bawonakalisayo umhlaba.” (ISityhilelo 11:18) KuZefaniya 2:3 iBhayibhile icebisa oku: “Funani uYehova, nonke balulamileyo belizwe, bakwenzileyo okusesikweni kwakhe; funani ubulungisa, funani ululamo, mhlawumbi nositheliswa ngemini yomsindo kaYehova.” Ngoko ke, lisebenzise ngobulumko ixesha lakho ngoku ngokuzuza ulwazi oluchanileyo IweBhayibhile neziprofeto zayo ukuze uzizuzele ingenelo wena nabo ubathandayo. AmaNgqina kaYehova akulungele ukukunceda uzuze ulwazi olungakumbi olungekamva njengoko lutyhiliwe eLizwini likaThixo, iBhayibhile.
[Umbhalo osemazantsi]
a EZibhalweni zesiHebhere, kubhekiselwa kuYehova ‘njengoSomandla’ (Shad·daiʹ) kangangezihlandlo ezingama-48, kuquka nokusetyenziswa kwebinzana elithi “uThixo uSomandla” (’El Shad·daiʹ) izihlandlo ezisixhenxe, ibe eZibhalweni zesiGrike lisetyenziswa izihlandlo ezili-10 njengelithi “uSomandla” (Pan·to·kraʹtor).
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 5]
“Uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani.” (Mateyu 24:7) IMfazwe Yehlabathi I yaqalisa ngowe-1914 yaye ekugqibeleni yabandakanya ama-93 ekhulwini abemi behlabathi. Namhlanje, imikhosi yemfazwe esehlabathini ili-106 000 000, okanye lijoni elinye ebantwini abanganna-43. Enye ingxelo yathi: “Akukho nto yenzekileyo embalini enokuthelekiswa nokwakhiwa okuqhubeka ngoku kwamandla atshabalalisayo ehlabathini, nesisongelo oko okusizisa kuluntu.”—World Military and Social Expenditures 1985.
[Inkcazelo]
Umfanekiso Womkhosi waseU.S. Army photo
“Kuya kubakho iindlala . . . kwiindawo ngeendawo (Mateyu 24:7) Ngokuphathelele indlala, ingxelo yowe-1985 yeBhunga Elizimele Geqe Lezizwe Ngezizwe Kwimpilo-ntle Nentlalo Yoluntu ithi: “Ngexesha lendlala enkulu yokugqibela eyayikwelaseAfrika ngeminyaka yokuqala yee-1970, kwakucingwa ukuba indlala nokungondleki okuqhubeka kukho kwakuyimeko ehlala ikho kubantu baseAfrika abangamashumi asibhozo ezigidi. Elo nani ngoku lifikelela kwi-100 lezigidi.”
[Inkcazelo]
Umfanekiso weFAO/B. Imevbore
“Kuya kubakho iinyikima zomhlaba ezinkulu.” (Luka 21:11) Ngokuqinisekileyo oku kungqineke kuyinyaniso ukususela ngowe-1914. Ngokomzekelo, inyikima yomhlaba yaseKanto eJapan yabulala abantu aball-142 800 ngowe-1923. Kwakukho amaxhoba enyikima anokuba ngama-60 000 eQuetta, ePakistan, ngowe-1935. Abantu ababulawa yinyikima yomhlaba babengama-66 700 eMntla wePeru ngowe-1970. Yaye ngowe-1976 abantu abanokuba ngama-800 000 baba ziingxwelerha ngenxa yenyikima yomhlaba eTangshan, eTshayina.
“Kumele ukuthi ke ukuqala kuvakaliswe iindaba ezilungileyo ezi kuzo zonke iintlanga.” (Marko 13:10) Ngowe-1985, amaNgqina kaYehova abike ngaphezu kwama-590 000 000 eeyure zokushumayela lindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo kumazwe angama-205 nakumaqela eziqithi. Aqhube izi-2 379 000 zezifundo zeBhayibhile zamakhaya yaye ashiyela abantu abanomdla liBhayibhile noncwadi olucacisa IBhayibhile olungaphezu kwama-350 000 000.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 6]
“Ziwakhande amakrele azo abe ngamakhuba, nezikhali zazo zibe zizitshetshe zeediliya; uhlanga lungaphakamiseli uhlanga ikrele, nezizwe zingaphindi zifunde ukulwa.” (Isaya 2:4) UBukumkani bukaThixo bamazulu buya kunikela isizinzi sokungabikho ngokupheleleyo kwezixhobo zemfazwe emhlabeni. Uxolo luya kulawula!
“UYehova wemikhosi uya kuzenzela zonke izizwe isidlo sezinto ezityebileyo . . . isidlo sewayini egcinwe ngeentsipho, sezinto ezityebileyo ezinomongo.” (Isaya 25:6) Phantsi kolwalathiso nentsikelelo kaThixo, umhlaba uya kuvelisa ubutyebi obuyintabalala. Indlala ayisayi kubakho!
“Iya kuginya ukufa kuphele, izisule iNkosi uYehova iinyembezi ebusweni bonke.” “Akayi kuthi ummi wakhona, Ndiyafa.” (Isaya 25:8; 33:24) Akuyi kubakho ngxaki yakugula okanye yempilo eya kuxhathisa unyango lukaThixo. Ukwacebe nokuqongqotha amangcwaba kukhutshwe amaxhoba awo. Hayi indlela ekuya kuba luvuyo ngayo ukwamkela abathandekayo abavusiweyo!